Kholosa NgoYehova Ukuba Azalisekise Injongo Yakhe
“Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INDUMISO 37:29.
1. Yintoni injongo kaYehova ngabantu nangalo mhlaba?
XA UYEHOVA wadala abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, wabenza bafezeka. Yaye wabadala ngendlela yokuba baphile ngonaphakade kulo mhlaba—ukuba babeyithobela imithetho yakhe. (Genesis 1:26, 27; 2:17) Ngaphezu koko, uThixo wababeka kummandla oyiparadisi. (Genesis 2:8, 9) UYehova wathi kubo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise.” (Genesis 1:28) Ngaloo ndlela, ekugqibeleni inzala yabo yayiya kusasazeka emhlabeni wonke, yaye esi sijikelezi-langa sasiya kuba yiparadisi ezaliswe luhlanga lwabantu olufezekileyo nolonwabileyo. Hayi indlela eyaqala kakuhle ngayo intsapho yabantu! “Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene.”—Genesis 1:31.
2. Imeko eyiyo imicimbi yabantu iphakamisa yiphi imibuzo?
2 Kodwa, imeko ebiyiyo imicimbi yabantu kangangamawaka eminyaka ayifani tu kwaphela nenjongo kaThixo yantlandlolo. Uluntu lukude nemfezeko yaye alonwabanga kwaphela. Iimeko zehlabathi bezibangela ukubandezeleka, yaye njengokuba kwaprofetwayo, ziye zamandundu ngakumbi kweli xesha lethu. (2 Timoti 3:1-5, 13) Ngoko sinokuqiniseka njani ukuba injongo kaThixo ngabantu iya kuzaliseka kungekudala? Ngaba ezi meko zibangela ukubandezeleka ziseza kuqhubeka ixesha elide?
Konakala Phi?
3. Kutheni uYehova engazange ayiphelise ngokukhawuleza imvukelo yabantu?
3 Abo banolwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo eliphefumlelweyo bayasazi isizathu sokuba uYehova evumele ezi meko zimbi emhlabeni. Kwakhona bayazi ukuba uya kwenza ntoni ngazo. Ngokusuka kwingxelo yeBhayibhile, bafundile ukuba abazali bethu bokuqala basisebenzisa kakubi isipho esimangalisayo senkululeko yokuzikhethela uThixo awayesinike abantu. (Thelekisa eyoku-1 kaPetros 2:16.) Ngokuphosakeleyo bakhetha ikhondo lokuzimela geqe kuThixo. (Genesis, isahluko 2 nesesi-3) Imvukelo yabo yaphakamisa imibuzo enzima, enjengale: Ngaba uMongami Wendalo Iphela unalo ilungelo lokulawula abantu? Ngaba ulawulo lwakhe lolona lubalungeleyo? Ngaba ulawulo lwabantu lunokuphumelela ngaphandle kokonganyelwa nguThixo? Eyona ndlela iqinisekileyo yokufumana iimpendulo kule mibuzo yayikukuvumela iinkulungwane zolawulo lwabantu zidlule. Imiphumo yayiya kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo enoba abantu banokuphumelela na ngaphandle koMenzi wabo.
4, 5. (a) Uye waba yintoni umphumo wokungalwamkeli kwabantu ulawulo lukaThixo? (b) Ukudlula kwexesha kubonise ntoni ngaphandle kwamathandabuzo?
4 Xa uAdam noEva bamshiyayo uThixo, akazange abe sabaxhasa ukuze baqhubeke befezekile. Ngaphandle kokuxhaswa nguye, baphelelwa. Umphumo waba kukungafezeki, ukwaluphala nokufa ekugqibeleni. Ngenxa yemfuza, abazali bethu bokuqala badlulisela zonke ezo mpawu zimbi kuyo yonke inzala yabo, kuquka nathi. (Roma 5:12) Yaye kuthekani ngemiphumo yamawaka eminyaka yolawulo lwabantu? Ibiyintlekele, kanye njengokuba ngokuchanileyo INtshumayeli 8:9 isithi: ‘Umntu ugunyazela umntu kube kubi kuye.’
5 Ukudlula kwexesha kubonise ngaphandle kwamathandabuzo ukuba abantu abanako ukuyilawula ngokunempumelelo imicimbi yabo ngaphandle koMdali wabo. Umbhali weBhayibhile ophefumlelweyo uYeremiya wathi: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.”—Yeremiya 10:23; Duteronomi 32:4, 5; INtshumayeli 7:29.
Injongo KaThixo Ayiguqukanga
6, 7. (a) Ngaba amawaka eminyaka embali ayiguqule injongo kaYehova? (b) Iquka ntoni injongo kaYehova?
6 Ngaba ukudlula kwamawaka eminyaka embali yabantu—abezaliswe bubungendawo nokubandezeleka—kuye kwayiguqula injongo kaThixo? ILizwi lakhe lithi: “Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu nguye uThixo, uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe.” (Isaya 45:18) Ngoko uThixo wawudala umhlaba ukuba umiwe ngabantu, ibe leyo iseyinjongo yakhe.
7 UYehova akazange aphelele nje ngokudala umhlaba ukuba umiwe kodwa kwakhona wayenenjongo yokuba ube yiparadisi yokunanditshwa ngabantu abafezekileyo, abonwabileyo. Kungenxa yoko iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba kuya kubakho “omtsha umhlaba,” ibutho elitsha labantu, apho “kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Yaye kwiSityhilelo 21:4, iLizwi likaThixo lisixelela ukuba kumhlaba wakhe omtsha, uya ‘kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [abantu], kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.’ Kungenxa yezo zizathu uYesu wayenokuthetha ngelo hlabathi litsha lizayo emhlabeni ‘njengeParadisi.’—Luka 23:43.
8. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuyizalisekisa injongo yakhe?
8 Ekubeni uYehova enguMdali wendalo iphela onamandla onke nonobulumko bonke, akukho namnye onokuyithintela injongo yakhe. “Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko [“ndigqibe,” NW] ngako, koma ngolo hlobo.” (Isaya 14:24) Ngaloo ndlela, xa uThixo esithi uya kwenza lo mhlaba ube yiparadisi emiwe ngabantu abafezekileyo, oko kuya kwenzeka. UYesu wathi: “Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.” (Mateyu 5:5; thelekisa INdumiso 37:29.) Sinokuqiniseka ukuba elo dinga liya kuzaliseka. Enyanisweni, sinokude sibeke ubomi bethu esichengeni ngenxa yalo.
Babekholose NgoYehova
9. Yintoni awayenzayo uAbraham eyabonisa ukuba wayekholose ngoYehova?
9 Ukutyhubela imbali abantu abaninzi aboyika uThixo baye babeka ubomi babo esichengeni ngenxa yenjongo kaThixo ngalo mhlaba kuba babeqinisekile ukuba uya kuyizalisekisa. Nangona ulwazi lwabo lusenokuba lwalulinganiselwe, bakholosa ngoThixo baza basekela ubomi babo ekwenzeni ukuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, kwakukho uAbraham, owayephila malunga neminyaka engama-2 000 ngaphambi kokufika kukaYesu emhlabeni—kudala ngaphambi kokuba kuqaliswe ukubhalwa kweBhayibhile. Wakholosa ngoYehova ukuba azalisekise amadinga akhe. Kusenokwenzeka ukuba, uAbraham wafunda ngoMdali kukhokho wakhe othembekileyo uShem, owafundiswa nguNowa. Ngoko xa uThixo waxelela uAbraham ukuba ayishiye iUre yamaKaledi eyayinobutyebi aye kwilizwe awayengaliqhelanga nelaliyingozi lakwaKanan, loo solusapho wayesazi ukuba wayenokukholosa ngoYehova, waza wahamba. (Hebhere 11:8) Ekuhambeni kwexesha, uYehova wamxelela oku: ‘Ndiya kukwenza uhlanga olukhulu.’—Genesis 12:2.
10, 11. Kutheni uAbraham wayekulungele ukunikela ngonyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uIsake?
10 Kwenzeka ntoni emva kokuba uAbraham ezele uIsake? UYehova wabonisa uAbraham ukuba inzala yakhe eyayiya kuza ngoIsake yayiya kuba luhlanga olukhulu. (Genesis 21:12) Ngaloo ndlela, kumele ukuba oku kwabonakala kuphikisana xa uYehova waxelela uAbraham, evavanya ukholo lwakhe, ukuba enze idini ngonyana wakhe uIsake. (Genesis 22:2) Sekunjalo, ekholose ngokupheleleyo ngoYehova, uAbraham wazimisela ukukwenza oku, wada waphakamisa nemela yokubulala uIsake. Xa kanye wayesel’ eza kwenjenjalo, uThixo wathumela isithunywa sezulu ukuba simnqande uAbraham.—Genesis 22:9-14.
11 Kutheni uAbraham wayethobela kangaka? AmaHebhere 11:17-19 ayachaza: “Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, akulingwa; waye, owawamkelayo ngovuyo amadinga lawo, enikela okuphela kwawamzalayo; ekwakuthethwe kuye kwathiwa, Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho; ecamanga ngokuthi, uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe ngoko wamzuza ngokomzekeliso.” Ngokufanayo amaRoma 4:20, 21 athi: “Ngokusingisele kwidinga likaThixo, [uAbraham] akathandabuza ngokungakholwa . . . eqinisekile ukuba oko [uThixo] akumise ngedinga, unako nokukwenza.”
12. Wavuzwa njani uAbraham ngenxa yokholo lwakhe?
12 UAbraham wavuzwa ngokholo lwakhe kungekuphela nje ngokunqandwa angambulali uIsake kwanangokuba afumane “uhlanga olukhulu” kodwa nangenye indlela. UThixo wamxelela oku uAbraham: “Zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.” (Genesis 22:18) Njani? UKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini wayeya kuphuma kumnombo ka-Abraham. Obo Bukumkani babuya kulitshabalalisa eli hlabathi lingendawo lilawulwa nguSathana. (Daniyeli 2:44; Roma 16:20; ISityhilelo 19:11-21) Kwandule ke, kumhlaba ocociweyo olawulwa buBukumkani, lo mhlaba wonke wenziwe ube yiParadisi, baze abantu bazo “zonke iintlanga” abenza ukuthanda kukaThixo banandiphe impilo nobomi obufezekileyo ngonaphakade. (1 Yohane 2:15-17) Yaye nangona uAbraham wayenolwazi olulinganiselweyo kuphela loBukumkani, wakholosa ngoThixo waza wakhangela phambili ekusekweni kwabo.—Hebhere 11:10.
13, 14. Kutheni uYobhi wakholosa ngoThixo?
13 Kumakhulu athile eminyaka kamva, kwabakho uYobhi, owayephila phakathi kwenkulungwane ye-17 neye-16 B.C.E. kuloo ndawo ngoku iyiArabia. Naye wayephila ngaphambi kokuba kuqaliswe ukubhalwa kweBhayibhile. UYobhi ‘wayegqibelele, ethe tye, emoyika uThixo, etyeka ebubini.’ (Yobhi 1:1) Xa uSathana wabetha uYobhi ngesifo esithiyekileyo nesibuhlungu, loo ndoda ithembekileyo “ayizange yone nangelinye ilizwi.” (Yobhi 2:10, The New English Bible) UYobhi wayekholose ngoThixo. Yaye ngoxa wayengasazi ngokweenkcukacha isizathu sokuba abandezeleke kangako, wabubeka esichengeni ubomi bakhe ngenxa kaThixo namadinga akhe.
14 UYobhi wayesazi ukuba nokuba wayenokufa, ngaminazana ithile uThixo wayenokumbuyisela ebomini ngovuko. Wabonisa ukuba wayeneli themba xa wathi kuYehova uThixo: “Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, . . . undimisele umda, undikhumbule ke! Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? . . . Ubungabizayo ke, ndisabele mna.” (Yobhi 14:13-15) Nangona wayethuthunjelwa, uYobhi wabonisa ukholo kulongamo lukaYehova, esithi: “Ndoda [“ndife,” NW], ndingayisusi kum ingqibelelo yam.”—Yobhi 27:5.
15. UDavide wayibonisa njani intembelo yakhe kwinjongo kaYehova?
15 Malunga neenkulungwane ezintandathu emva koYobhi yaye malunga neminyaka eliwaka ngaphambi kokufika kukaYesu emhlabeni, uDavide wavakalisa intembelo yakhe kwihlabathi elitsha. Kwiindumiso wathi: “Abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe. Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; . . . Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo. Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” Ngenxa yethemba lakhe elingaxengaxengiyo, uDavide wabongoza wathi: “Kholosa ngoYehova . . . Ziyolise ngoYehova; wokunika okunqwenelwa yintliziyo yakho.”—INdumiso 37:3, 4, 9-11, 29.
16. Lalinaliphi ithemba ‘ilifu elikhulu lamangqina’?
16 Ukutyhubela iinkulungwane, amadoda nabafazi abathembekileyo baye baneli themba lifanayo lobomi obungunaphakade emhlabeni. Enyanisweni, baye babumba ‘ilifu elikhulu lamangqina’ aye abubeka esichengeni ngokoqobo ubomi bawo ngenxa yamadinga kaYehova. Uninzi lwaloo mangqina kaYehova amandulo athuthunjiswa aza abulawa ngenxa yokholo lwawo, “ukuze bazuzane nolona luvuko lululo.” Njani? Kwihlabathi elitsha, uThixo uya kubavuza ngolona vuko lululo nethemba lobomi obungunaphakade.—Yohane 5:28, 29; Hebhere 11:35; 12:1.
AmaNgqina AngamaKristu Akholosa NgoThixo
17. AmaKristu enkulungwane yokuqala ayekholose ngoYehova ngokuqine kangakanani?
17 Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, uYehova watyhila kwibandla lamaKristu elalisandul’ ukusekwa iinkcukacha ezingakumbi ngoBukumkani nolawulo lwabo emhlabeni. Ngokomzekelo, umoya wakhe waphefumlela umpostile uYohane ukuba abhale ukuba inani labo babeya kunxulumana noYesu Kristu kuBukumkani bamazulu laliya kuba li-144 000. Aba babeya kuba ngabakhonzi bakaThixo abathembekileyo ‘ababethengwe bephuma ebantwini.’ (ISityhilelo 7:4; 14:1-4) Babeya kulawula phezu komhlaba ‘njengookumkani’ kunye noKristu ezulwini. (ISityhilelo 20:4-6) Loo maKristu enkulungwane yokuqala ayekholose ngoYehova ukuba azalisekise injongo yakhe yoBukumkani bamazulu nolawulo lwabo lommandla wasemhlabeni ngokuqinileyo kangangokuba ayekulungele ukuncama ubomi bawo ngenxa yokholo lwawo. Abaninzi kuwo benjenjalo.
18. Namhlanje amaNgqina kaYehova awaxelisa njani amaqabane awo akudala?
18 Namhlanje, amaNgqina kaYehova aphantse abe zizigidi ezihlanu akholose ngoThixo ngokufanayo naloo maqabane awo awayephila kwiinkulungwane ezininzi ngaphambi kwawo. La maNgqina anamhlanje nawo aye abubeka esichengeni ubomi bawo ngenxa yamadinga kaThixo. Aye ahlulela ubomi bawo kuye yaye aneBhayibhile epheleleyo ukuze iqinise ukholo lwawo. (2 Timoti 3:14-17) La maNgqina kaYehova anamhlanje axelisa abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala abavakalisa ukuba babeya ‘kuva uThixo [njengoMlawuli, NW] kunokuba beve abantu.’ (IZenzo 5:29) Kule nkulungwane uninzi lwala maNgqina angamaKrisu luye lwatshutshiswa ngolunya. Amanye aye abulawa ngenxa yokholo lwawo. Amanye aye afa ngenxa yokugula, ingozi okanye ukwaluphala. Noko ke, njengamangqina athembekileyo angaphambili aye akholosa ngoThixo ngenxa yokuba ebesazi ukuba uya kuwabuyisela ebomini kwihlabathi lakhe elitsha ngovuko.—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15; ISityhilelo 20:12, 13.
19, 20. Yintoni esiyiqondayo ngeziprofeto zeBhayibhile zomhla wethu?
19 AmaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba ukuhlanganiswa kwawo ephuma kuzo zonke iintlanga ukuze abumbe ubuzalwana bomhlaba wonke kwaxelwa kwangaphambili kwiziprofeto zeBhayibhile. (Isaya 2:2-4; ISityhilelo 7:4, 9-17) Yaye uYehova uyawasebenzisa ukwenza umsebenzi wokushumayela emhlabeni wonke ukuze ahlanganisele kwinkoliseko nenkuselo yakhe abanye abantliziyo zinyanisekileyo. (IMizekeliso 18:10; Mateyu 24:14; Roma 10:13) Bonke aba bakholosa ngokupheleleyo ngoYehova, besazi ukuba kungekudala uza kungenisa ihlabathi lakhe elitsha elimangalisayo.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 15:58; Hebhere 6:10.
20 Iziprofeto zeBhayibhile zibonisa ukuba eli hlabathi likaSathana belikwimihla yalo yokugqibela phantse iminyaka engama-80 ngoku, ukususela kuloo nyaka ubalulekileyo we-1914. Eli hlabathi lisondela esiphelweni salo. (Roma 16:20; 2 Korinte 4:4; 2 Timoti 3:1-5) Ngoko ke amaNgqina kaYehova ayomelela ngenxa yokuba ayaqonda ukuba kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kuyilawula ngokupheleleyo yonke imicimbi yalo mhlaba. Ngokuphelisa eli hlabathi lingendawo likhoyo nangokungenisa ihlabathi lakhe elitsha lobulungisa, uThixo uya kuyiphelisa ngokupheleleyo imeko embi ebikho emhlabeni kangangeenkulungwane ezininzi kangaka.—IMizekeliso 2:21, 22.
21. Kutheni sinokuvuya phezu kwazo nje iinkathazo zanamhlanje?
21 Ngoko, kuwo onke amaphakade, uThixo uya kubonisa ukusikhathalela kwakhe okukhulu ngokusithululela iintsikelelo eziya kusenza siyilibale ngokupheleleyo nayiphi na intlungu ebesiye sayifumana kwixesha elidlulileyo. Zininzi izinto ezilungileyo eziya kwenzeka kuthi kwihlabathi elitsha kangangokuba iingxaki zethu zangaphambili ziya kulibaleka. Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova uya ‘kusivula isandla sakhe, azihluthise iinto zonke eziphilileyo.’—INdumiso 145:16; Isaya 65:17, 18.
22. Kutheni sifanele sikholose ngoYehova?
22 Kwihlabathi elitsha, abantu abathembekileyo baya kubona ukuzaliseka kwamaRoma 8:21: “Nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.” Baya kubona ukuzaliseka kwalo mthandazo uYesu awawufundisa abalandeli bakhe: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:10) Ngoko kholosa ngoYehova ngokupheleleyo ngenxa yokuba idinga lakhe eliqinisekileyo lithi: “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Yintoni injongo kaYehova ngabantu nangalo mhlaba?
◻ Kutheni uThixo evumele iimeko ezimbi emhlabeni?
◻ Abantu abathembekileyo bamandulo babonisa njani ukuba babekholose ngoYehova?
◻ Kutheni abakhonzi bakaThixo namhlanje bekholose ngoYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UThixo wadala abantu ukuze baphile ngonaphakade bonwabile kumhlaba oyiparadisi
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UAbraham wakholosa ngamandla kaYehova okuvusa abafileyo