Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukuhlala Uqinile Kuzisa Imivuzo Etyebileyo
UYESU waxela kwangaphambili ukuba abalandeli bakhe babeya kutshutshiswa, ibe nompostile uPawulos wenjenjalo, njengoko kuchazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:12: “Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.” Kodwa ukuhlala uqinile ekukhonzeni uYehova uThixo kuzisa imivuzo etyebileyo.
◻ Oku kwaba yinyaniso kwidolophu ekunxweme olukumntla-mpuma weMalaysia. Nakubeni wayengumBhuda othembekileyo nowayefundisa abantwana bakhe ngokungqongqo, lo bawo akazange akwazi ukuzithintela iintombi zakhe ezintathu noonyana bakhe abathathu ekufundisiseni iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kwanomfazi wakhe wabonakalisa umdla enyanisweni. Kwandula ke ngenye imini ummelwane wakhe wamgculela esithi: “Kutheni ungakwazi ukulawula abantwana bakho ngokubavumela babe ngamaNgqina kaYehova? Bonke abam abantwana banamathele kum nakunqulo lwethu lookhokho lobuBhuda. Unenceba gqitha!”
Lo bawo wakhawuleza wagoduka esongela ukubetha udade owayeqhuba izifundo nabantwana bakhe. Noko ke, abantwana bamthomalalisa umsindo baza baqhubeka nokufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova nokuya kwiintlanganiso ngoncedo lukanina.
Noko ke, ekugqibeleni, lo bawo wayibizela kuye yonke intsapho. Wathi: “Khethani phakathi kwam nize nihlale apha ekhaya nokuba ngamaKristu nize niphume niphele kumasango alo mzi.” Unyana omkhulu, inkwenkwe enelizwi elithambileyo, kwangoko waqalisa ukupakisha iimpahla ukuze ahambe. Lo bawo wakhwaza: “Hayi bo! Ekubeni nonke ningabantwana abanemvukelo, kulunge ngakumbi ngam ukuba ndife.” Wandula ke wakhawuleza waphuma phandle, elandelwa yintsapho yakhe, eyayimbongoza ukuba angazibulali. Echukunyiswe zizicengo zayo, wabuyela ekhaya.
Ixesha lahamba. Lo bawo waqalisa ukuphawula umphumo omhle wenyaniso yeBhayibhile kwihambo yabantwana bakhe. Ngenye imini wadibana nomhlobo wakhe owayemgculele, ngoku eyindoda ekhathazekileyo, owathi: “Abantwana bam bandidanise gqitha. Bayandiqhatha ibe bayandibela.” Kodwa ubawo owayenabantwana ababefundisisa namaNgqina kaYehova wathi: “Kowu, abam abantwana bahlukile! Banobubele gqitha kum ibe baye bandinceda ukuze ndihlawule imali yenqwelo-mafutha yam ngoxa ndandingasebenzi.”
Namhlanje, iintombi zakhe ezintathu nonina babhaptiziwe. Omnye unyana unguvulindlela okhethekileyo. Yaye kuthekani ngobawo obesakuba ngothembekileyo ecaweni nowayeba nomsindo ngokukhawuleza? Ngoku ungumntu onobuhlobo ibe waya kwiSikhumbuzo.
UYehova wamvuza unyana noodade wabo abathathu ndawonye nonina ngenxa yokummela ngokuqinileyo. Ngoku bangabashumayeli abakhutheleyo boBukumkani, bevuyisa intliziyo kaYehova.—IMizekeliso 27:11.