Sinokusongezelela Njani Isidima Elukholweni Lwethu?
“Yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima.”—2 PETROS 1:5.
1, 2. Kutheni sifanele silindele ukuba abantu bakaYehova benze izinto ngendlela ebonakalisa isidima?
UYEHOVA usoloko esenza izinto ngendlela ebonakalisa isidima. Wenza oko kububulungisa nokulungileyo. Ngoko ke, umpostile uPetros wayenokuthetha ngoThixo njengalowo wabiza amaKristu athanjisiweyo ‘ngozuko nesidima Sakhe.’ Ulwazi oluchanileyo ngoYise wasezulwini onesidima lwawabonisa oko kwakuyimfuneko ukuze asukele ubomi bokuhlonela uThixo ngokwenene.—2 Petros 1:2, 3.
2 Umpostile uPawulos ukhuthaza amaKristu ukuba ‘axelise uThixo, ngokwabantwana abaziintanda.’ (Efese 5:1) NjengoYise wasezulwini, abanquli bakaYehova bafanele benze izinto ngendlela ebonakalisa isidima kuyo nayiphi na imeko. Kodwa siyintoni isidima?
Oko Sikuko Isidima
3. Igama elithi “isidima” liye lachazwa njani?
3 Izichazi-magama zanamhlanje igama elithi “isidima” zilichaza “njengokubalasela ngokuziphatha; ukulunga.” “Sisenzo nendlela yokucinga elungileyo; bubuntu obulungileyo.” Umntu onesidima ulilungisa. Kwakhona isidima siye sachazwa “njengokuvisisana nomlinganiselo wokulungileyo.” Kambe ke, kumaKristu, ‘umlinganiselo wokulungileyo’ umiselwa nguThixo yaye ucaciswe eLizwini lakhe Elingcwele, iBhayibhile.
4. Ziziphi iimpawu ezikhankanywe kweyesi-2 kaPetros 1:5-7 ekufuneka umKristu azame ukuzihlakulela?
4 AmaKristu okwenyaniso aphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova uThixo yobulungisa, yaye asabela kumadinga akhe axabisekileyo ngokubonakalisa ukholo. Kwakhona athobela esi siluleko sikaPetros: “Nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima, esidimeni ke ulwazi, elwazini ke ukuzeyisa, ekuzeyiseni ke unyamezelo, kunyamezelo ke ukuhlonela uThixo, ekuhloneleni ke uThixo ukuthanda abazalwana, ekuthandeni ke abazalwana, uthando.” (2 Petros 1:5-7, NW) UmKristu ufanele azame ukuhlakulela ezi mpawu. Oku akwenziwa ngeentsuku ezimbalwa okanye ngeminyaka embalwa kodwa kufuna ukuba kwenziwe umgudu wobomi bonke. Kaloku, ukongezelela isidima elukholweni lwethu kukodwa nje kulucelomngeni!
5. Ngokutsho kweZibhalo siyintoni isidima?
5 Umbhali wesichazi-magama uM. R. Vincent uthi intsingiselo yantlandlolo yegama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi “isidima” yayibonisa “ukubalasela kwinto yonke.” UPetros wasebenzisa isininzi selo gama xa wathi amaKristu ayefanele avakalise “ukubalasela,” okanye isidima, sikaThixo. (1 Petros 2:9, NW) Ngokutsho kweZibhalo, isidima asichazwa njengokungabi namandla kodwa sichazwa “njengamandla okuziphatha, amandla omphefumlo.” Ngokukhankanya isidima, uPetros wayecinga ngokuziphatha okubalaseleyo abakhonzi bakaThixo abalindelwe ukuba bakubonakalise baze bahlale benako. Noko ke, ekubeni singafezekanga, ngaba ngokwenene sinokwenza izinto ezibonakalisa isidima phambi koThixo?
Abantu Abangafezekanga Kodwa Abanesidima
6. Nangona singafezekanga, kutheni kunokuthiwa sinako ukwenza izinto ngendlela ebonakalisa isidima phambi koThixo?
6 Siye sazuz’ ilifa ukungafezeki nesono, ngoko sisenokuzibuza indlela esinokuzenza ngokwenene ngayo izinto ezibonakalisa isidima phambi koThixo. (Roma 5:12) Ngokuqinisekileyo sifuna uncedo lukaYehova ukuba siza kuba neentliziyo ezihlambulukileyo, ekuphuma kuzo iingcinga, amazwi nezenzo ezibonakalisa isidima. (Thelekisa uLuka 6:45.) Emva kokona noBhatshebha, umdumisi oguqukileyo uDavide wenza esi sicelo: “Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.” (INdumiso 51:10) UDavide waxolelwa nguThixo waza wafumana uncedo olwaluyimfuneko ukuze asukele ikhondo elibonakalisa isidima. Ngenxa yoko, ukuba siye sona ngokunzulu kodwa saguquka saza samkela uncedo lukaThixo nolwabadala bebandla, sinokubuyela kwikhondo lokubonakalisa isidima size sihlale kulo.—INdumiso 103:1-3, 10-14; Yakobi 5:13-15.
7, 8. (a) Ukuba siza kuhlala sibonakalisa isidima, yintoni eyimfuneko? (b) Luluphi uncedo amaKristu analo lokubonakalisa isidima?
7 Ngenxa yesono esasizuz’ ilifa, sifanele siqhubeke nomlo wangaphakathi ukuze senze oko kufuneka sikwenze ukuba sibonakalisa isidima. Ukuba siza kuhlala sinesidima, asinakuzivumela sibe ngamakhoboka esono. Kunoko, simele sibe ‘ngabakhonzi kubo ubulungisa,’ sisoloko sicinga, sithetha, yaye sisenza ngendlela ebonakalisa isidima. (Roma 6:16-23) Kakade ke, iminqweno yethu yenyama notyekelo lwethu olunesono lunamandla, yaye sijamelene nomlo phakathi kwezi zinto nezinto ezibonakalisa isidima uThixo azifunayo kuthi. Ngoko, simele senze ntoni?
8 Phakathi kwezinye izinto, sifanele silandele ukhokelo lomoya oyingcwele, okanye amandla kaYehova asebenzayo. Ngoko ke sifanele sithobele esi siluleko sikaPawulos: “Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.” (Galati 5:16, 17) Ewe, umoya kaThixo ungamandla asincedayo ukuze senze ubulungisa, yaye iLizwi lakhe liyasinceda lisikhokelele kwihambo elungileyo. Kwakhona sifumana uncedo ngothando kwintlangano kaYehova nesiluleko ‘somkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45-47) Ngaloo ndlela, sinokuliphumelela idabi nxamnye notyekelo lwesono. (Roma 7:15-25) Kambe ke, ukuba kuthi qatha ingcinga engacocekanga engqondweni yethu, simele siyikhuphe ngokukhawuleza size sithandaze kuThixo ukuba asincede sixhathise nasiphi na isilingo sokwenza ngendlela engabonakalisi sidima.—Mateyu 6:13.
Isidima Neengcinga Zethu
9. Ihambo ebonakalisa isidima ifuna yiphi indlela yokucinga?
9 Isidima siqalisa kwindlela umntu acinga ngayo. Ukuze sibe nenkoliseko kaThixo, simele sicinge ngezinto ezibubulungisa, ezilungileyo, ezibonakalisa isidima. UPawulos wathi: “Bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.” (Filipi 4:8) Sifanele sihlale sicinga ngezinto ezibubulungisa, ezinyulu, yaye asifanele sithande nantoni engabonakalisi sidima. UPawulos wayenokuthi: “Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo.” Ukuba sinjengoPawulos—sicinga, sithetha, yaye senza izinto ezibonakalisa isidima—siya kuba zizinxulumani ezilungileyo nemizekelo emihle ekuphileni ngendlela yobuKristu, yaye ‘uThixo woxolo uya kuba nathi.’—Filipi 4:9.
10. Ukusebenzisa ngokobuqu eyoku-1 kwabaseKorinte 14:20 kuya kusinceda njani sihlale sibonakalisa isidima?
10 Ukuba sinqwenela ukuhlala sibonakalisa isidima kwiingcinga zethu size ngaloo ndlela sikholise uBawo wethu wasezulwini, kufuneka sisebenzise esi siluleko sikaPawulos: “Musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.” (1 Korinte 14:20) Oku kuthetha ukuba njengamaKristu asifuni ulwazi okanye ukuba namava ngobungendawo. Kunokuvumela iingqondo zethu zonakaliswe ngale ndlela, ngobulumko sinyula ukuhlala singenamava yaye sinyulu njengeentsana kule nkalo. Kwangaxeshanye, sikuqonda ngokupheleleyo ukuba ukuziphatha okubi nokwenza okuphosakeleyo kusisono phambi koYehova. Umnqweno wokwenene osuk’ entliziyweni wokumkholisa ngokubonakalisa isidima uya kusinceda, kuba uya kusishukumisela ukuphepha iindlela zokuzonwabisa ezingacocekanga nezinye iimpembelelo ezonakalisa ingqondo zeli hlabathi lilawulwa nguSathana.—1 Yohane 5:19.
Isidima Nentetho Yethu
11. Ukubonakalisa isidima kufuna yiphi indlela yokuthetha, yaye kule nkalo, yiyiphi imizekelo emiselwa nguYehova uThixo noYesu Kristu?
11 Ukuba iingcinga zethu zibonakalisa isidima, oku kufanele kube nempembelelo enzulu koko sikuthethayo. Ukubonakalisa isidima kufuna kusetyenziswe intetho ecocekileyo, enyulu, eyinyaniso neyakhayo. (2 Korinte 6:3, 4, 7) UYehova ‘nguThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5) Uthembekile kuzo zonke izinto azenzayo, yaye amadinga akhe aqinisekile kuba akanakuxoka. (Numeri 23:19; 1 Samuweli 15:29; Tito 1:2) UNyana kaThixo, uYesu Kristu, ‘uzele lubabalo nayinyaniso.’ Ngoxa wayesemhlabeni, wayesoloko ethetha inyaniso njengoko wayeyifumene kuYise. (Yohane 1:14; 8:40) Ngaphezu koko, uYesu ‘akazange enze sono, akuzange kufunyanwe nkohliso emlonyeni wakhe.’ (1 Petros 2:22) Ukuba ngokwenene singabakhonzi bakaThixo noKristu, siya kuthetha inyaniso size sibe ngabathe tye kwihambo yethu, ngokungathi ‘sibhinqe inyaniso esinqeni sethu.’—Efese 5:9; 6:14.
12. Ukuba siza kubonakalisa isidima, ziziphi iintlobo zentetho esimele siziphephe?
12 Ukuba sibonakalisa isidima, kukho iintlobo zentetho esiya kuziphepha. Siya kukhokelwa sesi siluleko sikaPawulos: “Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.” “Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.” (Efese 4:31; 5:3, 4) Abanye baya kukufumanisa kuhlaziya ukuba phakathi kwethu kuba iintliziyo zethu ezinobulungisa zisishukumisela ukuba siyiphephe intetho engeyoyabuKristu.
13. Kutheni amaKristu efanele alulawule ulwimi?
13 Umnqweno wokukholisa uThixo nowokuthetha izinto ezibonakalisa isidima uya kusinceda silawule ulwimi lwethu. Ngenxa yotyekelo lwesono, maxa wambi sonke siyakhubeka ngenxa yentetho. Sekunjalo, umfundi uYakobi uthi ukuba “sifaka imikhala emilonyeni yamahashe,” ayasithambela aze aye kwicala esiwasa ngakulo. Ngenxa yoko, sifanele sizame ukululawula ulwimi size sizame ukulusebenzisa kuphela ngeendlela ezibonakalisa isidima. Ulwimi olungalawulwayo “lihlabathi elizele kukungalungisi.” (Yakobi 3:1-7) Zonke iintlobo zobubi ezikweli hlabathi lingahlonel’ uThixo zinxulumene nolwimi olungalawulwayo. Lulo olubangela izinto ezonakalisayo ezifana nobungqina bobuxoki, ukunyelisa nentlebendwane. (Isaya 5:20; Mateyu 15:18-20) Yaye xa ulwimi olungalawulwayo lunyelisa, lusenzakalisa, okanye luhleba, luzaliswe bubuhlungu obubulalayo.—INdumiso 140:3; Roma 3:13; Yakobi 3:8.
14. Kukuphi ukuba mbaxa kwintetho ekufuneka amaKristu akuphephe?
14 Njengoko uYakobi ebonisa, bekungayi kufaneleka ukuba ‘sibonge uYehova’ ngokuthetha kakuhle ngoThixo sandule ke silusebenzise kakubi ulwimi ukuba ‘siqalekise abantu’ ngokuthetha kakubi ngabo. Hayi indlela ekusisono ngayo ukuvuma iindumiso zikaThixo kwiintlanganiso sandule ke siphume siye kuthetha kakubi ngamanye amakholwa! Akunakuphuma amanzi akrakra nanencasa kumthombo omnye. Ukuba sikhonza uYehova, abanye banelungelo lokulindela ukuba sithethe izinto ezibonakalisa isidima kunokuba sithethe amazwi angathandekiyo. Ngoko ke masiyiphephe intetho engamanyala size sizabalazele ukuthetha izinto eziya kuba yingenelo kwabo sinxulumana nabo neziya kubakha ngokomoya.—Yakobi 3:9-12.
Isidima Nezenzo Zethu
15. Kutheni kubaluleke kangaka ukukuphepha ukubhenela kwiindlela zokukhohlisa?
15 Ekubeni indlela umKristu acinga ngayo nathetha ngayo kufuneka ibonakalise isidima, kuthekani ngezenzo zethu? Ukubonakalisa isidima kwihambo yethu kokuphela kwendlela esinokuzuza ngayo inkoliseko kaThixo. Akukho mkhonzi kaYehova unokuyeka ukubonakalisa isidima, abhenele ekuqhatheni nasekukhohliseni, aze acinge ukuba uThixo uya kuzamkela izinto ezinjalo. IMizekeliso 3:32 ithi: “[“Okhohlisayo,” NW] ulisikizi kuYehova; ke lunabathe tye ucweyo lwakhe.” Ukuba siyaluxabisa ulwalamano esinalo noYehova uThixo, loo mazwi axhokonx’ ingcinga afanele asithintele ekucebeni ukwenzakalisa okanye ukwenza nantoni na ekhohlisayo. Kaloku, phakathi kwezinto ezisixhenxe uYehova azithiyileyo “yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga”! (IMizekeliso 6:16-19) Ngoko ke, masiziphephe izenzo ezinjalo size senze oko kubonakalisa isidima, ukuze abanye abantu bangenelwe nokuze kudunyiswe uBawo wethu wasezulwini.
16. Kutheni amaKristu kungafanelekanga ukuba abandakanyeke kuzo naziphi na izenzo zokuhanahanisa?
16 Ukuze sibonakalise isidima kufuneka sinyaniseke. (Hebhere 13:18) Umntu ohanahanisayo, ozenzo zakhe zingangqinelaniyo namazwi akhe, akabonakalisi sidima. Igama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi “umhanahanisi” (hy·po·kri·tesʹ) lithetha “umntu ophendulayo” kwaye likwathetha umdlali weqonga. Ekubeni abadlali beqonga bamaGrike nabamaRoma babefaka izigqubuthelo, eli gama laqaliswa ukusetyenziswa njengesikweko esichaza lowo uzenza into angeyiyo. Abahanahanisi ‘abathembekanga.’ (Thelekisa uLuka 12:46 noMateyu 24:50, 51.) Kwakhona ukuhanahanisa (hy·poʹkri·sis) kusenokuthetha ubungendawo nobuqhophololo. (Mateyu 22:18; Marko 12:15; Luka 20:23) Hayi indlela ekubuhlungu ngayo xa umntu okuthembileyo ekhohliswa luncumo, kukunganyaniseki nokwenza izinto ezikubonisa uyenye into! Kwelinye icala kuyakhuthaza xa sisazi ukuba sinxulumene namaKristu athembekileyo. Yaye uThixo uyasisikelela ngokubonakalisa isidima nokungahanahanisi. Uyakholiswa ngabo babonakalisa ‘ukubathanda abazalwana ngokungenaluhanahaniso’ ‘nabanokholo olungahanahanisiyo.’—1 Petros 1:22; 1 Timoti 1:5.
Isidima Kukwenza Okulungileyo
17, 18. Xa sibonakalisa isiqhamo somoya sokulunga, siya kubaphatha njani abanye?
17 Ukuba songezelela isidima elukholweni lwethu, siya kuzabalazela ukukuphepha ukucinga, ukuthetha nokwenza izinto ezingamkelekanga kuThixo. Noko ke, ukubonakalisa isidima sobuKristu kufuna nokuba senze okulungileyo. Enyanisweni, isidima siye sachazwa njengokulunga. Yaye ukulunga sisiqhamo somoya oyingcwele kaYehova, kungekhona umphumo womgudu nje owenziwe ngumntu. (Galati 5:22, 23) Njengoko sibonakalisa isiqhamo somoya sokulunga, siya kushukunyiselwa ukucinga kakuhle ngabanye size sibancome ngeempawu zabo ezintle phezu kwako nje ukungafezeki kwabo. Ngaba bebekhonza uYehova ngokuthembeka iminyaka emininzi? Ngoko sifanele sibahlonele size sithethe kakuhle ngabo nangenkonzo yabo kuThixo. UBawo wethu wasezulwini uyaluphawula uthando abalubonakalisa kwigama lakhe nemisebenzi yabo yokholo ebonakalisa isidima, ibe nathi sifanele senjenjalo.—Nehemiya 13:31b; Hebhere 6:10.
18 Isidima sisenza ukuba sibe nomonde, sibe ngabaqondayo, sibe nemfesane. Ukuba omnye umkhonzi kaYehova uxinezelekile okanye udandathekile, siya kuthetha kakuhle naye size sizame ukumthuthuzela, njengoko uBawo wethu wasezulwini esithuthuzela. (2 Korinte 1:3, 4; 1 Tesalonika 5:14) Siyavelana nabo basentlungwini, mhlawumbi ngenxa yokufelwa ngothandekayo. Ukuba sinokwenza nantoni na eya kunciphisa intlungu abakuyo, siya kwenjenjalo, kuba umoya obonakalisa isidima ushukumisa isenzo sothando nesobubele.
19. Abanye baya kusiphatha njani xa iingcinga, intetho nezenzo zethu zibonakalisa isidima?
19 Njengoko sidumisa uYehova ngokuthetha kakuhle ngaye, ngokunokwenzeka abanye baya kuthetha kakuhle ngathi ukuba sibonakalisa isidima kwingcinga, kwintetho nakwihambo yethu. (INdumiso 145:10) Umzekeliso wobulumko uthi: “Ziintsikelelo entlokweni yelungisa; ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.” (IMizekeliso 10:6) Umntu ongendawo nonogonyamelo akanaso isidima esiya kumenza athandwe ngabanye. Uvuna akuhlwayelayo, kuba abantu abayi kumsikelela ngokunyanisekileyo ngokuthetha kakuhle ngaye. (Galati 6:7) Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo kwabo bacinga, bathetha, baze benze ngeendlela ezibonakalisa isidima njengabakhonzi bakaYehova! Bayathandwa, bathenjiwe yaye bayahlonelwa ngabanye, abashukunyiselwa ukuba babasikelele baze bathethe kakuhle ngabo. Ukongezelela, isidima sabo abasinikwe nguThixo sikhokelela ekufumaneni intsikelelo engathethekiyo kaYehova.—IMizekeliso 10:22.
20. Iingcinga, intetho nezenzo ezibonakalisa isidima, zinokuba nayiphi impembelelo kwibandla labantu bakaYehova?
20 Ngokuqinisekileyo ibandla labantu bakaYehova liya kungenelwa ziingcinga, yintetho nezenzo ezibonakalisa isidima. Xa amanye amakholwa eneengcinga zothando, ehlonelana, kubakho uthando lobuzalwana phakathi kwawo. (Yohane 13:34, 35) Intetho ebonakalisa isidima, kuquka ukuncoma ngokunyanisekileyo nokukhuthaza, kufak’ isandla ekubeni kubekho intsebenziswano nomanyano. (INdumiso 133:1-3) Yaye izenzo ezikhuthazayo nezibonakalisa isidima, zishukumisela abanye ukuba basabele ngendlela efanayo. Ngaphezu koko, ukuba nesidima sobuKristu kukhokelela ekwamkelweni nasekusikelelweni nguBawo wethu wasezulwini onesidima, uYehova. Ngoko ke, kwanga singakwenza usukelo lwethu ukusabela kumadinga kaThixo axabisekileyo ngokubonakalisa ukholo. Ngako konke esinako ngokunyanisekileyo masenze umgudu wokongezelela isidima elukholweni lwethu.
Zithini Iimpendulo Zakho?
◻ Unokulichaza njani igama elithi “isidima,” yaye kutheni abantu abangafezekanga benokubonakalisa isidima?
◻ Isidima sifuna iingcinga ezinjani?
◻ Isidima sifanele siyichaphazele njani intetho yethu?
◻ Isidima sifanele sibe nayiphi impembelelo kwizenzo zethu?
◻ Ziziphi ezinye iingenelo zokubonakalisa isidima?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Ekubeni kungenakuphuma amanzi akrakra nanencasa kumthombo omnye, abanye ngokufanelekileyo balindele ukuba abakhonzi bakaYehova bathethe kuphela izinto ezibonakalisa isidima