Ihlabathi Elingenasono—Njani?
ISIKHALO esatsho kwathi nkxwe iindlebe sokucela uncedo saphazamisa inzolo yasekuseni ngentsasa yasebusika kummandla ozolileyo waseTokyo. Kangangemizuzu emihlanu ukuya kwelishumi, iqela labantu lasiva eso sikhalo esasivakalisa ukuphelelwa lithemba kwebhinqa elihambisa amaphephandaba elalileqwa ngoxa lalihlatywa ngokuphindaphindiweyo. Akukho namnye umntu owayekhathalele ukwazi ukuba kwakuqhubeka ntoni. Lafa ngenxa yokopha kakhulu. Omnye umcuphi wathi: “Ukuba omnye waba bantu ebexelele abakwantsasana ngesi siganeko kwangexesha babesiva isikhalo salo, ubomi balo ngebabusindisiwe.”
Nangona abo babelivile elo bhinqa lalisifa bengazange benze nto imbi ngaphandle kokulityeshela, ngaba babenokuthi bona bamsulwa? Enye indoda eyayisivile isikhalo salo yathi, “Isazela sam sandikhathaza imini yonke yangoLwesihlanu emva kokuba ndivile ngokufa kwalo.” Oku kusenza sizibuze, Siyintoni ngokwenene isono?
Siyintoni Isono?
Esalatha kwimvakalelo kabani yokuba nesono, uHideo Odagiri, umhlalutyi owayefundile nowayengunjingalwazi odla umhlala-phantsi kwiYunivesithi iHosei yaseTokyo, eJapan, wathi, njengokuba kucatshulwe kwiphephandaba iAsahi Shimbun: “Azinakucimeka iinkumbulo ezicacileyo endinazo ngemvakalelo yokuba nesono, ezinjengokuzigwagwisa komntwana okungathandekiyo, umona obangela iintloni nokudla omnye umntu izithende. Le mvakalelo yokuba nesono yabetheleleka engqondweni yam xa ndandikwisikolo samabanga aphantsi yaye isandihleli.” Ngaba ukhe ube nayo imvakalelo enjalo? Ngaba unayo imvakalelo ekugwebayo ukuba wenza into oyaziyo ukuba iphosakele? Mhlawumbi akukho lwaphulo-mthetho lwenziweyo, kodwa imvakalelo engonwabisiyo ihleli yaye ingumthwalo onzima engqondweni yakho. Le yindlela esisebenza ngayo isazela sakho, yaye neBhayibhile ibhekisela kuso isithi kwisicatshulwa esilandelayo: “Xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo: bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela.” (Roma 2:14, 15) Ewe, ngokwemvelo inkoliso yabantu iyaphazamiseka zizenzo ezinjengokukrexeza, ukuba nokuxoka. Izazela zayo zingqina ubukho besono.
Noko ke, xa isazela sityeshelwa ngokuphindaphindiweyo, asisaphindi sisebenze njengento ekhuselayo. Sisenokungabi nazimvakalelo yaye singcoliseke. (Tito 1:15) Ukuba nemvakalelo ngoko kubi kuyaphela. Enyanisweni, namhlanje izazela zabantu abaninzi zifile ngokuphathelele isono.
Ngaba isazela sikuphela kwento esinokuqinisekisa ngayo oko kusisono, okanye ngaba kukho nto inokuba ngumlinganiselo oqinisekileyo ngoko kubangela isono noko kungasibangeliyo? Ngaphezu kweminyaka engama-3,000 eyadlulayo, uThixo wanika abantu bakhe abakhethiweyo umthetho, yaye ngalo Mthetho, isono ‘sabonakala sisisono.’ (Roma 7:13, New International Version) Kwanehambo eyayifudula yamkelekile ngandlela ithile ngaphambili ngoku yatyhilwa ikoko yayikuko—isisono. Abantu bakaThixo abanyuliweyo, amaSirayeli, babhencwa njengaboni yaye ngaloo ndlela bagwetywa.
Ziziphi ezi zono izazela zethu zisenza sizazi nezo uMthetho kaMoses wazichazayo waza wazidwelisa? Kwindlela elisetyenziswe ngayo eli gama eBhayibhileni, isono sithetha ukungafikeleli kwimilinganiselo emiselwe nguMdali. Nantoni engavisisani nobuntu bakhe, imilinganiselo, iindlela nokuthanda kwakhe isisono. Akanakuvumela nasiphi na isidalwa esisilelayo ukufikelela imilinganiselo ayimiseleyo ukuba siqhubeke siphila. Ngoko ingcali yomthetho kwinkulungwane yokuqala yalumkisa amaKristu angamaHebhere yathi: “Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo.” (Hebhere 3:12) Ewe, ukungabi nalukholo kuMdali kusisono esikhulu. Ngaloo ndlela, isono njengokuba sichazwe eBhayibhileni sibanzi ngakumbi kunoko ngokuqhelekileyo kugqalwa kusisono. IBhayibhile isichaza ngolu hlobo: “Bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo.”—Roma 3:23.
Imvelaphi Yesono
Ngaba oko kuthetha ukuba umntu wadalwa engumoni? Akunjalo, uYehova uThixo, uMsunguli wobomi babantu, wamdala umntu wokuqala wasisidalwa esifezekileyo. (Genesis 1:26, 27; Duteronomi 32:4) Noko ke, isibini sokuqala esingabantu asizange siyifikelele imilinganiselo xa saphula okuphela komthetho owawumiswe nguThixo, xa satya ‘kumthi wokwazi okulungileyo nokubi’ owawalelwe. (Genesis 2:17) Nangona sasidalwe sifezekile, asizange siyifikelele imilinganiselo yokumthobela ngokupheleleyo uBawo waso, saba ngaboni yaye ngokuvisisana noko sagwetyelwa ukufa.
Le mbali yamandulo idibana njani nesono namhlanje? IBhayibhile ithi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo.” (Roma 5:12) Xa sisonke singaboni abasizuze ilifa; ngenxa yoko, siye sagwetyelwa ukufa.—INtshumayeli 7:20.
Imigudu Yabantu Yokususa Isono
UAdam wadlulisela isono kwinzala yakhe, kodwa wakwadlulisela namandla awayewanikwe nguThixo esazela. Isono sisenokubangela imvakalelo engonwabisiyo. Njengokuba kukhankanyiwe ngaphambili, abantu baye bayila iindlela ezahlukahlukeneyo zokuthomalalisa ezo mvakalelo. Noko ke, ngaba ngokwenene ziyaphumelela?
EMpuma naseNtshona, abantu baye bazama ukuhlangabezana nomphumo wesono ngokuguqula imilinganiselo yabo okanye ngokukhanyela kwaubukho besono. (1 Timoti 4:1, 2) Imeko yokuba nesono koluntu isenokufaniswa naleyo yomntu ophethwe ngumkhuhlane. Isono sisenokuthelekiswa nentsholongwane ebangela iimpawu zokugula, ngoxa isazela esiphazamisekileyo sifaniswa nomkhuhlane ongonwabisiyo. Ukwaphula ithermometer akusiguquli isibakala sokuba umguli uphethwe ngumkhuhlane kakhulu. Ukulahla imilinganiselo yokuziphatha, njengokuba uninzi kwiNgqobhoko luye lwenjenjalo, yaye nokutyeshela ubungqina bokusebenza kwesazela sikabani akuncedi nganto ekutshabalaliseni isono.
Umntu usenokubeka umkhenkce ukuze athomalalise umkhuhlane anawo. Oko kufana nokuzama ukuthomalalisa iimvakalelo zesazela ngokwenza nje izithethe zokuhlambulula zobuShinto. Umkhenkce usenokulipholisa okwexeshana ixhoba lomkhuhlane, kodwa awuwuphelisi unobangela womkhuhlane. Ababingeleli nabaprofeti bomhla kaYeremiya bazama ukuphilisa okunjalo kumaSirayeli elo xesha. Babewaphilisa “ngokulula” amanxeba abantu okomoya nawokuziphatha, besithi, “Konke kulungile, konke kulungile.” (Yeremiya 6:14; 8:11, An American Translation) Ngokusebenzisa izenzo zonqulo zokungakhathali nokwenza izicengcelezo ezinjengokuthi “konke kulungile” akuzange kukuphilise ukuwohloka kokuziphatha kwabantu bakaThixo, nezithethe zentlambululo aziyiguquli imilinganiselo yokuziphatha yabantu namhlanje.
Ngokusebenzisa amachiza okuthomalalisa umkhuhlane umntu onomkhuhlane usenokubangela udambe umkhuhlane anawo, kodwa intsholongwane isesemzimbeni wakhe. Oku kunjalo ngendlela yobuConfucius yokuqhubana nobubi ngokusebenzisa imfundo. Isenokubonakala ibanceda abantu ukuba basuke ebubini, kodwa ukuqhelisela ili kuphela kucinezela ihambo yesono yaye akumahlukanisi umntu notyekelo analo lwesono azelwe nalo, unobangela oyintloko wokuziphatha kakubi.—Genesis 8:21.
Kuthekani ngemfundiso yobuBhuda yokungenelela iNirvana ukuze ubani azahlukanise notyekelo lwesono? Imeko yeNirvana, kuthiwa ithetha “ukucima,” ifanele ukungacaciseki, ukucima yonke inkanuko nomnqweno. Bambi bathi oku kukunqumamisa ukuphila komntu. Ngaba oko akufani nokuxelela umntu ogulayo onomkhuhlane ukuba makafe ukuze afumane isiqabu? Ngaphezu koko, ukuba kwimeko yeNirvana kugqalwa kunzima gqitha, kungenzeki nokwenzeka. Ngaba le mfundiso ivakala iluncedo kubani onesazela esikhathazekileyo?
Inkululeko Esonweni
Kucacile ukuba iintanda-bulumko zabantu ngobomi nangotyekelo lwesono, ubukhulu becala, zikukuthuthuzela nje isazela sikabani. Aziyisusi imeko yesono. (1 Timoti 6:20) Ngaba ayikho enye indlela yokwenza oku? EBhayibhileni, kwincwadi yamandulo eyabhalwa kwiMpuma Ekufuphi, sifumana isikhokelo sokukhululeka esonweni. “Nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu . . . Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe.” (Isaya 1:18, 19) Apha uYehova wayethetha namaSirayeli, nangona ayengabantu abanyuliweyo, awazange afikelele kwimilinganiselo yengqibelelo. Noko ke, umgaqo okwamnye, uyasebenza kuluntu luphela. Ukubonisa ukukulungela ukuphulaphula amazwi oMdali kusisikhokelo sokuhlanjululwa kwezono zikabani, ngokungathi kunjalo, zihlanjululwe.
Yintoni esiyixelelwa liLizwi likaThixo ngokuhlanjululwa kwezono zoluntu? Kanye njengokuba ngesono somntu omnye lonke uluntu lwaba ngaboni, ngenxa yomntu omnye owathobela uThixo ngokupheleleyo, uluntu oluthobelayo luya kukhululwa kwimbandezelo yalo, itsho njalo iBhayibhile. (Roma 5:18, 19) Njani? “UThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele.” (Roma 5:8) UYesu Kristu, ezalwe njengomntu ofezekileyo nongenasono, olingana noAdam wantlandlolo ngaphambi kokuba one, wayekwimo yokususa zonke izono zoluntu. (Isaya 53:12; Yohane 1:14; 1 Petros 2:24) Ngokubulawa kumthi wentuthumbo ngokungathi wayesisaphuli-mthetho, uYesu wakhulula uluntu ebukhobokeni besono nokufa. UPawulos waxelela amaKristu aseRoma oku, “Kuba uKristu uthe, sakubon’ ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo. . . . Njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu.”—Roma 5:6, 21.
Ukufela kukaKristu uluntu lonke nokulungelelanisa isikali esaphazanyiswa nguAdam kubizwa ngokuba lilungiselelo “lentlawulelo.” (Mateyu 20:28) Eli lungiselelo lisenokufaniswa neyeza elibulala intsholongwane ebangela umkhuhlane. Ngokusebenzisa ixabiso lentlawulelo kaYesu kuluntu, imeko yokugula koluntu ebangelwa sisono—kuquka nokufa—inokuphiliswa. Le nkqubo yokuphilisa ichazwe ngokufuziselayo kwincwadi yokugqibela eBhayibhileni: “Ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.” (ISityhilelo 22:2) Khawufan’ ucinge! Umlambo wokomfuziselo wamanzi obomi oqukuqela phakathi kwemithi yobomi namagqabi ayo, konke oku kusenzelwa ukuphiliswa koluntu. Le mifuziselo yobuthixo iphefumlelweyo imela ilungiselelo likaThixo lokubuyisela uluntu kwimfezeko ngesizinzi sedini lentlawulelo likaYesu.
Umbono obuprofeti wencwadi yeSityhilelo kungekudala uza kuzaliseka. (ISityhilelo 22:6, 7) Emva koko, ngokusebenza ngokuzeleyo kwedini lentlawulelo likaYesu kuluntu, bonke abantliziyo zilungileyo baya kufezeka yaye ‘baya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, basingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:21) Ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kubonisa ukuba inkululeko ezukileyo isemnyango. (ISityhilelo 6:1-8) Kungekudala uThixo uya kubususa ubungendawo emhlabeni wonke, nabantu baya kunandipha ubomi obungunaphakade emhlabeni oyiparadisi. (Yohane 3:16) Ngokwenene elo iya kube ilihlabathi elingenasono!
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Idini likaYesu lentlawulelo liya kwenza ukuba iintsapho ezinjengale zikwazi ukunandipha ulonwabo ngonaphakade