Umthombo Wokhuthazo Olungasileliyo
“SEVA into etswina kabukhali eyasitsho see xhungu. Emva koko, kwityholo elingasekhohlo kuthi, kwaphuma iintaka ezimbini zeza ngqo kuthi zithe naa amaphiko. Phambi kwethu, kwakukho amaqanda amabini akwisigingqi esincinane emhlabeni. Ezi ntaka zazisithintela ukuba singathi singaqondanga sinyathele indlwana yazo. Sihlandlo ngasinye sizama ukusondela ukuze sifote amaqanda amabini amahle arhangarhanga, ezi ntaka zaziphinda zisisongele. ‘Enjani yona inkalipho ezazinayo,’ ngokokucinga kwethu.”
Lawo ngamava abantu abakhulu abane xa babesondela kwindlwana yengqangqolo. Intaka encinanana kule kuthiwa ngunokrekre. Kwincwadi ethi Everyone’s Guide to South African Birds, isazinzulu ngeentaka uSinclair noMendelsohn bayacacisa: “Iintaka ezimbini ezifukamayo ziyikhusela ngamandla indlwana yazo namantshontsho azo yaye zikhohlakala gqitha xa kukho utshaba olusondelayo. Azikhathali enoba inkulu kangakanani loo nto isisiphazamiso ziya kuyo zibhabha yaye zisenza ingxolo engamandla, ngokungenaloyiko ziziphosa nasebantwini ngelinge lokubalumkisa.”
Bambi baye babukela iindlovu ezinkulu ezithi zingaqondanga ziye ngakwindlwana kanokrekre, nto leyo ebangela le ntaka ingafuni nokuva. Ngokuqhelekileyo iindlovu zidla ngokunyanzeleka ukuba zijike zize zihambe ngenye indlela.
Iintaka ziyifumana phi inkalipho engaka? Ziyifumana kuLowo uzidalileyo. UYehova uThixo uye wazenza ezi zidalwa zincinane zanethuku lokuthintela izilwanyana ezikhulu zingonakalisi iindlwana zazo okanye zenzakalise amantshontsho azo.
Isifundo KumaKristu
AmaKristu anokufunda okuthile koku, nangona wona enokwenza okungakumbi kunenkalipho yethuku. Akhuthazwa ukuxelisa iNkosi yawo, uYesu Kristu, owathi engenaloyiko wathobela imithetho kaThixo. (Hebhere 12:1-3) IBhayibhile iyawagweba amagwala arhoxobisayo ekukhonzeni uThixo. (Hebhere 10:39; ISityhilelo 21:8) Kwangaxeshanye, uYehova uyakuqonda ukungafezeki kwethu yaye uyazi ukuba ngamaxesha athile siyona okanye siphelelwe yinkalipho efunekayo ukwenza ukuthanda kwakhe ngokuzeleyo. (INdumiso 103:12-14) Yintoni ubani anokuyenza ukuba uloyiko lumbangela ukuba arhoxobise ekwenzeni okulungileyo?
UmKristu ufanele ngomthandazo aphethukele kuThixo acele amandla okujamelana nezilingo aze aqhubeke esenza ukuthanda kukaThixo. IBhayibhile ineli dinga lisisiqinisekiso soncedo lukaYehova: “Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi.” (Isaya 40:29-31) Abantu abaninzi abangafezekanga baye babuqonda ubunyaniso bala mazwi baza “bomelela ekubeni bebeswele amandla.” (Hebhere 11:34) Umzekelo omhle yayingowompostile ongumKristu uPawulos, owabhala oku: “INkosi yandinceda, yandomeleza, ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive.”—2 Timoti 4:17.
Kwanabantu abasandul’ ukuba nomdla abafuna ukuba ngabalandeli bakaYesu Kristu banokufumana uncedo olunjalo olomelezayo. Khawucinge ngendoda ethile yaseMzantsi Afrika egama linguHenry, eyayingunondyebo wecawa yayo yaye ihlala kwindlu esecaleni kwekamfundisi wayo. UHenry wayekwiphulo lokufuna inyaniso. Phezu kwako nje ukuyithanda kwakhe icawa, ngenye imini wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile sesisa ngamaNgqina kaYehova. Ekuhambeni kwexesha, wavakalisa umnqweno wakhe wokuba ngomnye wamaNgqina waza wabuza amanyathelo afanele awathabathe ukufikelela olo sukelo. Wacaciselwa ukuba kufuneka arhoxe ecaweni yakhe. (ISityhilelo 18:4) Ekubeni umfundisi wayengummelwane kwanomhlobo wakhe, uHenry wavakalelwa kukuba akanako ukusuke nje abhale incwadi yokurhoxa kodwa ufanele awucacise lo mbandela ubuso ngobuso. Oku wakwenza ngenkalipho.
Wothuka umfundisi waza kamva yena ndawonye nomfundisi omkhulu namanye amalungu ecawa batyelela uHenry. Babefuna ukwazi isizathu sokuyishiya kwakhe icawa aze abe lilungu lonqulo, ngokutsho kwabo, elingenawo umoya oyingcwele kaThixo. UHenry ucacisa esithi: “Ekuqaleni, ndandisoyika ukubaphendula, kuba babenempembelelo enkulu kum. Kodwa ndathandaza kuYehova ndifuna uncedo, yaye wandenza ndakwazi ukuzithethelela ngale ndlela: ‘Kuzo zonke iinkonzo zezizwe ngezizwe, yiyiphi ekuphela kwesebenzisa igama likaThixo, elinguYehova? AsingomaNgqina kaYehova? Nicinga ukuba uThixo angawavumela ukuba abizwe ngegama lakhe aze andule angawaniki umoya wakhe oyingcwele?’” Amagosa ecawa akazange akwazi ukuyiphikisa le ngqiqo. Ngenxa yolwazi namandla uThixo awanikelayo, ngoku uHenry ngenkalipho wabelana namaNgqina kaYehova kubulungiseleli bendlu ngendlu.
Ewe, ukuba ngumKristu wokwenyaniso kufuna inkalipho. Njengokuba isiphelo sale nkqubo sisondela, ukuvavanywa kokholo kuza kwanda. USathana ufuna ukuhlutha abakhonzi bakaThixo ithemba labo elimangalisayo lobomi obungunaphakade ngokuzama ukwaphula ingqibelelo yabo kuYehova. (Thelekisa ISityhilelo 2:10.) Kodwa asimele sinikezele. Kwanokuba ngamanye amaxesha sibanjiswa ngumgibe woloyiko, uYehova unokusinceda siphume kuwo. Ngamaxesha onke khangela kuye ukuze ufumane amandla okwenza ukuthanda kwakhe. Khumbula ukuba, lowo wadala iintaka ezingoyikiyo unguMthombo wenkalipho engasileliyo. Eneneni, amaKristu okwenyaniso afanele “abe nenkalipho aze athi: ‘UYehova ungumncedi wam; andisayi koyika. Wondenza ntoni na umntu?’”—Hebhere 13:6, NW.