Ukuzeyisa Kwakho Makubonakale Kuze Kwande
“Elukholweni lwenu nongezelele . . . ukuzeyisa.”—2 PETROS 1:5, 6.
1. Yiyiphi imeko engaqhelekanga umKristu anokunikela kuyo ubungqina?
UYESU wathi: “Niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo.” (Mateyu 10:18) Ukuba ubusiwe phambi komlawuli, umgwebi, okanye umongameli, ubuya kuthetha ngantoni? Mhlawumbi okokuqala ubuya kuthetha ngento ebangele ukuba ube lapho, isityholo obekwa sona. Umoya kaThixo ubuya kukunceda wenjenjalo. (Luka 12:11, 12) Kodwa ngaba ucinga ukuba ubunokuthetha ngokuzeyisa? Ngaba oko ukugqala njengenxalenye ebalulekileyo yesigidimi sethu samaKristu?
2, 3. (a) Kwenzeka njani ukuba uPawulos anikele ubungqina kuFelikis noDrusila? (b) Kutheni ukuzeyisa kwakungumbandela ofanelekileyo ukuba uPawulos athethe ngawo kuloo meko?
2 Khawuqwalasele umzekelo wobomi bokwenene. Omnye wamangqina kaYehova wabanjwa waza wasiwa ematyaleni. Xa wanikwa ithuba lokuthetha, wafuna ukuchaza iinkolelo zakhe njengomKristu, njengengqina. Unokuyihlolisisa le ngxelo yaye uya kufumanisa ukuba wanikela ubungqina enkundleni “ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho.” Sithetha ngamava kampostile uPawulos eKesareya. Waqala wancinwa. “Emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela wambiza uPawulos, wamva ethetha ngako ukukholwa kuKristu.” (IZenzo 24:24) Imbali inikel’ ingxelo yokuba uFelikis “wayekhohlakele yaye eziphethe kakubi gqitha, esebenzisa igunya lokuba ngukumkani ngendlela ikhoboka ebeliya kwenza ngayo.” Wayetshate izihlandlo ezibini ngaphambili xa waphembelela uDrusila ukuba aqhawule umtshato nendoda yakhe (esaphula umthetho kaThixo) waza waba ngumfazi wakhe wesithathu. Mhlawumbi nguye owayefuna ukuva ngolu nqulo lutsha, ubuKristu.
3 UPawulos wahlabela mgama wathetha “ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho.” (IZenzo 24:25) Oku kufanele ukuba kwawenza wacaca umahluko okhoyo phakathi kwemilinganiselo kaThixo yobulungisa nendlela ababekhohlakele ngayo nendlela ababengekho sikweni ngayo uFelikis noDrusila. Kusenokuba uPawulos wayenethemba lokushukumisela uFelikis ekubeni abonakalise okusesikweni kwelo tyala lalixoxwa. Kodwa kutheni ethetha ‘ngokuzeyisa, nangomgwebo oza kubakho’? Esi sibini siziphethe kakubi sasifuna ukuqonda oko kubandakanywa ‘kukukholwa kuKristu Yesu.’ Ngoko sasifanele sazi ukuba ukumlandela kufuna ukulawula iingcinga, intetho kunye nezenzo zikabani, nto leyo ethethwa kukuzeyisa. Bonke abantu baya kuphendula kuThixo ngendlela abacinga ngayo, ngentetho yabo, nangezenzo zabo. Ngaloo ndlela, owona mgwebo ubaluleke ngaphezu kwesigwebo awayeza kusiwisa uFelikis kwityala likaPawulos yayingumgwebo loo rhuluneli kunye nomfazi wayo eyayijamelene nawo uvela kuThixo. (IZenzo 17:30, 31; Roma 14:10-12) Kuyaqondakala ukuba, emva kokuva isigidimi sikaPawulos, “wangenwa kukoyika uFelikis.”
Kubalulekile Kodwa Akulula
4. Kutheni ukuzeyisa kuyinxalenye ebalulekileyo yobuKristu bokwenyaniso?
4 Umpostile uPawulos wayekugqala ukuzeyisa njengenxalenye ebalulekileyo yobuKristu. Umpostile uPetros, esinye sezinxulumani ezisenyongweni zikaYesu, wakungqina oku. Xa wayebhalela abo babeya kuba “ngamadlelane ngemvelo yobuThixo” ezulwini, uPetros wababongoza ukuba babonakalise iimpawu ezithile ezazibalulekile, ezinjengokholo, uthando nokuzeyisa. Ngenxa yoko, ukuzeyisa kwakuqukiwe kula mazwi asisiqinisekiso: “Xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.”—2 Petros 1:1, 4-8.
5. Kutheni ngokukhethekileyo sifanele sixhalabe ngokubonakalisa ukuzeyisa?
5 Phofu ke, uyazi ukuba, kulula ukuthi sifanele sibonakalise ukuzeyisa kunokuba kunjalo ngokukubonakalisa ngokoqobo kubomi bethu bemihla ngemihla. Esinye isizathu sikukuba ukuzeyisa luphawu olunqabileyo. Kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5 uPawulos wachaza izimo zengqondo abantu ababeya kuba nazo kwixesha lethu, ‘kwimihla yokugqibela.’ Enye into eyayiya kuphawula ixesha lethu kukuba abaninzi baya kuba ‘ngabangenakuzeyisa.’ Siyabona ukuba oko kunjalo kuyo yonke indawo, akunjalo na?
6. Ukungakwazi ukuzeyisa kubonakala njani namhlanje?
6 Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ngokusisiseko kuyimpilo “ukuwuyeka umsindo ugqabhuke.” Imbono yabo ikhuthazwa ngabantu abadumileyo ababonakala bengakukhathalele ukuzeyisa nakwintoni na, abasuka benze nantoni na abafuna ukuyenza. Ngokomzekelo: Abaninzi abathanda imidlalo baqhelene ngakumbi nokubonakaliswa kweemvakalelo ngendlela ekrwada, kwanangomsindo. Ngaba akukhumbuli ubona, mhlawumbi ufunda kwiphephandaba, iziganeko ekuye kwakho kuzo imilo enogonyamelo okanye apho ihlokondiba belingalawuleki khona kwimidlalo? Noko ke, injongo yethu asikokuchitha ixesha elininzi sibalisa imizekelo yokungakwazi ukuzeyisa. Unokudwelisa iinkalo ezininzi esifanele sibonakalise ukuzeyisa kuzo—ukudla nokusela, indlela esibaphatha ngayo abesini esahlukileyo, kunye nexesha nemali esiyichithela ekuzonwabiseni. Kodwa kunokuhlolisisa ngokufutshane iinkalo ezininzi ezinjalo, makhe sihlolisise inkalo enye ebalulekileyo esifanele sibonakalise ukuzeyisa kuyo.
Ukulawula Iimvakalelo Zethu
7. Yiyiphi inkalo yokubonakalisa ukuzeyisa esifanele sinikele ingqalelo ngokukhethekileyo kuyo?
7 Uninzi lwethu luye lwaphumelela kakuhle ekulawuleni izenzo zethu. Asibi, siyakuphepha ukuziphatha okubi, okanye ukubulala; siyakwazi oko kuthethwa ngumthetho kaThixo ngezinto eziphosakeleyo ezinjalo. Noko ke, siphumelela kangakanani ekulawuleni iimvakalelo zethu? Ekuhambeni kwexesha, abo boyisakalayo ukuhlakulela ukulawula iimvakalelo ngokufuthi benza izinto ezibonakalisa ukungabi nakuzeyisa. Ngoko makhe sinikel’ ingqalelo kwiimvakalelo zethu.
8. UYehova ulindele ukuba senze ntoni ngokuphathelele iimvakalelo zethu?
8 UYehova uThixo akalindelanga ukuba sibe ngoomatshini, ukuba singabi nazimvakalelo yaye singabonakalisi zimvakalelo. Kwingcwaba likaLazaro, uYesu “wafutheka, wakhathazeka.” Wandula ke “uYesu walila.” (Yohane 11:32-38) Wabonakalisa iimvakalelo ezahlukileyo kunezo, xa wagxotha abo babenanisa ngemali etempileni, ebonakalisa ukuzeyisa ngokugqibeleleyo. (Mateyu 21:12, 13; Yohane 2:14-17) Nabafundi bakhe abanyanisekileyo babebonakalisa iimvakalelo ezinzulu. (Luka 10:17; 24:41; Yohane 16:20-22; IZenzo 11:23; 12:12-14; 20:36-38; 3 Yohane 4) Ukanti, bayibona imfuneko yokuzeyisa ukuze iimvakalelo zabo zingabakhokeleli esonweni. Eyabase-Efese 4:26 iyakucacisa oku: “Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile.”
9. Kutheni kubaluleke kangaka ukulawula iimvakalelo zethu?
9 Kukho ingozi yokuba umKristu abonakale engathi uyakwazi ukuzeyisa ngoxa, eneneni, iimvakalelo zakhe zingalawuleki. Khumbula oko kwenzekayo xa uThixo wamkela idini lika-Abheli: “Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe. Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakho? Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.” (Genesis 4:5-7) UKayin akazange akwazi ukulawula iimvakalelo zakhe, ezakhokelela ekubeni abulale uAbheli. Iimvakalelo ezingalawulwayo zakhokelela kwisenzo esingalawulekiyo.
10. Yintoni oyifundayo kumzekelo kaHaman?
10 Kwakhona, khawuqwalasele omnye umzekelo wemihla kaMordekayi noEstere. Igosa elinguHaman laba nomsindo kuba uMordekayi engazange akhahlele kulo. Kamva uHaman ngempazamo wacinga ukuba kuya kunikelwa imbeko kuye. “Waphuma uHaman ngaloo mini evuya, enentliziyo echwayithileyo. Ke uthe uHaman, akumbona uMordekayi esangweni lokumkani, engavuki, engashukumi phambi kwakhe, uHaman wazala ngumsindo ngoMordekayi. Ke uHaman wazibamba, waya endlwini yakhe.” (Estere 5:9, 10) Wakhawuleza ukubonakalisa uvuyo. Kodwa kwakhona wakhawuleza ukuba nomsindo ngokubona nje lowo wayenenqala ngakuye. Ngaba ucinga ukuba xa iBhayibhile isithi uHaman “wazibamba” ithetha ukuba wayengumzekelo ekubonakaliseni ukuzeyisa? Nakanye. Okwelo xesha, uHaman wazibamba waza wazilawula iimvakalelo zakhe, kodwa wasilela ukulawula ikhwele awayenalo. Iimvakalelo zakhe zakhokelela ekubeni enze iyelenqe lokubulala.
11. Kwibandla laseFilipi, yiyiphi ingxaki eyayikho yaye yintoni enokuba yakhokelela kuyo?
11 Ngokufanayo, ukungakwazi ukulawula iimvakalelo namhlanje kunokuwenzakalisa kakhulu amaKristu. Bambi basenokuvakalelwa kukuba, ‘Oko akunakuba yingxaki ebandleni.’ Kodwa sekukhe kwayiyo. AmaKristu amabini athanjisiweyo aseFilipi ayenengxabano enzulu, engachazwanga eBhayibhileni. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wokuba kunokuba kwakwenzeke oku: UWodiya wamema abazalwana noodade abathile esidlweni okanye kwimbutho yokuzonwabisa. USintike wayengamenywanga, yaye wakhathazeka. Mhlawumbi wasabela ngokungammemi uWodiya kamva. Bandula ke bobabini baqalisa ukuhlabana amadlala; ekuhambeni kwexesha, babengathethisani. Kwimeko enjalo, ngaba eyona ngxaki yayikukungamenywa esidlweni? Akunjalo. Oko kwakunokuba yintlantsi nje kuphela. Xa aba dade babini bathanjisiweyo bengazange bakwazi ukulawula iimvakalelo zabo, le ntlantsi yaba ngumlilo omkhulu. Le ngxaki yaqhubeka ikho yaye isanda de kwafuneka omnye umpostile angenelele.—Filipi 4:2, 3.
Iimvakalelo Zakho Nabazalwana Bakho
12. Kutheni uThixo esinika icebiso elikwiNtshumayeli 7:9?
12 Kuyavunywa ukuba, akulula ukulawula iimvakalelo zikabani xa ejongelwa phantsi gqitha, ecatshukiswa, okanye ephathwa ngokunekhethe. UYehova uyakwazi oko, kuba uye wayibona indlela abantu abaye baqhubana ngayo ukususela ekuqaleni. UThixo uyasiluleka: “Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.” (INtshumayeli 7:9) Phawula ukuba uThixo uqala anikel’ ingqalelo kwiimvakalelo kungekhona kwizenzo. (IMizekeliso 14:17; 16:32; Yakobi 1:19) Zibuze, ‘Ngaba ndifanele ndinikele ingqalelo engakumbi ekulawuleni iimvakalelo zam?’
13, 14. (a) Ehlabathini, yintoni ngokuqhelekileyo eyenzekayo ngenxa yokungakwazi ukulawula iimvakalelo? (b) Ziziphi izinto ezinokukhokelela umKristu ekubeni afukame inqala?
13 Abantu abaninzi ehlabathini abangakwaziyo ukulawula iimvakalelo zabo baqalisa imilo—iingxabano ezingathandekiyo, ezinogonyamelo nezihlala ithuba elide ngenxa yempazamo yokwenene okanye ekuthelekelelwa ukuba yenziwe kubo okanye kwisalamane. Xa iimvakalelo zingalawulwa, zinokuhlala zinempembelelo eyingozi ixesha elide. (Thelekisa iGenesis 34:1-7, 25-27; 49:5-7; 2 Samuweli 2:17-23; 3:23-30; IMizekeliso 26:24-26.) Ngokuqinisekileyo amaKristu, ingakhathaliseki imvelaphi yawo yobuhlanga okanye yesithethe, afanele azigqale iingxabano ezinjalo ezingathandekiyo njengeziphosakeleyo, ezingalunganga, nezifanele ziphetshwe. (Levitikus 19:17) Ngaba ukuphepha ukufukama inqala ukugqala njengenxalenye yokubonakalisa ukulawula iimvakalelo zakho?
14 Njengakwimeko kaWodiya noSintike, ukungakwazi ukulawula iimvakalelo kunokukhokelela kwiingxaki ngoku. Udade usenokuziva ethotywe gqitha ngokungamenywa kwitheko lomtshato. Okanye mhlawumbi ngumntwana okanye umza wakhe ongamenywanga. Okanye mhlawumbi umzalwana uthenge inqwelo-mafutha esetyenzisiweyo komnye umKristu, yaza kungekudala yonakala. Kungakhathaliseki oko kwenzekileyo, oku kuye kwabangela intlungu, iimvakalelo azalawulwa, baza abo babandakanyekileyo bacaphuka. Ngoko yintoni enokwenzika?
15. (a) Yiyiphi imiphumo ebuhlungu eye yakho ngenxa yenqala phakathi kwamaKristu? (b) Sisiphi isiluleko seBhayibhile esithetha ngotyekelo lokuba nenqala?
15 Ukuba umntu ocaphukileyo akazami ukulawula iimvakalelo zakhe aze adale uxolo nomzalwana wakhe, oku kusenokubangela inqala. Kuye kwakho iimeko apho iNgqina elithile liye lacela ukuba lingabelwa kwiSifundo Sencwadi SeBandla esithile ngenxa yokuba “lingamthandi” umKristu okanye intsapho ethile ekwelo qela. Hayi indlela okubuhlungu ngayo oko! IBhayibhile ithi akufanelekanga ukuba amaKristu amangalelane kwiinkundla zehlabathi, kodwa ngaba bekungayi kuba kokungafanelekanga ukuphepha umzalwana ngenxa yesenzo sokusijongela phantsi okanye isalamane sethu awasenza kwixesha elidluleyo? Ngaba iimvakalelo zethu zibonisa ukuba sibeka izalamane zegazi ngaphambi kokuba seluxolweni nabazalwana noodade? Ngaba sithi sikulungele ukufa ngenxa yodade wethu, kodwa zibe iimvakalelo zethu zisenza kube nzima nokuthetha naye ngoku? (Thelekisa uYohane 15:13.) Ngokungqalileyo uThixo usixelela oku: “Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. . . . Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda; yikhweleleni ingqumbo.”—Roma 12:17-19; 1 Korinte 6:7.
16. UAbraham wamisela wuphi umzekelo omhle ngokuphathelele iimvakalelo?
16 Ukuze siphinde sikwazi ukulawula iimvakalelo zethu simele sidale uxolo okanye silungise unobangela wesikhalazo, kunokuba sivumele ubutshaba buqhubeke bukho. Khumbula xa ilizwe lalingakwazi ukuthwala imihlambi emikhulu ka-Abraham nekaLote, zaza ngenxa yoko izicaka zabo zaqalisa ukulwa. Ngaba uAbraham wavumela iimvakalelo zakhe zimoyise? Okanye ngaba wabonakalisa ukuzeyisa? Okuncomekayo kukuba, wanikela isicombululo soxolo kule ngxabano; ngamnye makabe nomhlaba wakhe. Yaye wavumela uLote ukuba akhethe kuqala. Ukungqina ukuba uAbraham wayengenanzondo nokuba wayengafukamanga nqala, kamva waya edabini esiya kulwela uLote.—Genesis 13:5-12; 14:13-16.
17. Ngesinye isihlandlo uPawulos noBharnabhas basilela njani, kodwa kwenzeka ntoni kamva?
17 Kwakhona sinokufunda ngokuzeyisa kwisiganeko esibandakanya uPawulos noBharnabhas. Emva kokusebenza kunye iminyaka emininzi, abazange bavumelane enoba babefanele bahambe noMarko okanye bangahambi naye kusini na. “Kwabakho ngoko amazwi abukhali phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; athi uBharnabhas amthabathe uMarko, anduluke ngomkhombe aye eSipro.” (IZenzo 15:39) Isibakala sokuba la madoda aqolileyo engazange akwazi ukulawula iimvakalelo zawo ngeso sihlandlo sifanele sibe sisilumkiso kuthi. Ukuba kwakunokwenzeka kubo, kunokwenzeka nakuthi. Noko ke, abazange bakuvumele ukuqhubeka bejongene ngezikhondo zamehlo okanye ukuba nenzondo. Ingxelo inikela ubungqina bokuba aba bazalwana bakwazi ukuphinda bazilawule iimvakalelo zabo baza kamva basebenza kunye eluxolweni.—Kolose 4:10; 2 Timoti 4:11.
18. Xa iimvakalelo ziphazamisekile, yintoni anokuyenza umKristu oqolileyo?
18 Sinokulindela ukuba kusenokubakho ukukhathazeka, kwanokuba nenqala, phakathi kwabantu bakaThixo. Oku kwakusenzeka ngexesha lamaHebhere nangemihla yabapostile. Kwakhona kuye kwenzeka phakathi kwabakhonzi bakaYehova kwixesha lethu, kuba sonke asifezekanga. (Yakobi 3:2) UYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba bakhawulezise ukuzinzisa iingxaki ezinjalo phakathi kwabazalwana. (Mateyu 5:23-25) Kodwa kulunge ngakumbi ukuzithintela kwasekuqaleni ngokuphucula indlela esikubonakalisa ngayo ukuzeyisa. Ukuba uvakalelwa kukuba uthotywe isidima okanye uye wakhathazwa yinto encinane ethethwe okanye eyenziwe ngumzalwana wakho okanye udade, kutheni ungalawuli iimvakalelo zakho uze ukulibale oko? Ngaba kuyimfuneko ngokwenene ukuxoxisana naloo mntu, ngokungathi awuyi kwanela de avume ukuba ukonile? Uzilawula ukusa kuwuphi umlinganiselo iimvakalelo zakho?
Kunokwenzeka!
19. Kutheni kufanelekile ukuba sixubushe ngokulawula iimvakalelo zethu?
19 Ngokuyintloko siye sathetha ngenkalo enye esinokubonakalisa ukuzeyisa kuyo, ukulawula iimvakalelo zethu. Yaye leyo yinkalo ebalulekileyo kuba ukungakwazi ukulawula iimvakalelo zethu kunokukhokelela ekungakwazini ukulawula ulwimi lwethu, iinkanuko zethu zesini, imikhwa yethu yokudla, kunye nezinye iinkalo ezininzi zobomi esifanele sibonakalise ukuzeyisa kuzo. (1 Korinte 7:8, 9; Yakobi 3:5-10) Noko ke, yomelela kuba unokuphucula kwindlela okubonakalisa ngayo ukuzeyisa.
20. Sinokuqiniseka njani ukuba sinokuphucula?
20 UYehova ukulungele ukusinceda. Sinokuqiniseka njani? Kaloku, ukuzeyisa sesinye seziqhamo zomoya wakhe. (Galati 5:22, 23) Ngaloo ndlela, okukhona sisebenzela ukufanelekela nokufumana umoya oyingcwele ovela kuYehova nokubonakalisa iziqhamo zawo, kokukhona sinokulindela ukuba sibonakalise ukuzeyisa ngakumbi. Ungaze uwalibale la mazwi asisiqinisekiso kaYesu: ‘UYihlo wasemazulwini uya kubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo.’—Luka 11:13; 1 Yohane 5:14, 15.
21. Uzimisele ukwenza ntoni kwixesha elizayo ngokuphathelele ukuzeyisa neemvakalelo zakho?
21 Ungacingi ukuba kuya kuba lula. Yaye kunokuba nzima ngabathile abakhule phakathi kwabantu abangazilawuliyo iimvakalelo zabo, nabathile abakhawuleza bazibonakalise, okanye abathile abangazange bakhe bazame ukubonakalisa ukuzeyisa. KumKristu onjalo, ukubonakalisa ukuzeyisa nokukwandisa kunokuba lucelomngeni lokwenene. Kodwa unako ukukubonakalisa. (1 Korinte 9:24-27) Njengoko sisondela ngamandla kwisiphelo sale nkqubo ikhoyo yezinto, iinkxwaleko neengcinezelo ziya kwanda. Kuza kufuneka sibonakalise ukuzeyisa okungakumbi, okuthe chatha! Zihlolisise ukuba uyakubonakalisa kusini na ukuzeyisa. Ukuba ubona iinkalo ekufuneka uphucule kuzo, sebenzela kuzo. (INdumiso 139:23, 24) Cela kuThixo umoya wakhe ongakumbi. Uya kukuva aze akuncede ukuze ukuzeyisa kwakho kubonakale yaye kwande.—2 Petros 1:5-8.
Iingongoma Zempinda
◻ Kutheni kubaluleke kangaka ukulawula iimvakalelo zakho?
◻ Ufunde ntoni kumzekelo kaHaman okaWodiya noSintike?
◻ Yintoni oya kuzabalazela ukuyenza ngokunyanisekileyo xa kukho into ekubangela ukuba ucaphuke?
◻ Ukuzeyisa kunokukunceda njani uphephe ukufukama inqala?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Xa wayephambi koFelikis noDrusila, uPawulos wathetha ngobulungisa nangokuzeyisa