Ukukhululeka Kunqulo Lobuxoki
“Phumani phakathi kwabo, . . . itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; ndandiya kunamkela.”—2 KORINTE 6:17.
1. Sisiphi isivumelwano uSathana awazama ukusenza noYesu, ibe oko wathembisa ukumnika kona kusifundisa ziphi izinto ezimbini?
“ZONKE ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.” Nangona esi sithembiso senziwa kumawaka eminyaka emva kokuqalisa konqulo lobuxoki, siyasinceda siqonde umsunguli wonqulo lobuxoki nenjongo yalo. Ngasekupheleni konyaka wama-29 C.E., uMtyholi wathembisa ukunika uYesu zonke izikumkani zehlabathi ukuba nje wayenokuqubuda kuye amnqule. Esi siganeko sisixelela izinto ezimbini: ukuba izikumkani zeli hlabathi yayizezikaSathana ukuze aphise ngazo nokuba eyona njongo yonqulo lobuxoki kukuba kunqulwe uMtyholi.—Mateyu 4:8, 9.
2. Sifunda ntoni kumazwi kaYesu akuMateyu 4:10?
2 Ngempendulo yakhe, uYesu akazange aphelele nje ekugatyeni unqulo lobuxoki kodwa wabonisa noko kubandakanyekileyo kunqulo lokwenyaniso. Wavakalisa oku: “Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi [“nguYehova,” NW] uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.” (Mateyu 4:10) Ngoko ke, injongo yonqulo lokwenyaniso kukuba kunqulwe uThixo omnye wenyaniso, uYehova. Lubandakanya ukholo nokuthobela, ukwenziwa kokuthanda kukaYehova.
Imvelaphi Yonqulo Lobuxoki
3. (a) Unqulo lobuxoki lwaqala nini yaye njani emhlabeni? (b) Sisiphi isiganeko sokuqala esibhaliweyo sokungavisisani ngonqulo, ibe ukutshutshiswa kwabantu ngenxa yonqulo kuye kwaqhubeka njani ukususela ngelo xesha?
3 Unqulo lobuxoki lwaqalisa emhlabeni xa abantu bokuqala bathi abamthobela uThixo baza bamkela icebiso leNyoka lokuba bazigqibele ngokwabo oko “kulungileyo nokubi.” (Genesis 3:5) Ngokwenjenjalo babelutyeshela ulongamo lukaYehova lobulungisa baza balunikel’ umva unqulo olufanelekileyo, unqulo lokwenyaniso. Baba ngabantu bokuqala abathi ‘bananisela ubuxoki ngenyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali.’ (Roma 1:25) Isidalwa abathi ngobuyatha bazikhethela ukusinqula yayinguSathana uMtyholi, “inyoka yakudala.” (ISityhilelo 12:9) Unyana wabo olizibulo, uKayin, akazange avume ukulandela isiluleko sikaYehova sobubele waza ngaloo ndlela wakreqa kulongamo Lwakhe. Esazi okanye engazi, uKayin waba “ngowongendawo,” uSathana, waza waqhelisela unqulo lukaMtyholi. Wabulala umninawa wakhe uAbheli, owayeqhelisela unqulo lokwenyaniso. (1 Yohane 3:12; Genesis 4:3-8; Hebhere 11:4) Igazi lika-Abheli yaba ligazi lokuqala elaphalazwayo ngenxa yokuchaswa kweembono ezingokonqulo. Okulusizi kukuba, unqulo lobuxoki luye lwaqhubeka luphalaza igazi elimsulwa ukuza kuthi ga kulo mhla.—Bona uMateyu 23:29-35; 24:3, 9.
4. Kwimeko kaNowa, ziziphi izibhalo ezisichazela ngonqulo lokwenyaniso?
4 Ngaphambi koMkhukula, uSathana waphumelela ukutyekisa inkoliso yoluntu kunqulo lokwenyaniso. Noko ke, uNowa “wababalwa nguYehova.” Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba “wahamba noThixo [wenyaniso, NW].” Ngamany’ amazwi, waqhelisela unqulo lokwenyaniso. Unqulo lokwenyaniso alungomsitho okanye inkqubo ethile engokwesithethe kodwa luyindlela yobomi. Lubandakanya ukuba nokholo kuYehova nokumkhonza ngentobelo, ‘ukuhamba naye.’ UNowa wenjenjalo.—Genesis 6:8, 9, 22; 7:1; Hebhere 11:6, 7.
5. (a) Yintoni uMtyholi awazama ukuyivelisa emva koMkhukula, ibe wakwenza njani oko? (b) UYehova waliphanzisa njani icebo likaMtyholi, yaye oku kwaba nawuphi umphumo?
5 Kungekudala emva koMkhukula, kubonakala ukuba uMtyholi wasebenzisa uNimrodi, indoda eyayidume ‘ngokuchasana noYehova,’ kumgudu wokumanyanisa lonke uluntu kunqulo oluthile olwaluya kuthi kwakhona luchasane noYehova. (Genesis 10:8, 9; 11:2-4) Olu lwaluya kuba lunqulo olunye nolumanyeneyo lobuxoki, unqulo olumanyeneyo lukaMtyholi, olwaluza kusekwa kwisixeko nakwinqaba abanquli bakhe abayakhayo. UYehova waliphanzisa eli cebo ngokudubaduba ‘intetho enye’ eyayithethwa lulo lonke uluntu ngelo xesha. (Genesis 11:5-9) Ngoko ke, eso sixeko sabizwa ngokuba yiBhabheli, kamva kwathiwa yiBhabhiloni, magama lawo athetha “iSidubedube.” Esi siganeko sokudutywa kweelwimi sabangela ukuba abantu bachithachitheke kulo lonke ihlabathi.
6. (a) Ziziphi iingcamango zonqulo ezahlwayelwa kubanquli bakaSathana eBhabhiloni ngaphambi kokuba bachithachitheke? (b) Kutheni iinkonzo ezisehlabathini zineenkolelo ezifanayo? (c) Yiyiphi injongo kaSathana eyafezwa yiBhabhiloni, ibe eso sixeko samandulo safuzisela ntoni?
6 Noko ke, ngokutsho kwembali yeentsomi nonqulo, kubonakala ukuba ngaphambi kokuba uYehova aluchithachithe uluntu, uSathana wayehlwayele ezingqondweni zabanquli bakhe iimfundiso ezithile ezisisiseko zonqulo lobuxoki. Phakathi kwezi kwakukho iingcamango zonqulo zokungafi komphefumlo emva kokufa, ukoyika abantu abafileyo, ubukho besihogo somlilo esingaphantsi komhlaba, kunye nokunqulwa koothixo noothixokazi abaninzi, bambi babo abenziwe bangoobathathu emnye. Abantu ababethetha iilwimi ngeelwimi nabasasazeka kulo lonke ihlabathi bahamba nazo ezi nkolelo. Ngokuhamba kwexesha, ezi ngcamango zisisiseko zaguquguquka. Kodwa xa zizonke, zibumba unqulo lobuxoki kuyo yonke imimandla yehlabathi. Nangona ilinge lakhe lokuseka unqulo olunye nolumanyeneyo lobuxoki nelaliza kuba nekomkhulu lalo lehlabathi eBhabhiloni laphanziswayo, uSathana waneliswa kukuba neentlobo ezahlukahlukeneyo zonqulo lobuxoki, ezazinempembelelo yobuBhabhiloni nezaziyilelwe ukuba ngazo arhwaphilizele kuye unqulo lukaYehova. Kangangeenkulungwane iBhabhiloni yaqhubeka isisazulu esinempembelelo sonqulo-zithixo, ukusetyenziswa komlingo, ukukhafula nokuvumisa ngeenkwenkwezi—zinto ezo zonke ezibalulekileyo kunqulo lobuxoki. Akumangalisi ke ukuba incwadi yeSityhilelo ithi ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki bufuziselwa lihenyukazi elingcolileyo nelibizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu.—ISityhilelo 17:1-5.
Unqulo Lokwenyaniso
7. (a) Kwakutheni ukuze unqulo lokwenyaniso lungachatshazelwa kukudutywa kolwimi? (b) Ngubani owathi waziwa ‘njengoyise wabo bonke abakholwayo,’ yaye ngoba?
7 Ngokucacileyo, unqulo lokwenyaniso aluzange luchatshazelwe kukudubaduba kukaYehova intetho yoluntu eBhabheli. Unqulo lokwenyaniso lwaluqheliselwa ngaphambi koMkhukula ngamadoda namabhinqa athembekileyo njengoAbheli, uEnoki, uNowa, umfazi kaNowa, oonyana noomolokazana bakaNowa. Emva koMkhukula unqulo lokwenyaniso lwalondolozwa ngomnombo wonyana kaNowa uShem. UAbraham, inzala kaShem, waqhelisela unqulo lokwenyaniso waza waziwa ‘njengoyise wabo bonke abakholwayo.’ (Roma 4:11) Ukholo lwakhe lwabonakaliswa ngemisebenzi. (Yakobi 2:21-23) Unqulo lwakhe lwaluyindlela yakhe yokuphila.
8. (a) Unqulo lokwenyaniso lwangqubana njani nonqulo lobuxoki ngenkulungwane ye-16 B.C.E., yaye waba yintoni umphumo? (b) Liliphi ilungiselelo elitsha uYehova awalisungulayo ngokuphathelele unqulo lwakhe olunyulu?
8 Unqulo lokwenyaniso lwaqhubeka luqheliselwa kumnombo wenzala ka-Abraham—uIsake, uYakobi (okanye uSirayeli) noonyana abali-12 bakaYakobi, ekwavela kubo izizwe ezili-12 zakwaSirayeli. Ngasekupheleni kwenkulungwane ye-16 B.C.E. inzala ka-Abraham ngoIsake yayitsala nzima izama ukulondoloza unqulo olunyulu phakathi kwabahedeni abanobutshaba—eYiputa—apho yayikhotyokiswe khona. UYehova wasebenzisa umkhonzi wakhe othembekileyo uMoses, wesizwe sakwaLevi, ukukhulula abanquli Bakhe kwidyokhwe yaseYiputa, lizwe elo elalitshone lingavele nangonwele kunqulo lobuxoki. Esebenzisa uMoses, uYehova wenza umnqophiso namaSirayeli, ewenza abantu Bakhe abanyuliweyo. Ngelo xesha, uYehova walulungelelanisa unqulo lwakhe ngoludwe lwemithetho ebhaliweyo, okwexeshana eluphelelisela kwinkqubo yamadini awayesenziwa ngababingeleli kwingcwele eyayakhiwe ngezandla, ekuqaleni eyayiyingumnquba ophathwayo yaza kamva yaba yitempile eyayiseYerusalem.
9. (a) Unqulo lokwenyaniso lwaluqheliselwa njani ngaphambi komnqophiso woMthetho? (b) UYesu wabonisa njani ukuba izinto ezazakhiwe ngezandla ngokommiselo woMthetho zazingayi kuhlala ngokusisigxina?
9 Phofu ke, kufanele kuphawulwe ukuba ezi zinto zakhiwe ngezandla zazingenzelwanga ukuba zihlale ngokusisigxina kunqulo lokwenyaniso. UMthetho ‘wawusisithunzi sezinto eziza kuza.’ (Kolose 2:17; Hebhere 9:8-10; 10:1) Ngaphambi kokunikelwa koMthetho kaMoses, kubonakala ukuba ngemihla yoosolusapho, iintloko-ntsapho zazimela iintsapho zazo ekunikeleni amadini ezibingelelweni ezazizakhile. (Genesis 12:8; 26:25; 35:2, 3; Yobhi 1:5) Kodwa lalingekho ilungiselelo lababingeleli okanye inkqubo yamadini, ehambisana nemisitho okanye izithethe ezithile zonqulo. Ngaphezu koko, uYesu wabonisa ukuba le nkqubo yonqulo elungelelaniswe ngemithetho neyayisekwe eYerusalem yayiyeyokwexeshana xa waxelela intokazi engumSamariya oku: “Kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba [iGerizim, isiza eyayikuso itempile yamaSamariya ngaphambili], naseYerusalem, nimnqule uBawo. . . . Kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:21-23) UYesu wabonisa ukuba unqulo lokwenyaniso lumele luqheliselwe, kungekhona ngezinto ezakhiwe ngezandla, koko ngomoya nangenyaniso.
Ukuthinjwa YiBhabhiloni
10. (a) Kwakutheni ukuze uYehova abayekele abantu bakhe bathinjelwe eBhabhiloni? (b) UYehova wayikhulula ngaziphi iindlela ezimbini intsalela ethembekileyo ngowama-537 B.C.E., kwaye yayiyintoni injongo eyintloko yokubuyiselwa kwayo kwaYuda?
10 Ukususela kwimvukelo yase-Eden, bekusoloko kukho ubutshaba phakathi konqulo lokwenyaniso nonqulo lobuxoki. Maxa wambi, ngokufuziselayo, abanquli bokwenyaniso baye bathinjwa lunqulo lobuxoki, olwathi lwafanekiselwa yiBhabhiloni ukususela kwixesha likaNimrodi. Ngaphambi kokuba uYehova abayekele abantu bakhe basiwe ekuthinjweni eBhabhiloni ngowama-617 B.C.E. nowama-607 B.C.E., babesele bengamaxhoba onqulo lobuxoki lwaseBhabhiloni. (Yeremiya 2:13-23; 15:2; 20:6; Hezekile 12:10, 11) Ngowama-537 B.C.E., intsalela ethembekileyo yabuyela kwaYuda. (Isaya 10:21) Yathobela olu bizo lwesiprofeto: “Phumani eBhabheli!” (Isaya 48:20) Oku yayingazukuba kukukhululwa nje okungokwenyama kuphela. Yayikwakukukhululwa kokomoya kwimeko-bume yonqulo lobuxoki olungcolileyo nonqulo-zithixo. Ngoko ke le ntsalela ithembekileyo yayalelwa oku: “Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali bezitya zikaYehova.” (Isaya 52:11) Injongo eyintloko yokubuyiselwa kwabo kwaYuda yayikukumisela kwakhona unqulo olunyulu, unqulo lokwenyaniso.
11. Ukongezelela ekubuyiselweni konqulo olunyulu kwaYuda, ziziphi iinkonzo ezintsha ezavelayo ngenkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo?
11 Okubangel’ umdla kukuba, kwangaloo nkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo kwavela amahlelo amatsha onqulo lobuxoki kwiBhabhiloni Enkulu. Kwavela ubuBhuda, ubuConfucius, ubuZoroaster nobuJain, kungasathethwa ke ngentanda-bulumko eyayithenjiwe yamaGrike eyathi kamva yanegalelo gqitha ekuphembeleleni iicawa zeNgqobhoko. Ngoko ngoxa unqulo olunyulu lwalubuyiselwa kwaYuda, utshaba olukhulu lukaThixo lwaluvelisa ezinye iindidi ezahlukahlukeneyo zonqulo lobuxoki ekwakunokukhethwa kuzo.
12. Kukuphi ukukhululwa kubukhoboka baseBhabhiloni okwenzeka ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ibe sithini isilumkiso esanikelwa nguPawulos?
12 Ngexesha lokufika kukaYesu kwaSirayeli, inkoliso yamaYuda yayiqhelisela iindidi ezahlukahlukeneyo zobuYuda, uhlobo lonqulo olwaluye lwamkela iingcamango ezininzi zonqulo lwaseBhabhiloni. Lwaluzimanyanise neBhabhiloni Enkulu. UKristu walugweba waza wabakhulula abafundi bakhe ekuthinjweni yiBhabhiloni. (Mateyu, isahluko 23; Luka 4:18) Ekubeni kwezo ndawo wayeshumayela kuzo kwakugquba unqulo lobuxoki nentanda-bulumko yamaGrike, umpostile uPawulos wacaphula isiprofeto sikaIsaya waza wasisebenzisa kumaKristu, awayefanele angabi nanto yakwenza nempembelelo engcolileyo yeBhabhiloni Enkulu. Wabhala: “Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo [zaseBhabhiloni]? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona. Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi; ndandiya kunamkela.”—2 Korinte 6:16, 17.
Ukukhululeka Kunqulo Lobuxoki Kweli Xesha Lokuphela
13. Yintoni eboniswa zizigidimi uKristu awazithumela kumabandla asixhenxe aseAsia Minor, ibe kwavela ntoni ngenxa yoko?
13 Izigidimi uKristu awazithumela kumabandla asixhenxe aseAsia Minor ngeSityhilelo esanikelwa kumpostile uYohane zibonisa ngokucacileyo ukuba ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, uqheliselo nesimo sengqondo sonqulo saseBhabhiloni zazithwethwela kwibandla lamaKristu. (ISityhilelo, isahluko 2 nesesi-3) Uwexuko lwathabath’ unyawo ngokukodwa ukususela kwinkulungwane yesibini ukusa kweyesihlanu kwiXesha Eliqhelekileyo, nto leyo eyaphumela ekuveleni konomgogwana owonakeleyo owawuzenza unqulo olunyulu lwamaKristu. Iimfundiso ezinjalo zaseBhabhiloni njengokungafi komphefumlo, isihogo esivuthayo noBathathu Emnye zafakelelwa kwiimfundiso zobuKristu bowexuko. Iicawa zamaKatolika, zobuOthodoki, yaye kamva nezamaProtestanti zonke zamkela ezi ngcamango zobuxoki zaza, ngolo hlobo, zaba yinxalenye yeBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki bukaMtyholi.
14, 15. (a) Umzekeliso kaYesu wengqolowa nomdiza wawubonisa ntoni? (b) Yintoni eyenzekayo ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19, ibe ngowe-1914, yiyiphi inkqubela eyenzekayo kwiimfundiso zamaKristu okwenyaniso?
14 Unqulo lokwenyaniso aluzange lukhe lubhangiswe ngokupheleleyo. Ukutyhubela iinkulungwane bekusoloko kukho abantu abathanda inyaniso, bambi babo abade bafa ngenxa yokuthembeka kwabo kuYehova nakwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Kodwa njengoko umzekeliso kaYesu wengqolowa nomdiza ubonisa, ingqolowa yokomfuziselo, okanye oonyana abathanjisiweyo boBukumkani, babeya kwahlulwa kumdiza, okanye oonyana bongendawo, “ekuphelisweni kweli phakade.” (Mateyu 13:24-30, 36-43) Njengoko ixesha lokuphela—ixesha lokwahlula—lalisondela, abafundi beBhayibhile abanyanisekileyo baqalisa ukukhululeka kubukhoboka bonqulo lobuxoki ngasekupheleni kwenkulungwane ye-19.
15 Ngowe-1914 la maKristu, namhlanje aziwa njengamaNgqina kaYehova, ayehlakulele ukholo olomeleleyo kwintlawulelo. Ayesazi ukuba ubukho bukaKristu bumele bube bobungabonakaliyo. Aqonda ukuba unyaka we-1914 wawuya kuphawula ukuphela ‘kwamaxesha eentlanga.’ (Luka 21:24) Ibe ayiqonda kakuhle intsingiselo yomphefumlo novuko. Kwakhona ayekhanyiselwe kakuhle ngempazamo enzulu kwimfundiso yecawa engesihogo somlilo nengoBathathu Emnye. Alazi aza aqalisa ukulisebenzisa igama likaThixo ibe akuqonda ukungachani kwengcamango yendaleko noqheliselo lokusebenzelana nemimoya.
16. Luluphi ubizo amaKristu athanjisiweyo asabela kulo ngowe-1919?
16 Eli yayilinyathelo elihle lokuqalisa ukwahlukana namakhamandela onqulo lobuxoki. Kwaye ngowe-1919, abantu bakaThixo bakhululeka ngokupheleleyo kulawulo lweBhabhiloni Enkulu. Kanye njengokuba intsalela yamaYuda yayikhululwe eBhabhiloni ngowama-537 B.C.E., ngoko nentsalela ethembekileyo yamaKristu athanjisiweyo yathobela ubizo lokuba ‘iphume kuyo [iBhabhiloni Enkulu].’—Isaya 52:11.
17. (a) Yintoni eyenzekayo ngowe-1922 kuse phambili, ibe yintoni eyabonakala iyimfuneko phakathi kwabantu bakaThixo? (b) Kukuphi ukuma okungqongqo okwamkelwayo, yaye kutheni kuqondakala nje oku?
17 Ukususela ngowe-1922 kuse phambili, iinyaniso ezinamandla zeBhayibhile zapapashwa zaza zasasazwa kuwonke wonke, zibhenca unqulo lobuxoki lweBhabhiloni, ingakumbi iityalike zeNgqobhoko. Kwabonakala kuyimfuneko ukuba kubethelelwe kwiingqondo zabantu bakaThixo abacociweyo ukuba bamele bahlukane ngokupheleleyo nazo zonke iindidi zonqulo lobuxoki. Ngenxa yoko, kangangeminyaka, negama elithi “unqulo” lalingasetyenziswa xa kuthethwa ngonqulo olunyulu. Izibhengezo, njengesithi “Unqulo Lusisabatha Yaye Lwenza Imali Ngobuqhetseba,” zazibhengezwa kwizitrato zezixeko ezikhulu. Iincwadi ezinjengethi Government (yowe-1928) nethi “The Truth Shall Make You Free” (yowe-1943) zawenza wacaca gca umahluko phakathi “kobuKristu” “nonqulo.” Oku kuma kungqongqo kuyaqondakala, ekubeni kwakufuneka kwahlukenwe ngokupheleleyo nazo zonke iinkqubo zonqulo ezazingenile zeBhabhiloni Enkulu.
Unqulo Lokwenyaniso Nolobuxoki
18. Kukuphi ukuqondwa okuhlaziyiweyo kwegama elithi “unqulo” okwanikelwayo ngowe-1951, yaye oku kuchazwe njani kwi-1975 Yearbook?
18 Ngowe-1951, lalifikile ixesha lokuba uYehova abancede abantu bakhe bawuqonde ngokucace gca umahluko phakathi konqulo lokwenyaniso nonqulo lobuxoki. I-1975 Yearbook of Jehovah’s Witnesses inikela le ngxelo: “Ngowe-1951, abameli bonqulo lokwenyaniso bafunda okuthile okubalulekileyo ngegama elithi ‘unqulo.’ Bambi babo banokuwukhumbula kakuhle owe-1938 xa, maxa wambi, babethwala umqondiso oxhokonx’ iingcinga othi ‘Unqulo Lusisabatha Yaye Lwenza Imali Ngobuqhetseba.’ Ngokwembono yabo ngelo xesha, yonke into ethi ‘unqulo’ yayingenakuthanani nobuKristu, yayiyekaMtyholi. Kodwa IMboniselo [yesiNgesi] kaMatshi 15, 1951, yavumela ukusebenzisa isibaluli esithi ‘lokwenyaniso’ nesithi ‘lobuxoki’ ekuchazeni unqulo. Ngaphezu koko, incwadi enomtsalane ethi Yintoni na Inqulo Eyenzele Uluntu? (eyapapashwa [ngesiNgesi] ngowe-1951 yaza yakhutshwa kwiNdibano ‘Yonqulo Olucocekileyo’ eWembley Stadium, eLondon, eNgilani) yathi: ‘Lithatyathwa ngokwendlela elisetyenziswa ngayo, igama elithi “inqulo” xa lichazwa nje ngokulula lithetha inkqubo yonqulo, uhlobo oluthile lonqulo, ngaphandle kokwenza umahluko enoba lunqulo lokwenyaniso okanye lobuxoki. Oku kuvumelana nentsingiselo yegama lesiHebhere elivela kulo eli gama nelithi ’a·boh·dáh, elithetha ngokuthe ngqo “inkonzo”, kungakhathalelwe enoba inikelwa kubani.’ Emva koko, ibinzana elithi ‘unqulo lobuxoki’ nelithi ‘unqulo lokwenyaniso’ athi aqheleka phakathi kwamangqina kaYehova.”—Iphepha 225.
19, 20. (a) Kutheni abanquli bokwenyaniso babengafanele baphazamiseke ngokusetyenziswa kwegama elithi “unqulo” xa kuthethwa ngonqulo olunyulu? (b) Oku kuqonda kuhlaziyiweyo kwabanceda ukuba benze ntoni abantu bakaYehova?
19 Ekuphenduleni umbuzo owawuvela kumfundi othile, inkupho yeMboniselo (yesiNgesi) ka-Agasti 15, 1951, yathi: “Akukho mntu ufanele aphazamiseke ngokusetyenziswa kwegama elithi ‘unqulo’. Ukulisebenzisa kwethu akusibeki kudidi lweenkonzo zobuxoki ezisekelwe kwisithethe, njengoko ukuzibiza ngokuba singamaKristu kungasenzi sibe ngamaKristu obuxoki eNgqobhoko.”
20 Kunokuba ibe kukulalanisa, le ndlela intsha yokuqondwa kwegama elithi “unqulo” yabanceda abantu bakaYehova ukuba bawuvule ngakumbi umsantsa ophakathi konqulo lokwenyaniso nolobuxoki, njengoko inqaku elilandelayo liza kubonisa.
Ukuvavanya Ukuqonda Kwethu
◻ Unqulo lobuxoki lwaqala nini yaye njani emhlabeni?
◻ Yintoni uSathana awazama ukuyimisela emva koMkhukula, yaye laphanziswa njani icebo lakhe?
◻ IBhabhiloni yaba ngumfuziselo wantoni?
◻ Kukuphi ukukhululwa okwenzekayo ngowama-537 B.C.E., kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, nangowe-1919?
◻ Yiyiphi indlela entsha yokuqondwa okuhlaziyiweyo kwegama elithi “unqulo” eyanikelwayo ngowe-1951, ibe kwakutheni ukuze inikelwe ngelo xesha?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 11]
Iimfundiso zobuxoki abakholelwa kuzo abantu ehlabathini lonke zivela eBhabhiloni:
◻ Oothixo abangoobathathu emnye
◻ Umphefumlo womntu ongafiyo ekufeni
◻ Ukusebenzelana nemimoya—ukuthetha “nabafileyo”
◻ Ukusetyenziswa kwemifanekiso eqingqiweyo elunqulweni
◻ Ukusetyenziswa kwamakhubalo ukucamagusha kwiidemon
◻ Ulawulo lwabefundisi abangqwabalala