Ukufumana Isikhokelo Sokuba Nomsa Wobuzalwana
“Nongezelele . . . ekuhloneleni kwenu uThixo umsa wobuzalwana.”—2 PETROS 1:5-7, NW.
1. Sisiphi esinye sezona zizathu ziyintloko ezibangela ukuba iintlanganiso zabantu bakaYehova ibe zizihlandlo zolonwabo?
UGQIRHA owayengeloNgqina likaYehova wakhe waya kwisihlandlo sokuvuyisana nentombi yakhe ephumelele kwiSikolo seBhayibhile seWatch Tower saseGiliyadi, apho yayifumene uqeqesho lobuvangeli basemazweni. Wachukunyiswa gqitha sisihlwele esonwabileyo ngokokude abe noluvo lokuba kumele ukuba akukho mntu ufane agule phakathi kwaba bantu. Yintoni eyenza eso sihlwele sonwaba kangaka? Enyanisweni, yintoni eyenza ukuba zonke iintlanganiso zabantu bakaYehova, emabandleni, kwiindibano zesiphaluka nakwiindibano zesithili, ibe zizihlandlo zolonwabo? Ngaba asingomsa (affection) wobuzalwana abawubonakalisayo omnye komnye? Ngokungathandabuzekiyo, umsa wobuzalwana uyenye yezinto ezibangele ukuba kuthiwe alikho elinye iqela lonqulo elifumana uvuyo, ulonwabo nolwaneliseko elunqulweni njengamaNgqina kaYehova.
2, 3. Ngawaphi amagama amabini esiGrike athetha ngendlela esifanele sivakalelwe ngayo omnye komnye, yaye ziziphi iimpawu eziwahlulayo?
2 Sifanele silindele ukuwubona umsa onjalo wobuzalwana ngenxa yamazwi ompostile uPetros kweyoku-1 kaPetros 1:22: “Niyenze nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana [“kumsa wobuzalwana,” NW] okungenaluhanahaniso, thandanani ngenyameko, ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.” Esinye sezakhi ezisisiseko zegama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi “umsa wobuzalwana” sesithi phi·liʹa (umsa). Intsingiselo yalo ihlobene ngokusondeleyo nentsingiselo yelithi a·gaʹpe, igama ngokuqhelekileyo eliguqulelwa ngokuthi “uthando.” (1 Yohane 4:8) Ngoxa ngokufuthi ibinzana elithi umsa wobuzalwana nelithi uthando esetyenziswa elinye endaweni yelinye, aneempawu eziwahlulayo. Asifanele silibhidanise elinye nelinye, njengoko besenjenjalo abaguquleli abaninzi beBhayibhile. (Kweli nqaku nakwelilandelayo siza kuqwalasela ngalinye kula magama.)
3 Ngokubhekisele kumahluko ophakathi kwala magama mabini esiGrike, omnye umphengululi wathi elithi phi·liʹa “ngokuqinisekileyo ligama lemvakalo yokufudumala nokusondelelana nomsa.” Kwelinye icala, elithi a·gaʹpe linokuthanani kakhulu nengqondo. Ngenxa yoko ngoxa sixelelwa ukuba sithande (a·gaʹpe) iintshaba zethu, asibonakalisi msa kuzo. Kutheni singawubonakalisi nje? Kungenxa yokuba “incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.” (1 Korinte 15:33) Enye into ewenza ubonakale ngakumbi lo mahluko ukhoyo ngala mazwi ompostile uPetros: “Nongezelele . . . kumsa wenu wobuzalwana uthando.”—2 Petros 1:5-7, NW; thelekisa noYohane 21:15-17.a
Imizekelo Yomsa Wobuzalwana Okhetheke Gqitha
4. Kwakutheni ukuze uYesu noYohane babe nomsa okhethekileyo omnye komnye?
4 ILizwi likaThixo lisinika imizekelo emihle eliqela yomsa wobuzalwana okhetheke gqitha. Lo msa ukhethekileyo awubangelwa yingcinga nje ethi qatha ngelo xesha kodwa usekelwe kuxabiso lweempawu ezibalaseleyo. Ngokungathandabuzekiyo owona mzekelo waziwa kakhulu ngulowo womsa uYesu Kristu awayenawo ngompostile uYohane. Ngaphandle kwamathandabuzo, uYesu wayenawo umsa wobuzalwana ngabo bonke abapostile bakhe abathembekileyo, ibe wayenesizathu esifanelekileyo sokwenjenjalo. (Luka 22:28) Enye indlela awakubonakalisa ngayo oku kwakungokuhlamba iinyawo zabo, ngaloo ndlela ebafundisa ngokuthobeka. (Yohane 13:3-16) Kodwa uYesu wayenomsa okhethekileyo ngoYohane, nto leyo uYohane ayikhankanya ngokuphindaphindiweyo. (Yohane 13:23; 19:26; 20:2) Kwanjengokuba uYesu wayenesizathu sokubonakalisa umsa kubafundi bakhe nabapostile bakhe, kusenokwenzeka ukuba uYohane wambangela uYesu wanesizathu sokuba nomsa okhethekileyo ngaye ngenxa yoxabiso olunzulu ngakumbi awayenalo ngoYesu. Oku sinokukubona kwiincwadi zikaYohane, kwincwadi yakhe yeVangeli nakwiincwadi zakhe eziphefumlelweyo. Hayi indlela alukhankanya ngokufuthi ngayo uthando kwezo ncwadi! Into yokuba uYohane wayezixabise ngakumbi iimpawu zikaYesu zokomoya ibonwa koko wakubhalayo kuYohane isahluko 1 nese-13 kuse kwese-17, kwanokubhekisela kwakhe ngokuphindaphindiweyo kubukho bukaYesu bangaphambi kokuba abe ngumntu.—Yohane 1:1-3; 3:13; 6:38, 42, 58; 17:5; 18:37.
5. Kungathiwani ngomsa okhethekileyo owawuphakathi kukaPawulos noTimoti?
5 Ngokufanayo, asinakuwulibala umsa wobuzalwana okhetheke gqitha owawuphakathi kompostile uPawulos neqabane lakhe elingumKristu uTimoti, lowo, ngokuqinisekileyo, wawusekelwe kuxabiso omnye awayenalo ngeempawu zomnye. Kwiincwadi zakhe uPawulos uthetha kakuhle ngoTimoti, njengokuthi: “Andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani. . . . Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo.” (Filipi 2:20-22) Zininzi iimbekiselo zobuqu kwiincwadi azibhalela uTimoti ezibonisa ukuba uPawulos wayenomsa ofudumeleyo ngoTimoti. Ngokomzekelo, phawula eyoku-1 kuTimoti 6:20: “Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine.” (Bona kwaneyoku-1 kuTimoti 4:12-16; 5:23; 2 Timoti 1:5; 3:14, 15.) Umsa okhethekileyo uPawulos awayenawo ngalo mfana ubalasela ngokukodwa xa uthelekisa iincwadi uPawulos awazibhalela uTimoti nencwadi awayibhalela uTito. UTimoti umele ukuba wayevakalelwa ngendlela efanayo ngobuhlobo babo, njengoko kunokuphawulwa kumazwi kaPawulos kweyesi-2 kuTimoti 1:3, 4: “Ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam . . . ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo.”
6, 7. Yiyiphi imvakalelo uDavide noYonatan ababenayo omnye komnye, yaye ngoba?
6 NeZibhalo zesiHebhere zinikela imizekelo emihle, njengalowo kaDavide noYonatan. Sifunda ukuba emva kokuba uDavide ebulele uGoliyati, “umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide; uYonatan wamthanda njengomphefumlo wakhe.” (1 Samuweli 18:1) Ukuxabisa umzekelo kaDavide wokuzondelela igama likaYehova nokukhalipha kwakhe xa wayephuma ehlangabeza ingxilimbela enguGoliyati ngokungathandabuzekiyo kwambangela uYonatan wanomsa okhethekileyo ngoDavide.
7 Ngenxa yomsa awayenawo uYonatan ngoDavide wade wachanaba nobomi bakhe ekhusela uDavide kuKumkani uSawule. Akazange nangaliphi na ixesha uYonatan akucaphukele ukunyulwa kukaDavide nguYehova ukuba abe ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli. (1 Samuweli 23:17) NoDavide ngokufanayo wayenomsa onzulu ngoYonatan, obonakala koko wakuthethayo xa wayelilela ukufa kukaYonatan: “Ndibandezelekile ngenxa yakho, mzalwana wam Yonatan; ubumnandi kakhulu kum; kubalulekile ukundithanda kwakho ngaphezu kokuthanda komntu oyinkazana.” Ngokwenyaniso, ulwalamano lwabo lwaluphawulwa luxabiso olunzulu.—2 Samuweli 1:26.
8. Ngabaphi abafazi ababini ababonakalisa umsa okhethekileyo omnye komnye, yaye ngoba?
8 Sikwanomzekelo omhle kwiZibhalo zesiHebhere womsa okhethekileyo wabafazi ababini, uNahomi nomolokazana wakhe owayengumhlolokazi uRute. Khumbula amazwi uRute awawathetha kuNahomi: “Musa ukundibongoza ngokuthi mandikushiye, ndibuye ndingakulandeli; ngokuba apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona, abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam.” (Rute 1:16) Ngaba asimele sigqibe kwelokuba uNahomi, ngehambo yakhe nangokuthetha kwakhe ngoYehova, waba negalelo ekubeni uRute asabele ngale ndlela yoxabiso?—Thelekisa uLuka 6:40.
Umzekelo Wompostile UPawulos
9. Yintoni ebonisa ukuba uPawulos wayengumzekelo ekuboniseni umsa wobuzalwana?
9 Njengoko sesibonile, umpostile uPawulos wayenomsa wobuzalwana okhetheke gqitha ngoTimoti. Kodwa kwakhona wamisela umzekelo omangalisayo wokubonakalisa umsa wobuzalwana ofudumeleyo ngabo bonke abazalwana bakhe. Waxelela abadala base-Efese ukuba “iminyaka emithathu, ubusuku nemini [akazange ayeke] ukululeka bonke ngabanye, [eneenyembezi].” Ngaba yayingumsa wobuzalwana ofudumeleyo? Alithandabuzeki elokuba yayinguwo! Kwaye nabo bavakalelwa ngendlela efanayo ngoPawulos. Bakuba bevile ukuba babengayi kuphinda bambone, “basitsho ke isililo esikhulu bonke, bawa phezu kwentamo kaPawulos, bamanga kakhulu.” (IZenzo 20:31, 37) Ngaba yayingumsa wobuzalwana osekelwe kuxabiso? Ewe! Umsa wobuzalwana awayenawo ubonwa nakumazwi akhe akweyesi-2 kwabaseKorinte 6:11-13: “Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi. Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu. Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.”
10. Kukuphi ukuswela umsa wobuzalwana okwakhokelela uPawulos ukuba abalise ngezilingo awatyhubela kuzo kweyesi-2 kwabaseKorinte isahluko 11?
10 Ngokucacileyo, abaseKorinte babengenawo umsa wobuzalwana oshukunyiswa luxabiso ngompostile uPawulos. Ngenxa yoko, bambi babo bakhalaza: “Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akubakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto.” (2 Korinte 10:10) Kungenxa yoko uPawulos wathetha ‘ngabapostile babo abaziincamisa’ waza washukunyiselwa ukuba abalise iimvavanyo awazinyamezelayo, njengoko zibhalwe kweyesi-2 kwabaseKorinte 11:5, 22-33.
11. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba uPawulos wayenomsa ngamaKristu aseTesalonika?
11 Umsa ofudumeleyo uPawulos awayenawo ngabo wayengumlungiseleli wabo ubonakala ngokukodwa kumazwi akhe akweyoku-1 kwabaseTesalonika 2:8: “Sinilangazelela [“sinomsa wofefe ngani,” NW] nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi.” Enyanisweni, wayenomsa gqitha ngaba bazalwana basebatsha kangangokuba xa kwakungasanyamezeleki ukulinda—wayekulangazelela gqitha ukwazi indlela abayinyamezela ngayo intshutshiso—wathumela uTimoti, owanikela ingxelo entle eyamhlaziya kakhulu uPawulos. (1 Tesalonika 3:1, 2, 6, 7) Ngokufanelekileyo ke i-Insight on the Scriptures ithi: “Kwakukho unxibelelwano olusenyongweni lomsa wobuzalwana phakathi kukaPawulos nabo wayengumlungiseleli wabo.”
Uxabiso—Isikhokelo Sokuba Nomsa Wobuzalwana
12. Ziziphi izizathu esinazo zokubonakalisa umsa ofudumeleyo ngabazalwana bethu?
12 Ngokucacileyo, isikhokelo sokuba nomsa wobuzalwana luxabiso. Ngaba bonke abakhonzi bakaYehova abazahluleleyo abanazo na iimpawu esizixabisileyo, ezibangela sibe nomsa kubo, zisenza sibathande? Sonke sifuna tanci uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe. Sonke silwa ngobugorha neentshaba zethu ezintathu neziqhelekileyo: uSathana needemon zakhe, ihlabathi elingendawo elilawulwa nguSathana notyekelo lokuzingca esiluzuze njengelifa lwenyama enesono. Ngaba ngamaxesha onke asifanele sibe noluvo lokuba abazalwana bethu benza unako nako phezu kwazo nje ezo meko? Wonk’ ubani ehlabathini ukwicala likaYehova okanye kwicala likaSathana. Abazalwana noodade bethu abazahluleleyo bakwicala likaYehova, ewe, kwicala lethu, yaye ngoko ke sifanele sibe nomsa wobuzalwana kubo.
13. Kutheni sifanele sibe nomsa ofudumeleyo ngabadala?
13 Kuthekani ngokuxabisa abadala esinabo? Ngaba asifanele sibathande ngokukhethekileyo ngenxa yendlela abazibhokoxa ngayo ngenxa yezilangazelelo zebandla? Njengathi sonke, kufuneka bazinyamekele bona neentsapho zabo. Nabo baneembopheleleko njengathi sonke zokwenza ufundisiso lobuqu, ukuya kwiintlanganiso zebandla nokuba nesabelo kubulungiseleli basentsimini. Ukongezelela, banembopheleleko yokulungiselela iintetho zocwangciso lweentlanganiso, banikele iintetho zesidlangalala baze banyamekele iingxaki ezivelayo ebandleni, maxa wambi ezibandakanya iiyure zokuchophela imicimbi yokugweba. Ngokwenyaniso, sifuna ‘ukubabeka abanjalo.’—Filipi 2:29.
Ukubonakalisa Umsa Wobuzalwana
14. Ziziphi izibhalo ezisiyalela ukuba sibonakalise umsa wobuzalwana?
14 Ukuze simkholise uYehova, simele sibonakalise imvakalelo efudumeleyo yomsa wobuzalwana kwabo sikholwa nabo, kwanjengoko uYesu Kristu noPawulos benzayo. Sifunda oku: “Kuwo [umsa wobuzalwana] yibani nomsa wofefe omnye komnye.” (Roma 12:10, Kingdom Interlinear) “Ngokubhekisele kuwo [umsa wobuzalwana], akuyomfuneko ukuba sinibhalele, kuba nani ngokwenu nafundiswa nguThixo ukuba nithandane.” (1 Tesalonika 4:9, Int) “[Umsa wobuzalwana] eninawo mawuqhubeke.” (Hebhere 13:1, Int) Ngokuqinisekileyo uBawo wethu wasezulwini uyakholiswa xa sibonakalisa umsa wobuzalwana kubantwana bakhe abasemhlabeni!
15. Ziziphi ezinye zeendlela zokubonakalisa umsa wobuzalwana?
15 Kumaxesha abapostile amaKristu ayeqhele ukubulisana “ngolwango olungcwele” okanye “ngolwango lothando.” (Roma 16:16; 1 Petros 5:14) Imbonakaliso yomsa wobuzalwana ngokwenyaniso! Namhlanje, kwimimandla emininzi yomhlaba, indlela efaneleke ngakumbi yokuwubonakalisa ingaba luncumo lobuhlobo olunyanisekileyo nokuxhawula ngesandla esifudumeleyo. Kumazwe akuMzantsi Merika, njengaseMexico, kubuliswana ngokuwolana, imbonakaliso yomsa ngokwenyaniso. Lo msa ufudumeleyo abanawo aba bazalwana usenokuba unegalelo kulwando olukhulu olwenzeka kumazwe abo.
16. Ngawaphi amathuba esinawo okubonakalisa umsa wobuzalwana kwiiHolo zethu zoBukumkani?
16 Xa singena kwiHolo yoBukumkani, ngaba senza umgudu okhethekileyo wokubonakalisa umsa wobuzalwana? Kuya kusibangela sithethe amazwi okukhuthaza, ngokukodwa kwabo babonakala bedandathekile. Sixelelwa ukuba ‘sithethe ngokuthuthuzelayo nemiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14, NW) Ngokuqinisekileyo leyo yenye indlela esinokudlulisela ngayo umsa ofudumeleyo wobuzalwana. Enye indlela entle kukuvakalisa uxabiso ngentetho emnandi yesidlangalala, inxalenye yocwangciso enikelwe kakuhle, umgudu omkhulu owenziwe ngumfundi kwintetho yeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, njalo njalo.
17. Omnye umdala wenza njani ukuze ibandla libonakalise umsa kuye?
17 Kuthekani ngokumemela abahlukahlukeneyo kumakhaya ethu ukuze banandiphe isidlo okanye mhlawumbi amashwamshwam emva kwentlanganiso ukuba akukarhatyeli kakhulu? Ngaba asifanele silawulwe sisiluleko sikaYesu esikuLuka 14:12-14? Omnye owayefudula engumvangeli wasemazweni wakhe wamiselwa njengomveleli owongamelayo kwibandla apho bonke abanye babengabohlanga olwahlukileyo. Waphawula ukuba umsa wobuzalwana awukho, ngoko wazimisela ukuyilungisa le meko. Njani? Cawa nganye, wayememela kwisidlo intsapho eyahlukileyo. Ngasekupheleni konyaka, bonke babembonisa umsa ofudumeleyo wobuzalwana.
18. Sinokuwubonakalisa njani umsa wobuzalwana kubazalwana noodade bethu abagulayo?
18 Xa umzalwana okanye udade egula, esekhaya okanye esibhedlele, umsa wobuzalwana uya kusibangela ukuba simbonise lowo ukuba simkhathalele. Okanye kuthekani ngabo bahlala kumakhaya eembedlenge? Kutheni singabatyeleli nje, sibatsalel’ umnxeba, okanye sithumele ikhadi elibhalwe amazwi othando?
19, 20. Sinokubonakalisa njani ukuba siwenze banzi umsa wethu wobuzalwana?
19 Xa sibonakalisa loo msa wobuzalwana, sinokuzibuza, ‘Ngaba ndiyakhetha ekubonakaliseni umsa wobuzalwana? Ngaba ukubonakalisa kwam umsa wobuzalwana kuphenjelelwa ngoothunywashe abanjengebala lolusu, imfundo, okanye izinto eziphathekayo? Ngaba kufuneka ndibe banzi ekubonakaliseni umsa wobuzalwana, njengoko umpostile uPawulos wabongoza amaKristu aseKorinte ukuba enjenjalo?’ Umsa wobuzalwana uya kusibangela sibajonge kakuhle abazalwana bethu, sibaxabise ngenxa yeempawu ezintle abanazo. Kwakhona umsa wobuzalwana uya kusinceda sivuyisane nomzalwana wethu owenza inkqubela kunokuba simmonele.
20 Kanjalo umsa wobuzalwana ufanele usenze sikuphaphele ukunceda abazalwana bethu kubulungiseleli. Kufanele kube njengokuba enye yeengoma zethu (iNgoma 92) ikubeka ngolu hlobo:
“Abab’thathaka sibancede
Ukuze nabo bakhaliphe.
Abasebatsha s’bomeleze
Uk’ze nabo bakheke baqine.”
21. Yiyiphi intsabelo esinokuyilindela xa sibonakalisa umsa wobuzalwana?
21 Ngoko masingalibali ukuba ekubonakaliseni umsa wobuzalwana, umgaqo owachazwa nguYesu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni uyasebenza: “Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.” (Luka 6:38) Siyangenelwa xa sibonakalisa umsa wobuzalwana, sibonakalisa uxabiso kwabo bakhonza uYehova njengoko nathi sisenjenjalo. Ngokwenyaniso bonwabile abo bayoliswa kukubonakalisa umsa wobuzalwana!
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elilandelayo elithi: “Uthando (Agape)—Oko Lungekuko Noko Lukuko.”
Ubuya Kuphendula Njani?
◻ Ngawaphi amagama esiGrike athetha ngeemvakalelo zethu, kwaye ahluke njani?
◻ Sisiphi isikhokelo sokuba nomsa wobuzalwana?
◻ Yiyiphi imizekelo iZibhalo ezisinika yona yomsa wobuzalwana okhethekileyo?
◻ Kutheni sifanele sibe nomsa ofudumeleyo ngabazalwana bethu nangabadala?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Umpostile uPetros wabongoza abazalwana bakhe ukuba bongezelele umsa wobuzalwana kukholo lwabo nakwezinye iimpawu zobuKristu