Wena Ukuzinzisa Njani Ukungavisisani?
Ngenxa yesenzo sobutatasholo—eyesithathu kwiindlovu ezintlanu ezenziwe ngodongwe olumhlophe iwa kwithala lazo. Kuza kufuneka ilungisiwe le ndlovu. Kungenjalo, le seti ayisayi kulungelelana xa iyonke. Noko ke, lo msebenzi ufun’ ubuchule, yaye akukholwa ukuba uza kukwazi ukuwenza. Kuza kufuneka ufune icebiso okanye ude ucele umntu oligcisa awenze ngokwakhe lo msebenzi.
IMVISISWANO phakathi kwabazalwana noodade bokomoya ibaluleke ngakumbi kunezinto nje zokuhombisa. Wavuma ngokufanelekileyo umdumisi esithi: “Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!” (INdumiso 133:1) Ukuzinzisa ukungavisisani nomKristu okhonza naye kunokuba ngumbandela ofun’ ubuchule maxa wambi. Ngaphezu koko, bambi abakwenzi oku ngendlela efanelekileyo. Ngokufuthi “ukulungiswa” kuba buhlungu ngokungeyomfuneko okanye kungafaneleki kakuhle, kushiya iziva ezingathandekiyo.
Wambi amaKristu ngokungeyomfuneko aye afune ukubandakanya abadala abamiselweyo kwimibandela ebenokuyisingatha ngokwawo. Oku kusenokuba njalo kuba engaqinisekanga ngoko afanele akwenze. Omnye umzalwana onamava ekunikeleni isiluleko seBhayibhile wathi: “Abazalwana bethu abaninzi abayazi indlela yokusebenzisa isiluleko seBhayibhile ukucombulula ukungavisisani kwabo.” Wahlabela mgama esithi: “Izihlandlo ezininzi, abayilandeli indlela kaYesu yokwenza izinto.” Ngoko, eneneni wathini uYesu ngendlela umKristu afanele akuzinzise ngayo ukungavisisani nomzalwana wakhe? Kutheni kubalulekile ukuba sisazi kakuhle esi siluleko size sifune indlela yokusisebenzisa?
Ukungavisisani Okuncinane
“Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.”—Mateyu 5:23, 24.
Xa uYesu wathetha la mazwi, amaYuda ayeqhelene nokunikela amadini, okanye ukusondeza iminikelo, kwisibingelelo setempile eYerusalem. Ukuba umYuda wayone omnye umSirayeli, umoni wayenokunikela idini elipheleleyo elinyukayo okanye idini lesono. Umzekeliso kaYesu ufikelela eyona ngongoma ibalulekileyo. Xa umntu esesibingelelweni yaye elungele ukunikela umnikelo wakhe kuThixo, ukhumbula ukuba umzalwana wakhe unendawo ngakuye. Ewe, umSirayeli kwakufuneka aqonde ukuba wayefanele axolelane nomzalwana wakhe kuqala ngaphambi kokuba enze umsebenzi wonqulo onjalo.
Nangona iminikelo enjalo yayiyimfuneko kuMthetho kaMoses, yona ngokwayo yayingaxabisekanga kangako emehlweni kaThixo. Umprofeti uSamuweli wathi kuKumkani uSawule ongathembekanga: “UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.”—1 Samuweli 15:22.
KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wawuphinda lo myalelo ungowona ubalulekileyo waza waxelela abafundi bakhe ukuba bamele bakuzinzise ukungavisisani kwabo ngaphambi kokuba basondeze iminikelo yabo. Namhlanje, iminikelo efunwayo kumaKristu yeyokomoya—“umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.” (Hebhere 13:15) Sekunjalo, lo mgaqo usasebenza. Umpostile uYohane ngokufanayo ubonisa ukuba kunokuba lilize ngothile ukuba athi uyamthanda uThixo ukuba umthiyile umzalwana wakhe.—1 Yohane 4:20, 21.
Okubangela umdla kukuba, umntu okhumbulayo ukuba umzalwana wakhe unendawo ngakuye ufanele athabathe inyathelo lokuqala. Ngaloo ndlela, ukuthobeka akubonakalisayo mhlawumbi kuya kuvelisa imiphumo emihle. Ngokunokwenzeka, umntu oye woniwa akasayi kwala ukusebenzisana nothile oza kuye ezivuma iimpazamo zakhe. UMthetho kaMoses wawugxininisa ukuba nantoni na ethatyathwe ngokungafanelekanga yayifanele ibuyiselwe ngokupheleleyo yaye kuphindwe kongezelelwe isahlulo sesihlanu ngaphezulu. (Levitikus 6:5) Ngokufanayo, ukulondoloza ulwalamano loxolo nolwemvisiswano kuya kwenziwa kube lula ngakumbi ukuba umoni ubonisa umnqweno wokudlulela ngaphaya koko kufunekayo, ngeyona ntsingiselo iyiyo yeli gama, alungise nawuphi na umonakalo asenokuba uwenzile.
Noko ke, imizamo yokulondoloza ulwalamano oluseluxolweni ayisoloko iphumelela. Incwadi yeMizekeliso isikhumbuza ukuba kunzima ukuzinzisa ukungavisisani nomntu othile okufumanisa kunzima ukuba nentsebenziswano. IMizekeliso 18:19 ithi: “Umzalwana ekukreqiweyo kuye ulukhuni ngaphezu kwesixeko esiliqele, neengxabano zinjengomvalo woxande olude.” Enye inguqulelo ifundeka ngolu hlobo: “Umzalwana owoniweyo ugqithisele isixeko esinamandla ngokungeyiswa; amaphike anjalo anjengomvalo wenqaba.” (Appleyard’s Version) Noko ke, ekugqibeleni, imizamo enyanisekileyo neyokuthobeka ngokuqhelekileyo iyaphumelela kwimeko yamakholwa okhonza nawo anqwenela ukukholisa uThixo. Kodwa ukuba kuye kwenziwa isono esinzulu, kuye kufuneke kusetyenziswe isiluleko sikaYesu esikuMateyu isahluko 18.
Ukuzinzisa Ukungavisisani Okunzulu
“Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho. Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.”—Mateyu 18:15-17.
Kuthekani ukuba umYuda (okanye kamva, umKristu) wayejamelana nengxaki enzulu nomnye umkhonzi kaYehova? Lowo wayecinga ukuba woniwe kwakufuneka athabathe inyathelo lokuqala. Kwakufuneka awuxubushe ngasese loo mbandela nalowo umonileyo. Ngokungazami ukuxhasa icala lakhe kuphela, ngokungathandabuzekiyo wayeya kuba namathuba angakumbi okumzuza umzalwana wakhe, ngokukodwa ukuba yayingumbandela nje wokungaqondani owawunokuconjululwa ngokukhawuleza. Yonke into yayinokuzinziswa ngokulula ngakumbi ukuba yayinokuba ngabo babandakanyeke ngokobuqu kuphela abawaziyo loo mbandela.
Noko ke, inyathelo lokuqala lalisenokunganeli. Ukuhlangabezana naloo meko, uYesu wathi: “Buya uthabathe . . . abe mnye nokuba babini.” Kwakunokuba kuhle ukuba aba babe ngamangqina okuzibonela. Mhlawubi baye bamva omnye wababandakanyekileyo esidla izithende omnye, okanye mhlawumbi abo bathatyathwayo babengamangqina kwisivumelwano esibhalwe phantsi abaphikisana ngaso ngoku abo babini. Kwelinye icala, abo bathatyathiweyo banokuba ngamangqina xa enye yezinto, ezinjengobungqina obubhaliweyo okanye obuvakaliswe ngomlomo, busetyenziswa ukufumana unobangela wengxaki. Kwakhona nalapha, kuphela lelona nani lincinane linokufumaneka—“abe mnye nokuba babini”—elifanele lazi ngalo mbandela. Oku kwakunokuthintela ukuba mandundu kwezinto ukuba umbandela yayikukungaqondani kuphela.
Ngaba owoniweyo ufanele abe naziphi iintshukumisa? Ngaba ufanele azame ukumhlazisa umKristu akhonza naye aze afune ukumthob’ isidima? Ngenxa yesiluleko sikaYesu, amaKristu akafanele akhawuleze ukubagweba abazalwana bawo. Ukuba umntu owonileyo uyayiqonda impazamo yakhe, acele uxolo, aze azame ukulungisa izinto, lowo woniweyo woba ‘umzuzile umzalwana wakhe.’—Mateyu 18:15.
Ukuba loo mbandela wawungenakuzinziswa, wawufanele usiwe ebandleni. Ekuqaleni, oku kwakuthetha amadoda amakhulu angamaYuda kodwa kamva, abadala bebandla lamaKristu. Umoni ongaguqukiyo kwakusenokufuneka agxothwe ebandleni. Oko koko kuthethwa kukumgqala “njengoweentlanga nombuthi werhafu,” bantu abo amaYuda ayengenabudlelane nabo. Eli nyathelo linzulu alinakuthatyathwa nanguwuphi na umKristu eyedwa. Abadala abamiselweyo, abamela ibandla, ngabo kuphela abanelungelo lokwenza isenzo esinjalo.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 5:13.
Isibakala sokuba umoni ongaguqukiyo esuswa kubudlelane bebandla sibonisa ukuba uMateyu 18:15-17 akabhekiseli kukungavisisani okuncinane. UYesu wayebhekisela kwizono ezinzulu, ukanti eziluhlobo olusenokuzinziswa phakathi kwabantu ababandakanyekileyo kuphela. Ngokomzekelo, esi sono sinokuba kukudl’ izithende, okuluchaphazela ngokunzulu udumo lwalowo udliwe izithende. Okanye sisenokubandakanya umbandela wemali, kuba iindinyana ezilandelayo ziqulethe umzekeliso kaYesu ongomkhonzi ongenanceba owayelixolelwe ityala lakhe elikhulu. (Mateyu 18:23-35) Imali-mboleko engahlawulwanga ngexesha elimisiweyo isenokuba yingxaki edlulayo kuphela enokuconjululwa lula phakathi kwabantu ababini. Kodwa inokuba sisono esinzulu, esibizwa ngokuba bubusela, ukuba lowo ubolekileyo wala ngenkani ukuhlawula akutyalayo.
Ezinye izono azinako ukuzinziswa ngokulula ngamaKristu amabini. KuMthetho kaMoses, izono ezinzulu zazifanele zixelwe. (Levitikus 5:1; IMizekeliso 29:24) Ngokufanayo, izono ezinzulu ezibandakanya ukucoceka kwebandla zifanele zixelwe kubadala abangamaKristu.
Noko ke, inkoliso yokungavisisani kwamaKristu akungeni phantsi kwale nkqubo.
Ngaba Unokusuka Nje Uxolele?
Kanye nje emva kokuba uYesu echaze indlela yokuzinzisa ukungavisisani okunzulu, wafundisa esinye isifundo esibalulekileyo. Sifunda oku: “Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na? Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe.” (Mateyu 18:21, 22) Ngesinye isihlandlo uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba baxolele “kasixhenxe ngemini.” (Luka 17:3, 4) Ngoko, ngokucacileyo, abalandeli bakaKristu babongozwa ukuba bazinzise ukungavisisani ngokuxolelana ngokukhululekileyo.
Lo ngumbandela ofuna umgudu omkhulu. Umntu okhankanywe ekuqaleni wathi: “Bambi abazalwana abayazi kwaphela indlela yokuxolela.” Wongezelela esithi: “Babonakala bothukile xa ubani echaza ukuba banokukhetha ukuxolela ukuze, okokuqala nokona kubalulekileyo balondoloze uxolo kwibandla lamaKristu.”
Umpostile uPawulos wabhala: “Nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.” (Kolose 3:13) Ngoko ke, ngaphambi kokuba siye kumzalwana osenokuba usonile, kuya kuba kuhle ukuzibuza imibuzo elandelayo: Ngaba ndinyanzelekile ukuba ndithethe naye ngesi siphoso? Ngaba ngenene akunakwenzeka ukuba ndivumele ezidluleyo zidlule ngomoya wokwenene wobuKristu? Ukuba bendikwimeko yakhe, ngaba bendingayi kufuna ukuxolelwa? Yaye ukuba ndikhetha ukungaxoleli, ngaba ndinokulindela ukuba uThixo ayiphendule imithandazo yam aze andixolele? (Mateyu 6:12, 14, 15) Imibuzo enjalo isenokusinceda sibe ngabaxolelayo.
NjengamaKristu, enye yeembopheleleko zethu ezibalulekileyo kukulondoloza uxolo kwibandla labantu bakaYehova. Ngoko ke, masisisebenzise isiluleko sikaYesu. Oku kuya kusinceda sixolele ngokukhululekileyo. Umoya wokuxolela onjalo uya kuba negalelo kuthando lobuzalwana oluluphawu olufanisa abafundi bakaYesu.—Yohane 13:34, 35.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
AmaKristu anokukuzinzisa ukungavisisani kwawo ngokulandela isiluleko sikaYesu