Intsikelelo KaYehova Iyatyebisa
“Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo, imbulaleko ayongezi nento kuyo.”—IMIZEKELISO 10:22.
1-3. Ngoxa abaninzi bexhalabele izinto eziphathekayo, sisiphi isibakala ngokuphathelele ubutyebi bezinto eziphathekayo esimele sisigqale sonke?
ABANYE abantu abaze bayeke ukuthetha ngemali—okanye ukungabi namali kwabo. Okulusizi kukuba kwiminyaka yakutshanje baye banento eninzi abanokuxubusha ngayo. Ngowe-1992 kwanamazwe afumileyo aseNtshona aye athwaxwa kukudodobala kwezoqoqosho ibe abaphathi bamashishini nabaqeshwa baye bazibhaqa sele bengenamisebenzi. Abaninzi bayazibuza enoba baya kuze baphinde balibone na ixesha lempumelelo engaguquguqukiyo.
2 Ngaba kuphosakele ukuxhalabela ukuma kwethu kakuhle ngokwezinto eziphathekayo? Akunjalo, ngokomlinganiselo othile oko kuyinto nje yokwemvelo. Kwangaxeshanye, kukho inyaniso esisiseko esifanele siyiqonde ngobutyebi. Ekugqibeleni, zonke izinto eziphathekayo zivela kuMdali. ‘UnguThixo oyinyaniso, uYehova, Lowo utwabulula umhlaba neziveliso zawo; onika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, onika abahamba kuwo umoya.’—Isaya 42:5.
3 Nangona uYehova engabamiseli kwangaphambili abantu abafanele babe zizityebi nabafanele babe ngamahlwempu, sonke sifanele siphendule ngendlela esisisebenzisa ngayo isabelo esinaso ‘emhlabeni nakwiziveliso zawo.’ Ukuba sisebenzisa ubuncwane bethu ukuze sizikhukhumalise kwabanye, uYehova uya kusiphendulisa. Yaye nabani na okhonza ubutyebi kunokukhonza uYehova uya kufumanisa ukuba “okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena.” (IMizekeliso 11:28; Mateyu 6:24; 1 Timoti 6:9) Impumelelo yezinto eziphathekayo engahambisani nokuthobeka kwentliziyo kuYehova ekugqibeleni iba yengabalulekanga.—INtshumayeli 2:3-11, 18, 19; Luka 16:9.
Eyona Mpumelelo Ibalulekileyo
4. Kutheni impumelelo yokomoya ilunge ngakumbi kunokuba nentabalala yezinto eziphathekayo?
4 Ukongezelela kwimpumelelo yezinto eziphathekayo, iBhayibhile ithetha ngempumelelo yokomoya. Ngokucacileyo olu luhlobo olulunge ngakumbi lwempumelelo. (Mateyu 6:19-21) Impumelelo yokomoya ihambisana nokuba nolwalamano olwanelisayo noYehova nolunokuhlala ngonaphakade. (INtshumayeli 7:12) Ngaphezu koko, abakhonzi bakaThixo abazizityebi ngokomoya abazisweli iintsikelelo ezifanelekileyo zezinto eziphathekayo. Kwihlabathi elitsha, ubutyebi bokomoya buya kuhambisana nempumelelo yezinto eziphathekayo. Abathembekileyo baya kunandipha ukuma kakuhle ngokwezinto eziphathekayo okungazuzwa ngokhuphiswano olubi okanye ngokuncanywa kwempilo nolonwabo, njengoko kusoloko kunjalo namhlanje. (INdumiso 72:16; IMizekeliso 10:28; Isaya 25:6-8) Baya kufumanisa ukuba ngazo zonke iindlela ‘intsikelelo kaYehova iyatyebisa yaye akongezi mbulaleko kuyo.’—IMizekeliso 10:22.
5. Liliphi idinga uYesu awalenzayo ngokuphathelele izinto eziphathekayo?
5 Nanamhlanje abo bazixabisayo izinto zokomoya baziva bengenangxaki ngandlel’ ithile ngokwezinto eziphathekayo. Kuyinyaniso ukuba bayasebenza ukuze bahlawule amatyala abo nokuze bondle iintsapho zabo. Okanye abanye basenokude baphulukane nemisebenzi yabo ngamaxesha okudodobala kwezoqoqosho. Kodwa aboyiswa ngamaxhala anjalo. Kunoko, bayalikholelwa idinga uYesu awalenzayo xa wathi: “Musani ukuxhala ngoko nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na? . . . Kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”—Mateyu 6:31-33.
Ubutyebi Bokomoya Namhlanje
6, 7. (a) Chaza iinkalo ezithile zokuphumelela ngokomoya kwabantu bakaThixo. (b) Sisiphi isiprofeto esizalisekayo namhlanje, yaye oku kuphakamisa yiphi imibuzo?
6 Ngenxa yoko, abantu bakaYehova baye bakhetha ukubeka uBukumkani kuqala ebomini babo, ibe baye basikeleleka ngendlela engathethekiyo! Banandipha iintsikelelo ezityebileyo kumsebenzi wabo wokwenza abafundi. (Isaya 60:22) Bafundiswa nguYehova, benandipha uthotho lwezinto ezintle zokomoya ezilungiselelwa ‘ngomkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45-47; Isaya 54:13) Ngokubhekele phaya, umoya kaYehova uphezu kwabo, ubenza babe ngabazalwana bezizwe ngezizwe abonwabileyo.—INdumiso 133:1; Marko 10:29, 30.
7 Enyanisweni le yimpumelelo yokomoya, into engenakuthengwa ngemali. Yinzaliseko emangalisayo yedinga likaYehova elithi: “Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.” (Malaki 3:10) Namhlanje siye sasibona esi siprofeto sizaliseka. Noko ke , kutheni uYehova, uMthombo wabo bonke ubutyebi, ecela abakhonzi bakhe ukuba bazise kuye isishumi? Ngubani ongenelwayo kweso sishumi? Ukuze uyiphendule le mibuzo, qwalasela isizathu esabangela ukuba uYehova athethe la mazwi ngoMalaki ngenkulungwane yesihlanu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.
Izishumi Neminikelo
8. Ngokuvisisana nomnqophiso woMthetho, impumelelo yamaSirayeli ngokwezinto eziphathekayo yayiya kuxhomekeka entwenini?
8 Ngexesha likaMalaki abantu bakaThixo babengaphumeleli. Kwakutheni? Ngokuyinxenye oku kwakunento yokwenza neminikelo nezishumi. Ngelo xesha, uSirayeli wayephantsi komnqophiso woMthetho kaMoses. Xa uYehova wenza loo mnqophiso, wathembisa ukuba ukuba amaSirayeli ayeyigcina indawo yawo kuwo, wayeya kuwasikelela ngokomoya nangezinto eziphathekayo. Ngenxa yoko, impumelelo yamaSirayeli yayixhomekeke ekuthembekeni kwawo.—Duteronomi 28:1-19.
9. Kwimihla yamaSirayeli amandulo, kwakutheni ukuze uYehova afune ukuba amaSirayeli ahlawule izishumi azise neminikelo?
9 Inxalenye yembopheleleko yamaSirayeli phantsi koMthetho yayikukunikela etempileni nokuhlawula izishumi. Eminye iminikelo yayitshiswa ibe luthuthu esibingelelweni sikaYehova, ngoxa eminye yayisahlulelwa ababingeleli nabo banikela amadini, yaye iinyama ezikhethekileyo zazinikelwa kuYehova. (Levitikus 1:3-9; 7:1-15) Ngokuphathelele izishumi, uMoses wawaxelela oku amaSirayeli: “Sonke isishumi somhlaba, sembewu yomhlaba, seziqhamo zomthi, sesikaYehova; singcwele kuYehova.” (Levitikus 27:30) Isishumi sasinikelwa kubaLevi ababesebenza emnqubeni yaye kamva etempileni. Ngokukwanjalo, abaLevi abangengobabingeleli babeya kunikela kubabingeleli bomnombo ka-Aron isishumi soko baye bakufumana. (Numeri 18:21-29) Kwakutheni ukuze uYehova afune ukuba amaSirayeli ahlawule izishumi? Okokuqala, ukuze abonakalise uxabiso lokwenene ngokulunga kukaYehova. Yaye okwesibini, ukuze anikele ukuba kuxhaswe abaLevi, ababenokuthi bona bakwazi ukunikel’ ingqalelo kwiimbopheleleko zabo, kuquka leyo yokufundisa uMthetho. (2 Kronike 17:7-9) Kwakhona ngale ndlela kwakuxhaswa nonqulo olunyulu, yaye wonk’ ubani wayengenelwa.
10. Yintoni eyenzekayo xa amaSirayeli asilelayo ukuzisa izishumi neminikelo?
10 Nangona kamva izishumi neminikelo zazisetyenziswa ngabaLevi, eneneni zazizizipho ezazinikelwa kuYehova ibe ngoko zazifanele zibe semgangathweni, zifanele yena. (Levitikus 22:21-25) Yintoni eyenzekayo xa amaSirayeli asilelayo ukuzisa izishumi okanye xa azisa iminikelo yezinto ezingabalulekanga? Kwakungabhalwanga sohlwayo soko eMthethweni, kodwa yayibakho imiphumo. UYehova akazange aqhubeke ewasikelela, ibe abaLevi, ababengazifumani izinto eziphathekayo zokubaxhasa, babeyishiya imisebenzi yabo yetempile ukuze bazixhase. Ngaloo ndlela, wonke uSirayeli wayetsala nzima.
“Zigqaleni Iindlela Zenu”
11, 12. (a) Waba yintoni umphumo wokutyeshela kwamaSirayeli ukugcina uMthetho? (b) Luluphi uthumo uYehova awalunika amaSirayeli xa wawabuyisayo eBhabhiloni?
11 Ebudeni bembali kaSirayeli, bambi babeyimizekelo ekuzameni ukugcina uMthetho, kuquka ukuhlawula izishumi. (2 Kronike 31:2-16) Noko ke, xa lujongwa lonke olo hlanga lwalungakhathali. Ngokuphindaphindiweyo lwaluwophula umnqophiso noYehova, de ekugqibeleni waluvumela ukuba loyiswe luze, ngowama-607 B.C.E., luthinjelwe eBhabhiloni.—2 Kronike 36:15-21.
12 Eso yayisisohlwayo esiqatha, kodwa emva kweminyaka engama-70 uYehova wababuyisela abantu bakhe kwilizwe labo. Iziprofeto ezininzi ezingeParadisi ezibhalwe kuIsaya zazifanele zizaliseke okokuqala emva koko kubuya. (Isaya 35:1, 2; 52:1-9; 65:17-19) Sekunjalo, isizathu esiyintloko sokubuyisela kukaYehova abantu bakhe, yayingekokwakha iparadisi yasemhlabeni, kodwa yayikukwakha itempile nokubuyisela unqulo lokwenyaniso. (Ezra 1:2, 3) Ukuba uSirayeli wayemthobele uYehova, wayeya kufumana iingenelo ngokwezinto eziphathekayo, yaye intsikelelo kaYehova yayiya kumtyebisa ngokomoya nangokwezinto eziphathekayo. Ngokuvisisana noko, athi akufika kwilizwe lawo ngowama-537 B.C.E., amaYuda akha isibingelelo eYerusalem aza aqalisa umsebenzi wetempile. Noko ke, achaswa ngamandla aza ayeka. (Ezra 4:1-4, 23) Ngenxa yoko, uSirayeli akazange ayifumane intsikelelo kaYehova.
13, 14. (a) Kwenzeka ntoni xa amaSirayeli asilelayo ukuyakha kwakhona itempile? (b) Ekugqibeleni yaphinda yakhiwa njani itempile, kodwa ziziphi ezinye izinto ekuthiwa amaSirayeli aphinda abuyela kuzo?
13 Ngonyaka wama-520 B.C.E., uYehova wavelisa umprofeti uHagayi noZekariya ukuze babongoze uSirayeli ukuba abuyele emsebenzini wokwakha itempile. UHagayi wabonisa ukuba olo hlanga lwalutsala nzima ngokwezinto eziphathekayo waza wathi oku kwakusenzeka ngenxa yokungabi nanzondelelo ngendlu kaYehova. Wathi: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Zigqaleni iindlela zenu. Nahlwayela kakhulu, ningenise kancinane; niyadla, ningahluthi; nisela, ninganeli kukusela, nambatha, ningevi ntsitho; noziqeshisayo uziqeshisela ukuba agalele engxoweni enezikroba. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindlela zenu zigqaleni. Nyukani niye kweleentaba, nize nemithi, niyakhe indlu le; ndokholiswa ke yiyo, ndizizukise; utsho uYehova.”—Hagayi 1:5-8.
14 Ekhuthazwe nguHagayi nanguZekariya, amaSirayeli azigqala iindlela zawo, yaye ayakha itempile. Noko ke, kwiminyaka enokuba ngama-60 kamva, uNehemiya watyelela eYerusalem waza wafumanisa ukuba uSirayeli uphinde wawutyeshela uMthetho kaYehova. Wakulungisa oku. Kodwa wathi akutyelela okwesibini, wafumanisa ukuba kwakhona imeko yayiphinde yambi. Unikela le ngxelo: “Ndazi ukuba izabelo zabaLevi abazinikwanga; ngokuba abaLevi neemvumi, ababesebenza umsebenzi, babebalekele elowo emhlabeni wakhe.” (Nehemiya 13:10) Le ngxaki yalungiswa, yaye “onke amaYuda azisa izishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, koovimba.”—Nehemiya 13:12.
Ukuqhatha UYehova
15, 16. Kungenxa yaziphi iintsilelo awathi uYehova, ngoMalaki, wawaluleka amaSirayeli?
15 Ngokunokwenzeka, kwakungeli xesha awathi uMalaki waprofeta, yaye lo mprofeti usixelela okungakumbi ngokungathembeki kwamaSirayeli. Ubhala amazwi awathethwa nguYehova kuSirayeli: “Ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam.” Yintoni eyayiphosakele? UYehova uyachaza: “Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko?”—Malaki 1:6-8.
16 Ngokubhala ngolu hlobo, uMalaki ubonisa ukuba ngoxa amaSirayeli ayezisa iminikelo, umgangatho wayo ophantsi wawubonisa ukungabi nantlonelo okunzulu. Kwakhona uMalaki wabhala: “Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi.” AmaSirayeli azibuza ngoko ayemele akwenze ngokukhethekileyo, ngoko abuza: “Sibuye ngokuthini na?” UYehova waphendula: “Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje?” AmaSirayeli ayenokumqhatha njani uYehova, uMthombo wabo bonke ubutyebi? UYehova waphendula: “Kwizishumi nemirhumo.” (Malaki 3:7, 8) Ewe, ngokusilela ukungenisa izishumi neminikelo yawo, amaSirayeli ayemqhatha uYehova!
17. Izishumi neminikelo zazinayiphi injongo kwaSirayeli, yaye liliphi idinga uYehova alenzayo ngokuphathelele izishumi?
17 Le mvelaphi ingokwembali ibonisa ukubaluleka kwezishumi neminikelo kuSirayeli. Lowo wayenikela wayebonakalisa uxabiso. Yaye kwakunceda ekuxhaseni unqulo lokwenyaniso ngezinto eziphathekayo. Ngaloo ndlela, uYehova waqhubeka ewakhuthaza amaSirayeli: “Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam.” Ebonisa okwakuya kulandela ukuba ayekwenza oko, uYehova wawathembisa: “[Ndiya] kunivulela . . . iintsikelo, kude kungasweleki lutho.” (Malaki 3:10) Intsikelelo kaYehova yayiya kuwatyebisa.
Ukugwetywa ‘YiNkosi Yokwenyaniso’
18. (a) UYehova ulumkisa ngokuza koobani? (b) Kwenzeka nini ukuza etempileni, ngoobani ababebandakanyekile, yaye oku kwaba nawuphi umphumo kumaSirayeli?
18 Kwakhona uYehova ngoMalaki walumkisa ukuba uya kuza ukuze agwebe abantu bakhe. “Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi [yokwenyaniso, NW] leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza.” (Malaki 3:1) Ukuza etempileni okwathenjiswayo kwenzeka nini? KuMateyu 11:10, uYesu wacaphula isiprofeto sikaMalaki esingomthunywa owayeya kugeca indlela waza wasisebenzisa kuYohane uMbhaptizi. (Malaki 4:5; Mateyu 11:14) Ngoko ixesha lokugweba lafika ngowama-29 C.E.! Yayingubani umthunywa wesibini, umthunywa womnqophiso owayeya kuhamba noYehova, “iNkosi yokwenyaniso,” ukuya etempileni? YayinguYesu, yaye izihlandlo ezibini weza etempileni eYerusalem waza wayihlambulula ngokoqobo, ekhuphela ngaphandle ababenanisa ngemali. (Marko 11:15-17; Yohane 2:14-17) Ngokuphathelele eli xesha lomgwebo lenkulungwane yokuqala, ngokuprofetayo uYehova ubuza oku: “Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yokuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe?” (Malaki 3:2) Enyanisweni, amaSirayeli akazange akwazi ukuma. Ahlolwa, afunyaniswa eswele, yaye ngowama-33 C.E., alahlwa nguYehova aza ayeka ukuba luhlanga lwakhe olunyuliweyo.—Mateyu 23:37-39.
19. Kungayiphi indlela eyathi intsalela yabuyela kuYehova ngenkulungwane yokuqala, yaye yafumana yiphi intsikelelo?
19 Noko ke, uMalaki wabhala: “[UYehova] uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.” (Malaki 3:3) Ngokuvisisana noku, ngoxa inkoliso yabo babezibanga bekhonza uYehova ngenkulungwane yokuqala yalahlwayo, bambi bahlanjululwa baza basondela kuYehova, benikela amadini amkelekayo. Babengoobani? Ngabo baye basabela kuYesu, umthunywa womnqophiso. NgePentekoste yowama-33 C.E., abali-120 baba basabelayo bahlanganiswa kwigumbi eliphezulu eYerusalem. Bomelezwe ngumoya oyingcwele, baqalisa ukunikela umnikelo benobulungisa, ibe ngokukhawuleza inani labo landa. Kungabanga thuba lide, basasazeka kubo bonke uBukhosi baseRoma. (IZenzo 2:41; 4:4; 5:14) Ngaloo ndlela, intsalela yabo yabuyela kuYehova.—Malaki 3:7.
20. Xa iYerusalem netempile zatshatyalaliswayo, kwenzeka ntoni kuSirayeli omtsha kaThixo?
20 Le ntsalela kaSirayeli, eyathi yaquka abeeNtlanga abathi bamiliselwa, ngokungathi kunjalo, kwingcambu kaSirayeli, ‘baba nguSirayeli omtsha kaThixo,’ uhlanga olubunjwe ngamaKristu athanjisiweyo. (Galati 6:16, NW; Roma 11:17) Ngowama-70 C.E., “imini evutha njengeziko” yamfikela uSirayeli wokwenyama xa iYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswayo yimikhosi yamaRoma. (Malaki 4:1; Luka 19:41-44) Kwenzeka ntoni kuSirayeli kaThixo wokomoya? UYehova ‘wamconga, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.’ (Malaki 3:17) Ibandla lamaKristu athanjisiweyo lasithobela isilumkiso sesiprofeto sikaYesu. (Mateyu 24:15, 16) Eli bandla lasinda, yaye intsikelelo kaYehova yaqhubeka ilityebisa ngokomoya.
21. Yiyiphi imibuzo eseleyo ngoMalaki 3:1 neye-10?
21 Okunjani kona ukuthethelelwa kukaYehova! Noko ke, uMalaki 3:1 uzalisekiswa njani namhlanje? Yaye umKristu ufanele asabele njani kukhuthazo olukuMalaki 3:10 lokuzisa zonke izishumi endlwini yobuncwane? Oku kuza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Unokucacisa?
◻ Ekugqibeleni, ngubani uMthombo wabo bonke ubutyebi?
◻ Kutheni impumelelo yokomoya ilunge ngakumbi kunobutyebi bezinto eziphathekayo?
◻ Yiyiphi injongo eyayiphunyezwa zizishumi neminikelo kwaSirayeli?
◻ UYehova, “iNkosi yokwenyaniso,” weza nini etempileni ukuze agwebe uSirayeli, ibe ngawuphi umphumo?
◻ Ngoobani ababuyela kuYehova emva kokuba eze kwitempile yakhe ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Umthunywa womnqophiso, uYesu, emela uYehova, weza etempileni ukuze agwebe ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo.