Unokuhlangabezana Nonxunguphalo!
KHAWUCINGE ngemeko elusizi yomfana othile oneminyaka engama-23 ubudala. Unemfundo nje elinganiselweyo yaye usebenzela umvuzo ophantsi. Ubonakala engaphuphi nokuphupha ngokutshata nokuphila ubomi obanelisayo. Ayimangalisi into yokuba unina athi: “Usentlungwini yaye unxunguphele gqitha.” Imeko yeli tyendyana lomfana ifana naleyo yabanye abazizigidi. Ngesizathu esithile, abantu kuzo zonke iinkalo zobomi banxunguphele.
Unxunguphalo ‘yimvakalelo okanye yimeko enzulu yokunganqabiseki ehlala ihleli, kukutyhafa nokunganeliseki okubangelwa yiminqweno engazalisekiswayo, kukungabi naluxolo, okanye zezinye iingxaki ezingacombululekiyo.’ (Webster’s Third New International Dictionary) Siyanxunguphala xa sizama nzima gqitha ukuphumeza into ethile kodwa singaphumeleli. Siziva sikatya ngalo lonke ixesha, ngokungathi besizingquba ngentloko eludongeni lwamatye, asiphumeleli nakancinane. Sonke sikhe sibe nayo loo mvakalelo.
Abasebenzi abakwimisebenzi ebonakala inganelisi basenokuziva bengaxabisekanga. Ukuba akukho bani ubabulelayo ngomsebenzi wabo, abafazi okanye oomama abalwa namaxhala nemisebenzi eqobayo yemihla ngemihla basenokuziva benganelisekanga, bengaxatyiswanga. Abantu abaselula abajamelana nezilingo esikolweni basenokuziva benxunguphele kwimigudu yokufumana imfundo. Amalungu ohlanga oluligcudwana asenokuziva engonwabanga, eyisekile kukuba angamaxhoba ocalucalulo olungekho sikweni. Oosomashishini abazama ngokunyanisekileyo ukunikela iimveliso okanye iinkonzo ezisemgangathweni basenokutshoniswa ngokwemali ngabo bakhuphisana nabo abangakhathaliyo nabanganyanisekanga. Ezi zinto namanye amava afana nazo zibangela unxunguphalo zize zishiye abaninzi beneemvakalelo zokungabi nathemba.
Indoda esisilumko eyayiphila kwiinkulungwane ezadlulayo yakwazi ukuvakalisa ngamazwi unxunguphalo lwayo ukuze siqonde. Ukumkani wakwaSirayeli uSolomon wathi: “Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzayo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga. Ngokuba umntu uba nantoni na ngemigudu yakhe yonke, nangenzondelelo yentliziyo yakhe, aphuka yiyo yena phantsi kwelanga? Ngokuba imihla yakhe yonke inomvandedwa, nasekuzameni kwakhe ukhathazekile, nasebusuku ayiphumli intliziyo yakhe; kwanaloo nto ingamampunge.” (INtshumayeli 2:11, 22, 23) Amazwi kaSolomon avakalisa ukuphelelwa lithemba abaninzi gqitha ababa nako xa bezama ukuhlangabezana nonxunguphalo olubabandeza ubomi obunomvuzo.
Abantu abanxungupheleyo basenokude baphelelwe lithemba. Kwiimeko eziqatha bambi baye bawuyeka lo mlo, bazahlula kwibutho labantu ukuze baphile ubomi bobungantweni. Ukuze bazuze oko bavakalelwa kukuba bamele bakufumane, bambi baye babhenela kulwaphulo-mthetho nakugonyamelo. Iingcinezelo ezingapheliyo ziye zaqhawula amaqhina omtshato naweentsapho.
Uninzi lwethu kusenokufuneka lwenze umgudu omkhulu ekufuneni iindlela zokuhlangabezana nonxunguphalo. Phezu kwako nje oko sikwenzayo, izinto zisenokubonakala zisiba mbi ngakumbi. IMizekeliso 13:12 ithi: “Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo.” Impilo yethu yasemzimbeni neyokomoya isenokuba sengozini. Ngaba alikho ithemba kule meko? Ngaba simele sihlale sinxunguphele ngalo lonke ixesha njengesohlwayo sokusilela okanye seempazamo zethu? Ngaba kunokuthatyathwa amanyathelo asebenzisekayo ekuhlangabezaneni nonxunguphalo ukuze kunanditshwe ubomi obanelisa ngakumbi? Makhe sibone.
Iindlela Ezithile Zokuhlangabezana Nonxunguphalo
Xa sinengxaki yaye sifuna icebiso, sidla ngokuya kumntu onolwazi nonamava esinokukholosa ngaye. IMizekeliso 3:5, 6 incomela oku: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.” Icebiso elisebenzisekayo linokufunyanwa kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. Khawuqwalasele imizekeliso ethile yobulumko eliyinikelayo.
Unxunguphalo lusenokuveliswa kukuzama ukuziphilisa. Ngokomzekelo, umsebenzi wethu wempangelo usenokwanelisa, kodwa imivuzo ephantsi isenokubangela udandatheko. Siyazithanda iintsapho zethu yaye sizifunela okona kulungileyo. Sekunjalo kubonakala kungapheli ukuxhalela iimbopheleleko zethu zemali. Sisenokusebenza ixesha elongeziweyo yaye side sibe nomsebenzi wesibini. Ekuhambeni kwexesha ubomi bubonakala bungumjikelo oyindinisa wokutya, wokulala nowokusebenza. Sekunjalo, izaziso zamatyala ziyafumba, amatyala ayanda, yaye unxunguphalo luba qatha.
Eyona njongo iphambili yomsebenzi wempangelo kukuxhasa iintswelo zethu. Kodwa sifuna izinto ezingakanani? Umpostile uPawulos wabhala: “Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.” Ngaba sizama ukufumana okungakumbi kunoko nokufumana izinto abanazo abanye okanye abakwaziyo ukuzenza? Ukuba kunjalo, kusenokuba sivuna imiphumo ngonxunguphalo. UPawulos walumkisa: “Abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi; abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.” (1 Timoti 6:7-10) Ukuhlolisisa ngokunyanisekileyo usukelo lwethu lwezinto eziphathekayo kusenokutyhila izinto esingazifuniyo ngokupheleleyo. Ukwenza uhlengahlengiso olusengqiqweni lokukonga oko sinako nokuphila ubomi obulinganiselweyo kusenokuba luncedo gqitha ekunciphiseni unxunguphalo lwethu.
Iminqweno yokwemvelo engafezekiswanga iye yabangela unxunguphalo olukhulu. Ngokomzekelo, kungokwemvelo ngebhinqa eliselula ukuba libe nomnqweno onzulu wokutshata lize lizuze unqabiseko nothando olufudumeleyo oluhambisana nobomi bentsapho. Lisenokuchitha ixesha lenze nomgudu omkhulu lizenza libe nomtsalane ngakumbi ngeefashoni ezikhoyo okanye ngezinto zokuzenza libe lihle yaye lisenokukhuthalela ukufunda iincwadi ezinikela amacebiso kubantu abadanileyo ngenxa yokungathandwa. Ibhinqa lisenokuzityhutyha iimbutho zokuzonwabisa linethemba lokubonana nomntu ofanelekileyo—yonke loo nto ingaphumeleli. Iminyaka iyaqengqeleka, yaye unxunguphalo alunyamezeleki. Liphelelwe lithemba lisenokuhendelwa ukuba litshate nomntu ongafanelekanga. Kanti okubi ngakumbi, ukuze lanelise umnqweno walo wokuthandwa, lisenokuziphatha kakubi.
Kwimeko enjalo, umonde kunye nengqiqo ziyimfuneko. Ukutshata nomntu ongafanelekanga—ngokukodwa ongakholwayo kuYehova—kungayimpazamo eyintlekele. (1 Korinte 7:39; 2 Korinte 6:14, 15) Ukuziphatha okubi kukhokelela ngokungaphephekiyo kwintlungu nasekuphelelweni lithemba. (IMizekeliso 6:32, 33) Ukuzihlolisisa ngokunyanisekileyo, ndawonye nendlela esengqiqweni yokuqhubana nale ngxaki, kunokunceda. “Umoya onobulali, ozolileyo” unokutsala uhlobo olulungileyo lweqabane lomtshato ngokulunge ngakumbi kunoko kunokwenziwa ziimpahla zefashoni nezinto zokuthambisa ezingaqhelekanga. (1 Petros 3:3, 4) Kunokuba uthembele ngamacebiso eengcali zehlabathi ngokufuthi angabonisi nkathalo okanye angabalulekanga, kubalulekile ukuya kuMsunguli womtshato ukuze ufunde oko kufunekayo ukuze ube ngumfazi othandwayo noxatyiswayo. (IMizekeliso, isahluko 31) Abafana namabhinqa angatshatanga bafanele bazame ukubonakalisa iimpawu abangazinqwenela kwiqabane. Hayi indlela ekububulumko ngayo ukufumana unxulumano olulungileyo nabantu abahlonela imigaqo yeBhayibhile. Ukuba siyayisebenzisa ebomini, ithemba lethu lokufumana umtshato owonwabisayo liya kuhlala lilungile. Nokuba asitshati ngoko nangoko, ukwenza ngokuvisisana neZibhalo kuya kuzisa uvuyo kuze kwenze ubomi bokungatshati bube yingenelo gqitha.
Umthwalo onzima weembopheleleko usenokusifikisa kwinqanaba lokuba sibe nomsindo. Kusenokubakho iingcinezelo ezivela kuwo onke amacala. Sixhalabile ngenxa yeentswelo ezicinezelayo zentsapho yethu, yaye umqeshi wethu usenokungaze aneliseke. Izizalwana zisenokulindela ukuba sizincede ngalo lonke ixesha xa kukho ingxaki. Ngenxa yeengcinezelo ezininzi, imicimbi yobuqu emininzi nekudala singayikhathalele ifuna ukuba siyinikele ingqalelo. Kusenokubonakala ukuba ixesha namandla ethu amele asetyenziswe kwizinto ezininzi ngexesha elinye. Unxunguphalo lusenokucaphukisa, yaye sisenokuziva sinqwenela ukunikezela. Ngoko, sifanele senze ntoni?
Siya kuba silumkile ukuba sihlolisisa ngokutsha izinto eziza kuqala kuthi. Ekubeni isikelwe umda into esinokuyenza, akunakwenzeka ukuba siphumeze zonke izinto ezifunwa ngabanye kuthi. Sifanele sizinciphise iingxaki sixakeke ‘zizinto eziziincamisa.’ (Filipi 1:10) Ngapha koko, “inja esaphilayo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo.” (INtshumayeli 9:4) Zimbi iimbopheleleko zibalulekile yaye azimele zibekelwe ecaleni, ngoxa ezo zingabalulekanga kangako zisenokubekelwa ecaleni. Sisenokuzithwalisa imbopheleleko ngemisebenzi ethile efanele ukuba yenziwa ngabanye. Kusenokufuneka zisuswe ngokupheleleyo ezinye iimbopheleleko ukuba azibalulekanga. Nangona oku ekuqaleni kunokubaphazamisa okanye kubadanise abanye, simele sikuhlonele ukusikelwa kwethu umda ngokomzimba nangokweemvakalelo.
Isifo esityhafisayo sinokuzisa unxunguphalo oluqatha, kuba sisenokusilalisa kangangeentsuku okanye maxa wambi kangangeeveki. Intlungu eqatha inokusenza singonwabi. Sifuna unyango, sisenokuya koogqirha ngoogqirha okanye sisenokusela amayeza okanye iivitamini ezininzi ngethemba lokuba zisenokusinceda. Sekunjalo, sisenokuqhubeka sibandezeleka yaye sisenokuqalisa ukuthandabuza enoba ubomi buwufanele kusini na lo mgudu.
Le isenokuba yingxaki enokupheliswa kuphela kwihlabathi elitsha likaThixo. (2 Petros 3:13; thelekisa uIsaya 33:24.) Ekubeni abantu bengafezekanga, oogqirha namayeza banokwenza kuphela into esikelwe umda. Ngezinye izihlandlo kusenokufuneka sikwamkele ukubandezeleka kwethu njengenxalenye yobomi. Umpostile uPawulos ‘wayenoviko enyameni,’ mhlawumbi kukukhathazwa ngamehlo okanye lelinye ilungu lomzimba wakhe, lwalumkhathaza gqitha kangangokuba wathandazela ukukhululwa ngokuphindaphindiweyo. (2 Korinte 12:7-10) Kodwa uThixo akazange amphilise uPawulos, yaye mhlawumbi lo mpostile kwafuneka ajamelane noko kubandezeleka de afe. Wahlala nokubandezeleka kwakhe, akazange acele ukuba avelwe usizi, kwaye akazange aphulukane novuyo lwakhe. (2 Korinte 7:4) Nangona indoda eyayithe tye uYobhi yabandezeleka gqitha, yalugcina ukholo lwayo kuYehova, yaye oku kwakhokelela kumvuzo otyebileyo. (Yobhi 42:12, 13) Ukuba singabakhonzi bakaThixo, sinokufumana amandla okuqhubela phambili ngokucamngca ngale mizekelo nangokuthandazela ukuncedwa nguYehova.—INdumiso 41:1-3.
Ukomelela Phezu Kwalo Nje Unxunguphalo
Abantu bakaYehova banokomelela ngokomoya phezu kwalo naluphi na unxunguphalo. Ngokomzekelo, nangona kusenokufuneka ukuba sinyamezele ukugula, sinokuhlala ‘siphilile elukholweni’ ngokusebenzisa ngokunengenelo amalungiselelo okomoya kaThixo. (Tito 2:1, 2) Nangona sisenokuba ngamahlwempu ngendlela enxunguphalisayo ngezinto eziphathekayo, sinokuba zizityebi ngokumangalisayo ngokomoya.
Ngokuthembela ngoThixo ukuba asiphe ubulumko namandla, sinokuhlangabezana nonxunguphalo olusenokuvela kwiimeko zasekhaya. Ngokomzekelo, khawucinge ngoAbhigali, umfazi kaNabhali. UNabhali ‘wayeyingcuka, zimbi iintlondi zakhe,’ yaye igama lakhe lithetha ukuthi “Onobudenge; Isityhakala.” Hayi indlela ekumele ukuba kwakunxunguphalisa ngayo ukuhlala nendoda enjalo! Sekunjalo, uAbhigali wahlala ‘enengqondo entle’ yaye akazange aphelelwe lithemba. Eneneni, ayenengqiqo amazwi nezenzo zakhe ebudeni bamanqam kangangokuba weyisela uDavide ekubeni angaziphindezeli izinyeliso nokungabi nambulelo kukaNabhali ngokuphalaza igazi nangokungakholosi ngoYehova.—1 Samuweli 25:2-38.
Nokuba imeko ebandakanya umntu onxulumene nebandla lamaKristu ibangela ukuba sinxunguphale, sinokunyamezela ngamandla anikelwa nguYehova. Oku kuboniswa sisibakala sokuba ihambo kaDiyotrefe eyayinokubangela unxunguphalo ayizange ithintele indoda eyayihlonela uThixo uGayo ekwenzeni okulungileyo yaye ngaloo ndlela yafumana ulonwabo nemivuzo yokomoya etyebileyo.—IZenzo 20:35; 3 Yohane 1-10.
Sisenokunxunguphala ukuba sinqwenela ukukhonza abantu esikhonza nabo ebandleni kodwa singamiselwa xa abanye bemiselwa njengabadala okanye njengezicaka zolungiselelo. Noko ke, kunokuba sivumele ukudana kusigubungele, masifune ukuzomeleza ngokomoya size sivumele umoya kaThixo uvelise iziqhamo zawo ezihle ngomlinganiselo omkhulu kuthi. (Galati 5:22, 23) Ebudeni beminyaka engama-40 uMoses awayichitha kwaMidiyane, uThixo wavelisa kuye ngomlinganiselo ophakamileyo ululamo, umonde nezinye iimpawu ezazifuneka ekuhlangabezaneni nobunzima nonxunguphalo awayeza kujamelana nalo njengenkokeli yamaSirayeli. Ngokufanayo, kusenokwenzeka ukuba uYehova usilungiselela amalungelo enkonzo kwikamva esisenokuwafumana ukuba sihlala somelele ngokomoya size singanikezeli kunxunguphalo.
Ukukhululeka Kunxunguphalo—Kungekudala!
Lungakhathaliseki ukuba lunjani na, ngaba unxunguphalo lwethu luya kuze luphele? Kuthi, imeko yethu isenokubonakala iyenganiki themba kodwa akunjalo kuMdali wethu, uYehova uThixo. Akanxunguphali. Esebenzisa umprofeti uIsaya, uThixo wathi: “Liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.” (Isaya 55:11) Ekubeni uYehova enamandla negunya elingenakuthintelwa, ayikho into engamoyisa. (Marko 10:27) Amadinga akhe okuzisa iintsikelelo ezingapheliyo kubantu bakhe aza kuzaliseka ngokuqinisekileyo.—Yoshuwa 21:45.
Ukuthandabuza nokungaqiniseki zizinto eziphambili ezibangela unxunguphalo. Noko ke, ngokwahlukileyo koko, “ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo.” (Hebhere 11:1) Ukukholwa kuThixo kunikela isiqinisekiso sokuba onke amathemba ethu asekelwe eBhayibhileni aza kuzaliseka ngokupheleleyo. Umxholo wayo yonke iBhayibhile ubalaselisa idinga likaYehova lolawulo loBukumkani, apho umhlaba uya kuba yiparadisi efezekileyo apho abantu abangamalungisa beya kuphila bevuyile ngonaphakade. (INdumiso 37:11, 29) Yonke into embi—kuquka unxunguphalo—iya kuba ingasekho, kuba uThixo uya ‘kuwanelisa umnqweno wazo zonke izinto eziphilileyo.’—INdumiso 145:16, NW.
Sonke siseza kunxunguphala, de ezo ntsikelelo zizaliseke. Kodwa ithemba leZibhalo linokusinika inkalipho namandla ukuze sinyamezele. Isiluleko sobulumko esisifumana eBhayibhileni sinokusibonisa indlela yokusebenzisa ugwebo olulungileyo nokuqiqa ngendlela eya kuzisa ukomelela kubomi bethu noxolo kwiintliziyo zethu. Phezu kwako nje ukudana esiba nako, sinokunandipha “uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda.” (Filipi 4:6, 7) Ngoko idabi lokulwa nonxunguphalo asililo elinganik’ ithemba. Ngoncedo lukaYehova sinokuhlangabezana nalo namhlanje size siloyise kwikamva.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 31]
UThixo unokukunceda uhlangabezane nonxunguphalo, kanye njengokuba wanceda uYobhi, uMoses, uAbhigali, noPawulos