“Xhobani Sonke Isikrweqe SikaThixo”
AMAKRISTU anxibe isikrweqe? Kutheni efanele aphathe izixhobo ezinjalo zemfazwe? Ngaba akangobathandi boxolo? (2 Timoti 2:24) Ewe, angabo. Sekunjalo, onke amaKristu okwenyaniso asemfazweni—imfazwe angalweli kubulala kuyo, kodwa alwela ukoyisa.
Ukuba uSathana wayengavukelanga, umlo onjalo ngewungazange ube yimfuneko. Kodwa wavukela, yaye walahlekisa uAdam noEva ukuba bamthelele kwimvukelo yakhe. Ukususela ngoko inkqubo yehlabathi eye yabakho ilele kumandla “ongendawo,” uSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Abo bazithoba kulowo unelungelo lokuba nguMongami, uYehova, bamele bayichase impembelelo yehlabathi neyomlawuli walo. Bamele balwele ubomi babo bokomoya. Ngenxa yoko, amaKristu ayabongozwa: “Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.”—Efese 6:11.
Isikrweqe
Phawula ukuba kufuneka sibe naso “sonke isikrweqe sikaThixo” ukuba siza kukhuseleka ngokupheleleyo. Ngoko, makhe siqwalasele inxalenye nganye yesi sikrweqe njengoko sichazwe ngumpostile uPawulos size sizihlolisise ngokunyanisekileyo ukuze sibone enoba siyixhotyiselwe ngokupheleleyo kusini na imfazwe yokomoya.—Efese 6:14-17.
“Misani ke ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu.” (Efese 6:14a) Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile amajoni ayebhinqa ibhanti yesikhumba enobubanzi obuziisentimitha ezili-15. Lo mbhinqo wawunceda ekukhuseleni isinqe. Xa ijoni laliwuqinisa umbhinqo walo, oku kwakubonisa ukuba selilungele undikho edabini.
Ngoko, hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba inyaniso kaThixo ifaniswe nombhinqo wejoni! Oku kubonisa kakuhle ukuba sifanele siligcine ngokusondele kakhulu kuthi iLizwi likaThixo lenyaniso, ngokungathi silibhinqile. Sifanele sicamngce nzulu ngoko kuqulethwe liLizwi likaThixo. Oku kuya kusikhusela singalahlekiswa bubuxoki nazizinto ezikhohlisayo. Ngaphezu koko, amazwi aphuma emlonyeni kaYehova aya kusixhasa aze asomeleze ngokomoya yaye omeleze ingqibelelo yethu.
“Ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa.” (Efese 6:14b) Isigcina-sifuba sejoni sasikhusela elona lungu lomzimba libalulekileyo—intliziyo. Ngoko, kwisikrweqe sethu sokomoya esisinikwe nguThixo, ubulungisa bukhusela intliziyo yethu. NgokweZibhalo, intliziyo ikufuzisela kakuhle oko sikuko ngaphakathi—iimvakalelo, iingcinga neminqweno yethu. Ekubeni iBhayibhile kwakhona isithi intliziyo ityekele ebubini, kubalulekile ukuhlakulela uzimiselo lokubambelela kumlinganiselo kaYehova wobulungisa. (Yeremiya 17:9) Ukuthobela uThixo akumele kube yimbonakaliso yangaphandle yokuhanahanisa kumele kusuke ngaphakathi. Oku kuthetha ukuba kufuneka sikhulise uthando olomeleleyo ngobulungisa nentiyo enkulu ngendlela efanayo ngokuchas’ umthetho. (INdumiso 45:7) Ngaloo ndlela intliziyo yethu iya kukhuseleka.
“Nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.” (Efese 6:15) Ngaba iinyawo zakho zibotshwe ngale ndlela? Ngaba zikusa rhoqo kubulungiseleli basentsimini ukuze uvakalise iindaba ezilungileyo? Ngaba uzabalazela ukuphucula umgangatho womsebenzi wakho wokushumayela nowokufundisa? Liyinyaniso elokuba, ngokomlinganiselo othile kweminye imimandla akubikho ntsabelo. Abantu basenokungabi namdla, bangakhathali, okanye bachase. Sisenokude sitshutshiswe ngenxa yokushumayela kwethu. Kodwa ngokuzingisa, amaKristu avelisa unyamezelo, uphawu olukhuselayo kwiintlaselo zikaSathana. Nangona wayetshutshiswa, uPawulos wayengumshumayeli onenzondelelo, yaye sikhuthazwa ukuba ‘sibe ngabaxelisa yena njengokuba yena wayexelisa uKristu.’—1 Korinte 11:1.
Ukuhlala sixakekile kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani komeleza intembelo yethu kwiindaba ezilungileyo. Ngokungakumbi, kuvumela umoya kaYehova ukuba usebenze ngathi ekuphunyezweni kokuthanda kwakhe. Enyanisweni umsebenzi onjalo usenza sibe ngabasebenza nezithunywa zezulu—kwanoYehova uThixo ngokwakhe. (1 Korinte 3:9; ISityhilelo 14:6) Yaye ukuhlala ‘siphuphuma umsebenzi weNkosi’ kusenza ukuba ‘siqine, singabi nakushukuma.’ (1 Korinte 15:58) Olunjani lona ukubaluleka ukhuseleko oku okulunikelayo!
“Qubulani ikhaka [elikhulu, “NW”] lokholo.” (Efese 6:16) Ijoni lamaxesha amandulo lalizikhusela kwimikhonto nakwiintolo ngekhaka elikhulu. Ukuba lalingalisebenzisi ikhaka, lalinokungxwelerheka kakhulu okanye libulawe nokubulawa. AmaKristu ajamelene nezixhobo ezibulala ngakumbi—“iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo.” Ezi ziquka zonke izinto uSathana azisebenzisayo ukuze enze buthathaka ukholo lwethu aze asibulale ngokomoya. Ziquka intshutshiso, ubuxoki, iintanda-bulumko zehlabathi ezikhohlisayo, umtsalane wezinto eziphathekayo nokulukuhlelwa ukuba sibandakanyeke ekuziphatheni okubi. Ukuze sizikhusele kuzo zonke ezi zinto, sifanele sibe nekhaka elikhulu. Akukho ndawo kuthi enokushiywa ingakhuselekanga.
UAbraham nomfazi wakhe, uSara, babenokholo olomeleleyo. Xa babegqithile kubudala bokufumana umntwana, baba nokholo kwidinga likaThixo lokuba imbewu yayiza kuzalwa ngabo. Kamva, uAbraham wabonisa ukholo olubalaseleyo xa wathobela umyalelo wokunikela ngoIsake, okuphela konyana awayemzalelwe nguSara othandekayo. UYehova wasinqanda isandla sika-Abraham waza wamnika enye into awayenokunikela ngayo. Kodwa uAbraham wayekulungele ukuthobela. Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba wayenokholo olupheleleyo lokuba uYehova wayenokumvusa unyana wakhe aze azalisekise amadinga awayewenze ngaye.—Roma 4:16-21; Hebhere 11:11, 12, 17-19.
NoMoses wayenohlobo lokholo esilufunayo. Wabuchasa ubutyebi baseYiputa, kunoko wanyula ukuphathwa kakubi nabantu bakaThixo. Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba wayenokholo lokuba uYehova ukho yaye wayeza kuzisa usindiso kumaSirayeli. Ukholo lukaMoses lwalomelele kangangokuba “wakrota wanga uyambona lowo ungenakubonwa.”—Hebhere 11:6, 24-27.
Ngaba sinokholo olunjalo kuYehova? Ngaba ulwalamano lwethu noYehova lusondele kangako ngokokude kube ngathi sinokumbona? Ngaba sikulungele ukuzincama nangaluphi na uhlobo okanye ukunyamezela nabuphi na ubunzima ukuze silondoloze ulwalamano lwethu noThixo? Ngaba sinokholo olupheleleyo kuYehova? (Hebhere 11:1) Ukuba kunjalo, iintolo ezinomlilo zikaSathana aziyi kuthubeleza kwikhaka lethu lokholo.
“Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso.” (Efese 6:17a) Isigcina-ntloko sejoni sasikhusela intloko yalo yaye ngaloo ndlela sikhusela ubuchopho—ilungu elilungelelanisa imithambo-luvo nelokucinga. Ithemba lamaKristu losindiso lifaniswa nesigcina-ntloko ngenxa yokuba likhusela ingqondo. Ingqondo yomKristu yenziwe ntsha ngolwazi oluchanileyo, kodwa iseyeyomntu obuthathaka nongafezekanga. (Roma 7:18; 12:2) Ukuba sivumela ingqondo izondle ngokucinga okungacocekanga okutshabalalisa ukholo okuveliswa ngumoya weli hlabathi, intembelo yethu kusindiso iya kuncipha yaye ekugqibeleni isenokuphela. Kwelinye icala, ukuba ngamaxesha onke iingqondo zethu sizondla ngamazwi omelezayo kaThixo, ithemba lethu liya kuhlala liqaqambile yaye licacile. Ngaba uhlala usifake ngokuqinileyo isigcina-ntloko sosindiso?
“Ikrele loMoya, elililizwi likaThixo.” (Efese 6:17b) Isaci esithi eyona ndlela ilungileyo yokuzikhusela kukubetha kuqala siyinyaniso kwimfazwe eliwa ngamaKristu. Njengoko iinyawo zethu, ezibotshwe ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo, zisisa phakathi kwabangakholwayo, asishiywanga singenasixhobo. ILizwi likaThixo, iBhayibhile, linjengekrele elinamandla lokuxabela ubuxoki bokomoya neembono eziphosakeleyo lize lincede abantu abaneentliziyo ezilungileyo bafumane inkululeko yokomoya.—Yohane 8:31, 32.
UYesu wabonisa amandla esi sixhobo xa, ngokungathi kunjalo, wayesilwa noSathana uMtyholi. Xa wayehendwa entlango, uYesu wazikhusela kwiintlaselo ezintathu zikaSathana ngokulisebenzisa ngokuphumelelayo iLizwi likaThixo esithi: “Kubhaliwe kwathiwa.” (Mateyu 4:1-11) Ukuba sifunda ukulisebenzisa ngobuchule eli krele, sinokunceda abalulamileyo ukuba bakhululeke kumandla kaSathana. Ngoko, kwanabadala bamabandla basebenzisa iLizwi likaThixo ukukhusela umhlambi kubantu abazama ukutshabalalisa ukholo lwabo babuthathaka.—IZenzo 20:28-30.
Ubuchule bejoni bokusebenzisa ikrele abuyonto ebakho nje ngokulula. Kufuna uqeqesho noqheliselo lokuzinikela lwexesha elide ukuze lilisebenzise ngobuchule. Ngokufanayo, kwimfazwe yokomoya kufuneka ufundisiso olungakumbi noqheliselo oluthe rhoqo kubulungiseleli ukuze ulisebenzise ngobuchule iLizwi likaThixo. Ngokuqinisekileyo, masenze umgudu oyimfuneko ukuze sibe ngabantu abanobuchule abasebenzisa ikrele lokomoya, sikwazi ‘ukuliphatha kakuhle ilizwi lenyaniso.’—2 Timoti 2:15, NW.
Thandazani, Nime Niqinile
Zonke iinxalenye zesikrweqe sokomoya zibalulekile ekulondolozeni ingqibelelo kuThixo. Kodwa singasinxiba njani esi sikrweqe? Ukufundisisa rhoqo iBhayibhile, ukulungiselela kusengaphambili iintlanganiso zamaKristu, size ke siphulaphule ngenyameko nokuba nenxaxheba ngenkuthalo kuzo kuya kusinceda ukuba sihlale sisinxibile isikrweqe sethu. (2 Timoti 3:16; Hebhere 10:24, 25) Ukuya rhoqo nokuba nenzondelelo kubulungiseleli basentsimini nonxulumano oluhle lwamaKristu nako kuya kusinceda sisigcine sikwimeko entle isikrweqe sethu sokomoya sokuhlasela nesokuzikhusela sisigcine sikwimeko entle.—IMizekeliso 13:20; Roma 15:15, 16; 1 Korinte 15:33.
Nokuhlakulela isimo sengqondo esilungileyo kubalulekile. Simele sikwale ukuvumela izinto ezinomtsalane zeli hlabathi ukuba zisiphazamise. Kunoko, masihlakulele ‘iliso elingenakumbi.’ (Mateyu 6:19-24) Ekuxeliseni uYesu Kristu, kwakhona simele sithande ubulungisa size sithiye ukuchas’ umthetho. (Hebhere 1:9) Zonke ezi zinto ziyasinceda ukuba sihlale sisinxibile isikrweqe sethu sokomoya esisinikwe nguThixo.
Emva kokuxubusha ngenxalenye nganye yesikrweqe sokomoya, uPawulos uqukumbela ngokuthi: “Ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele.” (Efese 6:18) Amajoni anyanisekileyo ahlala enxibelelene nekomkhulu lomkhosi aze athobele imiyalelo. Njengamajoni angamaKristu, sifanele sihlale sinxibelelene noMongami wethu, uYehova uThixo, ‘ngomwisi-mthetho wakhe ezizweni,’ uYesu Kristu. (Isaya 55:4) Oku kunokwenziwa, kungekhona ngemithandazo engekho nzulu, kodwa ngokukhunga okunyanisekileyo okubonisa ukusondela nokuzinikela okunzulu kuYehova. Ngokuthetha rhoqo noYehova, mhla ngamnye sifumana amandla okusomeleza kule mfazwe.
UYesu wathi: “Ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:33) Kwakhona uYehova ufuna ukuba nathi soyise. Njengoko ukufa kukampostile uPawulos kwakusondela, wayenokuthi: “Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.” (2 Timoti 4:7) Ngamana singakwazi ukuvakalisa amazwi afanayo ngendima yethu kule mfazwe. Ukuba sikunqwenela ngokwenene oku, ‘masibuchase ubuqhinga boMtyholi’ ngokunxiba sonke isikrweqe esinokusifumana kuThixo.—Efese 6:11.