Ukuhamba Ngobulumko Ngokuphathelele Ihlabathi
“Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle.”—KOLOSE 4:5.
1. Ayejamelene nantoni amaKristu okuqala, yaye sisiphi isiluleko uPawulos awasinikela kwibandla laseKolose?
AMAKRISTU okuqala awayehlala kwizixeko zobukhosi baseRoma ayesoloko ejamelene nonqulo-zithixo, ukufuna uyolo ngokuziphatha okubi, nezithethe namasiko abahedeni. Lawo ayehlala eKolose, isixeko esasikwintshona yombindi weAsia Minor, ngokungathandabuzekiyo ayejamelene nonqulo lukathixokazi ongumama nokusebenzelana nemimoya kwabemi bomthonyama baseFrigi, intanda-bulumko yabemi abangamaGrike, nobuYuda bethanga lakwaYuda. Umpostile uPawulos waliluleka ibandla lamaKristu ukuba ‘lihambe ngobulumko ngakwabo bangaphandle.’—Kolose 4:5.
2. Kutheni amaNgqina kaYehova namhlanje efanele ahambe ngobulumko ngakwabo bangaphandle?
2 Namhlanje, amaNgqina kaYehova ahlangabezana nezenzo eziphosakeleyo ezifanayo, nezingakumbi. Ngoko ke, nawo kufuneka asebenzise ubulumko kulwalamano lwawo nabo bangaphandle kwibandla lamaKristu lokwenyaniso. Abaninzi kwiintlangano zonqulo nezobupolitika nakumajelo eendaba bawachasile. Bambi kwaba, ngokuwahlasela ngokungqalileyo okanye, izihlandlo ezininzi, ngokuwakwekwa, bazama ukungcolisa igama elihle lamaNgqina kaYehova baze baphembelele ukuba athiywe. Kanye njengokuba ngokungafanelekanga amaKristu okuqala ayejongwa njenganenzondelelo yempambano ‘kwananjengehlelo’ eliyingozi, amaNgqina kaYehova namhlanje ngokufuthi angamaxhoba entiyo neengcamango eziphosakeleyo.—IZenzo 24:14; 1 Petros 4:4.
Ukoyisa Intiyo
3, 4. (a) Kutheni amaKristu okwenyaniso engayi kuze athandwe lihlabathi, kodwa yintoni esifanele sizame ukuyenza? (b) Omnye umbhali wabhala wathini ngamaNgqina kaYehova awayevalelwe kwinkampu yoxinaniso yamaNazi?
3 AmaKristu okwenyaniso awalindelanga kuthandwa lihlabathi, ngokutsho kompostile uYohane, ‘elilele kongendawo.’ (1 Yohane 5:19) Sekunjalo, iBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba azabalazele ukuzuzela abantu kuYehova nonqulo lwakhe olunyulu. Oku sikwenza ngokunikela ubungqina ngokungqalileyo nangehambo yethu entle. Umpostile uPetros wabhala: “Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kuloo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.”—1 Petros 2:12.
4 Kwincwadi yakhe ethi Forgive—But Do Not Forget, umbhali uSylvia Salvesen wathi ngamabhinqa angamaNgqina awayevalelwe kunye naye kwinkampu yoxinaniso yamaNazi: “Abo babini, uKäthe noMargarethe, nabanye abaninzi, bandinceda gqitha, kungekuphela nje ngokholo lwabo kodwa nangezinye izinto eziluncedo. Saqala ukufumana amalaphu acocekileyo okuhlamba izilonda zethu kubo . . . Ngamafutshane ndingathi sazifumana siphakathi kwabantu ababesinqwenelela okuhle, nababebonisa iimvakalelo zabo zobuhlobo ngezenzo zabo.” Obunjani bona ukuba buhle ubungqina obuvela “kwabangaphandle”!
5, 6. (a) UKristu wenza wuphi umsebenzi ngeli xesha, yaye yintoni esingafanele siyilibale? (b) Sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo ngakubantu behlabathi, yaye ngoba?
5 Sinokwenza lukhulu ukuphelisa intiyo ngendlela yobulumko esiziphatha ngayo ngakwabo bangaphandle. Liyinyaniso elokuba siphila kwixesha apho uKumkani wethu olawulayo, uKristu uYesu, esahlula abantu beentlanga, “njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni.” (Mateyu 25:32) Kodwa ungaze ulibale ukuba nguKristu uMgwebi; nguye ogqibayo ngokuba ngoobani “izimvu” yaye ngoobani ‘iibhokhwe.’—Yohane 5:22.
6 Oku kufanele kuphembelele isimo sethu sengqondo ngakwabo bangeyonxalenye yentlangano kaYehova. Sisenokucinga ukuba bangabantu behlabathi, kodwa bayinxalenye yehlabathi loluntu ‘uThixo awalithanda de wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.’ (Yohane 3:16) Kulunge ngakumbi ukubagqala abantu njengabo basenokuba zizimvu kunokuthi ngokuzigwagwisa sigqibe kwelokuba baziibhokhwe. Bambi ngaphambili ababeyichase ngokukrakra inyaniso ngoku bangamaNgqina azahluleleyo. Yaye inkoliso yaba ekuqaleni yazuzeka ngenxa yezenzo zobubele, ngaphambi kokuba isabele kubungqina. Ngokomzekelo, bona umfanekiso okwiphepha 18.
Anenzondelelo, Kodwa Awanyanzeli Bani
7. Wagxeka wathini upopu, kodwa nguwuphi umbuzo esisenokuwuphakamisa?
7 Upopu John Paul II wayegxeka onke amahlelo, yaye ngokukodwa amaNgqina kaYehova, xa wathi: “Inzondelelo ephantse ibe yenyanzelisayo abanye ababafuna ngayo abalandeli abatsha, bengena kwizindlu ngezindlu, okanye bemisa abantu abagqithayo ezimbombeni zezitrato, yindlela yenkohliso yamahlelo yokulinganisa inzondelelo yabapostile neyabavangeli.” Umbuzo usenokuphakama, Ukuba inzondelelo yethu “yindlela yenkohliso yokuxelisa inzondelelo yabapostile neyabavangeli,” ngoobani ababonisa inzondelelo yobuvangeli yokwenene? Ngokuqinisekileyo asingomaKatolika, phofu ke, ingengawo namaProtestanti okanye amalungu eecawa zobuOthodoki.
8. Sifanele sibunikele njani ubungqina bethu kwindlu ngendlu, sithemba ukufumana wuphi umphumo?
8 Noko ke, ukuze sibonise ukuba sibubuxoki nasiphi na isityholo sokuba ubungqina bethu siyabunyanzelisa, sifanele ngamaxesha onke sibe nobubele, intlonelo, nembeko xa sithetha nabantu. Umfundi uYakobi wabhala: “Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko.” (Yakobi 3:13) Umpostile uPawulos uyasibongoza ukuba ‘singabi ngabalwayo.’ (Tito 3:2) Ngokomzekelo, kunokuba sizigxibhe ngokuphandle iinkolelo zomntu esinikela ubungqina kuye, kutheni singabonisi umdla wokwenene kwiimbono zakhe? Size ke sixelele loo mntu iindaba ezilungileyo njengokuba zifumaneka eBhayibhileni. Ngokuba nesimo sengqondo esikhuthazayo nangokubonisa intlonelo efanelekileyo ngabantu abanezinye iinkolelo, siya kubanceda babe nesimo sengqondo esifanelekileyo sokuphulaphula, yaye mhlawumbi baya kukuqonda ukubaluleka kwesigidimi seBhayibhile. Umphumo usenokuba kukuba abanye basenokuthi “bamzukise uThixo.”—1 Petros 2:12.
9. Sinokusisebenzisa njani isiluleko esanikelwa nguPawulos (a) kwabaseKolose 4:5? (b) kwabaseKolose 4:6?
9 Umpostile uPawulos wanikela esi siluleko: “Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli.” (Kolose 4:5) Ecacisa eli binzana lokugqibela, uJ. B. Lightfoot wabhala: “Ningavumeli ukuba naliphi na ithuba lokuthetha nelokwenza into engeyihambisele phambili injongo kaThixo lidlule.” (Akekeliswe sithi.) Ewe, simele sihlale silungile ngamazwi nezenzo xa kuvela ixesha elifanelekileyo. Ubulumko obunjalo bubandakanya ukukhetha ixesha elifanelekileyo lokutyelela abantu. Ukuba isigidimi sethu asamkelwa, ngaba kungenxa yokuba abantu abaxabisi sona, okanye ngaba kungenxa yokuba sibatyelele ngexesha elisenokuba alifanelekanga? Kwakhona uPawulos wabhala: “Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.” (Kolose 4:6) Ukuze senze oku kufuneka sicinge kusengaphambili yaye sibe nothando lokwenyaniso ngommelwane. Ngamaxesha onke masisihambise ngobubele isigidimi soBukumkani.
Ukuba Nentlonelo ‘Nokulungela Wonke Umsebenzi Olungileyo’
10. (a) Sisiphi isiluleko umpostile uPawulos awasinikela kumaKristu awayehlala eKrete? (b) AmaNgqina kaYehova ebengumzekelo njani ekulandeleni isiluleko sikaPawulos?
10 Asinakulalanisa kwimigaqo yeBhayibhile. Kwelinye icala, asifanele ngokungeyomfuneko silwele iimbambano ezingabandakanyi ingqibelelo yobuKristu. Umpostile uPawulos wabhala: “Bakhumbuze [amaKristu aseKrete] ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, baphulaphule abaphathi, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo. Mabanganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali kubantu bonke.” (Tito 3:1, 2) Umphengululi weBhayibhile uE. F. Scott wabhala oku ngesi sicatshulwa: “AmaKristu ayengamele athobele igunya nje kuphela, kodwa amele alungele wonke umsebenzi olungielyo. Oku . . . kuthetha ukuba, xa kufika ixesha, amaKristu ayefanele abe phakathi kwabokuqala ekuboniseni umoya wokuthanda abantu. Kwakuya kusoloko kuqhambuka imililo, oobhubhani bezifo, iintlekele ezahlukahlukeneyo, xa bonke abemi abalungileyo beya kunqwenela ukunceda abamelwane babo.” Ehlabathini lonke kuye kwakho amaxesha amaninzi eentlekele yaye amaNgqina kaYehova ebephakathi kwabokuqala ukunikela uncedo. Aye anceda kungekuphela nje abazalwana bawo kodwa nabangaphandle.
11, 12. (a) AmaKristu afanele aziphathe njani ngakwabasemagunyeni? (b) Ukuzithoba kwabasemagunyeni kuquka ntoni xa kufikelelwa kumba wokwakha iiHolo zoBukumkani?
11 Kwaesi sicatshulwa sencwadi kaPawulos eya kuTito sikwabonisa ukubaluleka kokuba nesimo sengqondo sentlonelo ngabasemagunyeni. AmaKristu aselula athi ngenxa yobundilele bawo avele phambi kwabagwebi afanele akuphaphele ngokukodwa ukuhamba ngobulumko ngakwabo bangaphandle. Anokwenza lukhulu ukuphucula okanye ukonakalisa igama elihle labantu bakaYehova ngembonakalo yawo, ukuziphatha kwawo, nangendlela athetha ngayo nabanjalo abasemagunyeni. Afanele ‘amnike imbeko ofanelwe yimbeko,’ aze azithethelele enentlonelo enzulu.—Roma 13:1-7; 1 Petros 2:17; 3:15, NW.
12 “Amagunya” aquka amagosa karhulumente asekuhlaleni. Ekubeni ngoku kusakhiwa iiHolo zoBukumkani ezingakumbi, asikwazi kukuphepha ukuqhubana namagosa asekuhlaleni. Ngokufuthi abadala bajamelana nentiyo. Kodwa kufunyaniswe ukuba xa abameli bebandla besakha ulwalamano oluhle nabasemagunyeni baze basebenzisane nesebe lokuceba ledolophu, le ntiyo inokoyiswa. Ngokufuthi kunikelwa ubungqina obubalaseleyo kubantu ngaphambili abebengawazi kangako okanye abebengawazi kwaphela amaNgqina kaYehova nesigidimi sawo.
‘Ukuba Kunokwenzeka, Hlalani Ninoxolo Nabantu bonke’
13, 14. Sisiphi isiluleko uPawulos awasinikela kumaKristu aseRoma, yaye sinokusisebenzisa njani kulwalamano lwethu nabangaphandle?
13 UPawulos wanikela esi siluleko silandelayo kumaKristu awayephila kwiRoma yabahedeni: “Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okuhle emehlweni abantu bonke. Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo. Musani ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.”—Roma 12:17-21.
14 Kulwalamano lwethu nabangaphandle, thina njengamaKristu okwenyaniso asinakukuphepha ukujamelana nabachasi. Kwesi sicatshulwa singentla, uPawulos ubonisa ukuba ikhondo lobulumko kukuzabalazela ukoyisa inkcaso ngezenzo zobubele. Njengamalahle omlilo, ezi zenzo zobubele zisenokubunyibilikisa ubutshaba zize zimenze lowo uchasileyo abe nesimo sengqondo sobubele ngakumbi kubantu bakaYehova, mhlawumbi zide zivuse nomdla wakhe kwiindaba ezilungileyo. Xa oku kusenzeka, ububi boyiswe ngokulungileyo.
15. Kunini apho amaKristu afanele akuphaphele ngokukhethekileyo ukuhamba ngobulumko ngakwabo bangaphandle?
15 Ukuhamba ngobulumko ngakwabo bangaphandle kubaluleke ngokukodwa kumakhaya apho elinye lamaqabane omtshato lingekayamkeli inyaniso. Ukuthobela imigaqo yeBhayibhile kuvelisa amadoda alunge ngakumbi, abafazi abalunge ngakumbi, oobawo abalunge ngakumbi, oomama abalunge ngakumbi, nabantwana abathobela ngakumbi nabafundisisa ngamandla ngakumbi esikolweni. Umntu ongakholwayo ufanele akwazi ukuyibona impembelelo entle imigaqo yeBhayibhile enayo kumntu okholwayo. Ukuze ngaloo ndlela, abathile bathi ‘lingekho ilizwi bazuzeke, ngenxa yehambo’ yamalungu entsapho ezahluleleneyo.—1 Petros 3:1, 2.
‘Ukusebenza Okulungileyo Kubo Bonke’
16, 17. (a) Yiyiphi imibingelelo uThixo akholiswa kakuhle yiyo? (b) Sifanele “sisebenze okulungileyo” njani kubazalwana bethu nakwabo bangaphandle?
16 Eyona nto ilungileyo esinokumenzela yona ummelwane wethu kukumphathela isigidimi sobomi nokumfundisa ngokuxolelaniswa noYehova ngoYesu Kristu. (Roma 5:8-11) Ngenxa yoko umpostile uPawulos usixelela oku: “Masithi ngaye [uKristu] sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.” (Hebhere 13:15) UPawulos uyongezelela: “Ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.” (Hebhere 13:16) Ukongezelela kumsebenzi wethu wokunikela ubungqina ekuhleni, asifanele sikulibale “ukwenza okuhle.” Kuyinxalenye ebalulekileyo yemibingelelo akholiswa kakuhle yiyo uThixo.
17 Ngokuzenzekelayo, sibenzela okuhle abazalwana bethu bokomoya, abasenokuba baneengxaki ngokweemvakalelo, ngokomoya, ngokwenyama, okanye baswele izinto eziphathekayo. UPawulos wakubonisa oku xa wabhala: “Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.” (Galati 6:10; Yakobi 2:15, 16) Noko ke, asifanele siwalibale la mazwi, “Masisebenze okulungileyo kubo bonke.” Ukwenzela isalamane, ummelwane, okanye umntu esisebenza naye ububele, kunokuba luncedo kakhulu ekupheliseni intiyo anayo ngathi kuze kwenze intliziyo yakhe ilungele ukwamkela inyaniso.
18. (a) Ziziphi iingozi esifanele siziphephe? (b) Ukulunga kwethu njengamaKristu sinokukusebenzisa njani njengendlela yokuxhasa umsebenzi wethu wokunikela ubungqina?
18 Ukuze senze oku, akuyomfuneko ukuba sibe ngabahlobo abasenyongweni nabo bangaphandle. Unxulumano olunjalo lusenokuba yingozi. (1 Korinte 15:33) Yaye asinqweneli kuba ngabahlobo nehlabathi. (Yakobi 4:4) Kodwa ukulunga kwethu njengamaKristu kunokukuxhasa ukushumayela kwethu. Kumazwe athile kuya kusiba nzima ngakumbi ukuthetha nabantu emakhayeni abo. Izakhiwo ezithile ezinamagumbi aqeshisayo zikhuselwe ngezixhobo ezenza singakwazi ukunxibelelana nabo bahlala kuzo. Kumazwe ahambele phambili ifoni yenye indlela esinokushumayela ngayo. Kumazwe amaninzi ubungqina bunokunikelwa esitratweni. Kodwa, kuwo onke amazwe, ukuba nobubele, imbeko, nokuba luncedo kwabanye kuvula amathuba okuphelisa intiyo nokunikela ubungqina obuhle.
Ukuvala Umlomo Abachasi
19. (a) Ekubeni singazimisele kukholisa abantu, sinokulindela ntoni? (b) Sifanele sizabalazele ukuwulandela njani umzekelo kaDaniyeli size sisebenzise isiluleko sikaPetros?
19 AmaNgqina kaYehova akakholisi bantu yaye akoyiki bantu. (IMizekeliso 29:25; Efese 6:6) Aqonda kakuhle ukuba phezu kwayo nje yonke imigudu yawo yokuba ngumzekelo ekuhlawuleni iirhafu nokuba ngabemi abalungileyo, abachasi baya kusasaza ubuxoki obuyingozi baze bawanyelise. (1 Petros 3:16) Ekubeni ekwazi oku, azabalazela ukuxelisa uDaniyeli, iintshaba zakhe ezathi ngaye: “Asiyi kufumana nalinye ithuba ngakulo Daniyeli, ngaphandle kokuba silifumane kuye mayela nomthetho woThixo wakhe.” (Daniyeli 6:5) Asisayi kuze silalanise kwimigaqo yeBhayibhile ukuze sikholise abantu. Kwelinye icala, asifuni kuba ngabafeli-nkolo. Sizabalazela ukuhlala ngoxolo nokuthobela isiluleko sabapostile: “Ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abazintsweli-kuqonda.”—1 Petros 2:15.
20. (a) Yintoni eseyisekileyo yiyo, yaye uYesu wasikhuthaza wathini? (b) Sinokuqhubeka njani sihamba ngobulumko ngakwabo bangaphandle?
20 Seyisekile kukuba ukwahluka kwethu ehlabathini kuvisisana ngokupheleleyo neBhayibhile. Kuxhaswa yimbali yamaKristu enkulungwane yokuqala. Ayasomeleza amazwi kaYesu athi: “Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:33) Asoyiki. “Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo? Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka. INkosi ke [“uKristu,” NW] yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali [“nentlonelo enzulu,” NW].” (1 Petros 3:13-15) Ngoxa sisenza ngale ndlela, siya kuqhubeka sihamba ngobulumko ngakwabo bangaphandle.
Impinda
◻ Kutheni amaNgqina kaYehova kufuneka ahambe ngobulumko ngakwabo bangaphandle?
◻ Kutheni amaKristu okwenyaniso engenakuze abe nethemba lokuthandwa lihlabathi, kodwa afanele azame ukwenza ntoni?
◻ Sifanele sibe nasiphi isimo sengqondo ngakubantu behlabathi, ibe ngoba?
◻ Kutheni sifanele “sisebenze okulungileyo” kungekuphela nje kubazalwana bethu kodwa nakwabo bangaphandle?
◻ Ukuhamba kwethu ngobulumko ngakwabo bangaphandle kunokusinceda njani kumsebenzi wethu wokunikela ubungqina ekuhleni?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ekhohlo: AmaKristu okwenyaniso eFransi enceda abamelwane bawo emva kwesikhukula
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Izenzo zamaKristu zobubele zinokwenza lukhulu ukuphelisa intiyo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
AmaKristu afanele ‘alungele wonke umsebenzi olungileyo’