Kholosa NgoYehova!
“Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke.”—IMIZEKELISO 3:5.
1. Omnye umfana wachukunyiswa njani yiMizekeliso 3:5, yaye oko kwaba nayiphi imiphumo ehlala ihleli?
UMVANGELI wasemazweni osele enethuba ekule nkonzo ubhala athi: “‘KHOLOSA NGENKOSI NGAYO YONKE INTLIZIYO YAKHO; UNGAYAMI KOKWAKHO UKUQONDA.’ Loo mazwi afumaneka eBhayibhileni, ayekumbhalo oxhonywe eludongeni kwindlu endandityelele kuyo, ayithimba ingqalelo yam. Yonke loo mini ndandicinga ngawo. Ndazibuza, ngaba ndandinako ukukholosa ngoThixo ngayo yonke intliziyo yam?” Lo mntu wayeneminyaka engama-21 ubudala ngoko. Kwiminyaka engama-90 ubudala yaye esakhonza ngokuthembeka njengomdala ePerth, eOstreliya, unokukhangela emva kubomi obuzaliswe ziziqhamo zokukholosa ngoYehova ngentliziyo iphela, kuquka iminyaka engama-26 enzima yokuba nguvulindlela kumasimi amatsha kubavangeli basemazweni eCeylon (ngoku eyiSri Lanka), eBurma (ngoku eyiMyanmar), eMalaya, eThailand, eIndiya nasePakistan.a
2. IMizekeliso 3:5 ifanele yakhe yiphi intembelo kuthi?
2 “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke”—la mazwi eMizekeliso 3:5, njengokuba eguqulelwe kwiBhayibhile yesiXhosa, afanele asishukumise sonke ukuba siqhubeke sinikela ngobomi bethu ngentliziyo iphela kuYehova, siqinisekile ukuba unokulomeleza ukholo lwethu, side sikwazi nokoyisa imiqobo efana neentaba. (Mateyu 17:20) Ngoku makhe siqwalasele umongo weMizekeliso 3:5.
Imiyalelo Enjengekabawo
3. (a) Luluphi ukhuthazo olufumaneka kwizahluko ezisithoba zokuqala zeMizekeliso? (b) Kutheni sifanele sinikele ingqalelo ngenyameko kwiMizekeliso 3:1, 2?
3 Izahluko zokuqala ezisithoba zencwadi yeBhayibhile yeMizekeliso zizaliswe yimiyalelo enjengekabawo, iziluleko zobulumko ezivela kuYehova kubo bonke abo bakhangele phambili ekunandipheni ukuba ngoonyana emazulwini okanye “enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo” kumhlaba oyiparadisi. (Roma 8:18-21, 23) Ezi ziziluleko zobulumko abazali abanokuzisebenzisa ekukhuliseni oonyana neentombi. Libalasele icebiso elikwiMizekeliso isahluko 3, eliqalisa ngesi silumkiso: “Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam.” Njengokuba imihla yokugqibela yeli hlabathi likaSathana lingendawo isondela esiphelweni sayo, ngamana singanikela ingqalelo ngenyameko ngakumbi kwizikhumbuzo zikaYehova. Indlela isenokuba ibibonakala inde, kodwa idinga elidluliselwa kubo bonke abanyamezelayo lelokuba “iya kukongeza imihla emide, neminyaka yobomi, noxolo”—ubomi obungunaphakade kwinkqubo entsha kaYehova.—IMizekeliso 3:1, 2.
4, 5. (a) Luluphi ulwalamano olonwabisayo oluchazwa kuYohane 5:19, 20? (b) Isiluleko esikwiDuteronomi 11:18-21 sisebenza njani kumhla wethu?
4 Ulwalamano olonwabisayo phakathi kobawo nonyana lunokuba loluxabisekileyo ngokwenene. UMdali wethu, uYehova uThixo, walungiselela ukuba kube njalo. UKristu Yesu wathi ngolwalamano lwakhe olusenyongweni noYehova: “UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo; kuba uYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena.” (Yohane 5:19, 20) UYehova wayenenjongo yokuba kubekho ulwalamano olusenyongweni olufanayo phakathi kwakhe nayo yonke intsapho yakhe esemhlabeni, kwanaphakathi koobawo abangabantu nabantwana babo.
5 Mandulo kwaSirayeli kwakukhuthazwa ulwalamano lwentsapho lokuthembana. Apho uYehova waluleka oobawo wathi: “La mazwi am nize niwabekele intliziyo yenu nomphefumlo wenu niwabophe esandleni senu, abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo enu; niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho; uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho: ukuze yande imihla yenu, nemihla yoonyana benu, emhlabeni lowo abewufungele ooyihlo uYehova, ukuba wobanika njengemihla yamazulu phezu kwehlabathi.” (Duteronomi 11:18-21) ILizwi eliphefumlelweyo loMyaleli wethu Ozukileyo, uYehova uThixo, linokumnxibelelanisa ngokusenyongweni nabazali nabantwana babo, kwakunye nabo bonke abanye abamkhonzayo kwibandla lamaKristu.—Isaya 30:20, 21.
6. Sinokuyifumana njani inkoliseko kaThixo neyabantu?
6 Abantu bakaThixo, abadala nabaselula, bayaqhubeka befumana isiluleko sikabawo sobulumko kwindinyana 3 neyesi-4 yeMizekeliso isahluko 3: “Inceba [“ububele obunothando,” NW] nenyaniso mayingakushiyi; zinxibe kuwe emqaleni; zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho, ubabalwe ube nengqiqo entle emehlweni kaThixo nawabantu.” UYehova uThixo ubalasele ekuboniseni ububele obunothando nenyaniso. Njengokuba INdumiso 25:10 isitsho, “zonke iindlela zikaYehova ziyinceba [“ububele obunothando,” NW] nenyaniso.” Sixelisa uYehova, sifanele sizixabise ezi mpawu namandla azo akhuselayo, sizixabise ngendlela ebesiya kwenza ngayo kwintsimbi yomqala exabiso likhulu size sizibhale ngokungacimekiyo entliziyweni yethu. Ngoko, ngenzondelelo sinokuthandaza sithi: “Wena, Yehova, . . . inceba yakho [“ububele obunothando,” NW] nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.”—INdumiso 40:11.
Ukukholosa Okungapheliyo
7. UYehova ukubonise ngaziphi iindlela ukuba unokuthenjwa?
7 IWebster’s Ninth New Collegiate Dictionary ikuchaza ukukholosa ngokuthi “kukuthembela ngobuntu, ubuchule, amandla okanye inyaniso yomnye umntu okanye into uqinisekile.” Ubuntu bukaYehova bubetheleleke ngokuqinileyo kububele bakhe obunothando. Yaye sinokuba nentembelo ngokupheleleyo kubuchule bakhe bokwenza oko akuthembisileyo, kuba kwaigama lakhe, uYehova, limchaza njengaLowo uneeNjongo ezibalaseleyo. (Eksodus 3:14; 6:2-8) NjengoMdali, unguMthombo wamandla nokomelela. (Isaya 40:26, 29) Uyinyaniso imntwisiwe, kuba ‘uThixo akanakuxoka.’ (Hebhere 6:18) Ngenxa yoko, sikhuthazwa ukuba sikholose ngokupheleleyo ngoYehova, uThixo wethu, uMthombo obalaseleyo wayo yonke inyaniso, onawo onke amandla okukhusela abo bakholose ngaye aze azenze ziphumelele ngokuzukileyo zonke iinjongo zakhe ezizukileyo.—INdumiso 91:1, 2; Isaya 55:8-11.
8, 9. Kutheni ukuthembana kunqabe ngokulusizi kweli hlabathi, yaye abantu bakaYehova bahluke njani?
8 Kweli hlabathi lonakeleyo lisingqongileyo, ukuthembana kunqabe ngokulusizi. Endaweni yako, sifumana ukubawa nokunganyaniseki kuyo yonke indawo. Iphepha elisekuqaleni lenkupho kaMeyi 1993 yephephancwadi elithi World Press Review lalihonjiswe ngesi sigidimi: “UKWANDA KOKUNGANYANISEKI—Imali Efunyanwa Ngoondlela-mnyama Kulungelelwaniso Olutsha Lwehlabathi. Ukunganyaniseki kufumaneka ukususela eBrazil ukusa eJamani, ukususela eUnited States ukusa eArgentina, ukususela eSpeyin ukusa ePeru, ukususela eItali ukusa eMexico, ukususela kwiVatican ukusa eRashiya.” Ekubeni kusekelwe kwintiyo, ukubawa, nokungathembani, oko abantu bafane bakubize ngokuba lulungelelwaniso olutsha lwehlabathi kuvuna kuphela ukwanda kweenkxwaleko kuluntu.
9 Ngokwahlukileyo kwiintlanga zobupolitika, amaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukuba ‘luhlanga oluThixo walo unguYehova.’ Ngawo kuphela ngokwenyaniso anokuthi, “Sikholose ngoThixo.” Ngamnye kuwo unokudanduluka ngovuyo athi: “Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe. . . . Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki.”—INdumiso 33:12; 56:4, 11.
10. Yintoni eyomeleze amaKristu aselula amaninzi ukuba agcine ingqibelelo?
10 Kwelinye ilizwe laseAsia apho amawaka amaNgqina aselula aye abethwa kabuhlungu aza avalelwa ezintolongweni, ukukholosa ngoYehova kuye kwanceda uninzi lwawo lwanyamezela. Ngobunye ubusuku entolongweni, iNgqina eliselula elalithuthunjiswe ngokumanyumnyezi lavakalelwa kukuba kwakwanele. Kodwa omnye oselula wasondela kulo echwechwa ebumnyameni. Walisebezela wathi: “Unganikezeli; mna ndalalanisa ibe andikabi nalo uxolo lwengqondo ukususela ngoko.” Lo uselula wokuqala waphinda wazimisela ukuhlala eqinile. Sinokukholosa ngokupheleleyo ngoYehova ukuba uya kusinceda soyise nayiphi na kunye nayo yonke imigudu kaSathana yokutshabalalisa ingqibelelo yethu.—Yeremiya 7:3-7; 17:1-8; 38:6-13, 15-17.
11. Sishukunyiswa njani ukuba sikholose ngoYehova?
11 Umthetho wokuqala ufundeka ngolu hlobo ngokuyinxenye: “Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela.” (Marko 12:30) Njengokuba sicamngca ngeLizwi likaThixo, iinyaniso ezizukileyo esizifundayo zendela nzulu entliziyweni yethu ukuze zisishukumisele ekuchitheleni konke esinako enkonzweni kaThixo wethu omangalisayo, iNkosi enguMongami uYehova. Yintliziyo ephuphuma uxabiso ngaye—ngenxa yako konke asifundise kona, asenzele kona, nasaya kusenzela kona—esishukumisela ukukholosa ngokupheleleyo ngosindiso lwakhe.—Isaya 12:2.
12. Ukutyhubela iminyaka, amaKristu amaninzi ancedwe njani abonakalisa ukukholosa kwawo ngoYehova?
12 Oku kukholosa ngaye kunokuhlakulelwa njengokuba iminyaka ihamba. INgqina likaYehova elithobekileyo eliye lakhonza ngokuthembeka ngaphezu kweminyaka engama-50 kwikomkhulu eliseBrooklyn leWatch Tower Society, ukususela ngoAprili 1927, labhala: “Ekupheleni kwaloo nyanga ndafumana umxhesho wee-$5.00 [R16,00] ufakwe emvulophini nekhadi elihle elinendinyana yeBhayibhile ekwiMizekeliso 3:5, 6 . . . Ndandinezizathu zokukholosa ngoYehova, kuba kwikomkhulu ndakhawuleza ndaqonda ukuba uYehova ‘wayenomkhonzi othembekileyo noqondayo’ owayenyamekela zonke izilangazelelo zoBukumkani apha emhlabeni ngokuthembeka.—Mateyu 24:45-47.”b Intliziyo yalo mKristu yayitsoliswe ekuzuzeni “ubutyebi obungapheliyo emazulwini,” kungekhona ekuthandeni imali. Ngokufanayo namhlanje, amawaka akhonza kumakhaya aseBheteli eWatch Tower Society emhlabeni wonke enjenjalo ngaphantsi kohlobo oluthile lwesifungo sobuhlwempu. Akholose ngoYehova ukuze awalungiselele iintswelo zawo zemihla ngemihla.—Luka 12:29-31, 33, 34.
Yayama NgoYehova
13, 14. (a) Yiyiphi ekuphela kwendawo ekunokufunyanwa icebiso elisengqiqweni kuyo? (b) Yintoni esimele siyiphephe ukuze sisinde kwintshutshiso?
13 Ubawo wethu osezulwini uyasibongoza: “Ungayami okwakho ukuqonda.” (IMizekeliso 3:5) Abacebisi nezazi ngengqondo zehlabathi azinakuze zisondele tu kubulumko nokuqonda uYehova akubonakalisayo. ‘Ingqondo yakhe ayiphele ndawo.’ (INdumiso 147:5) Kunokwayama ngobulumko babantu ababalaseleyo behlabathi okanye ngezethu iimvakalelo ezingenalwazi, masikhangele kuYehova, kwiLizwi lakhe, nakubadala kwibandla lamaKristu ukuze sifumane icebiso elisengqiqweni.—INdumiso 55:22; 1 Korinte 2:5.
14 Ubulumko babantu okanye ikratshi elibangelwa sisikhundla esiphezulu aliyi kusinceda kumhla osondela ngokukhawuleza wovavanyo oluqatha. (Isaya 29:14; 1 Korinte 2:14) EJapan ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, umalusi ofanelekayo kodwa onekratshi wabantu bakaThixo wakhetha ukwayama ngokwakhe ukuqonda. Xa wayephantsi kwengcinezelo wawexuka, yaye inkoliso yomhlambi yawuyeka umsebenzi isakutshutshiswa. Udade onyanisekileyo waseJapan, ngenkalipho owanyamezela impatho embi kwisisele sentolongo esinyhukunyhuku bubumdaka wathi: “Abo bahlala bethembekile babengenabuchule bukhethekileyo yaye babengabantu abangabalaselanga. Ngokuqinisekileyo sonke simele ngamaxesha onke sikholose ngoYehova ngentliziyo yethu yonke.”c
15. Luluphi uphawu lokuhlonel’ uThixo olufunekayo ukuba siza kukholisa uYehova?
15 Ukuze sikholose ngoYehova, kunokukholosa ngokuqonda kwethu, kufuneka sithobeke. Hayi indlela olu phawu olubaluleke ngayo kubo bonke abafuna ukukholisa uYehova! Kaloku, noThixo, nangona eyiNkosi enguMongami wendalo iphela, ubonakalisa ukuthobeka xa eqhubana nezidalwa zakhe ezinengqiqo. Sinokuba nombulelo ngoko. ‘Uloqondela phantsi, ezulwini nasemhlabeni. Ulomvusa eluthulini osweleyo.’ (INdumiso 113:6, 7) Ngenceba yakhe enkulu, uyasixolela iintsilelo zethu ngesizinzi sesipho sakhe esibalaseleyo kuluntu, idini lentlawulelo elixabisekileyo loNyana wakhe oyintanda, uKristu Yesu. Hayi indlela esifanele sibe nombulelo ngayo ngolu babalo!
16. Abazalwana banokuwazabalazela njani amalungelo ebandleni?
16 UYesu usikhumbuza oku: “Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.” (Mateyu 23:12) Ngokuthobeka, abazalwana ababhaptiziweyo bafanele bazabalazele iimbopheleleko ebandleni lamaKristu. Sekunjalo, abaveleli bafanele bakugqale ukumiselwa kwabo, kungekhona njengewonga, kodwa njengethuba lokusebenza, ngokuthobeka, ngoxabiso, ngolangazelelo, njengokuba wenzayo uYesu, owathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.”—Yohane 5:17; 1 Petros 5:2, 3.
17. Yintoni esifanele sonke siyiqonde, nto leyo eya kukhokelela kuwuphi umsebenzi?
17 Ngamana ngokuthobeka nangomthandazo singasoloko sikuqonda ukuba ekuphela kwento esiyiyo siluthuli phambi koYehova. Ngoko ke, hayi indlela esinokuvuya ngayo, kuba “inceba [“ububele obunothando,” NW] kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana”! (INdumiso 103:14, 17) Ngoko ke sonke sifanele sibe ngabafundi abanenyameko beLizwi likaThixo. Ixesha esilichithela kufundisiso lobuqu nolwentsapho, nakwiintlanganiso zebandla, lifanele libe lelinye lezona yure zixabisekileyo kuthi veki nganye. Ngale ndlela sakha “ukumazi oyiNgcwele kwaphela.” Leyo “yingqondo.”—IMizekeliso 9:10.
“Ezindleleni Zakho Zonke . . .”
18, 19. Sinokuyisebenzisa njani IMizekeliso 3:6 kubomi bethu, yaye ngayiphi imiphumo?
18 Isalathisela kuYehova, uMthombo onguThixo wokuqonda, IMizekeliso 3:6 ngokulandelayo ithi: “Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.” Ukumazi uYehova kubandakanya ukuhlala usondele kuye ngomthandazo. Kungakhathaliseki ukuba siphi na nokuba kuvela yiphi imeko, sinokusondela kuye ngoko nangoko ngomthandazo. Njengokuba siqhubeka nemisebenzi yethu yemihla ngemihla, njengokuba silungiselela inkonzo yasentsimini, njengokuba sikwindlu ngendlu sivakalisa uBukumkani bakhe, sinokusoloko sithandazela ukuba awusikelele umsebenzi wethu. Ngaloo ndlela, sinokuba nelungelo novuyo olungenakuthelekiswa nanto ‘lokuhamba noThixo,’ siqinisekile ukuba uya ‘kuwulungelelanisa umendo wethu,’ njengokuba wenzayo kuEnoki, uNowa, namaSirayeli athembekileyo, anjengoYoshuwa noDaniyeli ababesoyika uThixo.—Genesis 5:22; 6:9; Duteronomi 8:6; Yoshuwa 22:5; Daniyeli 6:23; bona kwanoYakobi 4:8, 10.
19 Xa sichazela uYehova izibongozo zethu, sinokuqiniseka ukuba ‘uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zethu neengqiqo zethu kuKristu Yesu.’ (Filipi 4:7) Olu xolo lukaThixo, olubonakaliswa ngendlela esinovuyo ngayo, lunokubangela abaninimzi esisenokudibana nabo kumsebenzi wethu wokushumayela basamkele isigidimi sethu. (Kolose 4:5, 6) Kwakhona lusenokubakhuthaza abo basenokuba bathwaxwe ziingcinezelo nokungabikho kokusesikweni okuxhaphakileyo kweli hlabathi lanamhlanje, njengokuba le ngxelo ilandelayo ibonisa.d
20, 21. (a) Ebudeni bexesha lamaNazi, ingqibelelo yamaNgqina kaYehova yabakhuthaza njani abanye? (b) Ilizwi likaYehova lifanele lisifake luphi uzimiselo?
20 UMax Liebster, ongumYuda ngokuzalwa owasinda ngendlela ebonakala ingumlingo ekuBulaweni Kwabantu Ngenkohlakalo, uchaza uhambo lwakhe olusinge kwinkampu yoxinaniso yamaNazi ngala mazwi: “Sasivalelwe kumakhareji kaloliwe awayeguqulelwe ekubeni zizisele ezininzi ezincinane zabantu ababini sisinye. Ndisakuba ndikhatyelwe kwesinye sazo, ndadibana nombanjwa omehlo akhe ayebonakalisa ukuzola. Wayelapho ngenxa yokuhlonela kwakhe umthetho kaThixo, ekhetha intolongo mhlawumbi nokufa kunokuphalaza igazi labanye abantu. Wayengomnye wamaNgqina kaYehova. Wayahlukaniswe nabantwana bakhe, yaye umfazi wakhe wayebulewe. Wayelindele ukuba kwenzeke okufanayo nakuye. Kolu hambo lweentsuku ezili-14 imithandazo yam yaphenduleka, kuba kwakusebudeni bolu hambo endathi ndafumana ithemba lobomi obungunaphakade.”
21 Emva kwamava awaba nawo eAuschwitz, ayibiza ngokuthi “umhadi weengonyama,” waza wabhaptizwa, lo mzalwana watshata nomnye wamaNgqina kaYehova naye owayevalelwe entolongweni yaye uyise wayephethwe kakubi kwinkampu yoxinaniso yaseDachau. Ngoxa uyise wayelapho, weva ukuba umfazi wakhe nentombi yabo eselula nabo babevalelwe. Uchaza indlela awasabela ngayo: “Ndakhathazeka gqitha. Kwandula ke ngenye imini ngoxa ndandimi emgceni ndisiya kuhlamba, ndeva ilizwi licaphula IMizekeliso 3:5, 6 . . . Lalivakala ngathi lilizwi elivela ezulwini. Lalikoko kanye kwakufuneka kum ukuze ndiphinde ndilungelelane.” Enyanisweni, elo yayililizwi lomnye umbanjwa ecaphula le ndinyana, kodwa eso siganeko sibethelela amandla iLizwi likaThixo elinokuba nawo kuthi. (Hebhere 4:12) Ngamana ilizwi likaYehova lingathetha ngamandla kuthi namhlanje ngala mazwi omxholo wethu wonyaka we-1994 athi: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke”!
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Ukukholosa NgoYehova Ngentliziyo Yam Yonke,” ngokubaliswa nguClaude S. Goodman, IMboniselo (yesiNgesi), kaDisemba 15, 1973, iphepha 760-5.
b Bona inqaku elithi “Ukuzimisela Ukudumisa UYehova,” ngokubaliswa nguHarry Peterson, IMboniselo, kaJanuwari 15, 1969, iphepha 43-7.
c Bona inqaku elithi “UYehova Akabalahli Abakhonzi Bakhe,” ngokubaliswa nguMatsue Ishii, IMboniselo, kaMeyi 1, 1988, iphepha 21-5.
d Bona kwanenqaku elithi “Ukukhululwa! Ukuzingqina Sinombulelo,” ngokubaliswa nguMax Liebster, IMboniselo (yesiNgesi), kaOktobha 1, 1978, iphepha 20-4.
Masishwankathele
◻ Luhlobo luni lwesiluleko esinikelwayo kwiMizekeliso?
◻ Singenelwa njani ngokukholosa ngoYehova?
◻ Yintoni ebandakanyekileyo ekwayameni ngoYehova?
◻ Kutheni sifanele simazi uYehova ezindleleni zethu zonke?
◻ UYehova uwulungelelanisa njani umendo wethu?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Isigidimi soBukumkani esivuyisayo sinomtsalane kubantu abantliziyo zinyanisekileyo