Imibuzo Evela Kubafundi
Ekubeni uYesu eyinzala kaYese noDavide, kutheni ebizwa ngokuba ‘yingcambu’ yookhokho bakhe uYese noDavide?
Ngokuqhelekileyo ucinga ngengcambu yomthi okanye yesityalo njengebakho ngaphambi kwesiqu okanye amasebe. Ngoko bekuya kubonakala ngathi uYese (okanye unyana wakhe uDavide) bekuya kuthethwa ngaye njengengcambu awaphuma kuyo uYesu. Sekunjalo, uIsaya 11:10 (NW) waxela kwangaphambili ukuba uMesiya ozayo wayeya kuba ‘yingcambu kaYese,’ yaye amaRoma 15:12 asebenzisa esi siprofeto kuYesu Kristu. Kamva ISityhilelo 5:5 sambiza ngokuba ‘yingonyama yesizwe sakwaYuda, iNgcambu kaDavide.’ Kukho izizathu ezibangela ukuba abizwe ngezi ndlela.
Ngokufuthi iBhayibhile isebenzisa isityalo, esinjengomthi, ngokufuziselayo. Maxa wambi oku kungenxa yesibakala sokuba njengoko imbewu intshula ize ikhule, iingcambu ziyileka ngaphambi kwamaxhanti, amanye amasebe, okanye isiqhamo esixhaswa ziingcambu. Ngokomzekelo, uIsaya 37:31 ufundeka ngolu hlobo: “Abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, baya kubuya bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu.”—Yobhi 14:8, 9; Isaya 14:29.
Ukuba ingcambu iyonakaliswa, umthi xa uwonke uyayiva imiphumo yoko. (Thelekisa uMateyu 3:10; 13:6.) Ngokuvisisana noko, uMalaki wabhala: “Ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.” (Malaki 4:1) Intsingiselo yoku icacile—ukunqunyulwa ngokupheleleyo. Abazali (iingcambu) baya kunqunyulwa, nabantwana babo (amaxhanti).a Oku kubalaselisa imbopheleleko abazali abanayo ngabantwana babo abancinane; ikamva likanaphakade labantwana abancinane linokuqinisekiswa kukuma kwabazali babo phambi koThixo.—1 Korinte 7:14.
Amazwi akuIsaya 37:31 nakuMalaki 4:1 abonisa isibakala sokuba amaxhanti (neziqhamo ezikumasebe amancinane) aphila ngenxa yeengcambu. Esi sisikhokelo sokuqonda indlela uYesu ‘ayingcambu kaYese’ ‘neNgcambu kaDavide’ ngayo.
Ngokwenyama, uYese noDavide babengookhokho bakaYesu; babeziingcambu, yena elisebe okanye ixhanti. UIsaya 11:1 wathi ngoMesiya ozayo: “Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe.” Ngokufanayo, kwiSityhilelo 22:16, uYesu uzibiza ngokuba ‘yinzala kaDavide.’ Kodwa ukwazibiza ngokuba ‘yingcambu kaDavide.’ Kutheni?
Enye indlela uYesu ‘ayingcambu’ kaYese noDavide ngayo ikukuba ngenxa yakhe umlibo wenzala yabo uhlala ukho. Namhlanje akukho mntu unokunikela ubungqina bokuba ungowohlanga lwakwaLevi, lwakwaDan, okanye kwanolo lwakwaYuda, kodwa sinokuqiniseka ukuba umnombo wenzala kaYese noDavide usekho ngenxa yokuba uYesu uyaphila ezulwini.—Mateyu 1:1-16; Roma 6:9.
Kwakhona uYesu wafumana isigxina sokuba nguKumkani wasezulwini. (Luka 1:32, 33; 19:12, 15; 1 Korinte 15:25) Oku kunento yokwenza nolwalamano lwakhe kwanookhokho bakhe. Eprofeta, uDavide wabhekisela kuYesu njengeNkosi yakhe.—INdumiso 110:1; IZenzo 2:34-36.
Ekugqibeleni, uYesu Kristu unikwe amandla njengoMgwebi. Ebudeni boLawulo Lweminyaka Eliwaka oluzayo, iingenelo zentlawulelo kaYesu ziya kudluliselwa nakuYese noDavide. Ubomi babo emhlabeni ngoko buya kuxhomekeka kuYesu, oya kukhonza ‘njengoBawo Ongunaphakade’ wabo.—Isaya 9:6, NW.
Ngenxa yoko, nangona uYesu waphuma kumnombo wenzala kaYese noDavide, oko aye wakuko noko aseza kukwenza kumenza akufanelekele ukubizwa ngokuthi ‘yingcambu kaYese’ nokuthi ‘yingcambu kaDavide.’
[Umbhalo osemazantsi]
a Umbhalo okroliweyo kumngcwabo wamandulo waseFenike wawusebenzisa amazwi afanayo. Wawusithi ngomntu ovule amangcwaba: “Ngamana akangebi nangcambu ngaphantsi okanye isiqhamo ngaphezulu!”—Vetus Testamentum, Aprili 1961.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.