IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 11/15 iphe. 19-23
  • ‘Umveleli Umele Abe Nokuzeyisa’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Umveleli Umele Abe Nokuzeyisa’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzeyisa—Kubalulekile Kubadala
  • Xa Eqhubana Nabanye
  • Ukuzeyisa Kwiintlanganiso Zabadala Nakwiikomiti Ezigwebayo
  • Ukuzeyisa Phakathi Kwabesini Esahlukileyo
  • Ukuzeyisa Kwezinye Iinkalo
  • Ukuhlakulela Isiqhamo Sokuzeyisa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ukuzeyisa—Kutheni Kubaluleke Kangaka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ukuze Ufumane Umvuzo, Qhelisela Ukuzeyisa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Elwazini Lwenu Yongezelelani Ukuzeyisa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 11/15 iphe. 19-23

‘Umveleli Umele Abe Nokuzeyisa’

“Umveleli umelwe kukuba . . . [ngumntu] onokuzeyisa.”—TITO 1:7, 8.

1, 2. Nguwuphi umzekelo wokuzibamba owanikelwa nguWilliam wentsapho yakwaOrange, ibe waba nayiphi imiphumo eluncedo?

IMBALI inikela owona mzekelo uphawulekayo obonisa ukubamba iimvakalelo. Phakathi kwinkulungwane ye-16, inkosana eselula yaseNetherlands uWilliam wentsapho yakwaOrange yayiphum’ ingqina noKumkani uHenry II waseFransi. Ukumkani wahlebela uWilliam ngecebo lakhe nokumkani waseSpeyin lokuwacim’ igama onke amaProtestanti eFransi naseNetherlands—enyanisweni, kuwo onke nje amazwe obuKristu. UKumkani uHenry wayenoluvo lokuba uWilliam oselula wayengumKatolika ozinikeleyo njengaye waza ngoko ke wazichaza zonke iinkcukacha zeli yelenqe. Into awayiva apho uWilliam yatsho kwabanda ezantsi emathunjini kuba inkoliso yabahlobo bakhe abasenyongweni yayingamaProtestanti, kodwa akazange ayidize indlela avakalelwa ngayo; kunoko, wabonakalisa ukuba nomdla kakhulu kuzo zonke iinkcukacha ukumkani awayemchubela zona.

2 Noko ke, kwakamsinya nje akuba enako, uWilliam waqalisa amacebo okuphanzisa eli yelenqe, ibe oku ekugqibeleni kwakhokelela ekubeni iNetherlands ikhululeke kulawulo lwamaKatolika aseSpeyin. Ngenxa yokuba uWilliam wakwazi ukubonakalisa ukuzeyisa xa wayesiva ngeli yelenqe ekuqaleni, wathi waziwa ngokuthi “William the Silent [uWilliam Othuleyo].” UWilliam wakwaOrange waphumelela koku kangangokuba sixelelwa oku: “Wayengumseki wokwenene kazimele-geqe nokuphumelela kweriphabliki yaseNetherlands.”

3. Ngoobani abangenelwayo xa abadala abangamaKristu bebonakalisa ukuzeyisa?

3 Ngokukwazi kwakhe ukuzibamba, uWilliam Othuleyo wazinceda kakhulu yena nabantu bakowabo. Ngendlela efanayo, isiqhamo somoya oyingcwele sokuzeyisa sifanele sibonakaliswe namhlanje ngabadala, okanye abaveleli, abangamaKristu. (Galati 5:22, 23) Ngokubonakalisa olu phawu, bazinceda bona bekwanceda nebandla. Kwelinye icala, ukusilela kwabo ukubonakalisa ukuzeyisa kunokubangela umonakalo omkhulu.

Ukuzeyisa—Kubalulekile Kubadala

4. Sisiphi isiluleko sompostile uPawulos esibethelela imfuneko yokuba abadala babonakalise ukuzeyisa?

4 UPawulos, naye owayengumdala, wakuqonda ukubaluleka kokuzeyisa. Xa wayeluleka abadala base-Efese ababeze kuye, wabaxelela oku: “Zilumkeleni nina ngokwenu, niwulumkele nawo umhlambi.” Phakathi kwezinye izinto, ukuzilumkela kwabo kwakuquka imfuneko yokubonakalisa ukuzeyisa, ukondela ihambo yabo. Ebhalela uTimoti, uPawulos wathetha into ekwanye, esithi: “Zilumkele wena nemfundiso yakho.” Isiluleko esinjalo sabonisa ukuba uPawulos wayeluqonda utyekelo lobuntu olwalubonakala kwabathile lokuzixakekisa ngokuxelela abanye abantu oko bamele bakwenze kunokuba bona benjenjalo. Ngoko ke, waqala ngokubethelela imfuneko yokuba bazilumkele bona.—IZenzo 20:28, TE; 1 Timoti 4:16.

5. Abadala abangamaKristu bamiselwa njani, ibe zibhalwe phi eZibhalweni iimfaneleko zabo?

5 Ukutyhubela iminyaka ngeminyaka, indima yabadala esekelwe eZibhalweni iye yacaca ngakumbi nangakumbi. Namhlanje, siyazi ukuba ukuze umntu abe ngumdala uyamiselwa. Abadala bamiselwa liQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova okanye abameli balo abamiselwe lilo. Nelo qumrhu, limela ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45-47) Iimfaneleko zokuba ngumveleli, okanye umdala, ongumKristu zichazwe ngokuyintloko ngumpostile uPawulos kweyoku-1 kuTimoti 3:1-7 nakuTito 1:5-9.

6, 7. Ziziphi iimfaneleko ezingqalileyo zabadala ezifuna ukuba babonakalise ukuzeyisa?

6 Kweyoku-1 kuTimoti 3:2, 3 uPawulos uthi umveleli umele abe yingcathu. Oku kunye nemfuneko yokuba umdala abe ngozibekileyo kuthetha ukuba ufanele abonakalise ukuzeyisa. Indoda efanelekela ukuba ngumveleli ayingombethi ibe ayilwi. Nezi mfaneleko zibonisa ukuba umdala ufanele abe nokuzeyisa. Ngaphezu koko, ukuze umdala angageziswa yiwayini, angazinikeli kwiwayini eninzi, umele abonakalise ukuzeyisa.—Bona kwanemibhalo esemazantsi kweyoku-1 kuTimoti 3:2, 3, NW.

7 KuTito 1:7, 8, uPawulos wayikhankanya ngokungqalileyo into yokuba umveleli umele abe ngonokuzeyisa. Noko ke, phawula indlela ezinye iimpawu ezininzi ezifunekayo nezidweliswe kwezi ndinyana ezikuchaphazela ngayo ukuzeyisa. Ngokomzekelo, umveleli umele abe ngongenakumangaleleka, ewe, ongenakukhalazelwa. Ngokuqinisekileyo, umdala akanakuzifikelela ezo mpawu zifunekayo ngaphandle kokuba abonakalise ukuzeyisa.

Xa Eqhubana Nabanye

8. Ziziphi iimpawu ezifunekayo kubadala xa benikela isiluleko ezibonisa imfuneko yokuzeyisa?

8 Kwakhona, umveleli umele abe nomonde yaye azeke kade umsindo xa eqhubana namakholwa akunye nawo, ibe kufuneka abe nokuzeyisa ukuze enjenjalo. Ngokomzekelo, kumaGalati 6:1 sifunda oku: “Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya [ngokuyintloko abadala], mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe.” Ukuze kubonakaliswe umoya wobulali kufuneka ukuzeyisa. Ibe ke, ukuzeyisa kukwabandakanyekile ekuzilumkeleni kukabani. Ngokufanayo, xa umdala ebizwa ngumntu osengxakini ukuba aze kunikela uncedo, ukubonakalisa ukuzeyisa kubaluleke gqitha. Kungakhathaliseki oko umdala asenokukucinga ngaloo mntu, umele abe nobubele, abe nomonde aze asebenzise ukuqonda. Kunokukhawuleza anikele icebiso, umdala ufanele abe nomdla wokuphulaphula aze afumanise kuloo mntu eyona nto ibonakala imkhathaza ngokwenene.

9. Sisiphi isiluleko abafanele bacinge ngaso abadala xa bethetha nabazalwana abaphazamisekileyo engqondweni?

9 Isiluleko esifanelekileyo xa kuthethwa ngokukodwa nabantu abaphazamiseke engqondweni sesi sikuYakobi 1:19: “Bazalwana bam baziintanda, makathi wonke umntu enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba.” Ewe, umdala umele azilumkele angaphenduli ngomsindo okanye alawulwe ziimvakalelo ngokukodwa xa ejamelana nemeko ekwanjalo. Kufuneka ukuzeyisa ukuze angaphenduli amazwi okufutheka ngendlela efanayo, ‘angabuyekezi ububi ngobubi.’ (Roma 12:17) Ukuphendula ngendlela efanayo kusuka nje kuyenze mandundu ngakumbi imeko. Ngoko nalapha iLizwi likaThixo linika abadala icebiso elihle, libakhumbuza ukuba “impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu.”—IMizekeliso 15:1.

Ukuzeyisa Kwiintlanganiso Zabadala Nakwiikomiti Ezigwebayo

10, 11. Kuye kwenzeka ntoni kwiintlanganiso zabadala, ebonisa ukuba ukuzeyisa kuyafuneka kwizihlandlo ezinjalo?

10 Enye inkalo abafanele abaveleli abangamaKristu balumke kuyo ukuze babonakalise ukuzeyisa kukwiintlanganiso zabadala. Maxa wambi kufuneka ukuzeyisa okuthe kratya ukuze uthethe ngelizwi elizolileyo ekumeleni inyaniso nobulungisa. Kwakhona kufuneka ukuzeyisa ukuze uphephe ukulwela ukuthetha kume ngawe kuloo ngxubusho. Ukuba umdala unotyekelo lwemvelo olunjalo, bekuya kuba sisenzo sobubele ngomnye umdala ukumluleka.—Thelekisa eyesi-3 kaYohane 9.

11 Kwakhona, kwiintlanganiso zabadala, umdala onyaniseke ngokugqithiseleyo usenokulingelwa ukuba ngochukumisekayo, ade athethele phezulu. Hayi indlela izenzo ezinjalo ezikudandalazisa ngayo ukungakwazi kwakhe ukuzeyisa! Eneneni kukuzenzakalisa okuphindwe kabini. Kwelinye icala, ukuba ubani uphelelwa kukuzeyisa ukusa kumlinganiselo othile, ngomlinganiselo ofanayo wenza buthathaka inyaniso asenokuba uyayivelisa ngokuzivumela alawulwe ziimvakalelo kunokulawulwa yingqiqo. Ukanti kwangaxeshanye, ukuba ubani uchukumiseka lula, uyabacaphukisa okanye ade abacunule abadala abakunye naye. Ngaphandle koko, ukuba abadala abalumkanga, ukwahlukana kakhulu ngeengcamango kusenokubangela ukungavisisani phakathi kwabo. Oku kuphumela ekwenzakaleni kwabo nokwebandla.—Thelekisa IZenzo 15:36-40.

12. Abadala bamele bakuphaphele ukusebenzisa ukuzeyisa xa besingethe ziphi iimeko?

12 Kwakhona ukuzeyisa kufuneka gqitha kubadala ukuze baphephe ukuba nomkhethe okanye ukusebenzisa kakubi igunya labo. Kulula gqitha ukuzinikezela esilingweni, ukuvumela ulwazelelelo lobuntu bokungafezeki luphembelele oko ubani akuthethayo okanye akwenzayo! Kangangezihlandlo ezininzi, abadala baye abathabatha manyathelo angqalileyo xa omnye wabantwana babo okanye esinye isalamane sithe safunyanwa sinetyala lehambo ephosakeleyo. Kwiimeko ezinjalo kufuneka ukuzeyisa ukuze kungavunyelwa ubuhlobo begazi buthintele ukwenziwa kokusesikweni.—Duteronomi 10:17.

13. Kutheni ukuzeyisa kufuneka ngokukodwa kubadala xa bekwikomiti egwebayo?

13 Enye imeko ekubaluleke gqitha kuyo ukuzeyisa kukwikomiti egwebayo. Abadala bamele babonakalise ukuzeyisa okukhulu khon’ ukuze bangaphenjelelwa ngokungeyomfuneko ziimvakalelo. Abafanele bakhohliseke lula kukubona iinyembezi. Kwangaxeshanye, umdala umele azilumkele angaphelelwa kukuzola xa kuxanjuliswana ngamazwi ibe esenokunyeliswa, njengoko kusenokuba njalo xa kuthethwa nabawexuki. Apha amazwi kaPawulos afaneleke kunene: “Umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke.” Kufuneka ukuzeyisa ukuze kubonakaliswe ukuthantamisa phantsi kwengcinezelo. UPawulos uhlabela mgama ebonisa ukuba “umkhonzi weNkosi” umelwe abe ‘ngonyamezela ububi, ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo.’ Ukuze kubonakaliswe ubulali nokuzibamba xa kuthethwa nabo baphikisayo kufuneka ukuzeyisa okukhulu.—2 Timoti 2:24, 25.

Ukuzeyisa Phakathi Kwabesini Esahlukileyo

14. Sisiphi isiluleko esihle abadala abafanele basithobele xa beqhubana nabo bahlukileyo kubo ngokwesini?

14 Abadala bamele bakuphaphele gqitha ukubonakalisa ukuzeyisa xa beqhubana nabo bahlukileyo kubo ngokwesini. Akucebiseki ukuba umdala aye kwenza utyelelo lokwalusa kudade eyedwa. Umdala ufanele ahambe nomnye umdala okanye isicaka solungiselelo. Mhlawumbi eyiqonda le ngxaki, uPawulos waluleka umdala onguTimoti: “[Bayale] . . . abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.” (1 Timoti 5:1, 2) Bambi abadala baye babonwa bebamba oodade ngokungathi babonakalisa uthando lobuzali. Kodwa basenokuba bazibetha ngemfe iphindiwe, kuba isenzo esinjalo sisenokuba sishukunyiswa luthando lwesini kunothando olusuk’ entliziyweni nolunyulu lobuzalwana bamaKristu.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 7:1.

15. Esinye isiganeko siyibonisa njani indlela elinokuhlaziswa ngayo igama likaYehova xa umdala engabonakalisi kuzeyisa?

15 Ongakanani wona umonakalo oye wenziwa enyanisweni kuba nje bambi abadala bengabonakalisanga ukuzeyisa xa beqhubana noodade ebandleni! Kwiminyaka embalwa edluleyo, umdala wasuswa kubudlelane kuba wakrexeza nodade ongumKristu owayenendoda engeloNgqina. Kanye ngobusuku bokwenziwa kwesaziso sokususwa kubudlelane kwalowo wayesakuba ngumdala, indoda ekhathazekileyo yagibiseleka kwiHolo yoBukumkani iphethe umpu yaza yabadubula bobabini abo bantu banetyala. Bobabini abazange bafe, ibe kwangoko yona yohluthwa eso sixhobo sayo, kodwa ngosuku olulandelayo iphephandaba eliphambili labalaselisa iindaba ‘zokudutyulwa kwabantu ecaweni’ kwiphepha lalo elingaphandle. Elinjani lona ihlazo elaziswa kwibandla nakwigama likaYehova ngenxa yokungakwazi komdala ukuzeyisa!

Ukuzeyisa Kwezinye Iinkalo

16. Kutheni abadala bemele bakuphaphele ukubonakalisa ukuzeyisa xa benikela iintetho zesidlangalala?

16 Kwakhona ukuzeyisa kufuneka gqitha xa umdala enikela intetho yesidlangalala. Isithethi sasesidlangalaleni sifanele simisele umzekelo wokuba nentembelo nolungelelwano. Bambi bazama ukubonwabisa abaphulaphuli babo ngamazwi amaninzi obuciko alungiselelwe nje ukubahlekisa. Oku kusenokudiza ukunikezela kwisilingo sokuvuyisa abaphulaphuli. Kambe ke, konke ukunikezela kwisilingo kukungakwazi ukuzeyisa. Kusenokude kuthiwe ukudla ixesha xa unikela intetho kuntama ukungakwazi ukuzeyisa, nokungalungiseleli kakuhle.

17, 18. Ukuzeyisa kunayiphi indima kwindlela umdala alungelelanisa ngayo iimbopheleleko zakhe ezahlukahlukeneyo?

17 Bonke abadala abazibhokoxayo bamele bahlangabezane nocelomngeni lokulungelelanisa izinto ezahlukahlukeneyo ezifuna ixesha namandla abo. Kufuneka ukuzeyisa ukuze bangazibaxi izinto. Bambi abadala baye bazixhalabisa gqitha ngezinto zebandla kangangokuba baye bazityeshela iintsapho zabo. Ngenxa yoko, xa omnye udade waxelela umfazi womdala ngotyelelo lokwalusa olwakhayo olwalwenziwe ngumdala kuye, umfazi womdala wadanduluka wathi: “Akwaba nje ebenokukhe alwenze kum olo tyelelo lokwalusa ngenye imini!”—1 Timoti 3:2, 4, 5.

18 Kwakhona umdala ufanele abe nokuzeyisa ukuze alungelelanise ixesha alichithela kufundisiso lobuqu nelo alichithela kubulungiseleli basentsimini okanye kumatyelelo okwalusa. Ngenxa yokuba intliziyo yomntu inenkohliso, kulula gqitha ngomdala ukuchitha ixesha elingakumbi kunelo lifanelekileyo koko akunandipha kakhulu. Ukuba uthanda iincwadi, usengachitha ixesha elingakumbi kunelo lifanelekileyo esenza ufundisiso lobuqu. Ukuba akakunandiphi kangako ukuya kwindlu ngendlu, ukukutyeshela kwakhe usengakungxengxezela ngokuthi wenza amatyelelo okwalusa.

19. Yiyiphi imbopheleleko abanayo abadala ebalaselisa imfuneko yokuzeyisa?

19 Nembopheleleko yokugcina imibandela eyimfihlo ilihlebo ifuna ukuba umdala akuphaphele ukubonakalisa ngamandla ukuzeyisa. Nasi isiluleko esiphathelele oko: “Ucweyo lomnye musa ukuluhlakaza.” (IMizekeliso 25:9) Amava abonisa ukuba le isenokuba yenye yezona zinto zifunekayo ngokuqhelekileyo abadala abangazithobeliyo. Ukuba umdala unomfazi olumkileyo nothandekayo akunandiphayo ukuncokola naye, umdala usenokuba notyekelo lokuxubusha okanye ukukhankanya nje imibandela eyimfihlo. Kodwa oku akufanelekanga ibe yeyona nto ingebobulumko. Okokuqala nje, kukusebenzisa kakubi intembelo abanayo abanye kuye. Abazalwana noodade bokomoya beza kubadala baze bazityand’ igila kubo kuba benentembelo yokuba umbandela uya kugcinwa uyimfihlo gqitha. Ukudiza amahlebo kumfazi kabani kuphosakele, kukuswela ubulumko, ibe kwakhona kukungabi naluthando kuba oku kukuthwalisa umfazi uxanduva olungeyomfuneko.—IMizekeliso 10:19; 11:13.

20. Kutheni kubaluleke kangaka ngabadala ukuba babonakalise ukuzeyisa?

20 Ngokungathandabuzekiyo, ukuzeyisa kubaluleke gqitha, ibe oku kunjalo ngokukodwa kubadala! Ngenxa yokuba bephathiswe ilungelo lokukhokela abantu bakaYehova, baya kuphenduliswa ngakumbi. Ekubeni benikwe okukhulu, kuya kufunwa okungaphezulu kubo. (Luka 12:48; 16:10; thelekisa uYakobi 3:1.) Kulilungelo nembopheleleko yabadala ukubekela abanye umzekelo omhle. Ngaphezu koko, abadala abamiselweyo bakwimeko yokunikela uncedo olungakumbi okanye yokwenza umonakalo omkhulu kunabanye, ngokufuthi kuxhomekeka ekubeni babonakalisa ukuzeyisa kusini na okanye abanjalo. Akumangalisi ke ukuba uPawulos athi: “Umveleli umelwe kukuba . . . [ngumntu] onokuzeyisa.”

Uyakhumbula Na?

◻ Ziziphi izinto ezifunekayo kubadala nezichazwe eZibhalweni ezibonisa ukuba bamele babonakalise ukuzeyisa?

◻ Kutheni ukuzeyisa kufuneka kubadala xa kuthethwa namakholwa akunye nathi?

◻ Ukuzeyisa kufanele kubonakaliswe njani kwiintlanganiso zabadala?

◻ Luluphi ucelomngeni olukhoyo ekubeni abadala befanele bagcine imibandela eyimfihlo ilihlebo?

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Ukubonakalisa ukuzeyisa kubalulekile kwiintlanganiso zabadala

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Abadala abangamaKristu bamele babonakalise ukuzeyisa baze bagcine imibandela eyimfihlo ilihlebo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share