Indalo Ithi, ‘Abanakuzithethelela’
“Kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi [“nakuzithethelela,” NW].”—ROMA 1:20.
1, 2. (a) UYobhi wamkhalazela kabukhali njani uYehova? (b) UYobhi wazisola njani ngenxa yoku ekugqibeleni?
UYOBHI, indoda yamandulo eyayigcine ingqibelelo eluqilima kuYehova uThixo, yavavanywa ngokuqatha nguSathana. UMtyholi wenza ukuba uYobhi alahlekelwe zizo zonke izinto zakhe eziphathekayo, wabulala oonyana neentombi zakhe, waza yena wambetha ngesifo esenyanyekayo. UYobhi wayecinga ukuba ezi zinto zibuhlungu zazibangelwa nguThixo, yaye wamkhalazela kabukhali uYehova esithi: “Kulungile na kuwe ukuba ucudise, . . . Ukuba nje ubufune ubungwenxa bam, usingxoke isono sam, usazi unje ukuba andingongendawo?”—Yobhi 1:12-19; 2:5-8; 10:3, 6, 7.
2 Kwithuba elithile emva koku, amazwi awathethwa nguYobhi kuThixo abonisa okwahluke kwaphela koku kuba wathi: “Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi. Bendikuva ukukuva ngendlebe, kungoku iliso lam likubonile. Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, ndiseluthulini naseluthuthwini.” (Yobhi 42:3, 5, 6) Yintoni eyayenzekile eyaguqula isimo sengqondo sikaYobhi?
3. UYobhi waba nayiphi imbono entsha ngendalo?
3 Ngaxa lithile, uYehova wathetha noYobhi ekumoya ovuthuzayo. (Yobhi 38:1) Wamxinxa uYobhi ngemibuzo. ‘Ubuphi wena xa bendiseka umhlaba? Ngubani owamisela ulwandle iingcango waza wabekela amaza alo imida apho afanele aphele khona? Unako na ukwenza amafu anisele imvula emhlabeni? Unako yini ukukhulisa ingca? Unokuzibopha na iinkwenkwezi zezulu uze uzikhokele ngendlela ezihamba ngayo?’ Ukususela kwisahluko 38 kuse kwesama-41 kwincwadi kaYobhi, uYehova wambuza le mibuzo uYobhi neminye emininzi ngendalo Yakhe. Wamenza uYobhi wawubona umahluko omkhulu okhoyo phakathi komntu noThixo, ekhumbuza uYobhi ngendlela engaphephekiyo ngobulumko namandla abonakaliswa kwindalo kaThixo, izinto uYobhi angenakukwazi ukuzenza okanye kwaukuziqonda ngamandla akhe. UYobhi, oyisakele ngamandla amangalisayo nobulumko obubalaseleyo bukaThixo usomandla njengoko butyhilwa yindalo Yakhe, waqonda ukuba wayenesibindi sokucinga ukuba anganelunda lokuxoxisana noYehova. Ngoko wathi: “Bendikuva ukukuva ngendlebe, kungoku iliso lam likubonile.”—Yobhi 42:5.
4. Yintoni esifanele siyibone kwindalo kaYehova, yaye injani imeko yabo basilelayo ukuyibona loo nto?
4 Kwiinkulungwane ezininzi kamva umbhali weBhayibhile ophefumlelweyo wangqina ukuba iimpawu zikaYehova zinokubonwa kwindalo yakhe. Umpostile uPawulos wabhala oku kumaRoma 1:19, 20: “Oko kwazekayo ngoThixo kuyabonakala ngaphakathi kwabo; kuba uThixo wakubonakalalisa kubo. Kuba kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi [“nakuzithethelela,” NW].”
5. (a) Yiyiphi intswelo engokwemvelo abantu abanayo, yaye bambi bayizalisa njani ngokungafanelekanga? (b) UPawulos wancomela ntoni kumaGrike aseAtene?
5 Umntu wadalwa wanentswelo yokwemvelo yokunqula amandla athile aphakamileyo. UGqr. C. G. Jung, kwincwadi yakhe ethi The Undiscovered Self, wabhekisela kule ntswelo ngokuthi “sisimo sengqondo sokwemvelo esifumaneka kuphela ebantwini, yaye ukubonakala kwaso kunokulandwa kuyo yonke imbali yabantu.” Umpostile uPawulos wathetha ngolangazelelo lomntu olungokwemvelo lokunqula, nto leyo ebonisa isizathu sokuba amaGrike aseAtene enza imifanekiso eqingqiweyo nezibingelelo esenzela oothixo abaninzi, abaziwayo nabangaziwayo. Kwakhona uPawulos wabazisa uThixo oyinyaniso waza wababonisa ukuba babefanele baluzalise olu langazelelo lokwemvelo ngokufanelekileyo ngokufuna uYehova uThixo oyinyaniso, ‘ukuba kambe bangaphuthaphutha bamfumane, nakuba engekude kuthi sonke ngabanye.’ (IZenzo 17:22-30) Ekubeni sikufuphi kwizinto azidalileyo, sikufuphi ngendlela yokuba sizibone iimpawu zakhe.
Umjikelo Wamanzi Omangalisayo
6. Ziziphi iimpawu zikaYehova esizibona kumjikelo wamanzi?
6 Ngokomzekelo, ziziphi iimpawu zikaYehova esizibonayo, ngokukwazi kweengqimba zamafu ukugcina amanzi amaninzi kangaka? Sibona uthando nobulumko bakhe, kuba ngaloo ndlela usikelela umhlaba ngemvula. Ukwenza oku ngenxa yendlela emangalisayo awuyile ngayo umjikelo wamanzi, okhankanywe kwiNtshumayeli 1:7: “Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.” Incwadi yeBhayibhile kaYobhi iyichaza ngokungqalileyo indlela ekwenzeka ngayo oku.
7. Amanzi asuka njani elwandle ukuze abe ngamafu, yaye iingqimba zamafu zikwazi njani ukugcina amanzi amaninzi?
7 Xa imilambo iqukuqela ukuya elwandle, ayihlali apho. UYehova “utsalela phantsi amathontsi amanzi, achaphaze eyimvula enkungwini yakhe.” Ngenxa yokuba amanzi engumphunga aze ekugqibeleni abe yinkungu engephi, “amafu ajinga esibhakabhakeni, umsebenzi obalulekileyo wobuchule bakhe obubalaseleyo.” (Yobhi 36:27; 37:16; The New English Bible) Amafu aya kuhlala esibhakabhakeni logama nje eyinkungu: “Ubopha amanzi emafini akhe, lingagqabhuki ilifu [“inkungu,” NW] ngaphantsi kwawo.” Okanye kunjengokuba enye inguqulelo isitsho: “Ugcina amanzi engungene kwiingqimba zamafu, yaye amafu awagqabhuki ngenxa yobunzima bawo.”—Yobhi 26:8, NE.
8. “Iintsuba zezulu” zithululwa ngawaphi amanqanaba awahlukahlukeneyo ukuze umjikelo wamanzi uphelele?
8 Ezi ‘ntsuba zezulu—ngubani na onokuzithulula’ ukuze abangele imvula ine emhlabeni? (Yobhi 38:37) NguLowo othe ‘ngobuchule bakhe obubaseleyo’ wazibeka kwindawo ezikuyo kwasekuqaleni, lowo ‘uchaphazisa imvula enkungwini yakhe.’ Ibe yintoni efunekayo ukuze kuchaphaze imvula ngokusuka enkungwini? Kufanele kubekho amasuntswana amancinane ento ethile eqinileyo, njengothuli okanye amasuntswana etyuwa—ukususela kumawaka ukusa kumakhulu amawaka awo kwikyubhiki sentimitha yomoya—nto leyo esebenza njengesiseko anokunamathela kuso amathontsi. Kuqikelelwa ukuba kufuneka isigidi samathontsi amancinane amafu ukuze kubekho ithontsi nje eliqhelekileyo lemvula. Kuphela kusemva kokuba kwenzeke oku anokuthi amafu abangele kubekho isikhukula emhlabeni esenza ukuba kubekho imisinga ebuyisela amanzi elwandle. Ngaloo ndlela umjikelo wamanzi uyaphelela. Ngaba konke oku kwenzeka nje ngamabona-ndenzile? Ngokwenene, ‘abanakuzithethelela’!
Umthombo Omnye Wobulumko BukaSolomon
9. Yintoni ebalaseleyo uSolomon awayifumanisayo ngohlobo oluthile lwembovane?
9 Kwihlabathi lamandulo, ubulumko bukaSolomon babungenakulinganiswa nanto. Inkoliso yobo bulumko babubandakanya indalo kaYehova: “[USolomon] wathetha ngemithi, ethabathela kumsedare waseLebhanon, ase nakwihisope ephuma eludongeni; wathetha nangeenkomo nangeentaka, nangezinambuzane, nangeentlanzi.” (1 Kumkani 4:33) Yayikwangulo Kumkani uSolomon owabhala oku: “Yiya embovaneni, vilandini; khangela iindlela zayo, ulumke: Yona ithi, ingenamphathi, namongameli, namlawuli, isuke isilungise isonka sayo ehlotyeni, ikubuthe ukudla kwayo ngexa lokuvuna.”—IMizekeliso 6:6-8.
10. Umzekeliso kaSolomon weembovane ezingabavuni wangqinelwa njani?
10 Ngubani owafundisa iimbovane ukuba zizigcinele ukutya okwaneleyo ezinokukusebenzisa kwingqele yasebusika? Kangangeenkulungwane ukuchana kwengxelo kaSolomon ngeembovane ezizivunela ukutya zize zikugcinele ubusika kwakuthandatyuzwa. Kwakungekho mntu wakhe wafumana ubungqina bobukho bazo. Noko ke, ngowe-1871, isazi ngezinto eziphilayo saseBritane, safumanisa uvimba wazo ongaphantsi komhlaba, yaye ukuchana kweBhayibhile ngokunikela le ngxelo ngazo kwangqinelwa. Kodwa ezi mbovane zibufumana phi ubulumko bokubona kusengaphambili ehlotyeni ukuba kuza ingqele yasebusika nobulumko bokwazi into ezifanele ziyenze ngayo? IBhayibhile ichaza ukuba izinto ezininzi zendalo kaYehova zidalwe zanobulumko bokwazi indlela yokuzisindisa. Iimbovane ezingabavuni ziyangenelwa kwiintsikelelo ezivela kuMdali wazo. IMizekeliso 30:24 (NW) ithetha ngazo isithi: “Zinobulumko bemvelo.” Akukho ngqiqweni ukuthi ubulumko obunjalo busuke nje bazivelela; ukusilela ukububona ubulumko boMdali koku akunakuthetheleleka.
11. (a) Kutheni umthi omkhulu wesequoia umangalisa kangaka? (b) Yintoni engummangaliso ngento eqala yenzeke kwinkqubo yephotosynthesis?
11 Umntu omi phantsi komthi omkhulu wesequoia, emangaliswe bubuhandiba bobukhulu bawo, ngokuqondakalayo uvakalelwa ngokungathi uyimbovane encinane. Lo mthi mkhulu ngendlela emangalisayo: uba ziimitha ezingama-90 ubude, isiqu sawo sibe ziimitha ezili-11, ixolo lawo lisisi-0,6 semitha ububanzi, iingcambu zawo zinabela kwiihektare ezisisi-1,2 ukusa kwezisisi-1,6. Kanti, eyona nto imangalisa ngakumbi yinkqubo yamachiza noko kubandakanyekileyo ekukhuleni kwawo. Amagqabi awo afumana amanzi ezingcanjini, afumane ikharbon diokside emoyeni, aze afumane amandla elangeni ukuze avelise iiswekile aze akhuphe ioksijeni—inkqubo ebizwa ngokuba yiphotosynthesis ebandakanya ukusebenza kwamachiza ngeendlela ezingama-70, ndlela ezo ezingaqondwa zonke. Okumangalisayo kukuba, inkqubo yokuqala ixhomekeke kukukhanya kwelanga okunombala kanye ofanelekileyo, oxubene ngendlela efanelekileyo; kungenjalo bekungayi kwamkelwa ziimolekyule zechlorophyll ukuze ziqalise inkqubo yephotosynthesis.
12. (a) Yintoni emangalisayo ngendlela umthi isequoia owasebenzisa ngayo amanzi? (b) Yintoni ebangela kufuneke initrojeni ukuze umthi ukhule, yaye umjikelo wayo iwugqiba njani?
12 Enye into emangalisayo sisibakala sokuba lo mthi unako ukufunxa izixa ezithile zamanzi ezingcanjini uzisa encotsheni yalo mthi onobude obuziimitha ezingama-90. Uyakwazi ukutsala amanzi amaninzi angaphezu kwafunekayo ukwenza iphotosynthesis. Angafunekiyo akhutshwa ngamagqabi ukuze awamfimfele emoyeni. La manzi awenza umthi uphole, kanye ngendlela esipholiswa ngayo kukubila. Ukuze ukwazi ukwenza iiproteyini ezibangela ukhule, kufanele kongezelelwe initrojeni kwiiswekile, okanye kwiicarbohydrate zawo. Amagqabi awanakuyisebenzisa initrojeni eyigesi efumaneka emoyeni, kodwa izinto ezincinane eziphila emhlabeni zinokuyiguqula le nitrojeni iyigesi esemhlabeni ibe ziinitrate neenitrite ezinyibilikayo emanzini, ezithi ngoko zityhutyhe ukusuka ezingcanjini ukuya emagqabini. Xa izityalo nezilwanyana eziye zasebenzisa iiproteyini zisifa zize zibole, kuphuma initrojeni, nto leyo egqibezela umjikelo wenitrojeni. Konke oku kuntsonkothe gqitha, kungumsebenzi ongenakufane wenzeke ngamabona-ndenzile.
Zingenantetho Okanye Amagama Okanye Amazwi, Ziyathetha!
13. Yintoni eyavakaliswa ngamazulu azaliswe ziinkwenkwezi kuDavide, yaye yintoni eziqhubeka zisixelela yona?
13 Enjani yona ukumangalisa imbonakaliso yoMdali kwiinkwenkwezi ezizalise isibhakabhaka ebusuku nto leyo ebashiya abo bazibukeleyo benoloyiko! KwiNdumiso 8:3, 4, uDavide evakalisa ukumangaliseka kwakhe wathi: “Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo: uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo?” Kwabo banamehlo okubona, iindlebe zokuva, nentliziyo evakalelwayo, amazulu azaliswe ziinkwenkwezi ayathetha, njengokuba enjenjalo kuDavide: “Izulu libalisa uzuko lukaThixo.”—INdumiso 19:1-4.
14. Kutheni amandla amakhulu enye yeenkwenkwezi ebaluleke kangaka nje kuthi?
14 Okukhona sisazi ngakumbi ngeenkwenkwezi, kokukhona zithetha nathi ngokuvakala ngakumbi. KuIsaya 40:26, sikhuthazwa ukuba siphawule amandla amangalisayo ezinawo: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.” Amandla omxhuzulane namandla amakhulu enye yazo, ilanga lethu, abambe umhlaba kwindawo ojikeleza kuyo, abangela ukuba izityalo zikhule, asigcina sifudumele, aze abangele kubekho izinto eziphilayo apha emhlabeni. Umpostile uPawulos ephefumlelwe wathi: “Inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.” (1 Korinte 15:41) Inzululwazi iyazi ukuba kukho iinkwenkwezi ezimthubi njengelanga lethu, kwaneziluhlaza okwesibhakabhaka, iinkwenkwezi eziziired giants, iiwhite dwarfs, iinkwenkwezi iineutron, neesupernova ezikhupha amandla angenakulinganiswa nanto.
15. Abayili abaninzi bafunde ntoni kwindalo yaye yintoni abaye bazama ukuyixelisa?
15 Abayili abaninzi baye bafunda kwindalo yaye baye bazama ukuxelisa izinto ezenziwa zizidalwa eziphilayo. (Yobhi 12:7-10) Khawuphawule nje imizekelo embalwa ebalaseleyo yendalo. Iintaka zolwandle ezikwaziyo ukuphelisa amandla etyuwa kumanzi olwandle; iintlanzi neepalanga (eel) ezivelisa amandla ombane; iintlanzi, nemisundululu, kunye nezinambuzane ezivelisa ukukhanya okungenabushushu; amalulwane needolphin ezisebenzisa ubushushu obuvela elangeni; oonomeva abenza iphepha; iimbovane ezakha iibhulorho; uhlobo oluthile lwentini eyakha amadama; iinyoka ezinezixhobo zokulinganisa iqondo lobushushu; izinambuzane zamaqula ezisebenzisa imibhobho yeenkwili yokuphefumla nezixhobo zokuntywila; iingwane ezisebenzisa amandla anjengawejet ukuhamba; izigcawu ezenza iindidi ezisixhenxe zeenwebu kunye neminyango efihlakeleyo, iindlwana, neentsontela yaye zikwazi ukuba nabantwana abakwaziyo ukubhabha iikhilomitha ezininzi bephezulu gqitha; iintlanzi nezidalwa ezihlala emanzini ezisebenzisa iitanki ezizenza zingatshoni emanzini njengeenkwili; neentaka, izinambuzane, oonokrwece baselwandle, iintlanzi, nezilwanyana ezanyisayo ezifudukela komnye ummandla ngendlela emangalisayo—ubuchule obungenakuchazwa yinzululwazi.
16. Ziziphi iinyaniso ezingokwenzululwazi ezabhalwa eBhayibhileni kwiminyaka engamawaka ngaphambi kokuba inzululwazi izifumanise?
16 Ezi nyaniso zingokwenzululwazi zabhalwa eBhayibhile kwiminyaka engamawaka ngaphambi kokuba zaziwe yinzululwazi. UMthetho kaMoses (wenkulungwane ye-16 B.C.E.) wabonisa ulwazi ngeentsholongwane zezifo kumawaka eminyaka ngaphambi koPasteur. (Levitikus, isahluko 13, 14) Ngenkulungwane ye-17 B.C.E., uYobhi wathi: ‘Uxhoma ihlabathi kokungeni.’ (Yobhi 26:7) Kwiminyaka eliwaka ngaphambi kokufika kukaKristu, uSolomon wabhala ngokujikeleza kwegazi; kuye kwafuneka ukuba inzululwazi yezamayeza ilinde de kube yinkulungwane ye-17 ngaphambi kokuba ifunde ngalo nto. (INtshumayeli 12:6) Ngaphambi koko, INdumiso 139:16 yabonisa ulwazi ngomthetho wemfuza: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; ziyiliwe ngenxa engaphambili, kungekabikho ke nanye kuzo.” Ngenkulungwane yesi-7 B.C.E., ngaphambi kokuba izazi ngezinto eziphilileyo zazi ngokufudukela kwelinye ilizwe kwezilwanyana, uYeremiya wabhala oku, njengoko kunikelwe ingxelo kuYeremiya 8:7: “Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo okufuduka kwelinye ilizwe, ihobe nehlankomo nesinqola-mthi ziligcinile ixesha lokufika kwazo.”—NE.
“UMdali” Okhethwa Ngabaxhasi Bendaleko
17. (a) AmaRoma 1:21-23 athini ngabathile abangafuni kuvuma ukuba izinto ezimangalisayo zendalo zidalwe nguMdali okrelekrele? (b) Ngengqiqo ethile, abo bakholelwa kwindaleko bakhetha bani ‘njengomdali’ wabo?
17 Esinye isibhalo sithi ngabo bakhetha ukungabuvumi ubukho boMdali okrelekrele kwimimangaliso yendalo: “[Basuke] bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama; bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha; baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho zine, nowezinambuzane. Bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali.” (Roma 1:21-23, 25) Oku kunjalo ngezazinzulu ezikholelwa kwindaleko, ezithi, enyanisweni, zizukise inkolelo ecingelwayo yokuguquka kweprotozoa-imisundululu-iintlanzi-izilwanyana eziphila emhlabeni nasemanzini-izirhubuluzi-izilwanyana ezanyisayo-“umntu oyinkawu” ‘njengomdali’ wabo. Noko ke, ziyazi ukuba akukho nto ineseli enye ekwaziyo ukuqalisa wonke lo mjikelo. Eyona nto incinane iphilayo eyaziwayo iqulethe iiathom ezilikhulu lamawaka ezigidi, iinkqubo ezininzi zokusebenza kwemichiza ezenzeka ngexesha elinye.
18, 19. (a) Ngubani Lowo ufanele azukiswe ngokuqalisa ubomi? (b) Ingakanani indalo kaYehova esinokuyibona?
18 UYehova uThixo nguMdali wobomi. (INdumiso 36:9) UyiMbangi yokuQala enkulu. Igama lakhe elithi, Yehova, lithetha ukuthi, “Ubangela kubekho.” Izinto azidalileyo azinakubalwa. Ngokuqinisekileyo kukho izigidi zezinto azidalileyo abantu abangazaziyo. INdumiso 104:24, 25 isithela thsuphe ngoku isithi: “Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobulumko.” UYobhi 26:14 ukuchaza ngokungqalileyo oku esithi: “Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo; iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye? Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingaqondwa ngubani na?” Sibona nje iincam ezimbalwa, siva imisebezo embalwa, kodwa intsingiselo yendudumo yakhe asinakuyiqonda ngokupheleleyo.
19 Noko ke, sinawo umthombo omhle wokumbona kunokumbona ngendalo yakhe ebonakalayo. Loo mthombo mhle liLizwi lakhe, iBhayibhile. Kwinqaku elilandelayo siza kuphethulela ingqalelo yethu kuloo mthombo.
Uyakhumbula Na?
◻ Yintoni uYobhi awayifundayo xa uYehova wayethetha naye ekumoya ovuthuzayo?
◻ Kwakutheni ukuze uPawulos athi bambi abantu abanakuzithethelela?
◻ Usebenza njani umjikelo wamanzi?
◻ Ziziphi izinto ezibalulekileyo esizenzelwa kukukhanya kwelanga?
◻ Ziziphi iinyaniso ezingokwenzululwazi iBhayibhile eyazityhila ngaphambi kokuba inzululwazi izifumanise?