IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 11/1 iphe. 8-13
  • Unyamezelo Oluzuzisa Uloyiso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unyamezelo Oluzuzisa Uloyiso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunyamezela Kude Kuse Ekupheleni
  • Imfaneleko Efunekayo
  • Ukulinda Ngonyamezelo Olungenakugungqiswa
  • Uthando NgoThixo Lusinceda Sinyamezele
  • Unyamezelo—Lubalulekile KumaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • ‘Mqwalaseleni Ngokusondeleyo Lowo Uye Wanyamezela’
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
  • “Unyamezelo Lwenu Malupheleliswe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Banoyolo Abo Banyamezelayo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 11/1 iphe. 8-13

Unyamezelo Oluzuzisa Uloyiso

“Kufuneka ukuba nibe nomonde [“nonyamezelo,” “NW”], ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.”—HEBHERE 10:36.

1. Kutheni unyamezelo luyimfuneko kuye wonk’ ubani okhonza uYehova uThixo namhlanje?

ELI hlabathi liphela lisemandleni othixo ongumkhohlisi. Umlawuli walo ongabonakaliyo, uSathana uMtyholi, ujolise yonke imigudu yakhe ekuchaseni uYehova nasekulweni nxamnye nokuthethelelwa kolongamo lukaYehova lwendalo iphela ngoBukumkani obungoMesiya. Oku kuyenza ibe yengaphephekiyo into yokuba nabani na ozahlulela kuThixo aze eme ngakwicala Lakhe kwimbambano yolongamo abe uya kusoloko echaswa leli hlabathi. (Yohane 15:18-20; 1 Yohane 5:19) Ngenxa yoko, ngamnye wethu umele azilungiselele ukunyamezela de eli hlabathi loyiswe ngokupheleleyo eArmagedon. Ukuze sibe phakathi kwabantu bakaThixo abaloyisayo ihlabathi ngokholo nangengqibelelo yabo, simele sixhathise kude kuse ekupheleni. (1 Yohane 5:4) Sinokukwenza njani oko?

2, 3. UYehova uThixo noYesu Kristu bayimizekelo ebalaseleyo njani yonyamezelo?

2 Phakathi kwezinye izinto, sinokufuna ukhuthazo kubantu ababini abayimizekelo ebalaseleyo yonyamezelo. Ngoobani abo? Omnye nguYesu Kristu, “owamazibulo kwindalo yonke,” oye wanyamezela ngokuthembeka enkonzweni kaThixo kususela oko wadalwayo kwixesha elithile elingaziwayo ngaphambili. Ngokuzingisa kwakhe ekukhonzeni uThixo ngokuthembeka, uYesu waba ngumzekelo kuzo zonke izidalwa ezikrelekrele ezadalwa emva kwakhe ezulwini nasemhlabeni. (Kolose 1:15, 16) Noko ke, oyena mntu ungumzekelo obalaseleyo wonyamezelo nguYehova uThixo, oye wanyamezela ukuvukelwa kolongamo lwakhe lwendalo iphela kangangethuba elide yaye oya kuqhubeka esenjenjalo de enze okuthile ukuzinzisa imbambano yolongamo ngokupheleleyo.

3 UYehova uye wanyamezela ngendlela engumzekelo kwimicimbi ebandakanya isidima sakhe nezona mvakalelo zakhe zobuqu zinzulu. Uye wawubamba umsindo wakhe nangona ecatshukiswa yaye uye wazinqanda ekwenzeni ngokuchasene nabo baye bamgculela—kuquka uSathana uMtyholi. Sinombulelo ngonyamezelo lukaThixo nangenceba yakhe. Kungenjalo ngesingazange sibekho kwaukubakho. Eneneni, uYehova uThixo uye wazibonakalisa engongenakuthelekiswa namntu ngonyamezelo lwakhe.

4, 5. (a) Umzekeliso kaPawulos wombumbi ulubonisa njani unyamezelo lukaThixo nenceba yakhe? (b) Kuya kungqineka njani kungelolize ukubonakalisa kukaThixo inceba?

4 Umpostile uPawulos walatha kunyamezelo nakwinceba kaThixo xa esithi: “Akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko? Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo; ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili; ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?”—Roma 9:21-24.

5 Njengokuba la mazwi ebonisa, ebudeni beli xesha lonyamezelo lwakhe, uYehova uhlabela mgama nenjongo yakhe ezukileyo yaye ubonisa inceba kwizitya ezithile ezingabantu. Ezi zitya uzilungiselela uzuko olungunaphakade yaye ngaloo ndlela uyazoyisa iinjongo ezingendawo zomchasi wakhe omkhulu, uSathana uMtyholi, nayo yonke imikhosi kaSathana. Asingabo bonke abantu abaye bazizitya zengqumbo, ezifanelwe yintshabalalo. Oko kuyakuthethelela ukunyamezela ngomonde kukaThixo uSomandla. Ukubonakalisa kwakhe inceba akusayi kuba lilize. Kuya kuphumela ekubeni kubekho (1) intsapho ezukileyo yoBukumkani emazulwini elawulwa nguNyana kaYehova othandekayo, uYesu Kristu, kunye (2) nohlanga oluphinde lwazuzwa nolwenziwe lwafezeka oluzizidalwa ezingabantu kumhlaba oyiparadisi, bonke abaya kufumana ubomi obungunaphakade.

Ukunyamezela Kude Kuse Ekupheleni

6. (a) Kutheni amaKristu engenakuluphepha uvavanyo lonyamezelo? (b) Ngokuqhelekileyo igama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi “unyamezelo” lithetha ntoni?

6 Ekubeni silindwe lithemba elimangalisa ngolo hlobo, la mazwi kaYesu okusixhobisa afanele ahlale enkenteza ezindlebeni zethu: “Onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.” (Mateyu 24:13) Kubalulekile ukuba sibe nesiqalo esihle kwikhondo lokuba ngumfundi ongumKristu. Kodwa okona kubalulekileyo ekugqibeleni yindlela esinyamezela ngayo, indlela esiligqiba ngayo eli khondo. Umpostile uPawulos wakubethelela oku xa wathi: “Kufuneka ukuba nibe nomonde [“nonyamezelo,” NW], ukuze nithi, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, nizuzane nalo idinga.” (Hebhere 10:36) Igama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi “unyamezelo” lelithi hy·po·mo·neʹ. Ngokuqhelekileyo lichaza unyamezelo ngenkalipho, ngokungenakushukunyiswa okanye ngomonde olungaphelelwa lithemba ngenxa yezikhubekiso, iintshutshiso, iimvavanyo nezilingo. Ukuba sithemba ukuzuza usindiso ekugqibeleni, simele sizithobe kuvavanyo lonyamezelo njengolufunekayo ukuzilungiselela olo sindiso.

7. Kukuphi ukukhohliswa esimele sikuphephe, yaye ngumzekelo kabani oya kusinceda sinyamezele?

7 Asifanele sizikhohlise ngengcamango yokuzikholisa yokuba sinokuluphumelela ngokukhawuleza uvavanyo. Ukuze imbambano yolongamo lwendalo iphela neyengqibelelo yomntu izinziswe ngokusisigxina, uYehova akakhange azibandeze. Uye wanyamezela izinto ezingathandekiyo nangona ngezitshayele ngokukhawuleza. NoYesu Kristu wamisela umzekelo wokunyamezela. (1 Petros 2:21; thelekisa amaRoma 15:3-5.) Sinale mizekelo iqaqambileyo phambi kwethu, ngokuqinisekileyo nathi sikulungele ukunyamezela kude kuse ekugqibeleni.—Hebhere 12:2, 3.

Imfaneleko Efunekayo

8. Luluphi uphawu olufunekayo kuthi sonke umpostile uPawulos awalubonakalisayo?

8 Akukho mkhonzi kaThixo, kwanakumaxesha amandulo, uye wabhungca kwimfuneko yokungqina ingqibelelo yakhe ngonyamezelo. Abantu ababalaseleyo kwimbali yeBhayibhile abahlala bethembekile kwada kwasa ekufeni baza bafanelekela ubomi obungunaphakade ezulwini kwafuneka bengqine ukuma kwabo ngokuqinileyo. Ngokomzekelo, uSawule waseTarso, owayesakuba ngumFarisi, wathi kwabaseKorinte: “Andisilelanga nganto kubapostile abo baziincamisa, nakuba ndingento yanto. Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.” (2 Korinte 12:11, 12) Phezu kobunzima balo msebenzi, uPawulos wayebuxabisa ubulungiseleli bakhe kangangokuba wanyamezela okuninzi waza ngenyameko wazama ukungabangeli ungcikivo kuwo.—2 Korinte 6:3, 4, 9.

9. (a) Intsalela ethanjisiweyo ilubonise njani unyamezelo, yaye ngawuphi umphumo? (b) Yintoni esishukumisela ukuba sihlale sithembekile enkonzweni kaThixo?

9 Kumaxesha anamhlanje, amaKristu athanjisiweyo awayekhonza uThixo ngaphambi kwemfazwe yokuqala yehlabathi ayesazi ukuba owe-1914 wawuya kuphawula ukuphela kwamaXesha eeNtlanga, yaye inkoliso yawo yayilindele ukufumana umvuzo wayo wasezulwini ngaloo nyaka wezigigaba. Kodwa oku akuzange kwenzeke. Njengoko izibakala ngoku zibonisa, ahlala amashumi eminyaka engakumbi. Ebudeni beli xesha landiswe ngokungalindelekanga lobomi bawo basemhlabeni, asulungekiswa nguYehova uThixo. (Zekariya 13:9; Malaki 3:2, 3) Ukunyamezela ngokuqhubekayo kwaphumela ekubeni abe ngafaneleke ngakumbi. Njengabakhonzi bakaYehova, akuvuyela ukubizwa njengabantu begama lakhe. (Isaya 43:10-12; IZenzo 15:14) Namhlanje, ekubeni eye atyhubela iimfazwe zehlabathi ezimbini namadabi amaninzi amancinane, ayakuvuyela ukuncediswa sisihlwele esikhulu esandayo sezinye izimvu ekusasazeni iindaba ezilungileyo, ngoku esingaphezu kwezigidi ezine. Iparadisi yokomoya ayinandiphayo inabele kuwo wonke umhlaba, ukusa nakwiziqithi ezikude zolwandle. Le mpatho intle, esiya siyixabisa ngakumbi okukhona siphila, iye yayintshukumisa yokuqhubeka ngokuthembeka enkonzweni kaThixo de ukuthanda nenjongo kaYehova zibe zifezwe ngokupheleleyo.

10. Ukuze singatyhafi, yintoni efuneka rhoqo?

10 Ekubeni umvuzo wethu uxhomekeke ekumeni kwethu siqinile, sifuna ukuhlala silulekwa ngalo mbandela ubalulekileyo. (1 Korinte 15:58; Kolose 1:23) Ukuze kungabikho kutyhafa phakathi kwabantu bakaYehova, simele sikhuthazwe rhoqo ukuba sibambelele kwinyaniso nakwilungelo elixabisekileyo lokusasaza inyaniso, kanye njengokuba akhuthazekayo amabandla awayesandul’ ukusekwa kwinkulungwane yokuqala xa atyelelwa nguPawulos noBharnabhas. (IZenzo 14:21, 22) Masime kwisigqibo sethu size sizimisele ukuba, njengokuba umpostile uYohane esitsho, ibe inyaniso iya kuhlala kuthi, ‘ibe nathi ngonaphakade.’—2 Yohane 2.

Ukulinda Ngonyamezelo Olungenakugungqiswa

11. Kubonakala ngathi yiyiphi indlela uThixo aqhubana ngayo nabakhonzi bakhe, yaye oku kwaboniswa njani kwimeko kaYosefu?

11 Kuthabath’ ixesha ukuba uvavanyo lwethu lugqitywe. (Yakobi 1:2-4) Ukusebenzisa amazwi athi Lindani! Lindani! Lindani! kubonakala ukuba kwakuyindlela uThixo awayeqhubana ngayo nabakhonzi bakhe bamandulo xa babevavanywa enoba babezimisele ukuhlala benokholo kusini na. Kodwa oku kulinda, ekugqibeleni, kwakusoloko kungqineka kunomvuzo kwabo bakhonzi bathembekileyo. Ngokomzekelo, uYosefu kwafuneka alinde iminyaka eli-13 elikhoboka nombanjwa, kodwa la mava abusulungekisa ubuntu bakhe.—INdumiso 105:17-19.

12, 13. (a) UAbraham waba ngumzekelo njani wokunyamezela ngokuthembeka? (b) Ukholo nonyamezelo luka-Abraham lungumzekelo kuthi ngayiphi indlela?

12 UAbraham wayesele eneminyaka engama-75 ubudala xa uThixo wamkhupha eUre yamaKaledi ukuba aye kwiLizwe Ledinga. Wayemalunga neminyaka eli-125 ubudala xa uThixo wamqinisekisa ngesifungo ngedinga lakhe—nto leyo eyenzeka kungekudala emva kokuba uAbraham ebonise ukomelela kokholo lwakhe ngokuphantse anikele ngonyana wakhe amthandayo, uIsake, eyeka kuphela xa isithunywa sikaYehova sasithintelayo isandla sakhe saza samthintela ekwenzeni elo dini. (Genesis 22:1-18) Iminyaka engamashumi amahlanu uAbraham awayilinda engumphambukeli kwilizwe lasemzini yayilixesha elide, kodwa waqhubeka eminye iminyaka engama-50 de wafa eneminyaka eli-175 ubudala. Ngalo lonke elo xesha, uAbraham wayelingqina nomprofeti othembekileyo kaYehova uThixo.—INdumiso 105:9-15.

13 Ukholo nonyamezelo luka-Abraham kuthethwa ngalo njengomzekelo kubo bonke abakhonzi bakaThixo abafuna ukufumana iintsikelelo ezithenjisiweyo ngoYesu Kristu, iMbewu ka-Abraham. (Hebhere 11:8-10, 17-19) KumaHebhere 6:11-15 sifunda oku ngaye: “Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu; ke nibe ngabaxelisa abo bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga. Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena, esithi, Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise. Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.”

14. Kutheni singafanele sicinge ukuba uvavanyo lokunyamezela kukulinda into engenasiphelo nomvuzo okukuza kukaNxele?

14 Intsalela ethanjisiweyo sele ibone ukudlula kweminyaka engama-77 ukususela ekupheleni kwamaXesha eeNtlanga ngowe-1914, xa amanye awo ayelindele ukuphakanyiselwa kwebandla lamaKristu kuzuko lwasezulwini. Ukuba kusaya kufuneka intsalela ilinde ithuba elide kangakanani na asazi. Ngaba ke ngoko sifanele sixengaxenge size sicinge ukuba siya kulinda into engapheliyo yaye nomvuzo ukukuza kukaNxele? Hayi! Ukwenjenjalo akusayi kuluthethelela ulongamo lukaThixo okanye kuzukise igama lakhe. Akayi kuba wenze okusesikweni phambi kwehlabathi xa esinika uloyiso nomvuzo ongumphumo walo obubomi obungunaphakade. Kungakhathaliseki ukuba liya kuba lide kangakanani na ixesha, intsalela, namaqabane ayo athembekileyo abumvu, izimisele ukulindela ukuba uYehova athabathe isenzo ngelilelakhe ixesha. Ekubonakaliseni ukuzingisa okungumzekelo ngolo hlobo, balandela ikhondo lika-Abraham.—Roma 8:23-25.

15. (a) Yintoni esizimisele ukuyenza, yaye uThixo uye wasixhasa saphumelela ukutyhubela waphi amava? (b) Sisiphi isibongozo sikaPawulos esisafanelekayo kumhla wethu?

15 Ngoko, into esisazimisele ukuyenza kukunyamezela ngokungenakuxengaxenga ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. (Roma 2:6, 7) Kwixa elidluleyo uye wasixhasa kwiimbandezelo eziqatha, kuquka ukuvalelwa ezintolongweni nakwiinkampu zoxinaniso, yaye uye wasiphumelelisa ngoloyiso ukuze kuzukiswe igama nenjongo yakhe.a Kwixesha elisaseleyo ukuze kugqitywe ukuvavanywa kwethu, uYehova uya kuqhubeka esenza okufanayo. Isibongozo sikaPawulos sisafaneleka nakumhla wethu: “Kuba kufuneka ukuba nibe nomonde nonyamezelo olungenakugungqiswa, ukuze nikwenze nikufeze ukuthanda kukaThixo, nize ngaloo ndlela nilifumane nilithabathe nize nilinandiphe ngokuzeleyo idinga.”—Hebhere 10:36, The Amplified Bible; Roma 8:37.

16. Kutheni uzahlulelo lwethu kuYehova singafanele silujonge njengolusikelwe umda okanye olunemiqathango ethile?

16 Ngoko ke, logama nje uYehova esenomsebenzi afuna siwenze kweli hlabathi lingendawo, silandela umzekelo kaYesu, sifuna ukuxakeka kuloo msebenzi de ube ugqityiwe. (Yohane 17:4) Asizange sizahlulele kuYehova sisithi siya kumkhonza ixesha elifutshane kwandule kufike iArmagedon. Sazahlulela ngonaphakade. Umsebenzi uThixo afuna siwenze awusayi kuphela kwimfazwe yeArmagedon. Noko ke, kuphela kusemva kokuba siwufezile umsebenzi omele wenziwe ngaphambi kweArmagedon esiya kuthi sizibone izinto ezizukileyo eziya kubakho emva kwaloo mfazwe inkulu. Ngoko, ukongezelela kwilungelo elivuyisayo lokuqhubeka sisenza umsebenzi wakhe, siya kuvuzwa ngeentsikelelo ekudala sizilindele azithembisileyo.—Roma 8:32.

Uthando NgoThixo Lusinceda Sinyamezele

17, 18. (a) Ngamaxesha obunzima, yintoni eya kusinceda sinyamezele ngendlela emkholisayo uThixo? (b) Yintoni eya kusinceda sizuze uloyiso, yaye yintoni esingayithethiyo ngexesha eliseleyo?

17 Mhlawumbi, xa sijamelene namaxesha anzima, sinokubuza: ‘Yintoni enokusenza sinyamezele ngaphezu kokuba sisenza?’ Ubuya kuphendula njani? Ngokuthanda uThixo ngentliziyo, ngengqondo, ngomphefumlo nangamandla ethu ephela. “Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali; Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke. Uthando aluze lutshitshe.” (1 Korinte 13:4, 7, 8) Ngaphandle kokuba sinyamezela siqhutywa luthando ngoThixo, unyamezelo lwethu alunto yanto. Kodwa ukuba sinyamezela ubunzima ngenxa yozahlulelo lwethu kuYehova, luya kuthi ke unyamezelo lwethu luphumele ekwenzeni nzulu uthando lwethu ngaye. Uthando ngoThixo, uYise, lwamenza uYesu wakwazi ukunyamezela. (Yohane 14:30, 31; Hebhere 12:2) Ukuba intsusasenzo yethu yokwenyaniso luthando ngoThixo, uBawo wethu, yintoni esingenakuyinyamezela?

18 Luthando lwethu olungaxengaxengiyo ngoYehova uThixo olusenze sakwazi ukuhlala siloyisa ihlabathi ukutyhubela eli xesha linzima lokuvavanywa. Yaye uYehova, ngoYesu Kristu, uya kuqhubeka esinika uncedo esilufunayo kungakhathaliseki ukuba le nkqubo indala yezinto ivunyelwa iqhubeke ixesha elide kangakanani. (1 Petros 5:10) Kambe ke, asithelekeleli ukuba kusasele ixesha elingakanani, yaye asimisi namhla uthile. Oko sikushiyela kuMgcini-Xesha Omkhulu, uYehova uThixo.—INdumiso 31:15.

19, 20. (a) Sifanele silujonge njani usuku ngalunye oludlulayo sinyamezele? (b) Bubuphi ubudenge esifuna ukubuphepha, yaye ngoba?

19 Noko ke, isizukulwana esaxelwa kwangaphambili njengesiya kubona size sibe namava ‘okupheliswa kwephakade eli’ sele saluphele. (Mateyu 24:3, 32-35) Ngoko masingaze silibale ukuba suku ngalunye oludlulayo sinyamezele lucutha iintsuku zikaSathana needemon zakhe zokungcolisa umhlaba ngobukho babo yaye lusisondeza kwixesha laxa uYehova engasayi kunyamezela ubukho ‘bezitya zengqumbo, ezilungiselelwe intshabalalo.’ (Roma 9:22) Kungekudala, xa ukuzeka kade umsindo kukaYehova kuphela, uya kuthulula ingqumbo yakhe kumadoda nabafazi abangahloneli Thixo. Ngaloo ndlela, uya kubonakalisa ukungakholiswa kwakhe likhondo labo lesenzo, nangona eye wabavumela ukuba baqhubeke lonke eli xesha.

20 Kuya kuba bubudenge ngokwenene ngathi ukuyiyeka imigudu yethu yothando yokuzuza umvuzo ozukileyo odluliselwa kuthi ngoYesu Kristu. Kunoko, sizimisele ukuqhubeka ngokuthembeka njengamaNgqina kaYehova ngeli xesha libalulekileyo laxa uYehova sele eza kuzithethelela njengoMongami Wendalo Iphela.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngokomzekelo, uChristine Elizabeth King wabhala: “Kunxamnye namaNgqina kuphela urhulumente [wamaNazi] angazange aphumelele, kuba nangona wabulala angamawaka, umsebenzi wahambela phambili yaye ngoMeyi 1945 iqela lamaNgqina kaYehova lalisekho, ngoxa ubuSoshiyali babuphelile. AmaNgqina ayandile ngenani yaye awazange alalanise. Lo mbutho wawunabafeli-nkolo yaye ngokunempumelelo babelwe elinye idabi kwimfazwe kaYehova uThixo.”—The Nazi State and the New Religions: Five Case Studies in Non-Conformity, iphepha 193.

Ubuya Kuphendula Uthini?

◻ Kutheni singenakukuphepha ukuvavanywa konyamezelo lwethu?

◻ Kukuphi ukukhohliswa esifuna ukukuphepha?

◻ Yintoni efunekayo ukuze siphephe ukutyhafa?

◻ Yintoni esizimisele ukuyenza?

◻ Ngamaxesha obunzima, yintoni eya kusinceda sinyamezele?

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Abantu bakaThixo, njengala maNgqina asePort of Spain, eTrinidad, bebesoloko bekulungele ukulindela kuYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share