IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 4/15 iphe. 19-24
  • Wulumkeleni Umculo Ongakhiyo!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wulumkeleni Umculo Ongakhiyo!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusetyenziswa Kakubi Komculo
  • Imfuneko Yokulumka
  • Umculo Werap—Umculo Wemvukelo
  • Umculo Onesingqi Esinamandla—Isini, Ugonyamelo NobuSathana
  • Ukuvuna Oko Ukuhlwayeleyo
  • Hlala Ulumkile
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngomculo Endiwuthandayo?
    Vukani!—1993
  • Ngaba Ngokwenene Umculo Unokundenzakalisa?
    Vukani!—1993
  • Ngaba Uza Kuwukhetha Ngobulumko?
    Vukani!—2011
  • Ndinokuwugcina Njani Umculo Ukwindawo Efanelekileyo?
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 4/15 iphe. 19-24

Wulumkeleni Umculo Ongakhiyo!

“Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko; nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.”—EFESE 5:15, 16.

1. Kutheni umculo kunokuthiwa “sisipho esivela kuThixo”?

“UMCULO . . . sisipho esivela kuThixo.” Wabhala oko uLulu Rumsey Wiley kwincwadi yakhe ethi Bible Music. Kususela kumaxesha amandulo, amadoda namabhinqa oyika uThixo aye asiqonda esi sibakala. Ngomculo, umntu uye wavakalisa ezona mvakalelo zakhe zinzulu—uvuyo, intlungu, ukucaphuka nothando. Ngaloo ndlela umculo wawunendima ebalulekileyo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukhankanywa kuyo yonke loo ncwadi ingcwele.—Genesis 4:21; ISityhilelo 18:22.

2. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile umculo wawusetyenziselwa njani ukudumisa uYehova?

2 Kwakuculwa owona mculo uluncuthu kunqulo lukaYehova. Awona mazwi andilekileyo okudumisa akha avakaliswa kuYehova uThixo ekuqaleni ayevakaliswa ngomculo. Umdumisi uDavide wabhala: “Ndiya kulidumisa igama likaYehova ngokuvuma.” (INdumiso 69:30) Abantu babecula xa bebodwa becinga nzulu bekwisimo somthandazo. UAsafu wabhala: “Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi; ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.” (INdumiso 77:6) Kwitempile kaYehova, umculo wawulungiselelwa ngendlela ezukileyo. (1 Kronike 23:1-5; 2 Kronike 29:25, 26) Maxa wambi, kwakulungiselelwa amaqela amakhulu omculo, njengaxa kwakunikezelwa itempile, xa kwasetyenziswa abantu abali-120 abavuthela amaxilongo. (2 Kronike 5:12, 13) Asinayo ingxelo engendlela owawuvakala ngayo lo mculo umyoli, kodwa incwadi ethi The Music of the Bible iphawula oku: “Akunakuba nzima ukuzakhela umbono womphumo owawusibakho kuye wonk’ ubani womculo waseTempileni ngezihlandlo ezikhethekileyo . . . Ukuba nabani na kuthi ngoku unokuthatyathwa abekwe kwimeko enjalo, ngokungaphephekiyo ebeya kuchukumiseka ngokunzulu.”a

Ukusetyenziswa Kakubi Komculo

3, 4. Isipho somculo sasetyenziswa kakubi njani ngabantu bakaThixo nangabamelwane babo ababengabahedeni?

3 Noko ke, umculo wawungasoloko usetyenziswa ngendlela endileke ngolo hlobo. KwiNtaba yaseSinayi, umculo wasetyenziselwa ukuphembelela ukunqulwa kwethole legolide njengesithixo. (Eksodus 32:18) Kwakhona ngezinye izihlandlo umculo wawunxulunyaniswa nokunxila nobuhenyu. (INdumiso 69:12; Isaya 23:15) Abamelwane bakwaSirayeli ababengabahedeni nabo babenetyala lokusisebenzisa kakubi esi sipho sivela kuThixo. IThe Interpreter’s Dictionary of the Bible ithi: “EFenike naseSiriya, phantse wonke umculo owawuthandwa wawukhuthaza ukunqulwa kukaIshtar, uthixokazi wenzala. Ngaloo ndlela, ingoma ethandwayo ngokuqhelekileyo yayitshayelela amatheko esini.” Ngokufanayo amaGrike amandulo ayesebenzisa umculo ukuhambisana “nemingqungqo evuselela iinkanuko zesini” eyayithandwa.

4 Ewe, umculo unamandla okuchukumisa, ukuthabathekisa nokuphembelela. Kumashumi eminyaka eyadlulayo, incwadi kaJohn Stainer ethi The Music of the Bible yada yathi: “Abukho obunye ubugcisa obuphembelela uhlanga lwabantu ngokunamandla ngeli xesha njengoMculo.” Umculo usaqhubeka unempembelelo enamandla namhlanje. Ngenxa yoko, uhlobo olungalunganga lomculo lunokuba yingozi ngokwenene kulutsha oloyika uThixo.

Imfuneko Yokulumka

5. (a) Unendima ebaluleke kangakanani umculo kubomi babaninzi abakwishumi elivisayo? (b) Iyintoni imbono kaThixo ngokuzonwabisa kwabantu abaselula?

5 Ukuba ungumntu oselula, ngoko uyazi kakuhle indlela obaluleke ngayo umculo—ngokukodwa iintlobo ezahlukeneyo zomculo wepop okanye werock—koontanga bakho abaninzi. Kude kuthiwe umculo “ubaluleke gqitha ekukhuleni kwabeshumi elivisayo.” Kuthelekelelwa ukuba kwiminyaka yakhe emithandathu yokugqibela esikolweni, umntu oselula oqhelekileyo eUnited States uya kuphulaphula umculo werock ngaphezu kweeyure ezine ngosuku! Ngokuqinisekileyo oko kubonisa ukungalungelelani. Oku akuthethi ukuba kuphosakele ukunandipha into ekwenza uzive uchwayitile okanye wonwabile. Ngokuqinisekileyo uYehova, uMdali womculo omyoli, akalindelanga ukuba abantu abaselula bathi khunubembe yaye babe lusizi. Enyanisweni, ubayalela oku abantu bakhe: “Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa, nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.” (INdumiso 32:11) Kwabaselula iLizwi lakhe lithi: “Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho.”—INtshumayeli 11:9.

6. (a) Kutheni ulutsha kufuneka lululumkele uhlobo lomculo oluwukhethayo? (b) Kutheni umculo omninzi wanamhlanje ungafanelekanga kunomculo wakudala?

6 Sekunjalo, kukho isizathu esilungileyo sokuba ululumkele uhlobo lomculo olukhethayo. KumaEfese 5:15, 16 umpostile uPawulos wathi: “Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko; nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.” Olunye ulutsha lusenokungakwamkeli oko, njengoko yenzayo enye intombazana eselula: “Abazali bethu babephulaphula umculo wabo ngoxa babeselula. Kutheni singenakuwuphulaphula owethu?” Othile kumculo ababewunandipha abazali bakho ngoxa babekubudala bakho usenokuba wawunezinto ezingafanelekanga. Xa kuhlolisiswa ngenyameko, umculo omninzi owawuthandwa ubonakala unamazwi aliqela ngokumangalisayo abhekisela kwisini nasekuziphatheni okubi ngeendlela ezingacacanga. Kodwa oko kwakufudula kubhekiselwa kuko ngeendlela ezingacacanga ngoku kuthethwa ngokuphandle. Omnye umbhali uphawula oku: “Ngoku abantwana bahlaselwa zizigidimi ezithetha ngokuphandle ngomkhamo ongafaniyo nantoni na ibutho lethu elakha layibona.”

Umculo Werap—Umculo Wemvukelo

7, 8. (a) Uyintoni umculo werap, yaye yintoni eyenza ukuba uthandwe? (b) Yintoni enokubonisa umntu njengalowo ulandela indlela yokuphila yerap?

7 Ngokomzekelo, khawuqwalasele indlela othandwa ngayo umculo werap. Ngokutsho kwephephancwadi iTime, irap “ikukuguquka kwesingqi okwamkelekileyo ehlabathini lonke” yaye ithandwa gqitha eBrazil, eJapan, eRashiya, eUnited States naseYurophu. Ngokufuthi isingqi sawo asiyondelelananga konke konke, amazwi awo ayethethwa, awaculwa, ahambisana nesingqi esitsho ngamandla. Noko ke, seso singqi esibonakala siyeyona nto iphambili eyenza ukuba umculo werap uthengwe kakhulu. Omnye umntu oselula waseJapan uthi: “Xa ndiphulaphule umculo werap, ndiziva ndonwabile, yaye xa ndingqungqa, ndiziva ndikhululekile.”

8 Amazwi omculo werap—ngokufuthi angumxube wentetho engcolileyo neyasesitratweni—abonakala esesinye isizathu esibangela ukuba irap ithandwe. Ngokungafaniyo namazwi omculo oqhelekileyo werock, amaninzi athetha kakhulu ngokuthandana kwabeshumi elivisayo, amazwi omculo werap ngokufuthi anesigidimi esinzulu ngakumbi. Irap ithetha ngokunxamnye nokungekho sikweni, ubuhlanga nenkohlakalo yamapolisa. Noko ke, maxa wambi, amazwi aphindaphindwayo athethwa ngeyona ntetho ingcolileyo neyothusa ngendlela engathethekiyo. Kwakhona irap ibonakala ikukuvukelwa kwemilinganiselo yokunxiba, ukuzilungisa nokuziphatha okuhle ngokwesini. Akumangalisi ukuba, irap iyindlela yokuphila. Abalandeli bayo babonakala ngezimbo zomzimba ezibaxiweyo, intetho yasesitratweni neempahla abazinxibayo—iijean eziwakuwaku, iiteki ezingabotshwayo ezima entla kwamaqatha, amakhonkco egolide, iikepusi ezifana nezabadlali bebaseball, neendondo ezimnyama.

9, 10. (a) Ziziphi izibakala ulutsha olufanele luziqwalasele ekugqibeni enoba umculo werap nendlela yawo yokuphila ‘ukholekile na kwiNkosi’? (b) Yintoni olunye ulutsha olungamaKristu olubonakala luyithabatha lula?

9 KumaEfese 5:10, amaKristu axelelwa ukuba ‘acikide ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.’ Ngokuqwalasela udumo enalo irap, ngaba ucinga ukuba ‘kunokuba kokukholekileyo kwiNkosi’ ukuba ubandakanyeke kuyo? Ngaba umntu oselula ongumKristu unokufuna ukugqalwa njengophila ngendlela egqalwa ingamkelekanga nangabantu abaninzi behlabathi? Phawula indlela omnye umhlalutyi awuchaza ngayo umnyhadala werap: “Abaculi berap babekhuphisana ngokuthetha awona mazwi othusayo ngokungcola nathetha ngokuphandle ngesini. . . . Amadoda namabhinqa angqungqayo ayelinganisa izenzo zesini eqongeni.” Ngokuphathelele ingoma ethile eyayibalasele, omnye wabaququzeleli baloo mnyhadala wathi: “Yonke into ephuma emlonyeni wabo (ingamanyala).”

10 Nakuba kunjalo, umculo owawudlalwa ngolo rhatya yayingumculo nje oqhelekileyo werap. Umlawuli weholo yomnyhadala wathi: “Oku nikuphulaphuleyo yirap nje eqhelekileyo—efana naleyo ithengwa lulutsha ezivenkileni.” Hayi indlela okubuhlungu ngayo ukuthi phakathi kolutsha olungama-4 000 nangakumbi olwalukuloo mnyhadala kwakukho oluthile oluzibabaza lungamaNgqina kaYehova! Kubonakala ukuba lumbi luye lwasithabatha lula isibakala sokuba uSathana ‘ngumphathi wegunya lesibhakabhaka.’ Ulawula ‘umoya [okanye, isimo sengqondo esibalaseleyo] lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo.’ (Efese 2:2) Ubuya kuba ukhonza izilangazelelo zikabani ukuba ubandakanyeka kumculo werap okanye indlela yokuphila yerap? Kuyavunywa ukuba omnye umculo werap usenokungabi mbi kangako. Kodwa ngaba kusengqiqweni ukuthanda naluphi na uhlobo lomculo ubukhulu becala oluyaphulayo imilinganiselo yobuKristu?

Umculo Onesingqi Esinamandla—Isini, Ugonyamelo NobuSathana

11, 12. Uyintoni umculo onesingqi esinamandla, yaye ziziphi izinto ezingafanelekanga kuwo?

11 Olunye uhlobo lomculo oluthandwayo ngumculo onesingqi esinamandla (heavy metal). Umculo onesingqi esinamandla ungxola ngaphezu kowona mculo werock ungxolayo. Ingxelo ekwiThe Journal of the American Medical Association ithi: “Umculo onesingqi esinamandla . . . ubalaselisa isingqi esinamandla yaye unamazwi amaninzi azukisa intiyo, ukuxhatshazwa, isini esingafanelekanga yaye ngezihlandlo ezithile ubusathana.” Kaloku, amagama nje odwa amaqela athile athandwayo abonisa ububi bolu hlobo lomculo werock. Anamagama anjengelithi “poison” (ityhefu), “guns” (imipu), nelithi “death” (ukufa). Sekunjalo, umculo onesingqi esinamandla ubonakala ungeyonto xa uthelekiswa nomculo wepunk rock nomculo onesingqi esinamandla obalaselisa ukufa (death metal)—iintlobo zomculo ezivela kumculo onesingqi esinamandla. La maqela asebenzisa amagama anjengelithi “cannibal” (izim) nelithi “obituary” (umphanga). Ulutsha olukumazwe amaninzi lusenokungayiqondi indlela alisikizi ngayo la magama ngenxa yokuba engawesiNgesi okanye engawolunye ulwimi lwasemzini.

12 Ngokuphindaphindiweyo umculo onesingqi esinamandla uye wanxulunyaniswa nokuzibulala, ukudandatheka nokusebenzisa iziyobisi kwabeshumi elivisayo. Ukudibana kwawo nokuziphatha ngokunogonyamelo kwabangela omnye umcebisi kunomathotholo ukuba awubize ngokuthi “umculo wokubulala abazali bakho.” Kukudibaniselana kwawo nobuSathana okuxhalabisa abazali abaninzi—namapolisa. Omnye umcuphi wathi lumbi ulutsha olubandakanyeke kunqulo lobusathana lwaqalisa ukusebenzelana nemimoya ngenxa yalo mculo. Uqukumbela ngelithi: “Aluyazi into oluzifaka kuyo.”

13. Yintoni ingozi ekubandakanyekeni kumculo onesingqi esinamandla?

13 Noko ke, ulutsha olungamaKristu alufanele ‘lungawazi amaqhinga kaSathana.’ (2 Korinte 2:11) Ngapha koko, ‘sizamana nemikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.’ (Efese 6:12) Hayi indlela ebekuya kuba bubudenge ngayo ukuthi, ngomculo ubani awukhethayo, ameme iidemon kubomi bakhe! (1 Korinte 10:20, 21) Sekunjalo, ulutsha oluninzi olungamaKristu lubonakala luwuthanda gqitha lo mculo. Lumbi luye lwasebenzisa iindlela ezifihlakeleyo ukuze luzanelise ngomculo oluwuthandayo. Enye intombazana eselula iyavuma: “Ndandidla ngokuphulaphula umculo onesingqi esinamandla, maxa wambi ndandiwuphulaphula phantse ubusuku bonke. Ndandithenga amaphephancwadi [abalandeli] bomculo onesingqi esinamandla ndize ndiwafihle kubazali bam kwiibhokisi zezihlangu. Ndandibaxokisa abazali bam. Ndiyazi ukuba uYehova wayengakholiswa ndim.” Indlela eyayicinga ngayo yalungiswa lelinye inqaku lephephancwadi uVukani! Bangaphi abanye abantu abaselula abasenokuba basabanjiswe ngumculo onjalo?

Ukuvuna Oko Ukuhlwayeleyo

14, 15. Kutheni sinokuqiniseka ukuba ukuphulaphula umculo ongakhiyo kuya kuba nomphumo ombi? Zekelisa.

14 Musa ukuyithabatha kancinane ingozi osenokuba nayo umculo onjalo. Liyinyaniso elokuba usenokungatyekeli ekubulaleni umntu okanye ekuziphatheni kakubi ngokwesini ngenxa nje yokuba uye waphulaphula ingoma. Sekunjalo, amaGalati 6:8 athi: “Lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni.” Ukuphulaphula umculo wehlabathi, onobulwanyana, yaye ode ube nobudemon akunakukwakha konke konke. (Thelekisa uYakobi 3:15.) Unjingalwazi womculo uJoseph Stuessy ucatshulwa esithi: “Naluphi na uhlobo lomculo luyazichaphazela iimvakalelo, izimo zengqondo nehambo yethu . . . Nabani na othi, ‘Ndiyawuphulaphula umculo onesingqi esinamandla, kodwa awundichaphazeli,’ uyaphosisa. Uchaphazela abantu abahlukeneyo ngomkhamo owahlukeneyo nangeendlela ezahlukeneyo.”

15 Omnye umntu oselula ongumKristu uyavuma: “Ndandibandakanyeke gqitha kumculo wepunk rock kangangokuba bonke ubuntu bam baguquka.” Kungekudala waqala ukukhathazwa ziidemon. “Ekugqibeleni ndawatshabalalisa amacwecwe am yaye ndakhululeka kwiidemon.” Omnye oselula uyavuma: “Umculo endandiwuphulaphula wawuthetha ngokukhafula, iziyobisi, okanye isini. Ulutsha oluninzi luthi awuluchaphazeli, kodwa eneneni uyaluchaphazela. Ndaphantse ndaphuma ngokupheleleyo enyanisweni.” Umzekeliso uyabuza: “Umntu unokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe, zingatshi na iingubo zakhe?”—IMizekeliso 6:27.

Hlala Ulumkile

16. Yintoni enokutshiwo ngababhali neemvumi zeengoma ezininzi zanamhlanje?

16 UPawulos wawabhalela oku amaKristu kwiEfese yamandulo: “Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo, zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo.” (Efese 4:17, 18) Ngaba oku akunakutshiwo ngababhali neemvumi zeengoma ezininzi zanamhlanje? Kunanini na ngaphambili, zonke iintlobo zomculo zibonakalisa impembelelo ‘yothixo weli phakade,’ uSathana uMtyholi.—2 Korinte 4:4.

17. Ulutsha lunokuwubona, okanye luwuhlole njani ukuba umculo ufanelekile?

17 Ngokuphathelele ‘imihla yokugqibela,’ iBhayibhile yakuxela kwangaphambili oku: “Abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini.” (2 Timoti 3:1, 13) Ngoko, kunanini na ngaphambili, ufanele ululumkele gqitha uhlobo lomculo olukhethayo. Ngokufuthi, umxholo ongafanelekanga uya kwenza ukuba ungalithabathi icwecwe. UYobhi 12:11 uyabuza: “Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, nekhuhlangubo likuve ukudla?” Ngendlela efanayo, unokuwuhlola umculo ngokuwuphulaphula nje kancinane ukuze ufumanise uhlobo olulo. Isingqi sawo sivuselela iimvakalelo ezinjani kuwe? Ngaba sikhuthaza ihambo yobundlobongela nevakalala—umoya woburheletyo? (Galati 5:19-21) Kuthekani ngamazwi awo? Ngaba akhuthaza ukuziphatha okubi ngokwesini, ukusetyenziswa kweziyobisi, okanye ezinye izinto ezingalunganga ‘ekulihlazo nokuzithetha’? (Efese 5:12) IBhayibhile ithi izinto ezinjalo azifanele ‘kukhankanywa’ phakathi kwabantu bakaThixo, singasathethi ke ngokuba zihanjiswe nesingqi zize ziphindaphindwe. (Efese 5:3) Kuthekani ngesingxobo secwecwe? Ngaba sinemixholo enxulumene nokukhafula okanye sinemifanekiso evuselela isini?

18. (a) Ziziphi iinguqulelo ulutsha oluthile ekusenokufuneka luzenze xa kufikelelwa emculweni? (b) Ulutsha lunokukuhlakulela njani ukuthanda umculo owakha ngakumbi?

18 Mhlawumbi kukho iinguqulelo ekufuneka uzenzile kuhlobo lomculo owukhethayo. Ukuba unamacwecwe, iikhasethi, neecompact disc ezithetha ngokuziphatha okubi nezinobudemon, ufanele uzitshabalalise ngokukhawuleza. (Thelekisa IZenzo 19:19.) Oku akuthethi ukuba akunakuwunandipha umculo; asinguwo wonke umculo othandwayo ongafanelekanga. Kwakhona olunye ulutsha luye lwafunda ukuthanda iintlobo zomculo ezahlukahlukeneyo yaye ngoku lunandipha umculo othile weklasiki, umculo wakwantu, ijazz epholileyo nezinye iintlobo zomculo. Iikhasethi zeeKingdom Melodies ziye zanceda ulutsha oluninzi ukuba luthande umculo owakhayo weokhestra.

19. Kutheni kubalulekile ukugcina umculo ukwindawo yawo?

19 Umculo sisipho esivela kuThixo. Noko ke, kwabaninzi uba yinto engakhiyo abachitha ixesha labo ngayo. Aba banjengamaSirayeli amandulo awayekunandipha ukudlalwa ‘kohadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, . . . ke wona umsebenzi kaYehova engawubeki.’ (Isaya 5:12) Kwenze usukelo lwakho ukugcina umculo ukwindawo yawo uze wenze umsebenzi kaYehova ube yeyona nto iphambili oyixhalabeleyo. Wukhethe uze uwulumkele umculo owuthandayo. Ngaloo ndlela uya kukwazi ukusisebenzisa—ungasisebenzisi kakubi—esi sipho sivela kuThixo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kubonakala ukuba uhlanga lwakwaSirayeli lwalubalasele emculweni. Umkrolo waseAsiriya ubonisa ukuba uKumkani uSaneribhe wafuna iimvumi zakwaSirayeli njengomnikelo kuKumkani uHezekiya. IGrove’s Dictionary of Music and Musicians ithi: “Ukufuna iimvumi njengomnikelo . . . kwakungaqhelekanga ngokwenene.”

Uyakhumbula Na?

◻ Kutheni umculo kunokuthiwa sisipho esivela kuThixo?

◻ Umculo wawusetyenziswa kakubi njani kumaxesha amandulo?

◻ Ziziphi iingozi onazo umculo werap nomculo onesingqi esinamandla kulutsha olungamaKristu?

◻ Ulutsha olungamaKristu lunokuyibonakalisa njani inyameko ekukhetheni umculo oluwuthandayo?

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ngokufuthi umculo wawusetyenziswa njengendlela yokudumisa uYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share