IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 3/1 iphe. 4-7
  • Uxolo Lwengqondo Kwibutho Elikhuphisanayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uxolo Lwengqondo Kwibutho Elikhuphisanayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imvelaphi Yomoya Wokhuphiswano
  • Ukuphumelela Ngaphandle Kokukhuphisana
  • Indlela Yokulondoloza Uxolo Lwengqondo
  • Ngaba Ukhuphiswano Lusisikhokelo Sempumelelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Ukusindiswa, Kungekhona Ngemisebenzi Kuphela, Kodwa Ngobubele Obungasifanelanga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ngaba Uya ‘Kuqhubeka Uhamba Ngokomoya’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Sukukhuphisana Nabantu—Yenza Kubekho Uxolo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 3/1 iphe. 4-7

Uxolo Lwengqondo Kwibutho Elikhuphisanayo

UYESU KRISTU waluleka abapostile bakhe wathi: “Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.” Abapostile babephikisana ngokuba nguwuphi omkhulu kubo. Babesazi ukuba uYesu wayewucekisa loo moya unjalo. Akazange abathelekise abapostile bakhe njengendlela yokubakhuthaza benze inkqubela ngokomoya.—Marko 9:33-37.

Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, uYesu Kristu wayencedisa ekudalweni kwesibini sokuqala esingabantu ibe ngaloo ndlela wayeyazi indlela abenziwa ngayo. (Kolose 1:15, 16) Abantu bokuqala badalwa banamandla okwenza inkqubela ngaphandle kokukhuphisana nabanye ngenkohlakalo. Kwakungekho sizathu sokuba abantu balwe bodwa ukuze bamisele lowo wayeza kuba yintloko yabo, yaye abazange bakhuphisane nezilwanyana bezabalazela ukuphila.—Genesis 1:26; 2:20-24; 1 Korinte 11:3.

Imvelaphi Yomoya Wokhuphiswano

Ngoko, kwenzeka njani ukuze lo moya wokhuphiswano ukhohlakeleyo ube ngamandla alawula ngolu hlobo kwibutho labantu? Ityala lokuqala lokubulala kwimbali yoluntu lisithela thsuphe ngako oku. Umoya wokhuphiswano awayenawo uKayin, unyana omkhulu wesibini sokuqala esingabantu, wakhokelela kwintlekele. UKayin wabulala umnakwabo uAbheli ngenxa yokuba uThixo wakholiswayo lidini lika-Abheli, ngoxa engazange akholiswe lelikaKayin. Yaye iBhayibhile ithi uKayin “obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe.”—1 Yohane 3:12; Genesis 4:4-8.

Ewe, ongendawo, uSathana uMtyholi, ungumsunguli nalowo ukhuthaza lo moya wokhuphiswano. Nangona wayengunyana kaThixo owayesisithunywa esasinamalungelo aphakamileyo, wafuna okungakumbi. (Thelekisa uHezekile 28:14, 15.) Xa walukuhla uEva, wabonisa umnqweno wakhe. Wathi ngokutya isiqhamo esalelweyo, wayeza ‘kuba njengoThixo.’ (Genesis 3:4, 5) Eneneni, nguSathana owayefuna ukufana noThixo, esukuzana noYehova. Umoya wokukhuphisana noThixo wamqhubela kwimvukelo.—Yakobi 1:14, 15.

Lo moya uyasulela. Ngaphantsi kwempembelelo kaSathana, intsapho yokuqala yaphulukana noxolo eyayilunikwe nguThixo. (Genesis 3:6, 16) Ukususela ekuvukeleni kwakhe uThixo, uSathana uMtyholi ebelulawula uluntu, ekhuthaza umoya wokhuphiswano, ekhohlisa amadoda kwanabafazi ekubeni bakholelwe ukuba ukhuphiswano olwenziwa ngenkohlakalo lusisikhokelo esisa kwimpumelelo. Noko ke, iBhayibhile iyacacisa: “Apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke.” (Yakobi 3:14-16) Ngaloo ndlela uSathana uye waluphanga ulonwabo noxolo lwengqondo uluntu.

Ukuphumelela Ngaphandle Kokukhuphisana

Ngokwahlukileyo kwimpembelelo kaSathana, iBhayibhile inikela imizekelo yabantu abaye baphumelela ngaphandle kokukhuphisana. Owona ubalaseleyo ngokaYesu Kristu. Nangona wayephila esebumeni bukaThixo, akazange acinge ngokulingana noThixo kodwa wathabatha ubume bomkhonzi waza weza emhlabeni. Ngaphezu koko, wazithoba waba ngolulamileyo wada wesa ekufeni kumthi wentuthumbo. Esi simo sengqondo sokuthobeka, esingenawo kwaphela umoya wosukuzwano, samkhokelela ekubeni afumane inkoliseko kaThixo. “Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama.” (Filipi 2:5-9) Yiyiphi impumelelo ebalaseleyo kunale ebinokufunyanwa siso nasiphi na isidalwa? Wamkholisa uYise ukusa kumkhamo wokuba akukho simbi isidalwa esasinokwenza njengaye, yaye oku wakwenza engenamoya wosukuzwano okanye wokhuphiswano.—IMizekeliso 27:11.

Intlaninge yezithunywa zezulu ezithembekileyo nazo zinesimo sengqondo esifanayo. Nangona uYesu, owayeyintloko yezithunywa zezulu, wancitshiswa kancinane kunazo xa weza emhlabeni, ngokuzithandela zamnceda kuzo zonke iintswelo zakhe. Ngokucacileyo, ayizange ithi qatha kuzo ingcinga yokusebenzisa elo thuba ukuzama ukumbhukuqa njengoko wayeSisiphatha-zithunywa.—Mateyu 4:11; 1 Tesalonika 4:16; Hebhere 2:7.

Ukusichasa kwazo isimo sengqondo sokukhuphisana kubonakala ngakumbi xa sikhangela kwindlela ezisabele ngayo kwinjongo kaThixo yokuphakamisela abathile kubantu abangafezekanga kubomi basezulwini bokungafi, apho baya “kugweba izithunywa zezulu.” (1 Korinte 6:3) Izithunywa zezulu zinamava ayintabalala okukhonza uYehova yaye zinamandla agqithiseleyo okwenza okulungileyo kunabantu abangafezekanga. Sekunjalo, izithunywa zezulu zikhonza aba bathanjiswa basemhlabeni zivuyile, zingenamona woko kuya kwamkelwa ngaba. (Hebhere 1:14) Isimo sazo sengqondo esihle, sokungabi nalukhuphiswano sizinceda ziqhubeke zikhonza phambi kwetrone yeNkosi enguMongami uYehova.

Ngoko, khawucinge ngabakhonzi abathembekileyo bakaThixo bamandulo abaya kuvuselwa apha emhlabeni. UAbraham wayengumzekelo obalaseleyo wokholo yaye wabizwa ngokuba “nguyise wabo bonke abakholwayo.” (Roma 4:9, 11) UYobhi wamisela umzekelo obalaseleyo wonyamezelo. (Yakobi 5:11) UMoses ‘obelulame kunene kunabantu bonke abasemhlabeni,’ wakhokelela uhlanga lwakwaSirayeli enkululekweni. (Numeri 12:3) Ngubani phakathi kwabantu abangafezekanga oye wamisela umzekelo wokholo, wonyamezelo, nowokululama olunge ngakumbi kunalowo wala madoda? Noko ke, balindele ukudla ilifa ummandla wasemhlabeni woBukumkani bukaThixo. (Mateyu 25:34; Hebhere 11:13-16) NjengoYohane umBhaptizi, baya kuba ngaphantsi ‘koyena mncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu.’ (Mateyu 11:11) Ngaba baya kuze bacinge ngokukhalaza, beme ngelokuba ukholo, unyamezelo, okanye ukululama kwabo kuyalingana okanye kwiimeko ezithile kungaphezulu kokwabo banikwe ubomi basezulwini? Ngokuqinisekileyo abayi kwenjenjalo! Baya kuba ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo abonwabileyo basemhlabeni.

Nanamhlanje, kumnandi ukuhlala nabantu abangenaso isimo sengqondo sokukhuphisana. UYasuo, okhankanywe kwinqaku lokuqala, wayetshone zwabha ematyaleni ngenxa yokungenelela ishishini elingaqinisekanga lokurhweba ngegolide waza walahlekelwa kuko konke awayenako. Walahlwa “ngabahlobo” bakhe. Njengoko umfazi wakhe wayeqalise ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, waya kwiintlanganiso zawo ngenxa yokuzisola ngentlungu awayeyibangele kwintsapho yakhe. Ekugqibeleni, wazikhwebula ekubeni ngokhuphisanayo waza waba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Ngoku wonwabile kuba ungqongwe ngabahlobo abangamaKristu, abakulungeleyo ukumnceda ngamaxesha obunzima.

Indlela Yokulondoloza Uxolo Lwengqondo

Akusoloko kulula ukulondoloza uxolo lwengqondo kwibutho labantu elingenanceba, nelikhuphisanayo. Senza kakuhle ukuphawula ukuba iBhayibhile iyayigweba “intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, oomona” ‘njengemisebenzi yenyama’ ethintela abantu ekubeni babudle ilifa uBukumkani bukaThixo. Yonke le misebenzi ihambisana nomoya wokhuphiswano. Kungeso sizathu le nto umpostile uPawulos wakhuthaza amaGalati wenjenje: “Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.”—Galati 5:19-21, 26.

Kulo mongo, incwadi kaPawulos yabonisa isikhokelo sokuhlangabezana nokhuphiswano olwenziwa ngokuzingca. Wathi: “Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.” (Galati 5:22, 23) Isiqhamo somoya sisinceda silukhuphe ezingqondweni zethu usukuzwano. Ngokomzekelo, khawucinge ngophawu lothando. UPawulos uthi, “Uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa; alucaphuki.” (1 Korinte 13:4-7) Ngokuhlakulela ukuba nothando, sinokuwuphelisa umona, ongamandla abangela umoya wokhuphiswano. Ezinye iziqhamo zomoya nazo zisinceda sisuse nayiphi imizila engapheliyo yalo moya ukhohlakeleyo wokhuphiswano, ezintliziyweni nasezingqondweni zethu. Kaloku, ngokusebenzisa ukuzeyisa nawuphi na umnqweno ophakamayo wokukhuphisana nabanye ukuze siphumelele nokuba sekumnyam’ entla unokoyiswa ngokukhawuleza!—IMizekeliso 17:27.

Noko ke, ukuze sikwazi ukuhlakulela ezi mpawu, simele sivumele umoya kaThixo usebenze ngaphakathi kwethu. Sinokuyikhuthaza le ndlela iyingenelo osebenza ngayo umoya oyingcwele ngokuba sizingise emthandazweni size sicele umoya kaThixo usincede. (Luka 11:13) Xa ephendula umthandazo wethu, yintoni aya kusinika yona uThixo? IBhayibhile iyaphendula: “Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.”—Filipi 4:6, 7.

Oku kwabonakala kwimeko yabapostile bakaYesu. Nasemva kokuba uYesu esungule iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa ngobusuku bakhe bokugqibela nabapostile, babesaphikisana ngokuba nguwuphi na kubo owayebonakala engoyena umkhulu. (Luka 22:24-27) Kwizihlandlo ezahlukeneyo uYesu wazama ukubanceda balungise indlela ababecinga ngayo, kodwa esi simo sengqondo sokhuphiswano sasendele ngaphakathi kubo. (Marko 9:34-37; 10:35-45; Yohane 13:12-17) Noko ke, bakuba bamkele umoya oyingcwele kwiintsuku ezimalunga nama-50 emva kwaloo mpikiswano, isimo sabo sengqondo saguquka. Abazange baxambulisane ngokuba ngubani owayeza kuba sisithethi sabo kwisihlwele esasinomdla wokwazi esasihlanganisene ngomhla wePentekoste.—IZenzo 2:14-21.

Akuzange kuvunyelwe ukuba kulawule nawuphi na umntu kwibandla lamaKristu. Xa kwafuneka becombulule ingxaki yolwaluko, uYakobi, owayengenguye nomfundi ngexesha lokufa kukaYesu, wayesongamela kuloo ntlanganiso yayibalulekile. Akukho nto ibonisa ukuba baphikisana ngokuba yayingubani owayeza kukhokela kuloo ntlanganiso yequmrhu elilawulayo lebandla lamaKristu. Enjani yona inguquko ukususela kwixesha laxa abapostile babosulelwe ngumoya wokhuphiswano! Ngoncedo lomoya oyingcwele, bakhumbula iimfundiso zikaYesu baza baqalisa ukuyiqonda intsingiselo yeemfundiso zakhe.—Yohane 14:26.

Ngokufanayo oku kusenokuba yinyaniso nakuthi. Ngoncedo lomoya oyingcwele, sinokoyisa nayiphi iminqweno engapheliyo yokukhuphisana nabanye ukuze senze inkqubela ngokubulaleka kwabo. Kunoko, sinokufumana uxolo lwengqondo olugqithisele kuko konke ukuqonda. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba umthombo wokhuphiswano olwenziwa ngenkohlakalo, uSathana uMtyholi, kungekudala uya kuphoswa enzonzobileni, enziwe abe kwimeko yokungasebenzi. (ISityhilelo 20:1-3) Akusayi kuphinde kubekho usukuzwano phakathi kwabamelwane. Ngaba oko kuya kuphumela ekubeni kubekho ibutho elingenankqubela? Akunjalo! Abantu baya kuba ngabafezekileyo, kungekhona ngenxa yokukhuphisana, kodwa ngenxa yokusebenza kwedini lentlawulelo likaYesu kubo.—1 Yohane 2:1, 2.

UKeinosuke, okhankanywe ngaphambilana, owayekhe wanamava okuzukiswa lihlabathi ngempumelelo awayifumanayo ekuthengiseni elona nani liphakamileyo leenqwelo-mafutha, waziqoba wadinwa engqondweni nasemzimbeni, kodwa ekugqibeleni wawuyeka umsebenzi wakhe. Uthi: “Ngoku, ubomi bam buzaliswe lulonwabo lokwenene.” Wasiqonda isizathu sokuba uYesu abalasele ngempumelelo yokwenene kubomi bakhe. Ngoku uyahlaziyeka kuyo nantoni anokuyenza kwibandla likaThixo elisehlabathini lonke. Ngaloo ndlela ulungiselelwa ihlabathi elitsha, ekungayi kubakho lukhuphiswano kulo. Nawe unokulibona eli butho lehlabathi elitsha ngokutyelela kwenye yeeHolo zoBukumkani ekummandla okuwo uze unxulumane namaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Ibutho labantu liya kunandipha uxolo nentsebenziswano kwihlabathi elitsha likaThixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share