Ungalahlekelwa Yinjongo Yenkululeko Esiyinikwe NguThixo
“Apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko.”—2 KORINTE 3:17.
1. Kutheni uIsaya 65:13, 14 esebenza kumaNgqina kaYehova?
UYEHOVA unguThixo wenkululeko. Yaye hayi indlela eyintsikelelo ngayo inkululeko esiyinikwe nguThixo! Ngenxa yokuba abakhonzi bakhe abazahluleleyo benale nkululeko, la mazwi eNkosi enguMongami uYehova ayasebenza kubo: “Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana. Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.”—Isaya 65:13, 14.
2. Kutheni abantu bakaYehova bephumelela ngokomoya?
2 Abantu bakaThixo banandipha le mpumelelo ngokomoya ngenxa yokuba bakhokelwa ngumoya, okanye amandla akhe asebenzayo. Umpostile uPawulos wathi: “INkosi [uYehova, NW] ke inguye uMoya; apho ke akhoyo uMoya weNkosi, kubakho inkululeko.” (2 Korinte 3:17) Iyintoni injongo yenkululeko esiyinikwe nguThixo? Kwaye kufuneka senze ntoni ukuze siyisebenzise ngokupheleleyo?
Inkululeko Anayo UThixo
3. UThixo unaluphi uhlobo lwenkululeko, yaye ngoba?
3 NguYehova kuphela onenkululeko epheleleyo. Akukho nasinye kwizidalwa zakhe esinokuyisikela umda inkululeko yakhe ngenxa yokuba unguThixo onguSomandla noMongami Wendalo Iphela. Njengokuba indoda ethembekileyo uYobhi yatshoyo, “ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?” (Yobhi 9:12) Ngokufanayo, ukumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare wanyanzeleka ukuba avume athi: “Akukho bani ubethayo esandleni [sikaThixo], athi kuye, Wenza ntoni na?”—Daniyeli 4:35.
4. Kutheni uYehova eyibekela imida inkululeko yakhe?
4 Noko ke, imigaqo kaYehova yobulungisa iyibekela imida loo nkululeko ipheleleyo. Oku kwabonakala xa uAbraham wavakalisa inkxalabo ngabemi baseSodom waza wabuza: “Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?” Impendulo kaThixo ibonisa ukuba uyayiqonda imbopheleleko yokwenza okusesikweni. Wayengayi kuyitshabalalisa iSodom ukuba kwakusele nokuba mnye ummi olilungisa kuyo. (Genesis 18:22-33) Kwakhona uThixo uyibekela imida inkululeko yakhe ngenxa yokuba uthando nobulumko bakhe zimenza azeke kade umsindo yaye ubonakalisa ukuzeyisa.—Isaya 42:14.
Imida Yenkululeko Yabantu
5. Ngabaphi abanye oothunywashe abayisikela imida inkululeko yabantu?
5 Nangona uYehova enenkululeko epheleleyo, bonke abanye ekwenzeni izinto bakhokelwa yimida engokwemvelo, amandla abo nendawo abahlala kuyo, kwanangoothunywashe abanjengokuba ngoku abantu abanesono baphila ubomi obusikelwe umda. UThixo wamdala umntu wanenkululeko egqibeleleyo yokwenza izinto ngokuvisisana nemida awayeyimiselwe nguYehova. Kukho ezinye izizathu eziliqela ezibangela ukuba inkululeko yabantu isikelwe umda, ingabi yepheleleyo.
6. Isibakala sokuba sifanele siphendule kuThixo siyichaphazela njani inkululeko yethu?
6 Esokuqala, inkululeko yabantu isikelw’ umda ngenxa yokuba uThixo wabadala ukuze bafeze injongo Yakhe. UYehova ‘ufanele ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; ngokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakhe zikho, zadalelwa oko.’ (ISityhilelo 4:11) Ngoko umntu umele aphendule kuMenzi wakhe, oye ngokufanelekileyo wamisela imithetho abamele balawulwe ngayo abantu. KuSirayeli wamandulo ngaphantsi koMthetho kaMoses, uThixo wayefuna ukuba babulawe abantu abahlambela igama lakhe okanye abophula umthetho weSabatha. (Eksodus 20:7; 31:14, 15; Levitikus 24:13-16; Numeri 15:32-36) Nangona thina njengamaKristu singekho phantsi koMthetho, inkululeko yethu isikelw’ umda kuba siya kuphendula kuYehova, onguMgwebi, uMmisi-mthetho noKumkani wethu.—Isaya 33:22; Roma 14:12.
7, 8. (a) Imithetho yemvelo iyisikel’ umda njani inkululeko yabantu? (b) Yiyiphi eminye imithetho kaThixo eyisikel’ umda inkululeko yethu bantu?
7 Esesibini, inkululeko yabantu isikelw’ umda yimithetho kaThixo yemvelo. Ngokomzekelo, ngenxa yomthetho womxhuzulane, umntu akanakutsiba kurhec’ izulu wesakhiwo aze angenzakali okanye afe. Ngokucacileyo, imithetho kaThixo yemvelo iyisikel’ umda inkululeko yomntu yokwenza izinto ezithile.
8 Esesithathu, inkululeko yabantu isikelw’ umda yimithetho kaThixo yokuziphatha. Usenokuba ububonile ubunyaniso boko kwabhalwa ngumpostile uPawulos kumaGalati 6:7, 8: “Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.” Alinakukhanyelwa elokuba, nemithetho kaYehova uThixo yokuziphatha iyisikela umda inkululeko yethu, kodwa sifanele siyithobele ukuze sizuze ubomi.
9. Isibakala sokuba siyinxalenye yebutho labantu siyisikel’ umda njani inkululeko yethu?
9 Esesine, inkululeko yomntu isikelwe umda sisibakala sokuba uyinxalenye yebutho labantu. Ngenxa yoko, ufanele abe nenkululeko kuphela engayi kuphazamisana ngokungekho sikweni neyabanye. AmaKristu afanele awalulamele “amagunya awongamileyo” aseburhulumenteni, awathobele logama nje engasiyaleli ukuba sophule imithetho kaThixo. (Roma 13:1; IZenzo 5:29) Ngokomzekelo, sifanele siyithobele imithetho emayela nokuhlawulwa kweerhafu, elawula isantya esinokuyiqhuba ngaso inqwelo-mafutha, njalo njalo. Isibakala sokuba simele sithobele imithetho ‘kaKesare’ enjalo sibonisa ngakumbi ukuba inkululeko esiyinikwe nguThixo asiyonkululeko epheleleyo.—Marko 12:17; Roma 13:7.
Kutheni Sinikwe Inkululeko Elinganiselweyo?
10, 11. Kwakutheni ukuze uYehova anike abantu inkululeko elinganiselweyo?
10 Kwakutheni ukuze uThixo anike abantu inkululeko elinganiselweyo? Esinye isizathu sasikukuze uMdali abe nezidalwa ezisemhlabeni ezaziya kumzukisa yaye zimdumise ngamazwi nehambo yazo entle. Abantu banokukwenza oku, ngoxa izilwanyana zingenako. Ekubeni izilwanyana zilawulwa lithuku lemvelo, azazi nto ngemilinganiselo yokuziphatha. Unokuyiqeqesha inja ukuba ingayithabathi into ethile, kodwa akunakuyifundisa ukuba kuphosakele ukuba. Nasiphi na isilwanyana esenza izinto ngokwethuku asinako ukwenza izigqibo zokudumisa nokuzukisa uThixo, ngoxa umntu ngokukhululekileyo enokukhetha ukukhonza uMenzi wakhe ngenxa yothando noxabiso.
11 Kwakhona uThixo unika abantu le nkululeko ukuze bangenelwe yaye bonwabe. banokuyisebenzisa inkululeko yabo elinganiselweyo ngokuqamba nokuyila izinto, ngokwenzelana okulungileyo nangokusebenzisana. Abantu bakwanenkululeko yokuzikhethela kwimicimbi enjengomsebenzi nendawo yokuhlala. Namhlanje, oothunywashe bezoqoqosho nabezobupolitika badla ngokuyisikel’ umda loo nkululeko yokuzikhethela, kodwa oku kusenokubangelwa kukubawa kwabantu, ingeyiyo indlela uThixo awaludala ngayo uluntu.
12. Kutheni inkoliso yoluntu isebukhobokeni?
12 Nangona uYehova wanika abantu umlinganiselo omkhulu wenkululeko, inkoliso yabantu namhlanje isebukhobokeni obunxunguphalisayo. Konakele phi? Isibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva, asizange siyiqonde injongo yenkululeko esasiyinikwe nguThixo. Sayityeshela imida eyayimiswe nguThixo kwinkululeko yaso saza sakucel’ umngeni ukuba ngumlawuli ofanelekileyo kukaThixo phezu kwaso njengeNkosi enguSomandla, uYehova. (Genesis 3:1-7; Yeremiya 10:10; 50:31) Singaneliswa kukusebenzisa inkululeko yaso ekuzukiseni uThixo, sayisebenzisa ngokuzingca, ukuze sizenzele izigqibo ngokulungileyo nokuphosakeleyo, ngaloo ndlela sithelela uSathana ekuvukeleni kwakhe uYehova. Phofu ke, kunokuzuza inkululeko engakumbi, uAdam noEva abanesono, batsala nzima ngenxa yemiqathango nobukhoboka abazibona bekubo, nto leyo eyathetha ukuncipha kwenkululeko yabo, baza ekugqibeleni bafa. Inzala yabo yakuzuz’ ilifa oku kungabi nankululeko. “Kuba bonile bonke, basilela eluzukweni lukaThixo.” “Umvuzo wesono kukufa.”—Roma 3:23; 5:12; 6:23.
13. Kutheni uSathana eye wakwazi ukukhobokisa uluntu?
13 Kwakhona ngenxa yemvukelo yase-Eden, uAdam nenzala yakhe baba ngamakhoboka kaSathana uMtyholi. Kaloku, “ihlabathi liphela lilele kongendawo”! (1 Yohane 5:19) Ngenxa yamandla nobuchule obugqithiseleyo anabo, uSathana uye wakwazi ukulukhohlisa nokulwenza amakhoboka lonke uluntu olwahlukaniswe noThixo. Ngaphezu koko, abantu abazingcayo baye balawula abanye abantu bebagunyazela kwaza kwaba kubi kubo. (INtshumayeli 8:9) Ngenxa yoko, uluntu ngokubanzi ngoku lungamakhoboka esono nokufa, kaSathana needemon zakhe, naweenkqubo zeli hlabathi zezobupolitika, zoqoqosho nezonqulo.
Inkululeko Yokwenyaniso Yenziwe Yanokufumaneka
14. Ithemba loluntu lenkululeko yokwenyaniso linxulumene nantoni?
14 Ukukhululeka kwisono, kukufa, nakuMtyholi nehlabathi lakhe kunxibelelene nozimiselo lukaThixo lokuzinzisa imbambano ephathelele ukulunga kolongamo lwakhe phezu kwendalo iphela. Ngenxa yokuba uSathana waphakamisa le mbambano, uYehova uye wamvumela ukuba aphile, nanjengoko wamyekayo uFaro ukuba aphile ixesha elithile. Oku uYehova ukwenzela ukuze awabonakalise ngokupheleleyo amandla akhe negama lakhe alenze laziwe ehlabathini lonke. (Eksodus 9:15, 16) Kungekudala uThixo uya kuzingcwalisa njengoMongami Wendalo Iphela aze alingcwalise igama lakhe elingcwele ngokususa ugculelo olwaziswa yimvukelo kaSathana, ka-Adam nekaEva. Ngaloo ndlela, abo bamoyikayo uYehova baya kukhululwa kubukhoboka besono nokufa yaye baya kungeniswa kwihlabathi elitsha lenkululeko evela kuThixo.—Roma 8:19-23.
15. Yiyiphi indima uYesu awaba nayo ekubuyiselweni kwenkululeko kuluntu?
15 Ukuze abuyisele inkululeko kuluntu, uThixo wathumela uNyana wakhe emhlabeni njengomntu. Ngokunikela ngobomi bakhe obufezekileyo bobuntu ngokuzithandela, uNyana kaThixo, uYesu Kristu, wanikela ngedini lentlawulelo, isiseko sokukhululwa koluntu. (Mateyu 20:28) Wavakalisa nesigidimi senkululeko. Ekuqaliseni ubulungiseleli bakhe, wawasebenzisa kuye la mazwi: “UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo.”—Isaya 61:1; Luka 4:16-21.
16. Ngawaphi amanyathelo amaYuda enkulungwane yokuqala ekwafuneka awathabathe ukuze azuze inkululeko yokwenyaniso?
16 Abantu babeya kuyifumana njani loo nkululeko? UYesu wathi: “Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ningabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” Ngaloo ndlela, abafundi bakaYesu banandipha inkululeko yokomoya. (Yohane 8:31, 32, 36) Ngaphezu koko, uYesu waxelela irhuluneli engumRoma uPontiyo Pilato: “Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.” (Yohane 18:37) AmaYuda awayamkelayo inyaniso eyayishunyayelwa nguYesu neyabonakala kumzekelo awawumiselayo aguquka kwizono zawo, alungisa ikhondo lawo eliphosakeleyo, azinikela kuYehova aza abhaptizwa njengokuba noYesu wenjenjalo. (Mateyu 3:13-17; IZenzo 3:19) Ngale ndlela aqalisa ukunandipha inkululeko elinganiselweyo evela kuThixo.
17. Kutheni uYehova ebanika inkululeko abakhonzi bakhe?
17 UYehova unika abakhonzi bakhe abanyanisekileyo inkululeko ngokuyintloko ukuze kuthethelelwe ulongamo lwakhe kodwa kwakhona ukuze bonwabe yaye bangenelwe. Wakhulula amaSirayeli ebukhobokeni baseYiputa ukuze amzukise njengesibingeleli esibubukumkani, amangqina akhe. (Eksodus 19:5, 6; Isaya 43:10-12) Ngokufanayo, uYehova wakhupha abantu bakhe ekuthinjweni eBhabhiloni ngokuyintloko ukuze babuye bayakhe itempile yakhe baze babuyisele unqulo lokwenyaniso. (Ezra 1:2-4) Xa abo bathinjwa babuyisiweyo bazixakekisa kuphela ngezinto zabo eziphathekayo, uYehova wathumela umprofeti wakhe uHagayi noZekariya ukuba baye kubakhumbuza ngeembopheleleko zabo kuThixo. Ukuyigqala ngokufanelekileyo inkululeko yabo ababeyinikwe nguThixo kwaphumela ekugqityweni kwetempile, ekuzukisweni kukaThixo, nakwintuthuzelo nentlalo-ntle yabantu bakhe.
Ukuyiqonda Injongo Yenkululeko Esiyinikwe NguThixo
18. Kutheni kunokuthiwa abakhonzi bakaYehova banamhlanje bayayiqonda injongo yenkululeko abayinikwe nguThixo?
18 Kuthekani ngabakhonzi bakaThixo banamhlanje? Njengentlangano bayayiqonda injongo yenkululeko abayinikwe nguThixo. Ngeminyaka yee-1870, baqalisa ukukhululeka kwiimpazamo zeBhabhiloni baza banandipha inkululeko eyongezelelekileyo yobuKristu. Oku kwakuvisisana neMizekeliso 4:18 ethi: “Umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.” Noko ke, njengoko abantu bakaThixo bamandulo bathatyathelwa ekuthinjweni eBhabhiloni kangangexesha elithile, abakhonzi bakaYehova ngomlinganiselo othile baba ngamakhoboka eBhabhiloni Enkulu ngowe-1918. (ISityhilelo 17:1, 2, 5) Amalungu obo bukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki aba nemihlali xa ‘amangqina amabini’ okomfuziselo ayefile ngokomoya. Kodwa ngobabalo lukaThixo, abakhonzi bakhe abathanjisiweyo bavuka ngowe-1919, bekhululiwe ngokomoya. (ISityhilelo 11:3, 7-11) Besebenzisa inkululeko yabo abayinikwe nguThixo, baba ngamangqina anenzondelelo Osenyangweni. Ngoko ke, hayi indlela ekwakufaneleke ngayo ukuba ngowe-1931 ngovuyo bamkele igama elithi amaNgqina kaYehova! (Isaya 43:10-12) Ngokukodwa ukususela ngowe-1935 amaNgqina athanjisiweyo aye athelelwa ‘sisihlwele esikhulu,’ esinethemba lokufumana ubomi obungunaphakade emhlabeni. Naso siyayiqonda injongo yenkululeko esiyinikwe nguThixo.—ISityhilelo 7:9-17.
19, 20. (a) Yiyiphi enye indlela ephawulekayo abantu bakaYehova abayisebenzisa kakuhle ngayo inkululeko abayinikwe nguThixo? (b) Kungayiphi enye indlela ebalaseleyo amaNgqina kaYehova ayisebenzisa kakuhle ngayo inkululeko uThixo awanike yona?
19 Abantu bakaYehova bayisebenzisa kakuhle inkululeko yabo abayinikwe nguThixo ngeendlela ezimbini eziphawulekayo. Okokuqala, bayisebenzisela ukusukela ikhondo elithe tye. (1 Petros 2:16) Yaye olunjani ukuba luhle udumo abanalo! Ngokomzekelo, indoda ethile yakha yangena kwiHolo yoBukumkani eZurich, eSwitzerland, yaza yathi ifuna ukuba lelinye lamaNgqina kaYehova. Xa yabuzwa isizathu soko, yathi udade wayo wayeliNgqina waza wasuswa kubudlelane ngenxa yokuziphatha okubi. Yathi: ‘Ndifuna ukuba lilungu laloo ntlangano—intlangano engabuqwabazeli liso ububi.’ INew Catholic Encyclopedia inesizathu esifanelekileyo sokuthi amaNgqina kaYehova aye azenzel’ igama ngokuba “lelinye lawona maqela aziphethe kakuhle ehlabathini.”
20 Kwakhona amaNgqina kaYehova ayisebenzisa kakuhle inkululeko yawo ayinikwe nguThixo ngokulufeza uthumo lwawo lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, njengoko uYesu wenzayo. (Mateyu 4:17) Ngemilomo yawo namaphepha ashicilelweyo, avakalisa uBukumkani bukaYehova ngokucwangcisiweyo nangokungacwangciswanga. Ngokwenjenjalo angenelwa gqitha ngokomeleza ukholo lwawo nokulenza liqaqambe ithemba lawo. Ngaphezu koko, lo msebenzi uyawasindisa wona kwanabo bawaphulaphulayo. (1 Timoti 4:16) Ithetha ngalo msebenzi, incwadi ethi Dynamic Religious Movements ithi: “Kunzima ukufumana amalungu alo naliphi na elinye iqela asebenza nzima kunqulo lwawo njengoko esenza amaNgqina.”
21. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba uYehova uyabusikelela ubulungiseleli babantu bakhe?
21 Hayi indlela uYehova asisikelela ngayo ekuphumezeni injongo yenkululeko esiyinikwe nguThixo! Oku kunokubonwa kwingxelo yenkonzo yasentsimini yanyakenye—incopho yabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwezigidi ezine, nabangaphezu kwezigidi ezilishumi ababekho kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu. Kolunye uhlolisiso, i-Ireland ibe neencopho ezingama-29 ezilandelelanayo; iMexico ibe neencopho ezingama-78 kwiinyanga ezingama-80; iJapan ibe neencopho ezili-153 ezilandelelanayo!
Yisebenzise Kakuhle Inkululeko Oyinikwe NguThixo
22. Uyintoni umongo wemibuzo exhokonx’ ingcinga esinokuzibuza yona?
22 Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova azahluleleyo, ngaba uyisebenzisa kakuhle inkululeko uThixo akunike yona? Ngamnye wethu usenokuzibuza: ‘Ngaba ndikuphaphele ukuyisebenzisa inkululeko endiyinikwe nguThixo ukuze ndikuphephe ukukhubekisa nabani na ngehambo ephosakeleyo? Ngaba ngokunyaniseka ndiyayithobela imithetho kaKesare, ngoxa ndibeka imithetho kaThixo kuqala? Ngaba ndisebenzisana ngokupheleleyo nabadala ebandleni? Ngaba ndiyisebenzisa ngokupheleleyo inkululeko endiyinikwe nguThixo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo? Ngaba ndihlala “ndiphuphuma umsebenzi weNkosi”? Ngaba ndizabalazela ukuzenzel’ igama kumsebenzi osisigxina wehlabathi ngoxa bendinokuyisebenzisa kakuhle inkululeko endiyinikwe nguThixo ngokwandisa ubulungiseleli bam, ndizabalazela iimbopheleleko ezingakumbi ebandleni okanye kwinkonzo yexesha elizeleyo?’—1 Korinte 15:58.
23. Yintoni esifanele siyenze ukuze sibonakale ukuba siyayiqonda injongo yenkululeko esiyinikwe nguThixo?
23 Kwanga sonke ‘singeva, sibone ukuba ulungile uYehova.’ (INdumiso 34:8) Masikholose ngaye, siphile ngokuvisisana nemithetho yakhe, size sizukise igama lakhe elingcwele ngokuvakalisa uBukumkani bakhe ngenzondelelo. Khumbula ukuba abo ‘bahlwayela ngesisa bovuna kwangesisa.’ (2 Korinte 9:6) Ngoko ke, masinikele inkonzo yentliziyo iphela kuYehova size sibonise ukuba siyayiqonda injongo yenkululeko esiyinikwe nguThixo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ UThixo unenkululeko enjani?
◻ Inkululeko yabantu inayiphi imida?
◻ Yenziwa yaba nokufumaneka njani inkululeko yokwenyaniso?
◻ Simele senze ntoni ukuze siphephe ukungayiqondi injongo yenkululeko esiyinikwe nguThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Inkululeko yabantu isikelw’ umda ngoothunywashe abafana nomthetho womxhuzulane