“Simfumene UMesiya”!
“Yena [uAndreya] ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, Simfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu).”—YOHANE 1:41.
1. Yintoni uYohane umBhaptizi awayingqinayo ngoYesu waseNazarete, yaye wagqiba ngelithini uAndreya ngaye?
UANDREYA wayondela ithuba elide indoda engumYuda ebizwa ngokuba nguYesu waseNazarete. Yayingabonakali njengokumkani, okanye indoda esisilumko, okanye urabhi. Yayinganxibanga izambatho ezimbejembeje zasebukhosini, ingenazimvi, zaye nezandla zayo zingathambanga nolusu lwayo lungagudanga. UYesu wayeselula—emalunga nama-30 eminyaka ubudala—enezandla ezigadalala nolusu olumbatshileyo lomntu owenza umsebenzi wezandla. Ngoko uAndreya usenokuba akazange othuke akuva ukuba wayengumchweli. Sekunjalo, uYohane umBhaptizi wathi ngale ndoda: “Nantso iMvana kaThixo.” Ngosuku olungaphambi kolo, uYohane wayethethe into ekhwankqisa kwanangakumbi: “Lo nguye uNyana kaThixo.” Ngaba oku kwakunokuba yinyaniso? UAndreya wazipha ithuba lokuphulaphula uYesu ngolo suku. Asazi ukuba uYesu wathini na; into esiyaziyo kukuba amazwi akhe abuguqula ubomi buka-Andreya. Wahambela phezulu ukuya kubiza umntakwabo, uSimon, waza wadanduluka esithi: “Simfumene uMesiya”!—Yohane 1:34-41.
2. Kutheni kubalulekile ukuhlolisisa ubungqina bokuba uYesu wayenguMesiya othenjisiweyo kusini na?
2 UAndreya noSimon (awathi uYesu wamthiya gama limbi elinguPetros) bathi kamva baba ngabapostile bakaYesu. Kwisithuba esingaphezu kweminyaka emibini engumfundi kaYesu, uPetros wathi kuye: “Wena unguye uKristu [uMesiya], unyana kaThixo ophilileyo.” (Mateyu 16:16) Ekugqibeleni abapostile nabafundi abathembekileyo bazingqina bekulungele ukuncama ubomi babo ngenxa yaloo nkolelo. Namhlanje, izigidi zabantu abanyanisekileyo zizinikele ngokufanayo. Kodwa oko kusekelwe kubuphi ubungqina? Ngapha koko, ukubakho kobungqina kuko okwenza umahluko phakathi komntu okholwayo nonguvumazonke. (Bona amaHebhere 11:1.) Ngoko masihlolisise ubungqina obuziinkalo ezintathu bokuba ngokwenene uYesu wayenguMesiya.
Umlibo Wokuzalwa KukaYesu
3. Incwadi yeVangeli kaMateyu nekaLuka zinaziphi iinkcukacha ngomlibo wokuzalwa kukaYesu?
3 Umlibo wokuzalwa kukaYesu ububungqina bokuqala iZibhalo zamaKristu zesiGrike ezibunikelayo ukuxhasa isibakala sokuba wayenguMesiya. IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba uMesiya wayeya kuvela kumnombo wendlu kaKumkani uDavide. (INdumiso 132:11, 12; Isaya 11:1, 10) Incwadi yeVangeli kaMateyu iqalisa ngokuthi: “Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.” UMateyu uyixhasa le ngxelo ingqalileyo ngokulanda umlibo wokuzalwa kukaYesu ngomnombo kayise owamkhulisayo, uYosefu. (Mateyu 1:1-16) Incwadi yeVangeli kaLuka iwulanda umlibo wokuzalwa kukaYesu ngonina wokwenyama, uMariya, ukuhla ukusa kuDavide nakuAbraham de kufikelele kuAdam. (Luka 3:23-38)a Ngoko ababhali beencwadi zeVangeli balixhasa ngokucokisekileyo ibango labo lokuba uYesu wayeyindlalifa kaDavide, ngokwasemthethweni nangokwemvelo.
4, 5. (a) Ngaba abantu bomhla kaYesu balicel’ umngeni ibango lokuba wayengowenzala kaDavide, yaye kutheni oku kubalulekile nje? (b) Iimbekiselo ezingezozaBhayibhile ziwuxhasa njani umlibo wokuzalwa kukaYesu?
4 Kwanoyena mchasi ungakholelwayo ukuba uYesu wayenguMesiya akanakulikhanyela ibango lokuba wayengunyana kaDavide. Ngoba? Kukho izizathu ezibini. Esokuqala sikukuba, elo bango laphindaphindwa ngokubanzi eYerusalem kangangamashumi eminyaka ngaphambi kokuba eso sixeko sitshatyalaliswe ngowama-70 C.E. (Thelekisa uMateyu 21:9; IZenzo 4:27; 5:27, 28.) Ukuba elo bango lalilelobuxoki, nawuphi na kubachasi bakaYesu—yaye babebaninzi—wayenokumngqina uYesu enenkohliso ngokusuka nje ahlole umnombo wakhe kwiingxelo zemilibo yokuzalwa kwimizi yolondolozo lweencwadi zembali.b Kodwa ayikho ingxelo yembali yakhe nabani na owakhe wawucel’ umngeni umnombo kaYesu njengosusela kuKumkani uDavide. Ngokucacileyo, elo bango lalingenakuphikiswa. Ngokungathandabuzekiyo amagama okungqina umlibo wokuzalwa kwakhe abaye bawasebenzisa uMateyu noLuka kwiingxelo zabo, bawakhuphela ngokungqalileyo ngokusuka kwiingxelo zikawonke-wonke.
5 Okwesibini, imithombo engeyoyaBhayibhile iqinisekisa ukwamkelwa ngokubanzi komlibo wokuzalwa kukaYesu. Ngokomzekelo, iTalmud ibhala ngorabhi wenkulungwane yesine owayenyelisa uMariya, unina kaYesu, ‘ngokuhenyuza nabachweli’; kodwa kwaeso sicatshulwa sinye siyavuma ukuba uMariya “wayengowomnombo wabathetheli nabalawuli.” Umzekelo wangaphambilana ngowombhali-mbali wenkulungwane yesibini uHegesippus. Wachaza ukuba xa uKesare waseRoma uDomitian wayefuna ukucim’ igama nabani na ongowomnombo kaDavide, zimbi iintshaba zamaKristu okuqala zabagatya abazukulwana bakaYuda, umntakwabo Yesu ngonina, ngelithi “bangabenzala kaDavide.” Ukuba uYuda wayesaziwa njengowomnombo kaDavide, kwakungenjalo na ke ngoYesu? Yinyan’ engenakuphikiswa leyo!—Galati 1:19; Yuda 1:1.
Iziprofeto EzingoMesiya
6. Zininzi kangakanani iziprofeto ezingoMesiya kwiZibhalo zesiHebhere?
6 Obunye ubungqina bokuba uYesu wayenguMesiya ziziprofeto ezizalisekileyo. KwiZibhalo zesiHebhere kukho intabalala yeziprofeto ezisebenza kuMesiya. Kwincwadi yakhe ethi The Life and Times of Jesus the Messiah, uAlfred Edersheim wadwelisa izicatshulwa ezingama-456 kwiZibhalo zesiHebhere ezo oorabhi bamandulo babezigqala njengezibhekisela kuMesiya. Noko ke, oorabhi babeneengcamango ezininzi eziphosakeleyo ngoMesiya; inkoliso yezicatshulwa abalatha kuzo azibhekiseli kuMesiya konke konke. Ukanti ke noko, kukho intaphane yeziprofeto ezifanisa uYesu njengoMesiya.—Thelekisa ISityhilelo 19:10.
7. Ziziphi ezinye zeziprofeto uYesu awazizalisekisayo ebudeni bethuba awayesemhlabeni ngalo?
7 Phakathi kwazo: yidolophu awazalelwa kuyo (Mika 5:2; Luka 2:4-11); indyikitya yokubulawa kweentsana emva kokuzalwa kwakhe (Yeremiya 31:15; Mateyu 2:16-18); wayeya kubizwa ukuba aphume eYiputa (Hoseya 11:1; Mateyu 2:15); abalawuli beentlanga babeya kumanyana ukuze bambhangise (INdumiso 2:1, 2; IZenzo 4:25-28); ukungcatshwa kwakhe ngeengqekembe ezingama-30 zesilivere (Zekariya 11:12; Mateyu 26:15); kwanendlela awayeya kufa ngayo.—INdumiso 22:16, umbhalo osemazantsi kwiNW; Yohane 19:18, 23; 20:25, 27.c
Ukufika Kwakhe Kwakuprofetiwe
8. (a) Sisiphi isiprofeto esalatha ixesha awayeya kufika ngalo uMesiya? (b) Ziziphi iinkalo ezimbini ezimele zaziwe ukuze sisiqonde esi siprofeto?
8 Makhesinikel’ ingqalelo kwisiprofeto nje esinye. KuDaniyeli 9:25, amaYuda axelelwa ixesha awayeya kufika ngalo uMesiya. Sifundeka ngokuthi: “Yazi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyinganga [“kuMesiya oyiNkokeli,” NW], ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini.” Xa usifunda okokuqala esi siprofeto sisenokubonakala sintsonkothile. Kodwa ngengqiqo ebanzi, sifuna siqonde nje iinkalo ezimbini kuphela: ixesha esaqala ngalo kunye nobude bexesha. Ngokomzekelo, ukuba ubunemaphu ekwalathisa kubutyebi obufihlwe kumgama “weekubhite ezingama-50 ngasempuma kwequla kwipaki yedolophu,” usenokuyifumanisa le nkcazelo idida—ingakumbi ukuba ubungalazi kwanalapho likhoyo eli qula, okanye ungazi nokuba ‘ikubhite’ inde kangakanani. Ngaba ubungayi kuzama ukuqonda ezo nkalo zimbini ukuze ukwazi ukufumana obo butyebi? Kunjalo ke kanye nangesiprofeto sikaDaniyeli, ngaphandle nje kokuba kufuneka sifumanise ixesha esiqalisa ngalo kunye nomlinganiselo wobude balo.
9, 10. (a) Zibalwa ukususela nini iiveki ezingama-69? (b) Zazinde kangakanani iiveki ezingama-69, yaye sikwazi njani oku?
9 Into yokuqala esiyifunayo, lixesha esaqalisa ngalo, unyaka ‘elakhutshwa ngawo ilizwi lokuba ibuyiswe ize yakhiwe iYerusalem.’ Emva koko, kufuneka sazi umlinganiselo wobude ukusuka kweso siqalo, ukuba kanye kanye zazinde kangakanani ezi veki zingama-69 (isi-7 sidityaniswe nama-62). Akunzimanga tu kwaphela ukufumana le nkcazelo. UNehemiya uchaza ngokucace gca ukuba ilizwi lokuba lwakhiwe kwakhona udonga olujikeleze iYerusalem, ukuze ekugqibeleni ibe sisixeko esihlaziyiweyo, lakhutshwa “ngomnyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani.” (Nehemiya 2:1, 5, 7, 8) Oko kwalatha kwixesha lokuqalisa njengowe-455 B.C.E.d
10 Ngoku ngokuphathelele ezi veki zingama-69, ngaba zinokuba ziiveki zokoqobo zeentsuku ezisixhenxe? Akunjalo, kuba uMesiya akazange abonakale kwisithuba nje esingaphezu konyaka emva kowama-455 B.C.E. Ngenxa yoko abaphengululi abaninzi beBhayibhile nentlaninge yeenguqulelo (kuquka iTanakh yamaYuda kumbhalo wayo osemazantsi kule ndinyana) ziyavuma ukuba ezi veki zimela “iminyaka.” Le ngcamango ‘yeveki emela iminyaka,’ okanye umjikelo weminyaka esixhenxe, yayiqhelekile kumaYuda amandulo. Kanye njengoko ayegcina umhla wesabatha ngosuku ngalunye lwesixhenxe, ayekwagcina nonyaka wesabatha ngonyaka ngamnye wesixhenxe. (Eksodus 20:8-11; 23:10, 11) Ngoko iiveki ezingama-69 zeminyaka ziyiminyaka engama-69 ephindwe kasi-7, okanye iminyaka engama-483. Ekuphela kwento ekufuneka siyenzile ngoku kukubala. Ukususela kowama-455 B.C.E., size sibale iminyaka engama-483 kusifikisa kunyaka wama-29 C.E.—nyaka lowo uYesu awabhaptizwa ngawo waza waba nguma·shiʹach, uMesiya!—Bona umxholo othi “Seventy Weeks,” kwi-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 899.
11. Sisenokubaphendula njani abo bathi le yindlela nje yanamhlanje yokuchaza isiprofeto sikaDaniyeli?
11 Bambi basenokuphikisa ngokuthi le yindlela nje yanamhlanje yokuchaza esi siprofeto ukuze sihambisane nembali. Ukuba kunjalo, kutheni abantu ngomhla kaYesu babelindele uMesiya ukuba abonakale ngelo xesha? Umbhali-mbali ongumKristu uLuka, umbhali-mbali ongumRoma uTacitus noSuetonius, umbhali-mbali ongumYuda uJosephus nesithandi sobulumko esingumYuda uPhilo bonke babephila malunga neli xesha yaye banikela ubungqina bokuba lwalukho olo lindelo. (Luka 3:15) Bambi abaphengululi namhlanje bemi ngelithi yingcinezelo yamaRoma eyawenza amaYuda alangazelela aza alindela uMesiya ngaloo mihla. Kwakutheni ke ngoko, ukuze amaYuda amlindele ngelo xesha uMesiya kunangexesha lentshutshiso ekrakra yamaGrike kwiinkulungwane zangaphambili? Kwakutheni ukuze uTacitus athi ‘yayiziziprofeto eziyimfihlelo’ ezakhokelela amaYuda ukuba alindele abalawuli abanamandla ukuba bavele kwelakwaYuda baze “balawule elimiweyo liphela”? Kwincwadi yakhe ethi A History of Messianic Speculation in Israel, uAbba Hillel Silver uyavuma ukuba “uMesiya wayelindelwe malunga nekota yesibini yenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo,” kungekhona ngenxa yentshutshiso yamaRoma, kodwa ngenxa “yobalo-maxesha olwalusaziwa ngaloo mhla,” olwaluthatyathwe ngokuyinxenye kwincwadi kaDaniyeli.
Ukufaniswa Okuvela Ngasentla
12. UYehova wamfanisa njani uYesu njengoMesiya?
12 Ubungqina besithathu bokuba uYesu unguMesiya bobukaThixo. Ngokutsho kukaLuka 3:21, 22, emva kokuba uYesu ebhaptiziwe, wathanjiswa ngawona mandla angcwele nanamandla kwindalo iphela, umoya oyingcwele kaYehova uThixo. Yaye ngelizwi lakhe uYehova wavuma ukuba wayekholisiwe nguNyana wakhe, uYesu. Kwezinye izihlandlo ezibini, uYehova wathetha ngokungqalileyo noYesu ngokusuka ezulwini, ngaloo ndlela ebonisa ukukholiswa Kwakhe nguye: ngesinye isihlandlo, phambi kwabapostile abathathu bakaYesu, kanti ngesinye, kwakuphambi kwesihlwele sababukeli. (Mateyu 17:1-5; Yohane 12:28, 29) Ngaphezu koko, kwathunyelwa izithunywa zezulu zisuka ngasentla ukuza kungqina ukuba uYesu unguKristu, okanye uMesiya.—Luka 2:10, 11.
13, 14. UYehova wakubonisa njani ukukholiswa kwakhe nguYesu njengoMesiya?
13 UYehova wabonisa ukukholiswa kwakhe ngumthanjiswa wakhe ngokumnika amandla okuphumeza imisebenzi emikhulu. Ngokomzekelo, uYesu wavakalisa kwangaphambili iziprofeto ezichaza ngembali—zimbi zifikelela nakumhla wethu.e Wenza kwanemimangaliso, njengokondla izihlwele ezilambileyo nokuphilisa abagulayo. Wakwavusa nabafileyo. Ngaba abalandeli bakhe basuka nje bazenzela amabali ngezi zenzo zamandla? Enyanisweni, uYesu wenza imimangaliso emininzi phambi kwamehlo abantu, maxa wambi phambi kwamawakawaka. Kwaneentshaba zikaYesu zazingenakuyikhanyela into yokuba ngokwenene wazenza ezi zinto. (Marko 6:2; Yohane 11:47) Ngapha koko, ukuba abalandeli bakaYesu babetyekele ekuzenzeleni iingxelo ezinjalo, ngoko babengathini ukuthetha ngokuphandle kangaka xa kufikelela kwezabo iintsilelo? Eneneni, ngaba babeya kuvuma ukufela ukholo olusekelwe nje kwiintsomi abaye bazenzela zona? Akunjalo. Imimangaliso kaYesu iyinto yokwenene embalini.
14 Ubungqina bukaThixo bokuba uYesu wayenguMesiya babunabe kwanangakumbi. Ngomoya oyingcwele waqinisekisa ukuba ubungqina bokuba uYesu unguMesiya babubhalwe phantsi baza baba yinxalenye yeyona ncwadi iguqulelwe nepapashwe ngokubanzi kuyo yonke imbali.
Kwakutheni Ukuze AmaYuda Angamamkeli UYesu?
15. (a) Zininzi kangakanani iimfaneleko zikaYesu ezimfanisa njengoMesiya? (b) Luluphi ulindelo lwamaYuda olwakhokelela amaninzi awo ukuba amgatye uYesu ngokuthi akanguye uMesiya?
15 Lilonke ke, ezi ndidi zintathu zobungqina ziquka ngokoqobo iinkalo ezingamakhulukhulu ezimfanisa uYesu njengoMesiya. Akwanelanga na oko? Khawuzithelekelele ufaka isicelo seempepha zokuqhuba okanye seqweqwe lokuthenga ngetyala uze uxelelwe ukuba iziqinisekiso ezithathu zofaniso azanelanga—kufuneka uze nezingamakhulukhulu. Hayi indlela okungekho ngqiqweni ngayo oko! Ngokuqinisekileyo ke ngoko, uYesu ufaniswe ngokucacileyo eBhayibhileni. Noko ke, kwakutheni ukuze abantu abaninzi bohlanga lukaYesu babukhanyele bonke obu bungqina bokuba wayenguMesiya? Kungenxa yokuba ubungqina, nangona bubalulekile ukuze ube nokholo lokwenene, abusosiqinisekiso sokuba unokholo. Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi bakholelwa oko bafuna ukukukholelwa, kwanokuba kukho ubungqina obuninzi obeyisayo. Ngokuphathelele uMesiya, inkoliso yamaYuda yayineengcamango eziqinisekileyo mayela noko yayikufuna. Yayifuna umesiya wezobupolitika, owayeza kuphelisa ingcinezelo yamaRoma aze abuyisele uSirayeli kuzuko lwezinto eziphathekayo olunjengolo lwemihla kaSolomon. Yayiza kuthini ke ukumamkela lo nyana uthobekileyo womchweli, lo mNazarete ongazange abonakalise mdla kwiipolitiki nakubutyebi? Khona wayeza kuba nguye njani uMesiya emva kokubandezeleka nokufa ngokulihlazo kumthi wentuthumbo?
16. Kwakutheni ukuze kufuneke abalandeli bakaYesu baguqule olwabo ulindelo ngokuphathelele uMesiya?
16 Abafundi bakaYesu baphazamiseka kukufa kwakhe. Emva kovuko lwakhe oluzukileyo, ngokuqinisekileyo babenethemba lokuba wayeya ‘kububuyisela ngoko nangoko ubukumkani kuSirayeli.’ (IZenzo 1:6) Kodwa abazange bamgatye uYesu njengoMesiya ngenxa nje yokuba eli themba lobuqu lingazange lizaliseke. Babonakalisa ukholo kuye olwalusekelwe kwintabalala yobungqina obabukhona, yaye baya beqonda ngokuthe ngcembe; iimfihlo zatyhileka. Baqonda ukuba uMesiya wayengenakuzizalisekisa zonke iziprofeto ezingaye ebudeni bethuba elifutshane awayephila ngalo njengomntu kulo mhlaba. Kaloku, esinye isiprofeto sithetha ngaye efika ethobekile, ekhwele ithole le-esile, ngoxa esinye sithetha ngokuza kwakhe ngamafu esebuqaqawulini! Zinokuba yinyaniso njani zombini? Ngokuqinisekileyo wayemele eze okwesihlandlo sesibini.—Daniyeli 7:13; Zekariya 9:9.
Isizathu Sokuba UMesiya Wayemele Afe
17. Isiprofeto sikaDaniyeli senza njani kwacaca ukuba uMesiya wayemele afe, yaye wayeza kufa ngenxa yasiphi isizathu?
17 Ngokungakumbi, iziprofeto ezingoMesiya zenza kwacaca ukuba uMesiya wayemele afe. Ngokomzekelo, kwaisiprofeto esaxela kwangaphambili ixesha awayeza kufika ngalo uMesiya saxela kwangaphambili oku kwindinyana elandelayo: “Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini [ezilandela iiveki ezisixhenxe], uya kunqunyulwa umthanjiswa [“uMesiya,” NW].” (Daniyeli 9:26) Igama lesiHebhere elithi ka·rathʹ elisetyenziswe apha ngokuthi ‘ukunqunyulwa’ ikwaligama elinye elalisetyenziselwa isigwebo sokufa phantsi koMthetho kaMoses. Ngokungathandabuzekiyo uMesiya wayemele afe. Ngoba? Dan 9 Indinyana 24 isinika impendulo: “Ukuba . . . zitywinwe izono, bucanyagushelwe ubugwenxa, kuziswe ubulungisa obungunaphakade.” AmaYuda ayesazi kakuhle ukuba lidini kuphela, ukufa, elalinokucamagushela ubugwenxa.—Levitikus 17:11; thelekisa amaHebhere 9:22.
18. (a) UIsaya isahluko 53 ubonisa njani ukuba uMesiya umele abandezeleke aze afe? (b) Ziziphi iziganeko eziveliswa sesi siprofeto ezibonakala ziphikisana?
18 UIsaya isahluko 53 uthetha ngoMesiya njengoMkhonzi okhethekileyo kaYehova ekwakuya kufuneka ebandezelekile aze afe ukuze agubungele izono zabanye. Isa 53 Indinyana 5 ithi: “Uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa.” Kwaesi siprofeto sinye, emva kokusixelela ukuba lo Mesiya umele afe ‘njengedini letyala,’ sityhila ukuba kwaYena uya kuba “nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe.” (Isa 53 Indinyana 10) Ngaba oko akubonakali kuphikisana? Yenzeka njani into yokuba uMesiya afe, aze sekunjalo abe “nemihla emide”? Kwenzeka njani ukuba anikelwe njengedini aze emva koko enze “ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo”? Eneneni, kwakunokwenzeka njani ukuba afe aze ahlale efile ngaphandle kokuzalisekisa ezona ziprofeto zibalulekileyo ezingaye, zokuba wayeya kulawula ngonaphakade njengoKumkani aze azise uxolo nolonwabo kwihlabathi liphela?—Isaya 9:6, 7.
19. Ukuvuka kukaYesu kuzicombulula njani iziprofeto ezingoMesiya ebezibonakala ziphikisana?
19 Ezi ziganeko ezibonakala ziphikisana zaconjululwa ngommangaliso omnye okhwankqisayo. UYesu wavuswa. Amakhulukhulu amaYuda antliziyo zinyanisekileyo azibonela ngokwawo esi siganeko sokwenene sizukileyo. (1 Korinte 15:6) Kamva umpostile uPawulos wabhala oku: “Yena lo [uYesu Kristu], esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo; okokugqibela elinde ukuba zide iintshaba zakhe zenziwe isihlalo seenyawo zakhe.” (Hebhere 10:10, 12, 13) Ewe, kwakusemva kokuba uYesu evuselwe kubomi basezulwini, yaye kwakusemva kwethuba ‘lokulinda,’ awayeya kuthi ekugqibeleni abekwe etroneni njengoKumkani aze amelane neentshaba zikaYise, uYehova. Kwindima yakhe njengoKumkani wasezulwini, uYesu onguMesiya uchaphazela ubomi bomntu ngamnye ophilayo ngoku. Ngayiphi indlela? Oku kuza kuhlolisiswa kwinqaku lethu elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Xa uLuka 3:23 esithi: ‘UYosefu, unyana kaHeli,’ ngokucacileyo uthetha “unyana” ngengqiqo yokuba “ngumkhwenyana,” njengoko uHeli wayenguyise kaMariya wokwenyama.—I-Insight on the Scriptures, uMqulu 1, iphepha 913-17.
b Xa ebhala owakhe umlibo wokuzalwa, umbhali-mbali ongumYuda uJosephus, wenza kucace ukuba iingxelo ezinjalo zazikho ngaphambi kowama-70 C.E. Kubonakala ukuba ezi ngxelo zatshatyalaliswa kunye nesixeko saseYerusalem, nto leyo eyenza ukuba angangqineki amabango obukho bukaMesiya.
c Bona i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 387.
d Kukho ubungqina obubambekayo obusuka kwimithombo yamaGrike, yamaBhabhiloni neyamaPersi amandulo bokuba unyaka wokuqala kuka-Artashashta ukulawula wawungowama-474 B.C.E. Bona i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 614-16, 900.
e Kwesinye sezo ziprofeto, waxela kwangaphambili ukuba kwakuya kuvela oomesiya bobuxoki ukususela ngomhla wakhe kuse phambili. (Mateyu 24:23-26) Bona inqaku elandulelayo.
Ubungaphendula Uthini?
◻ Kutheni simele sihlolisise ubungqina bokuba uYesu wayenguMesiya othenjisiweyo kusini na?
◻ Umlibo wokuzalwa kukaYesu usixhasa njani isibakala sokuba wayenguMesiya?
◻ Iziprofeto zeBhayibhile zinceda njani ukungqina ukuba uYesu wayenguMesiya?
◻ Ziziphi iindlela awathi ngazo ngokobuqu uYehova wakungqinela ukufaniswa kukaYesu njengoMesiya?
◻ Kutheni amaYuda amaninzi amgatyayo nje uYesu njengoMesiya, yaye kutheni ezi zizathu zazingekho ngqiqweni?
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Ngamnye wemimangaliso emininzi kaYesu wanikela ubungqina obungakumbi bokuba unguMesiya