IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 9/1 iphe. 10-15
  • Intsapho YamaKristu Ibeka Izinto Zokomoya Kuqala

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intsapho YamaKristu Ibeka Izinto Zokomoya Kuqala
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKristu—Umzekelo Ogqibeleleyo Wobumoya
  • Iingozi Ezimele Ziphetshwe
  • Okwenzayo Kuchaza Okuninzi Ngaphezu Kokuthethayo
  • Unxibelelwano Olunentsingiselo Lukhuthaza Ubumoya
  • Ukuzabalazela Ukuba Ngumntu Wokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ngaba Ukhokelwa Ngumoya KaThixo Okanye Ulawulwa Yinyama?
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
  • Yiya Usondela KuThixo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Unokuba Nguye Njani—Umntu Wokomoya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 9/1 iphe. 10-15

Intsapho YamaKristu Ibeka Izinto Zokomoya Kuqala

“Cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, [“nithobekile engqondweni,” NW].”—1 PETROS 3:8.

1. Luluphi ukhetho sonke esinalo, yaye ukhetho lwethu lunokulichaphazela njani ikamva lethu?

HAYI indlela le ndinyana ingasentla esebenza ngayo kolona manyano ekudala lukho kwibutho labantu—intsapho! Yaye hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba abazali bakhokele kwezi nkalo! Iimpawu ezifanelekileyo nezingafanelekanga abanazo ngokuqhelekileyo ziya kubonakala kubantwana. Sekunjalo, ilungu ngalinye lentsapho limele lizikhethele. NjengamaKristu, sinokukhetha ukuba ngabantu bokomoya okanye abantu bokwenyama. Sinokukhetha ukumkholisa uThixo okanye ukungamkholisi. Olo khetho lunokuphumela kwintsikelelo, ubomi obungunaphakade noxolo—okanye kwisiqalekiso, ukufa ngonaphakade.—Genesis 4:1, 2; Roma 8:5-8; Galati 5:19-23.

2. (a) UPetros wabonisa njani ukuba wayeyixhalabele intsapho? (b) Buyintoni ubumoya? (Bona umbhalo osemazantsi.)

2 Amazwi alo mpostile kweyoku-1 kaPetros isahluko 3, indinyana 8, alandela kanye emva kwesiluleko esihle awasinikela kubafazi nakumadoda. UPetros wayenomdla ngokwenene kwintlalo-ntle yeentsapho zamaKristu. Wayesazi ukuba ubumoya obomeleleyo bungundoqo kwintsapho emanyeneyo nenyamekelanayo. Ngaloo ndlela, kwindinyana 7 wayethetha ukuba, ukuba isiluleko sakhe kumadoda sasityeshelwa, umphumo wawuya kuba ngumqobo wokomoya phakathi kwendoda noYehova.a Imithandazo yendoda yayinokuthintelwa ukuba yayizityeshela iintswelo zomfazi wayo okanye ingenabubele kuye.

UKristu—Umzekelo Ogqibeleleyo Wobumoya

3. UPawulos wawubalaselisa njani umzekelo kaKristu kumadoda?

3 Ubumoya bentsapho buxhomekeke kumzekelo omhle. Xa indoda ingumKristu wokwenene, iyakhokela ekuboniseni iimpawu zokomoya. Ukuba akukho ndoda ikholwayo, ngokuqhelekileyo ngumama ozama ukuthwala loo mbopheleleko. Nokuba imeko iyintoni na, uYesu Kristu ungumzekelo omhle wokulandelwa. Ihambo yakhe, amazwi akhe, nendlela awayecinga ngayo ngamaxesha onke zazisakha yaye zihlaziya. Izihlandlo eziliqela, umpostile uPawulos walathisela ingqalelo yomfundi kumzekelo kaKristu wothando. Ngokomzekelo, uthi: “Indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo.”—Efese 5:23, 25, 29; Mateyu 11:28-30; Kolose 3:19.

4. Nguwuphi umzekelo wobumoya uYesu awawumiselayo?

4 UYesu wayengumzekelo obalaseleyo wobumoya nobuntloko obabonakaliswa ngothando, ububele, nemfesane. Wayezincama, engazicingeli. Ngamaxesha onke wayezukisa uYise yaye ehlonela ubuntloko bakhe. Wayelandela ukhokelo lukaYise, kangangokuba wayenokuthi: “Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndigweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.” “Andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.”—Yohane 5:30; 8:28; 1 Korinte 11:3.

5. Ekulungiseleleni abalandeli bakhe, nguwuphi umzekelo uYesu awawumisela amadoda?

5 Kuthetha ukuthini oku kumadoda? Kuthetha ukuba umzekelo amele awulandele kwizinto zonke nguKristu, owayesoloko ezithoba kuYise. Ngokomzekelo, njengokuba uYehova walungiselela ukudla ukwenzela zonke iintlobo zobomi emhlabeni, ngokufanayo noYesu wabalungiselela ukudla abalandeli bakhe. Akazange azityeshele iintswelo zabo ezisisiseko zezinto eziphathekayo. Imimangaliso yakhe yokondla amadoda angama-5 000 nabantu abangama-4 000 ibubungqina benyameko yakhe nenkathalo awayenayo. (Marko 6:35-44; 8:1-9) Ngokufanayo namhlanje, iintloko-ntsapho ezinenkathalo ziyazinyamekela iintswelo zokwenyama zeentsapho zazo. Kodwa ngaba imbopheleleko yazo iphelela apho?—1 Timoti 5:8.

6. (a) Ziziphi iintswelo ezibalulekileyo zentsapho ezifanele zinyanyekelwe? (b) Amadoda noobawo banokukubonakalisa njani ukuqonda?

6 Kwakhona, iintsapho zinezinye iintswelo ezibaluleke ngakumbi, njengokuba uYesu wabonisayo. Zineentswelo zokomoya nezeemvakalelo. (Duteronomi 8:3; Mateyu 4:4) Siyasebenzisana nabanye, entsatsheni nasebandleni. Kufuneka sifumane ukhokelo olulungileyo lokusishukumisela ukuba ngabakhayo. Kule nkalo amadoda noobawo banendima ebalulekileyo—oku kunjalo ngakumbi ukuba bangabadala okanye izicaka zolungiselelo. Abazali abangenamaqabane nabo kufuneka babe neempawu ezifanayo xa benceda abantwana babo. Abazali bamele baqonde kungekuphela nje oko kuthethwa ngamalungu entsapho kodwa kwanoko angakuthethanga. Oko kufuna ukuqonda, ixesha nomonde. Esi sesinye sezizathu ezabangela uPetros athi amadoda afanele abe nolwazelelelo yaye ahlale nabafazi bawo ngokokwazi.—1 Timoti 3:4, 5, 12; 1 Petros 3:7.

Iingozi Ezimele Ziphetshwe

7, 8. (a) Kufuneka ntoni ukuba intsapho iza kukuphepha ukwaphukelwa ngumkhombe ngokomoya? (b) Yintoni efunekayo ngaphandle kwesiqalo esihle kwikhondo lobuKristu? (Mateyu 24:13)

7 Kutheni kubaluleke kangaka ukuba kunikelwe ingqalelo kubumoya bentsapho? Makhe senze umzekelo, sisenokubuza, Kutheni kubalulekile ukuba umqhubi wenqanawa anikele ingqalelo ngenyameko kwiimaphu zakhe xa eqhuba inqanawa kumanzi ayingozi anezidibi? NgoAgasti 1992 inqanawa yabakhenkethi iQueen Elizabeth 2 (QE2) yahanjiswa kwindawo eneenduli zentlabathi namatye ayingozi apho kuyinto eqhelekileyo ukuba abaqhubi benze iimpazamo. Omnye umntu ohlala apho wathi: “Baninzi abaqhubi beenqanawa abaye balahlekelwa yimisebenzi ngenxa yokwenza iimpazamo eziye zabangela iingozi kule ndawo.” IQE2 yabetheka kwilitye elingaphantsi kwamanzi. Oku kwaba yimpazamo enkulu. Inxalenye enkulu yesiqu saloo nqanawa senzakala, yaye le nqanawa ayizange ikwazi ukusetyenziswa kangangeeveki eziliqela ngoxa yayilungiswa.

8 Ngokufanayo, ukuba “umqhubi” wentsapho akayihloli ngenyameko imaphu, iLizwi likaThixo, intsapho yakhe inokwenzakala ngokulula ngokomoya. Umdala okanye isicaka solungiselelo, usenokulahlekelwa ngamalungelo ebandleni yaye mhlawumbi amanye amalungu entsapho enzakale kakhulu ngenxa yoku. Ngenxa yoko, umKristu ngamnye ufanele aqinisekise ukuba akaze abe nemvakalelo yokunqabiseka ngokomoya, ethembele kuphela ngemikhwa emihle yofundisiso okanye inzondelelo awayekhe wanayo. Kwikhondo lethu lobuKristu, akwanele ukuqalisa kakuhle nje kuphela; uhambo lumele lugqitywe ngokunempumelelo.—1 Korinte 9:24-27; 1 Timoti 1:19.

9. (a) Ufundisiso lobuqu lubaluleke kangakanani? (b) Yiyiphi imibuzo efanelekileyo esisenokuzibuza yona?

9 Ukuze siphephe izidibi, amatye, neenduli zentlabathi zokomoya, kufuneka sihlale sizihlola “iimaphu” zethu ngokulifundisisa rhoqo iLizwi likaThixo. Asinakuthembela ngofundisiso olusisiseko olwasinceda sangena enyanisweni kuphela. Ukomelela kwethu ngokomoya kuxhomekeke kucwangciso oluthe rhoqo nolulungeleleneyo lofundisiso nenkonzo. Ngokomzekelo, njengokuba sikwiSifundo seMboniselo sebandla siphethe le nkupho, sinokuzibuza, ‘Ngaba mna, okanye thina njengentsapho, silifundisise ngokwenene eli nqaku, safunda izibhalo saza sacamngca ngendlela ezisebenza ngayo? Okanye ngaba sisuke nje sakrwela iimpendulo? Mhlawumbi, ngaba asilifundanga kwaukulifunda eli nqaku ngaphambi kokuba size kwiintlanganiso?’ Iimpendulo ezinyanisekileyo kule mibuzo zisenokusibangela sicinge nzulu zize zivuselele umnqweno wethu wokuphucula—ukuba oko kuyimfuneko.—Hebhere 5:12-14.

10. Kutheni kubalulekile ukuzihlolisisa?

10 Kutheni ukuzihlolisisa okunjalo kubalulekile? Kungenxa yokuba siphila kwihlabathi elilawulwa ngumoya kaSathana, ihlabathi, ngeendlela ezininzi ezichuliweyo, elizama ukwaphula ukholo lwethu kuThixo nakumadinga akhe. Lihlabathi elifuna ukusigcina sixakeke gqitha ngokokude singabi nalo ixesha lokunyamekela iintswelo zokomoya. Ngoko ke sisenokuzibuza oku, ‘Ngaba intsapho yam yomelele ngokomoya? Ngaba mna njengomzali ndomelele njengokuba ndimele ndibe njalo? Ngaba thina njengentsapho sihlakulela amandla okomoya alawula ingqondo asinceda senze izigqibo ezisekelwe kubulungisa nokunyaniseka?’—Efese 4:23, 24.

11. Kutheni iintlanganiso zamaKristu ziyingenelo ngokomoya? Nika umzekelo.

11 Zonke iintlanganiso esibakho kuzo zimele zibomeleze ubumoya bethu. Ezo yure zixabisekileyo kwiHolo yoBukumkani okanye kwiSifundo Sencwadi Sebandla zisinceda sihlaziyeke emva kweeyure ezininzi esimele sizichithe sizama ukusinda kwimpembelelo yehlabathi elikhohlakeleyo likaSathana. Ngokomzekelo, hayi indlela okusihlaziye ngayo ukufundisisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila! Oku kuye kwasinceda samqonda kakuhle ngakumbi uYesu, ubomi bakhe nobulungiseleli bakhe. Sizifunde ngenyameko izibhalo ezibonisiweyo, senza uphando ngokobuqu, saza ngaloo ndlela safunda okuninzi kumzekelo uYesu awawumiselayo.—Hebhere 12:1-3; 1 Petros 2:21.

12. Ubulungiseleli basentsimini bubuvavanya njani ubumoya bethu?

12 Eyona ndlela intle yokuhlola ubumoya bethu bubulungiseleli bobuKristu. Ukuze sizingise ekunikeleni ubungqina ngokucwangcisiweyo nangokungacwangciswanga, ngokufuthi sijamelana nabantu abangenamdla okanye abachasileyo, kufuneka sibe nentshukumisa efanelekileyo, ukuthanda uThixo nokuthanda ummelwane. Kambe ke, akukho mntu ukuvuyelayo ukungafunwa, yaye oko kunokwenzeka kubulungiseleli bethu basentsimini. Kodwa sifanele sikhumbule ukuba ziindaba ezilungileyo ezingafunwayo, kungekhona thina ngokobuqu. UYesu wathi: “Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi. . . . Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.”—Yohane 15:18-21.

Okwenzayo Kuchaza Okuninzi Ngaphezu Kokuthethayo

13. Umntu omnye unokubukhukulisa njani ubumoya bentsapho?

13 Kwenzeka ntoni entsatsheni ukuba onke amalungu ngaphandle kwelinye kuphela ayazikhathaza ngokucoceka nokubukeka kwendlu? Ngosuku olunemvula, onke ngaphandle kwelo lilibalayo ayazimisela ukuba angangeni nodaka endlwini. Imikhondo enodaka ekho kuyo yonke indawo inikela ubungqina bokungakhathali kwalowo, yaye wenzela abanye umsebenzi owongezelelekileyo. Kuyafana nangobumoya. Umntu omnye nje kuphela ozingcayo okanye ongakhathaliyo unokulonakalisa udumo lwentsapho. Bonke entsatsheni, kungekhona abazali nje kuphela, bafanele bazabalazele ukubonakalisa isimo sengqondo sikaKristu. Hayi indlela okuhlaziya ngayo xa bonke besebenzisana ngenjongo yokufumana ubomi obungunaphakade! Loo ntsapho izimisele kwizinto zokomoya (kodwa kungekhona ukuzenza amalungisa). Akufane kubekho iimpawu zokungakhathali ngokomoya kuloo ntsapho.—INtshumayeli 7:16; 1 Petros 4:1, 2.

14. USathana usihenda njani ngezinto eziphathekayo?

14 Sonke sineentswelo ezisisiseko zokwenyama ekufuneka zaneliswe ukuze kuxhaswe ubomi bethu imihla ngemihla. (Mateyu 6:11, 30-32) Kodwa ngokufuthi iintswelo zethu zigqunywa koko sikufunayo. Ngokomzekelo, inkqubo kaSathana inezinto eziphathekayo eziziintlobo ngeentlobo. Ukuba sisoloko sifuna ukuba nezona zakutshanje kwinto yonke, asisayi kuze saneliseke, ekubeni ngokukhawuleza eyona nto intsha iba sele iphelelwe lixesha, kuze kuvele eyona intsha nengayiwayo. Inkqubo yezorhwebo iye yaseka umjikelo wezinto ongaphele ndawo. Isirhwebeshela ekubeni sisoloko sifuna imali engakumbi ukuze sanelise iminqweno engakumbi. Oku kunokukhokelela “ezinkanukweni ezininzi ezibubudenge nezenzakalisayo,” okanye “amabhongo abubudenge nayingozi.” Kusenokuphumela kubomi obungalungelelananga obunexesha elincinane gqitha lemisebenzi yokomoya.—1 Timoti 6:9, 10; The Jerusalem Bible.

15. Umzekelo wentloko-ntsapho ubaluleke ngayiphi indlela?

15 Apha kwakhona, umzekelo omiselwa yintloko yentsapho yamaKristu ubaluleke gqitha. Isimo sayo sengqondo esilungeleleneyo ngakwiimbopheleleko zokwenyama nezokomoya sifanele sishukumise namanye amalungu entsapho. Ngokuqinisekileyo kuya kuba yingozi ukuba ubawo unikela imiyalelo ebalaseleyo xa ethetha kodwa asilele ukuphila ngokuvisisana namazwi akhe. Abantwana banokukhawuleza bambone ukuba unguyenza njengokuba ndithetha ungenzi njengokuba ndisenza. Ngokufanayo, umdala okanye isicaka solungiselelo esikhuthaza abanye kubulungiseleli bendlu ngendlu kodwa esingafane sithelele intsapho yaso kuloo msebenzi ngokukhawuleza asisathenjwa yintsapho nalibandla.—1 Korinte 15:58; thelekisa uMateyu 23:3.

16. Yiyiphi imibuzo esisenokuzibuza yona?

16 Ngenxa yoko, sinokubuhlola ngokunengenelo ubomi bethu. Ngaba sixakeke gqitha kwimigudu yokuphumelela kweli hlabathi ngoxa sityeshela inkqubela yethu yokomoya? Ngaba sihambela phambili ehlabathini kodwa sibuyel’ umva ebandleni? Khumbula isiluleko sikaPawulos: “Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle.” (1 Timoti 3:1) Ukuziva unembopheleleko ebandleni kubonisa okungakumbi ngobumoya bethu kunokunyuselwa emsebenzini. Kufanele kugcinwe ulungelelwano ngenyameko ukuze singabavumeli abaqeshi bethu balawule ubomi bethu ngokungathi sizahlulele kubo kungekhona kuYehova.—Mateyu 6:24.

Unxibelelwano Olunentsingiselo Lukhuthaza Ubumoya

17. Yintoni eba negalelo ekuhlakuleleni uthando lokwenene entsatsheni?

17 Izigidi zamakhaya namhlanje zizindawo zokulala nje kuphela. Njani? Amalungu eentsapho eza ekhaya ukuza kulala nokuza kutya kuphela, aze abe sendleleni ngokukhawuleza emva koko. Kunqabile ukuba ahlale onke etafileni anandiphe isidlo kunye. Imvakalelo yokufudumala nokusondelelana kwentsapho ayikho. Uba yintoni umphumo? Unxibelelwano alubikho, akuncokolwa ngokunentsingiselo. Yaye oko kunokuphumela ekubeni amalungu angabi namdla kwamanye, mhlawumbi angabi nayo nenkxalabo yokwenene. Xa sithandana, sizipha ixesha lokuncokola nokuphulaphula. Siyakhuthazana, size sincedane. Le nkalo yobumoya ibandakanya unxibelelwano olunentsingiselo phakathi kwamaqabane naphakathi kwabazali nabantwana.b Kufuneka ixesha nobuchule njengokuba sizama ukufumanisa oko kusentliziyweni yomnye ukuze sabelane ngovuyo, ngamava neengxaki.—1 Korinte 13:4-8; Yakobi 1:19.

18. (a) Ngokufuthi yintoni eluphazamisa kakhulu unxibelelwano? (b) Ulwalamano olunentsingiselo lwakhelwa kwintoni?

18 Ukuze kubekho unxibelelwano olulungileyo kufuneka ixesha nomgudu. Kuthetha ukubekela bucala ixesha lokuthetha nelokuphulaphulana. Omnye weyona miqobo mikhulu koku sesiya sixhobo sitya ixesha kakhulu esikwindawo ebekekileyo emakhayeni amaninzi—umabonwakude. Oku kubangela ucelo-mngeni—ngaba umabonwakude uyakulawula, okanye nguwe owulawulayo? Ukulawula umabonwakude kufuna ukuzimisela ngamandla—kuquka nenkalipho yokumcima. Kodwa ukwenjenjalo kuya kuvula ithuba lokuba siqhelane njengamalungu entsapho nanjengabazalwana noodade bokomoya. Ulwalamano olunentsingiselo lubakho xa kukho unxibelelwano oluhle, ukuqondana, iintswelo zethu nezinto ezisivuyisayo, ukuxelelana indlela esizixabisa ngayo izinto zobubele esizenzelweyo. Ngamanye amazwi, ukuncokola ngokunentsingiselo kubonisa ukuba siyabaxabisa abanye.—IMizekeliso 31:28, 29.

19, 20. Ukuba sibakhathalele bonke entsatsheni, yintoni esiya kuyenza?

19 Ngoko ke, ukuba sinenkathalo ngabanye kwisangqa sentsapho—yaye oko kuquka ukukhathalela amalungu entsapho angakholwayo—siya kuba senza lukhulu ekukhuliseni nasekugcineni ubumoya bethu. Kwisangqa sentsapho, siya kuba silandela isiluleko sikaPetros: “Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, [“nithobekile engqondweni,” NW]. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.”—1 Petros 3:8, 9.

20 Sinokuzifumana ngoku iintsikelelo zikaYehova ukuba sizabalazela ukugcina ubumoya bethu, yaye oku kunokubangela ukuba sizuze iintsikelelo zakhe kwixesha elizayo xa sifumana isipho sobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi. Zikho nezinye izinto esinokuzenza njengentsapho ukuze sincedane ngokomoya. Inqaku elilandelayo liza kuxubusha iingenelo zokwenza izinto kunye njengentsapho.—Luka 23:43; ISityhilelo 21:1-4.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ubumoya buchazwa ngokuthi “kukuthembeka okanye ukunamathela kwimilinganiselo yonqulo: uphawu okanye imeko yokuba ngumntu wokomoya.” (Webster’s Ninth New Collegiate Dictionary) Umntu wokomoya sisichasi somntu wokwenyama, onobulwanyana.—1 Korinte 2:13-16; Galati 5:16, 25; Yakobi 3:14, 15; Yuda 19.

b Ukuze ufumane amacebiso angakumbi ngonxibelelwano entsatsheni, bona IMboniselo kaSeptemba 1, 1991, iphepha 20-2.

Uyakhumbula Na?

◻ Buyintoni ubumoya?

◻ Intloko-ntsapho inokuwuxelisa njani umzekelo kaKristu?

◻ Sinokukuphepha njani ukuchanaba ubumoya bethu engozini?

◻ Yintoni enokukhukulisa ubumoya bentsapho?

◻ Kutheni unxibelelwano olunentsingiselo lubalulekile?

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Ukubakho kwiSifundo Sencwadi Sebandla kuyabuqinisa ubumoya bentsapho

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share