UYehova Unolwazelelelo!
“Ubulumko obuvela phezulu . . . buyazelelela.”—YAKOBI 3:17, TE.
1. Bambi baye bamchaza njani uThixo njengongenalwazelelelo, yaye uvakalelwa njani ngembono enjalo ngoThixo?
UNQULA uThixo onjani? Ngaba ukholelwa ukuba unguThixo ongekho bhetyebhetye, ongqongqo kokusesikweni, ongqwabalala yaye olukhuni? Umlweli wohlaziyo womProtestanti uJohn Calvin, umele ukuba wayemjonga ngolo hlobo uThixo. Lo kaCalvin wayesithi uThixo “unecebo likanaphakade nelingaguqukiyo” ngomntu ngamnye, emisela ngamnye kwangaphambili enokuba uya kuphila ngonaphakade onwabile okanye uya kuthuthunjiswa ngonaphakade esihogweni somlilo. Khawufan’ ucinge: Ukuba oku bekuyinyaniso, akukho nanye into obunokuyenza, kungakhathaliseki ukuba uzama ngamandla kangakanani, ebinokuguqula icebo likaThixo ekudala limi, neliqinileyo ngawe nekamva lakho. Ngaba ubungatsaleleka kuThixo ongenalwazelelo kangako?—Thelekisa uYakobi 4:8.
2, 3. (a) Sinokukuchaza njani ukungabi nalwazelelelo kwamaziko neentlangano zabantu? (b) Umbono kaHezekile wenqwelo kaYehova yasezulwini ubonisa njani ukuba uyakwazi ukuzivisisanisa neemeko?
2 Hayi indlela okusihlaziya ngayo ukwazi ukuba uThixo weBhayibhile ubalasele ngolwazelelelo! Ngabantu kungekhona uThixo abaye batyekela ekubeni ngabangqwabalala nabangekho bhetyebhetye, ngenxa yokungafezeki kwabo. Iintlangano zabantu zisenokungajiki lula ngokungathi ngoololiwe bempahla. Xa uloliwe omkhulu wempahla eqengqeleka esondela kwinto exabe emgaqweni, akanakujika, yaye akulula ukuma. Bambi oololiwe banomxhino wokuya phambili kangangokuba banokuma kumgama ongangekhilomitha emva kokuba zibanjiwe iziqhoboshi! Ngokufanayo, inqanawa enkulu ethwala impahla isenokuhamba kangangeekhilomitha ezisibhozo emva kokuba iinjini zicinyiwe. Kwanokuba iyatshintshwa ukuba ibuye umva, isenokuhamba kangangeekhilomitha ezintathu! Kodwa ngoku khawuqwalasele isithuthi esikhulu kakhulu kunezi zimbini, esimela intlangano kaThixo.
3 Ngaphezu kweminyaka engama-2 600 eyadlulayo, uYehova wanika umprofeti uHezekile umbono owawufanekisela intlangano Yakhe yasezulwini yezidalwa zomoya. Yayiyinqwelo eyoyikekayo, “inqwelo” kaYehova esoloko ilawulwa nguye. Eyona nto yayibangel’ umdla yindlela eyayihamba ngayo. Amavili amakhulu ayenamacala amane ezele ngamehlo, ngoko ayenokubona kuyo yonke indawo ibe ayenokuguquka aye kwelinye icala ngephanyazo, engemanga okanye ajike. Yaye le nqwelo inkulu kwakungafuneki ibe icothoza njengenqanawa enkulu yeempahla okanye uloliwe weempahla. Yayinokuhamba ngesantya sombane, ikwazi nokujika kwindlela enamadolo amabi! (Hezekile 1:1, 14-28) UYehova wahluke kuThixo owayeshunyayelwa nguCalvin njengokuba injalo inqwelo Yakhe koomatshini abenziwe ngabantu. Unokuzivisisanisa neemeko ngokugqibeleleyo. Ukuqonda esi sibakala sobuntu bukaYehova kufanele kusincede sihlale sizivisisanisa neemeko yaye siwuphephe umgibe wokungabi nalwazelelelo.
UYehova—Oyena Mntu Ukwaziyo Ukuzivisisanisa Neemeko Kwindalo Iphela
4. (a) Igama likaYehova lilodwa libonisa njani ukuba unguThixo okwaziyo ukuzivisisanisa neemeko? (b) Ziziphi ezinye zezibizo ezisetyenziswa kuYehova uThixo, yaye kutheni zifanelekile?
4 Igama likaYehova lilodwa libonisa ukuba uyakwazi ukuzivisisanisa neemeko. Igama elithi “Yehova” ngokoqobo lithetha “Obangela Kubekho.” Oku kubonakala kuthetha ukuba uYehova uzibangela abe nguMzalisekisi wawo onke amadinga akhe. Xa uMoses wabuza uThixo igama lakhe, uYehova wachaza intsingiselo yalo ngale ndlela: “Ndinguye endinguye.” (Eksodus 3:14) Inguqulelo kaRotherham ikubeka ngokucacileyo oku ithi: “Ndiya Kuba yiloo nto endifuna ukuba yiyo.” UYehova ungqineka, okanye ukhetha ukuba, yiyo nantoni na efunekayo ukuze kuzaliseke iinjongo namadinga akhe obulungisa. Ngaloo ndlela, unezibizo ezininzi ezibangel’ umdla, ezinjengokuthi uMdali, uBawo, iNkosi enguMongami, uMalusi, uYehova wemikhosi, uMphulaphuli wemithandazo, uMgwebi, uMyaleli Ozukileyo, uMkhululi. Uye wazibangela wazizo zonke ezi zinto ukuze aphumeze iinjongo zakhe zothando.—Isaya 8:13; 30:20; 40:28; 41:14; INdumiso 23:1; 65:2; 73:28; 89:26; ABagwebi 11:27; bona kwaneNew World Translation, Appendix 1J.
5. Kutheni singafanele sigqibe kwelokuba isibakala sokuba uYehova ezivisisanisa neemeko sithetha ukuba ubume okanye imilinganiselo yakhe iyaguquguquka?
5 Ngoko ke, ngaba oku kuthetha ukuba ubume okanye imilinganiselo kaThixo iyaguquka? Hayi; kunjengokuba uYakobi 1:17 ekubeka, “ongenabuyambo nasithunzi sakujika.” Ngaba oku kuyaphikisana? Nakanye. Ngokomzekelo, nguwuphi umzali onothando ongaphumezi iindima ezahlukahlukeneyo ukuze kungenelwe abantwana? Ngemini enye, umzali unokuba ngumcebisi, umpheki, umgcini wendlu, umfundisi, umqeqeshi, umhlobo, umkhandi wezinto, umongikazi—singabala kutshone ilanga. Umzali akabuguquli ubuntu bakhe xa efeza ezi ndima; usuka nje azivumelanise neemeko ngelo xesha. Kunjalo ke nangoYehova kodwa ngomlinganiselo obalasele ngakumbi. Akusikelwanga mda oko anokuzibangela abe kuko ukuze kungenelwe izidalwa zakhe. Ubunzulu bobulumko bakhe bukhwankqisa ngokwenene!—Roma 11:33.
Ulwazelelelo Uphawu Lobulumko BukaThixo
6. Yiyiphi intsingiselo yokoqobo yegama lesiGrike uYakobi awalisebenzisayo ukuchaza ubulumko bukaThixo yaye libonisa ntoni?
6 Umfundi uYakobi wasebenzisa igama elibangel’ umdla ukuchaza ubulumko balo Thixo ukwazi ukuzivisisanisa neemeko ngendlela ebalaseleyo. Wabhala: “Ubulumko obuvela phezulu . . . buyazelelela.” (Yakobi 3:17, TE) Igama lesiGrike awalisebenzisayo apha (e·pi·ei·kesʹ) kunzima ukuliguqulela. Abaguquleli basebenzise amagama afana nelithi “ubunono,” “ukuncendezela,” “ukuzibamba,” nelithi “ukucingela.” INew World Translation iliguqulela ngokuthi “ulwazelelelo,” umbhalo osemazantsi ubonisa ukuba intsingiselo yokoqobo ithi “ukuyekelela.”a Eli gama likwadlulisela intsingiselo yokunganyanzelisi ukuba kubanjwe zonke iinkcukacha zomthetho, ukungabi ngqongqo ngokungeyomfuneko. Umphengululi uWilliam Barclay ugqabaza kwiNew Testament Words athi: “Eyona nto isisiseko nebalulekileyo nge-epieikeia kukuba ivela kuThixo. Ukuba uThixo ebenokuma kumalungelo akhe, ukuba uThixo ebewusebenzisa ngobunjalo bawo umthetho kuthi, ngesiphi? UThixo ngumzekelo obalaseleyo walowo une-epieikēs noqhubana nabanye nge-epieikeia.”
7. UYehova walubonisa njani ulwazelelelo emyezweni wase-Eden?
7 Khawucinge ngexesha uluntu olwaluvukela ngalo ulongamo lukaYehova. Hayi indlela engekwakube lula ngayo ngoThixo ukubacim’ igama abo bavukeli bathathu bangenambulelo—uAdam, uEva noSathana! Obungakanani bona ubuhlungu bentliziyo engewayebuphephile ngokwenjenjalo! Ngubani ongewayemphikisile kwelokuba wayenelungelo lokufuna okusesikweni ngqongqo ngolo hlobo? Sekunjalo, uYehova akaze ayiqamangele ngemigaqo yokusesikweni eqinileyo nengavumelaniyo neemeko intlangano yakhe yasezulwini efana nenqwelo. Ngoko loo nqwelo ayizange iqabele ize iyityumze intsapho yabantu nawo onke amathemba okuba uluntu lungaze lonwabe kwixesha elizayo. Ngokuchasene noko, uYehova wayiqhuba inqwelo yakhe ngesantya esifana nesombane. Ngokukhawuleza emva kwemvukelo, uYehova uThixo wachaza injongo yakhe eyayiza kuthabatha ixesha elide eyayibonisa inceba nethemba kuyo yonke inzala ka-Adam.—Genesis 3:15.
8. (a) Imbono ephosakeleyo yeNgqobhoko ngolwazelelelo ichasene njani nolwazelelelo lokwenene lukaYehova? (b) Kutheni sinokuthi ulwazelelelo lukaYehova aluthethi ukuba usenokulalanisa kwimigaqo yobuthixo?
8 Noko ke, ulwazelelelo lukaYehova aluthethi ukuba unokulalanisa kwimigaqo yobuthixo. Iicawa zeNgqobhoko zanamhlanje zisenokucinga ukuba zibonisa ulwazelelelo xa zikubetha ngoyaba ukuziphatha kakubi ukuze zizicengezele kwimihlambi yazo etenxileyo. (Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 4:3.) UYehova akaze ayaphule imithetho yakhe, yaye akalalanisi kwimigaqo yakhe. Kunoko, ubonisa ukukulungela ukuyekelela, ukuzivumelanisa neemeko, ukuze loo migaqo isetyenziswe ngokusesikweni nangenceba. Usoloko efuna ukulungelelanisa indlela asebenzisa ngayo okusesikweni namandla akhe ngothando nobulumko bakhe obunolwazelelelo. Makhe siqwalasele iindlela ezintathu uYehova abonisa ngazo ukuba unolwazelelelo.
“Ulungele Ukuxolela”
9, 10. (a) ‘Ukulungela ukuxolela’ kuhlobene njani nokuba nolwazelelelo? (b) UDavide wangenelwa njani ngenxa yokuba uYehova elungele ukuxolela, ibe ngoba?
9 UDavide wabhala: “Ngokuba wena, Yehova, ulungile yaye ulungele ukuxolela; yaye ububele obunothando kubo bonke ababiza igama lakho buyintabalala.” (INdumiso 86:5, NW) Xa iZibhalo zesiHebhere zaguqulelwa kwisiGrike, igama eliguqulelwe ngokuthi “ulungele ukuxolela” laguqulelwa ngokuthi e·pi·ei·kesʹ, okanye “unolwazelelelo.” Eneneni, ukuba ngolungele ukuxolela nokubonisa inceba mhlawumbi yindlela engundoqo yokubonisa ulwazelelelo.
10 UDavide wayeyazi kakuhle indlela anolwazelelelo ngayo uYehova kule nkalo. Xa uDavide wakrexeza noBhatshebha waza walungiselela ukubulawa kwendoda yakhe, yena noBhatshebha babefanelwe sisohlwayo sokufa. (Duteronomi 22:22; 2 Samuweli 11:2-27) Ukuba eli tyala lalichotshelwe ngabagwebi abangqwabalala abangabantu, mhlawumbi bobabini ngebabephulukene nobomi babo. Kodwa uYehova wabonisa ulwazelelelo (e·pi·ei·kesʹ), iVine’s Expository Dictionary of Biblical Words ikubeka ngolu hlobo, “kukubonisa ukucingela okuzijonga ‘ngobuntu nolwazelelelo izibakala zetyala.’” Izibakala ezachaphazela isigqibo sikaYehova senceba kusenokwenzeka ukuba zaziquka ukuguquka ngokunyanisekileyo kwabenzi bobubi nenceba uDavide awayeyibonakalisile kwabanye ngaphambili. (1 Samuweli 24:4-6; 25:32-35; 26:7-11; Mateyu 5:7; Yakobi 2:13) Noko ke, ngokuvisisana nendlela uYehova awazichaza ngayo kwiEksodus 34:4-7, kukuba nolwazelelelo okwabangela ukuba uYehova amlungise uDavide. Wathumela umprofeti uNatan kuDavide enesigidimi esinamandla, esabethelela kuDavide isibakala sokuba wayelicekisile ilizwi likaYehova. UDavide waguquka yaye ke akazange afe ngenxa yesono sakhe.—2 Samuweli 12:1-14.
11. UYehova wakubonisa njani ukulungela ukuxolela kwimeko kaManase?
11 Umzekelo kaKumkani uManase wakwaYuda ubalasele ngakumbi kule nkalo, ekubeni uManase, ngokungafaniyo noDavide, wayengendawo gqitha kangangethuba elide. UManase wakhuthaza izenzo zonqulo ezonyanyekayo elizweni, kuquka ukwenza amadini ngabantu. Kusenokwenzeka ukuba nguye owabangela umprofeti othembekileyo uIsaya ‘asarhwe [kubini, TE].’ (Hebhere 11:37) Ukuze ohlwaye uManase, uYehova wavumela ukuba athatyathelwe ebukhobokeni eBhabhiloni. Noko ke, uManase waguquka entolongweni waza wacela ukwenzelw’ inceba. Esabela kule nguquko yokwenene, uYehova ‘walungela ukuxolela’—kwanakule meko imbi ngokugqithiseleyo.—2 Kronike 33:9-13.
Ukuguqula Indlela Yokwenza Izinto Xa Kuvela Iimeko Ezintsha
12, 13. (a) Kwimeko yaseNineve, kukuphi ukuguquka kweemeko okwashukumisela uYehova ekubeni aguqule ikhondo lakhe? (b) UYona wazingqina njani engenalwazelelelo njengoYehova uThixo?
12 Ulwazelelelo lukaYehova lukwabonakala kwisibakala sokuba ekulungele ukuguqula oko ebegqibe ekukwenzeni xa kuvela iimeko ezintsha. Ngokomzekelo, xa umprofeti uYona wangena kwizitrato zeNineve yamandulo, isigidimi sakhe esiphefumlelweyo sasilula ngokwenene: Eso sixeko sikhulu sasiza kutshatyalaliswa kwiintsuku ezingama-40. Noko ke, iimeko zaguquka—ngokuphawulekayo! Abemi baseNineve baguquka.—Yona, isahluko 3.
13 Singafunda okuthile ngokuthelekisa indlela uYehova noYona abasabela ngayo xa iimeko zaguqukayo. Eneneni uYehova waliguqula ikhondo lenqwelo yakhe yasezulwini. Kule meko wazivumelanisa neemeko, wazibangela waba ngumxoleli wezono kunokuba “yindoda elwayo.” (Eksodus 15:3) Kwelinye icala, uYona wayengazimiselanga kuba bhetyebhetye. Kunokuhambisana nesantya senqwelo kaYehova, wenza njengololiwe wempahla okanye inqanawa enkulu yempahla ezikhankanywe ngaphambilana. Wayevakalise intshabalalo, ngoko ke intshabalalo yayimele ifike nakanjani na! Mhlawumbi wayevakalelwa kukuba ukwenziwa kwezinto ngendlela eyahlukileyo kwakuya kumhlaza emehlweni abantu baseNineve. Noko ke, ngomonde uYehova wafundisa lo mprofeti wakhe unguntamo-lukhuni isifundo esingalibalekiyo sokuba nolwazelelelo nenceba.—Yona, isahluko 4.
14. Kwakutheni ukuze uYehova ayiguqule indlela awayezakwenza ngayo ngokuphathelele umprofeti uHezekile?
14 UYehova uye wayiguqula indlela yokwenza izinto nangezinye izihlandlo—nakwimicimbi ebonakala imincinane. Ngokomzekelo, ngasihlandlo sithile xa wayethume umprofeti uHezekile ukuba aphumeze isiprofeto, imiyalelo kaYehova yayiquka ukuba uHezekile apheke ukutya kwakhe ngomlilo obaswe ngelindle lomntu. Lo mprofeti wayengenakuphumelela ke noko koku, waza wakhala wathi, “Awu! Nkosi Yehova!” waza wambongoza ukuba angenziswa into eyayonyanyeka kangako kuye. UYehova akazange angazisi so iimvakalelo zalo mprofeti njengezibubudenge; kunoko, wamvumela uHezekile wasebenzisa amalongo enkomo, isibaso esiqhelekileyo kumazwe amaninzi unanamhla.—Hezekile 4:12-15.
15. (a) Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYehova ebekulungele ukuphulaphula aze enze ngokuvisisana neemfuno zabantu? (b) Oku kunokusifundisa ntoni?
15 Ngaba akonwabisi ukucinga ngokuthobeka koThixo wethu uYehova? (INdumiso 18:35) Uphakame gqitha kunathi; kodwa ubaphulaphula ngomonde abantu abangafezekanga aze aguqule nekhondo lakhe ngamathuba athile. Wavumela uAbraham ukuba amcenge ithuba elide ngokuphathelele ukutshatyalaliswa kweSodom neGomora. (Genesis 18:23-33) Yaye wavumela uMoses aphikisane nesindululo Sakhe sokutshabalalisa amaSirayeli anemvukelo aze endaweni yawo enze uMoses isizwe esinamandla. (Eksodus 32:7-14; Duteronomi 9:14, 19; thelekisa uAmosi 7:1-6.) Ngaloo ndlela wabamisela umzekelo omhle abakhonzi bakhe abangabantu, abafanele babonise ukukulungela ngokufanayo ukuphulaphula abanye xa kululwazelelelo ukwenjenjalo yaye benako.—Thelekisa uYakobi 1:19.
Ulwazelelelo Ekusebenziseni Igunya
16. UYehova wahluke njani kubantu abaninzi ngendlela alisebenzisa ngayo igunya lakhe?
16 Ngaba uphawulile ukuba xa abantu befumana igunya elingakumbi, abaninzi babonakala bephelelwa lulwazelelelo? Ngokwahlukileyo, uYehova unesona sikhundla segunya siphakamileyo kwindalo iphela, sekunjalo ungowona mzekelo ubalaseleyo wolwazelelelo. Ngalo lonke ixesha igunya lakhe ulisebenzisa ngolwazelelelo. Ngokungafaniyo nabantu abaninzi, uYehova akaziva enganqabisekanga kwigunya lakhe, ngoko akaziva enyanzelekile ukulilondoloza ngomona—ngokungathi ukunika abanye umlinganiselo othile wegunya ngandlel’ ithile kusongela elakhe. Eneneni, xa wayemnye kuphela umntu ongomnye kwindalo iphela, uYehova wamnika igunya elingathethekiyo lowo. Wenza uLogos waba “yingcibi yomsebenzi” yakhe, ukususela ngoko ebangela zonke izinto zibekho ngalo Nyana wakhe amthandayo. (IMizekeliso 8:22, 29-31; Yohane 1:1-3, 14; Kolose 1:15-17) Kamva walinikela kuye “lonke igunya emazulwini nasehlabathini.”—Mateyu 28:18; Yohane 5:22.
17, 18. (a) Kwakutheni ukuze uYehova athumele izithunywa zezulu eSodom naseGomora? (b) Kwakutheni ukuze uYehova acele izithunywa zezulu zimcebise ngendlela yokulukuhla uAhabhi?
17 Ngokufanayo, uYehova unika izidalwa zakhe ezininzi imisebenzi ebenokuyenza kakuhle ngakumbi yena. Ngokomzekelo, xa waxelela uAbraham oku: “Ndiya kukha ndihle [ndiye eSodom naseGomora], ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum,” wayengathethi ukuba wayeya kuya apho ngokobuqu. Kunoko, uYehova wakhetha ukunikela igunya kwizithunywa zezulu ezimisela ukuba ziye kumhlanganisela loo nkcazelo. Wazinika igunya lokuphumeza olu thumo lokufumana inkcazelo zize zibuyele kuye nengxelo.—Genesis 18:1-3, 20-22.
18 Ngesinye isihlandlo, xa uYehova wagqiba kwelokuba aphumeze isigwebo kuKumkani uAhabhi ongendawo, wamema izithunywa kwindibano yasemazulwini ukuba zinikele amacebiso ngendlela ‘yokulukuhlela’ loo kumkani uwexukileyo ukuba angenelele kwidabi elaliya kusuba ubomi bakhe. Ngokuqinisekileyo, kwakungeyomfuneko ukuba uYehova, uMthombo wabo bonke ubulumko, ancediswe ukuze ayile elona khondo libalaseleyo! Kodwa, wazinika isidima izithunywa zezulu ngelungelo lokucebisa izicombululo waza wasinika igunya eso wasikhethayo.—1 Kumkani 22:19-22.
19. (a) Kutheni uYehova elisikel’ umda inani lemithetho ayenzayo? (b) UYehova ubonisa njani ukuba unolwazelelelo ngoko akulindeleyo kuthi?
19 UYehova akasebenzisi igunya lakhe ukuze abalawule ngokungeyomfuneko abanye. Nakule nkalo ubonisa ulwazelelelo olungenakuthelekiswa nanto. Ngenyameko ulisikela umda inani lemithetho ayenzayo aze abanqande abakhonzi bakhe ‘bangazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo’ ngokongeza imithetho engumthwalo abazenzele yona. (1 Korinte 4:6; IZenzo 15:28; thelekisa noMateyu 23:4.) Akaze afune ukuba izidalwa zakhe zimthobele ngokungekho ngqiqweni, kodwa ngokuqhelekileyo unikela inkcazelo eyaneleyo yokuzikhokela aze alushiyele kuzo ukhetho, azazise iingenelo zokuthobela nemiphumo yokungathobeli. (Duteronomi 30:19, 20) Kunokunyanzela abantu ngokubenza bazive benetyala, beneentloni okanye besoyika, ufuna ukufikelela iintliziyo; ufuna abantu bamkhonze beqhutywa luthando lokwenene kungekhona ukuziva benyanzelekile. (2 Korinte 9:7) Yonke inkonzo yomphefumlo uphela enjalo iyayivuyisa intliziyo kaThixo, ngoko akangomntu “ekunzima ukumkholisa” ngendlela engenalwazelelelo.—1 Petros 2:18, NW; IMizekeliso 27:11; thelekisa uMika 6:8.
20. Lukuchaphazela njani ulwazelelelo lukaYehova?
20 Ngaba akunto iphawulekayo ukuba uYehova uThixo, onamandla ngaphezu kwakhe nabani na kwindalo, engaze awasebenzise ngokungenalwazelelelo loo mandla, engaze awasebenzisele ukuphatha kakubi abanye? Noko ke, abantu, abancinane kakhulu kunaye, badume ngokuphathana gadalala. (INtshumayeli 8:9) Ngokucacileyo ke, ulwazelelelo luphawu oluxabisekileyo, olusishukumisela ukumthanda ngakumbi uYehova. Luze, olo thando, lusishukumisele ukuluhlakulela nathi olu phawu. Sinokukwenza njani oko? Lo mbandela uza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Emva phayaa ngowe-1769, umbhali wezichazi-magama uJohn Parkhurst wachaza eli gama ngokuthi “ukuyekelela, isimo sokuyekelela, ubunono, ubulali, umonde.” Nabanye abaphengululi baye basebenzisa igama “ukuyekelela” njengengcaciso.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Igama likaYehova nombono wenqwelo yakhe yasezulwini zikubethelela njani ukuba uyakwazi ukuzivisisanisa neemeko?
◻ Luyintoni ulwazelelelo, yaye kutheni luluphawu lobulumko bukaThixo?
◻ UYehova ubonise ngaziphi iindlela ukuba “ulungele ukuxolela”?
◻ Yintoni ebangela ukuba uYehova akhethe ukuyiguqula indlela ebegqibe ukuzenza ngayo izinto kwiimeko ezithile?
◻ UYehova ulubonisa njani ulwazelelelo kwindlela alisebenzisa ngayo igunya?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Kwakutheni ukuze uYehova amxolele uKumkani uManase ongendawo?