Ngaba Uyalunandipha Ufundisiso Lobuqu?
NAWUPHI umkhonzi kaThixo onyanisekileyo ebeya kukuvuyela ukunikela ixesha elininzi ngokwaneleyo kufundisiso lobuqu lweBhayibhile. (INdumiso 1:1, 2) Sekunjalo, benoluvo lokuba zininzi izinto ezifuna ixesha namandla abo, abaninzi bakufumanisa kunzima ukuchitha ixesha namandla amaninzi ngendlela ebebengathanda ngayo kufundisiso lobuqu.
Noko ke, ukuze baqhubeke njengabakhonzi bakaThixo abakhutheleyo, mihla le bonke kufuneka bahlaziye uvuyo namandla abo ngokufumana iinkalo ezintsha okanye ezinzulu ngakumbi zenyaniso yeLizwi likaThixo. Iinyaniso zeBhayibhile ezakushukumisa ngokunzulu kwiminyaka edluleyo zisenokungakushukumisi kangako ngoku. Ngenxa yoko, kulungile, yaye kubalulekile, ukuba ngenyameko sizingise ekwenzeni umgudu wokuyiqonda kakuhle inyaniso ukuze sihlale siphaphile ngokomoya.
Amadoda okholo amandulo ayezenza njani omelele ngokomoya ngofundisiso lobuqu lweLizwi likaThixo? Bambi babakhonzi bakaYehova banamhlanje balwenza njani ufundisiso lwabo lobuqu lunandipheke yaye lube neziqhamo ngakumbi? Baye bavuzwa njani ngemigudu yabo?
Bahlaziya Amandla Abo Ngofundisiso Lobuqu
UKumkani uYosiya wakwaYuda waqhubeka ngenzondelelo engakumbi nephulo lakhe lokuphelisa unqulo-zithixo emva kokuba efundelwe “incwadi yomyalelo kaYehova, eyabhalwa ngesandla sikaMoses.” Alithandabuzeki elokuba eso yayingesosihlandlo sokuqala eqwalasela le nxalenye yeLizwi likaThixo; kodwa ukuva isigidimi kanye ngokusuka kumbhalo-ngqangi wokuqala kwamkhuthaza ngakumbi kwimigudu yakhe yokulwela unqulo olunyulu.—2 Kronike 34:14-19.
Umprofeti uDaniyeli waliqonda ‘inani leminyaka, yokuzalisa ukwenziwa amanxuwa kweYerusalem’ yaye ngokuqinisekileyo wayengaliqondi ngokusuka kwincwadi kaYeremiya kuphela kodwa nangokusuka ‘kuzo iincwadi.’ Ngokunokwenzeka ezi zaziquka iincwadi ezifana neLevitikus (26:34, 35), uIsaya (44:26-28), uHoseya (14:4-7) noAmos (9:13-15). Oko yakuqinisekisayo ngenxa yokuzifundisisa kwayo ngenkuthalo iincwadi zeBhayibhile kwakhokelela le ndoda izinikeleyo ukuba ifune uThixo ngomthandazo onyanisekileyo. Isibongozo sayo esinyanisekileyo wasiphendula ngesityhilelo nangesiqinisekiso esingakumbi ngokuphathelele isixeko saseYerusalem kunye nabantu bakhe.—Daniyeli, isahluko 9.
UYosiya, owenza “okuthe tye emehlweni kaYehova,” noDaniyeli, ‘owayengonqwenelekayo’ emehlweni kaThixo, babengahlukanga kuthi namhlanje. (2 Kumkani 22:2; Daniyeli 9:23) Imigudu yabo yokuzinikela ngamandla kufundisiso lweZibhalo ezazifumaneka ngelo xesha yakhokelela ekubeni ubumoya babo bukhule ngakumbi yaza yabanceda banandipha ulwalamano olomelele ngakumbi noThixo. Kunokuthethwa okufanayo nangabanye abakhonzi bakaYehova abaninzi bamandulo, abanjengoYifeta, umdumisi wendlu ka-Asafu, uNehemiya noStefano. Bonke aba banikela ubungqina bofundisiso lobuqu olwenziwa ngenyameko lwenxalenye yeBhayibhile eyayisetyenziswa ngexesha labo.—ABagwebi 11:14-27; INdumiso 79, 80; Nehemiya 1:8-10; 8:9-12; 13:29-31; IZenzo 6:15–7:53.
Ubulungiseleli Mabube Lukhuthazo
Inkoliso yabakhonzi bakaYehova banamhlanje abaye bamkhonza iminyaka emininzi baye bazenzela ucwangciso lofundisiso lweBhayibhile lobuqu. Baye bakufumanisa kubalulekile oku ukuze bahlale bephaphile baze bahlangabezane ngokuzeleyo neembopheleleko zabo zobuKristu. Nakuba kunjalo, uninzi lwabo luyavuma ukuba akusoloko kulula ukulungelelanisa indlela abalahlula ngayo ixesha namandla abo phakathi kofundisiso neminye imicimbi engafanele ityeshelwe.
Sekunjalo, ukuhlala uphaphile ngokomoya ngokulwenza ngenkuthalo ufundisiso lwakho lobuqu kubalulekile ekuhlangabezaneni nezinto ezifunekayo kubulungiseleli bamaKristu kweli xesha lihambele phambili lomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziwa ehlabathini lonke. Abo bachwayitiswa zizinto ezintsha nezinzulu zeLizwi likaThixo banokuhlangabezana nocelomngeni lokukhuthaza abo baneentliziyo ezilambileyo. Oku kuyinyaniso enokuba ubani wabelwe apho kulindeleke ukuba kukho iintlanzi ezininzi zokomoya ezinokubanjiswa okanye ubani usebenza ngokuzingisileyo kwimimandla esetyenzwa ngokucokisekileyo apho ngokubanzi kwesamele abantu abangenamdla.
Zondle Rhoqo NgeLizwi LikaThixo
Oko kwenziwa ngabanye kusenokukunika iingcamango ngendlela onokuyinandipha ngakumbi ngayo inkqubo yakho yofundisiso okanye indlela wena nentsapho yakho eninokulisebenzisa ngendlela enomvuzo ngakumbi ngayo ixesha lenu lofundisiso. Phakathi kwezinto umkhonzi kaThixo angasayi kuze afune ukuzityeshela kukufunda iLizwi likaThixo ngokuthe rhoqo. Abaninzi baye bakwenza usukelo ukufunda ubuncinane izahluko zeBhayibhile ezintathu ukuya kwezine veki nganye. Ngaba uyafuna ukuyifunda yonke iBhayibhile kwisithuba nje sonyaka? Ngoko uya kuvuyiswa kukuchitha ixesha elingakumbi ekuyifundeni, mhlawumbi kangangesiqingatha seyure ngemini.
Ngaba sele uyifunde yonke iBhayibhile ngaphezu kwesihlandlo esinye? Kutheni ungazibekeli usukelo olutsha kwixa elizayo? Efuna ukukhe atshintshe, omnye umfazi ongumKristu wafunda iincwadi zeBhayibhile ngokulandelelana kokubhalwa kwazo. Wafumana iinkcukacha ezininzi, ezisekelwe kwimvelaphi yobalo-maxesha, awayeziphosile ngaphambili. Kwiminyaka emihlanu edluleyo omnye umfazi ongumKristu uye wafunda iBhayibhile ukususela ekuqaleni ukusa ekugqibeleni izihlandlo ezihlanu, sihlandlo ngasinye enembono eyahlukileyo. Okwesihlandlo sokuqala, wayifunda nje yonke. Okwesibini, washwankathela umongo wesahluko ngasinye ngomgca omnye okanye emibini kwincwadi yokubhala amanqaku. Ukususela kunyaka wesithathu ukusa phambili, watshintshela kuhlelo olukhulu oluneembekiselo, eqala ngokukhetha iimbekiselo eziseludinini aze ke anikele ingqalelo ngenyameko kwimibhalo esemazantsi nakwinkcazelo ekwisihlomelo. Okwesihlandlo sesihlanu, wasebenzisa iimaphu zeBhayibhile ukuze andise ulwazi ngokuma komhlaba. Uthi: “Kum, ukufunda iBhayibhile kwakunandipheka njengokutya.”
Bambi abafundi beBhayibhile abanomdla bakufumanise kuyingenelo ukuba nombhalo weBhayibhile abawusebenzisela ufundisiso lwabo lobuqu kuphela, bephawula ngokufutshane eludinini lwayo amagqabaza abangela umdla, imizekelo exhokonxa ingcinga, okanye iinombolo zamaphepha ezinye iimpapasho abanokubhekisela kuzo kamva. Omnye umlungiseleli wexesha elizeleyo ukugqala njengento evuyisayo ukubhala iingongoma ezintsha azifunde ebudeni benyanga kumbhalo wakhe afundisisa kuwo ukuphela kwenyanga nganye. Uthi: “Ukukhangela phambili kwezi yure zam zixabisekileyo kuyandinceda ukuze ndifikelele olunye usukelo lwenyanga ngokukhawuleza.”
Iingcamango Ezithile Zobuchule
Ngaba uvakalelwa kukuba ucwangciso lwakho luzaliswe zizinto omele uzenze mihla le okanye veki nganye nokuba ufuna amacebiso athile ngendlela elunge ngakumbi yokusebenzisa ixesha lakho elilinganiselweyo? Kaloku, yiba nento oceba ukuyifunda uze usebenzise amathuba ongenzi nto ngawo. Ekhaya okanye apho uqhele ukufundela khona, beka iincwadi nezinye izixhobo zokufundisisa ngendlela yokuba zifumaneke lula kangangoko. Yenza indawo ofundisisa kuyo ibe yehlalisa kamnandi kodwa ingabi tofotofo ngokokude ikozelise. Ngaba unesabelo sokunikela intetho? Wufunde wonke umbandela kusengaphambili kangangoko kunokwenzeka, wandule ke ucinge ngawo ngoxa uphumle okanye usenza eminye imisetyenzana eyahlukeneyo.
Bambi basenokusebenzisana nawe ekulisebenziseni ngokulunge ngakumbi ixesha ukuze ningenelwe nonke. Ngokomzekelo, usenokuba nothile okufundela iindawo ezilula ngokuvakalayo ngoxa usenza imisetyenzana eqhelekileyo okanye umhambisela iti. Kuthekani ukuba bonke ekhaya bayavumelana ukuba bathi cwaka ngexesha lofundisiso lobuqu? “Yintoni oye wakunandipha ukuyifunda mva nje?” Maxa wambi unokukwazi ukufumana oko abahlobo bakho bakufundileyo ngokuqalisa incoko ngale ndlela.
Ngaba unomdla wokungenisa iingcamango ezintsha kucwangciso lwakho lokufunda? Unako ukuzimisela usukelo lwexesha lokufunda kanye ngendlela efanayo naleyo abaninzi bazimisela usukelo lwexesha lokuthetha nabanye ngeBhayibhile ngayo. Umvakalisi wexesha elizeleyo (uvulindlela) nyanga nganye ubuncinane uzimisela usukelo lokuba neeyure zokufundisisa yaye uyavuya njengoko ebona ukuba uyalufikelela usukelo lwakhe. Bambi balisikela umda ixesha lokubukela umabonwakude yaye ngaloo ndlela balondoloza ixesha lokufunda. Abaninzi bakhetha umxholo wofundisiso abaza kuwuphanda kangangexesha elithile, ofana neziqhamo zomoya, imvelaphi yeencwadi zeBhayibhile, okanye ubuchule bokufundisa. Bambi bayakunandipha ukwenza izicangca zobalo-maxesha, njengeso sibonisa ulwalamano phakathi kookumkani bakwaSirayeli nabaprofetia okanye phakathi kweZenzo zabaPostile neencwadi zikaPawulos.
Nina baselula, ngaba nifuna ukuba nokholo olomeleleyo? Kutheni ningazikhetheli impapasho eniza kuyifundisisa ngokucokisekileyo ebudeni beholide yenu elandelayo yesikolo? Omnye umfundi obhaptiziweyo kwisikolo samabanga aphakamileyo wazikhethela incwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, epapashwe yiWatch Tower Society. Kwisahluko ngasinye, wenza ushwankathelo olufutshane ngoko wayekufundile. Oko kwakulucelomngeni yaye kwathabatha ixesha elingakumbi kunokuba wayecinga. Noko ke, xa wayigqibayo yonke loo ncwadi, wayechukumiseke ngokwenene kukuchana kwesigidimi seBhayibhile.
Hlala Ukulangazelela Ukufunda
Abakhonzi bakaYehova abaninzi banamhlanje sele ‘bephuphuma umsebenzi weNkosi.’ (1 Korinte 15:58) Ngocwangciso oluhlengahlengiswe kakuhle nokuzimisela ngokunyanisekileyo, inkqubo yomsebenzi wakho oqhelekileyo weveki isenokungatshintshi kakhulu. Sekunjalo, ukusoloko ukulangazelela ukuyiqonda ngokunzulu inyaniso nokuhlala uvisisana ngokuzeleyo neenjongo zikaYehova ezityhiliweyo kuya kwenza umahluko.
Kuyakhuthaza ukuva iindlela abavuzwe ngazo abo baye baphucula indlela yabo yokufundisisa. Enye indoda engumKristu, iqonda ukuba yayiphelelwa ngumdla wokufuna ukuyiqonda ngokunzulu inyaniso, yabulungelelanisa ubomi bayo ukuze ichithele iiyure ezingakumbi kwixesha engenzi nto ngalo kufundisiso lobuqu. Ithi: “Kwandivuyisa ngendlela endandingazange ndivuye ngayo ngaphambili. Ekubeni ndisiya ndiqiniseka ukuba iBhayibhile ibhalwe nguThixo, ndifumanisa ukuba ndinokuthetha nabanye ngokholo lwam ngehlombe lokwenene. Ndiziva ndondleke kakuhle, ndiphilile ngokomoya yaye ndanelisekile ekupheleni kosuku ngalunye.”
Omnye umveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova, otyelela amabandla amaninzi, wachaza ezinye zeengenelo ngale ndlela: “Abo balwenza ngenkuthalo ufundisiso lobuqu ngokuqhelekileyo badlamkile yaye bazivakalisa ngokucacileyo izimvo zabo. Basebenzisana kakuhle ngakumbi nabanye yaye abadinyazwa ngokulula zizinto ezingakhiyo ezithethwa ngabanye. Xa bekubulungiseleli basentsimini, babhetyebhetye yaye bayaziphaphela iimfuno zabantu abadibana nabo.”
Wongezelela ingongoma abathile abasenokunqwenela ukuba bahlale beyikhumbula xa behlolisisa indlela bona abafundisisa ngayo. “Kwiintlanganiso zeengxubusho zeZibhalo, abaninzi bathanda ukuwafunda amagqabaza abo kanye ngokusuka encwadini. Bebeya kungenelwa ngakumbi ukuba bebenokucamngca ngendlela umbandela onxulumene ngayo noko bebekufunde kwixa elidluleyo okanye kubomi babo.” Ngaba ucinga ukuba unokuphucula kule nkalo?
Umprofeti uDaniyeli, emva kweminyaka engama-90 esidla amazimba, wayengavakalelwa kukuba wayeziqonda ngokupheleleyo iindlela zikaYehova. Kwiminyaka yakhe yokugqibela, wabuza ngombandela awayengawuqondi kakuhle wathi: “Nkosi yam, yiyiphi na eyokuphela kwezi zinto?” (Daniyeli 12:8) Ngokungathandabuzekiyo lo mnqweno ungaguqukiyo wokufunda okungakumbi ngenyaniso kaThixo wawungundoqo kwingqibelelo yakhe ebalaseleyo kulo lonke ikhondo lobomi bakhe obabuzaliswe ziziganeko.—Daniyeli 7:8, 16, 19, 20.
Ngamnye kubakhonzi bakaYehova unembopheleleko efanayo yokuma eqinile njengomnye wamaNgqina Akhe. Hlala ukulangazelela ukufunda ukuze uzigcine womelele ngokomoya. Zama ukongezelela inkalo enye okanye ezimbini ezintsha kucwangciso lwakho lofundisiso lobuqu lweeveki ngeeveki, lwanyanga zonke okanye lonyaka. Uya kubona indlela uThixo aya kuwusikelela ngayo nawuphi na umgudu omncinane owenzayo. Ewe, nandipha ufundisiso lwakho lobuqu lweBhayibhile kwanemiphumo oluyibangelayo.—INdumiso 107:43.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukwenzela ufundisiso lwakho olubhekele phaya, usenokuthanda ukusebenzisa isicangca esikwincwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 294-7.