Abakhonzi BakaThixo—Abantu Abalungeleleneyo Nabonwabileyo
“Hayi, uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!”—INDUMISO 144:15.
1, 2. (a) Kutheni uYehova enelungelo lokubamisela imilinganiselo abakhonzi bakhe? (b) Ziziphi iimpawu ezimbini uYehova anazo esifanele sifune ukuzixelisa ngokukodwa?
UYEHOVA nguMongami Wendalo Iphela, uThixo usomandla, uMdali. (Genesis 1:1; INdumiso 100:3) Ngenxa yoko, unelungelo lokubamisela imilinganiselo yokuziphatha abakhonzi bakhe, ekubeni ekwazi okona kubalungeleyo. (INdumiso 143:8) Yaye ungowona Mzekelo wabo Ubalaseleyo ekufuneka baxelise iimpawu zakhe. Umpostile wabhala wenjenje: “Yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda.”—Efese 5:1.
2 Olunye uphawu lukaThixo ekufuneka siluxelise lunento yokwenza nolungelelwano. ‘AkangoThixo wesiphithiphithi.’ (1 Korinte 14:33) Xa sikuqwalasela ngenyameko oko uThixo akudalileyo, siyanyanzeleka ukuba sigqibe kwelokuba ungoyena Mntu ulungeleleneyo kwindalo iphela. Noko ke, olunye uphawu lukaThixo afuna abakhonzi bakhe baluxelise lulonwabo lwakhe, kuba ‘unguThixo owonwabileyo.’ (1 Timoti 1:11) Ngaloo ndlela, ubuchule bakhe bokulungelelanisa izinto buhambisana nolonwabo. Alukho uphawu olubalaselayo ngoxa olunye lusilela.
3. Amazulu azaliswe ziinkwenkwezi abubonisa njani ubuchule bukaThixo bokulungelelanisa izinto?
3 Zonke izinto uYehova azenzileyo, ukususela kwezona zinkulu ukuya kwezona zincinane, zinikela ubungqina bokuba unguThixo wolungelelwano. Ngokomzekelo khawuqwalasele indalo ebonakalayo. Inamawaka ezigidi zeenkwenkwezi. Kodwa ezi azisasazwanga nje ngendlela engalungelelananga. Isazi ngenzululwazi yokwakheka kweenkwenkwezi uGeorge Greenstein sithi “iinkwenkwezi zilungelelaniswe ngendlela enocwangco.” Zilungelelaniswe zangamaqela abizwa ngokuba yiminyele, eminye enamawaka ezigidi zeenkwenkwezi. Ibe kuqikelelwa ukuba kukho amawaka ezigidi zeminyele! Kwakhona iminyele ilungelelanisiwe, eliqela kuyo (ukususela kumawaka ambalwa ukuya kwaliqela) ihlanganiswe ndawonye yaba zizihloko zeminyele. Yaye kucingwa ukuba izihloko zeminyele zilungelelaniswe zaba ngamaqela amakhulu ngakumbi abizwa ngokuba zizihloko ezinkulu.—INdumiso 19:1; Isaya 40:25, 26.
4, 5. Nikela imizekelo yokulungelelana kwezinto eziphilayo emhlabeni.
4 Ukulungelelana ngendlela ebalaseleyo kwezinto ezidalwe nguThixo kubonakala kuyo yonke indawo, kungekuphela nje kumazulu abonakalayo kodwa nasemhlabeni, onezinto ezininzi gqitha eziphilayo. Ngokuphathelele zonke ezi, uPaul Davies, injingalwazi yephysics, wabhala ukuba abakhi-mkhanya “babamb’ ongezantsi” xa bebona “ukulungelelana okunobungangamsha nokuntsonkothileyo kwehlabathi elibonakalayo.”—INdumiso 104:24.
5 Khawuqwalasele imizekelo embalwa ‘yokulungelelana okuntsonkothileyo’ okubonakala kwizinto eziphilayo. Ugqirha wengqondo nemithambo-luvo uJoseph Evans wathi ngengqondo nomnqonqo womntu: “Indlela ezilungelelene gqitha ngayo iyamangalisa.” Sithetha ngeseli ephilayo enokubonwa ngemikroskopu kuphela, isazi ngeentsholongwane uH. J. Shaughnessy sathi: “Ulungelelwano oluntsonkothileyo noluhle lwezinto eziphilayo ezinokubonwa ngemikroskopu kuphela lwakhiwe ngokumangalisayo kangangokuba lubonakala luyinxalenye yenkqubo emiselwe nguThixo.” Yaye isazi ngebhayoloji yeemolekyuli uMichael Denton sathi ngemizila yemfuza (DNA) engaphakathi kwiseli: “Inesakhono kangangokuba yonke inkcazelo . . . eyimfuneko ekunikeleni iinkcukacha zokwakhiwa kwazo zonke iintlobo zezinto eziphilayo ezakha zakho kwesi sijikelezi-langa . . . inokukhiwa ngetispuni kuze kusale indawo yokufaka yonke inkcazelo ekuzo zonke iincwadi ezakha zabhalwa.”—Bona INdumiso 139:16.
6, 7. Kukuphi ukulungelelana okubonakala kwizidalwa zomoya, ibe zilubonakalisa njani uxabiso ngoMenzi wazo?
6 UYehova akapheleli nje ngokulungelelanisa indalo yakhe ebonakalayo kodwa ukwalungelelanisa nezidalwa zakhe zomoya ezulwini. UDaniyeli 7:10 (NW) usixelela ukuba izithunywa zezulu ezifikelela ‘kwishumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka zihlala zimi phambi koYehova.’ Kwakukho ikhulu lezigidi zezidalwa zomoya, ngasinye sabelwe umsebenzi waso ofanelekileyo! Kubambis’ ongezantsi ukucinga ngobuchule obufunekayo ukuze kulungelelaniswe abantu abaninzi kangako. Ngokufanelekileyo, iBhayibhile ithi: “Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, ephulaphula isandi selizwi lakhe. Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe [yezithunywa zezulu], balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.”—INdumiso 103:20, 21; ISityhilelo 5:11.
7 Hayi indlela elungelelene ngokumangalisayo ngayo imisebenzi yoMdali! Akumangalisi ukuba izidalwa zomoya ezinamandla ezikummandla wamazulu zivakalisa ngentlonelo nangokuzithoba zisithi: “Ufanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla; ngokuba inguwe owadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.”—ISityhilelo 4:11.
8. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYehova uyabalungelelanisa abakhonzi bakhe abasemhlabeni?
8 UYehova uyabalungelelanisa nabakhonzi bakhe abasemhlabeni. Xa wahlisa uNogumbe ngomhla kaNowa ngowama-2370 B.C.E., uNowa nabanye abasixhenxe basinda kuloo Mkhukula njengentsapho elungeleleneyo. KwiMfuduko yowe-1513 B.C.E., uYehova wakhupha izigidi eziliqela zabantu bakhe ebukhobokeni eYiputa waza wabanika imithetho eneenkcukacha yokulungelelanisa imisebenzi yabo yemihla ngemihla nonqulo lwabo. Yaye kamva, kwiLizwe Ledinga, amashumi amawaka abo alungelelaniselwa inkonzo ekhethekileyo etempileni. (1 Kronike 23:4, 5) Ngenkulungwane yokuqala, amabandla amaKristu ayelungelelanisiwe ngaphantsi kolwalathiso lukaThixo: “Wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi, ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo.”—Efese 4:11, 12.
Abakhonzi Banamhlanje Nabo Balungelelene
9, 10. UYehova ubalungelelanise njani abantu bakhe kulo mhla wethu?
9 Ngokufanayo, uYehova ubalungelelanisile abakhonzi bakhe banamhlanje ukuze bawenze ngokunempumelelo umsebenzi wakhe kulo mhla wethu—ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe ngaphambi kokuba azise isiphelo kule nkqubo yezinto ikhoyo ingahloneli Thixo. (Mateyu 24:14) Khawuqwalasele okubandakanyekileyo kulo msebenzi wenziwa emhlabeni wonke nendlela ulungelelwano oluhle olubaluleke ngayo. Izigidi zamadoda, abafazi nabantwana ziqeqeshelwa ukufundisa abanye iinyaniso zeBhayibhile. Ukuze kuncediswe kolu qeqesho, kushicilelwa iiBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni ezininzi. Kaloku, nkupho nganye yeMboniselo ngoku ishicilelwa ngemibhalo engaphezu kwezigidi ezili-16 ngeelwimi ezili-118, yaye uVukani! ngemibhalo emalunga nezigidi ezili-13 ngeelwimi ezingama-73. Phantse zonke iinkupho zishicilelwa ngaxeshanye ukuze phantse bonke abakhonzi bakaYehova bafumane inkcazelo efanayo ngaxeshanye.
10 Ukongezelela, amabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-73 000 emhlabeni wonke alungelelaniselwe ukuhlanganisana rhoqo ukuze afundiswe iBhayibhile. (Hebhere 10:24, 25) Kukwakho amawaka eendibano ezinkulu—iindibano zesiphaluka nezesithili—nyaka ngamnye. Kukho umsebenzi omkhulu owenziwa emhlabeni wonke wokwakha iiHolo zoBukumkani ezintsha okanye eziphuculiweyo, iiHolo zeeNdibano, amakhaya aseBheteli nezakhiwo zokushicilela uncwadi lweBhayibhile. Kukho izikolo zoqeqesho olubhekele phaya lwabafundisi beBhayibhile, ezinjengeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi sabavangeli basemazweni neSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, eziqhutywa kumazwe asemhlabeni wonke.
11. Siya kungenelwa njani kwixesha elizayo ngokufunda ulungelelwano oluhle ngoku?
11 Hayi indlela abalungelelanise kakuhle ngayo uYehova abantu bakhe emhlabeni ukuze ‘babuzalise ubulungiseleli babo,’ bencediswa zizithunywa zakhe zezulu ezilungiselelayo! (2 Timoti 4:5; Hebhere 1:13, 14; ISityhilelo 14:6) Ngokufundisa abakhonzi bakhe iindlela ezintle zokulungelelana ngoku, uThixo ufeza enye into. Abakhonzi bakhe balungiselelwa ukuba xa besinda ekupheleni kwale nkqubo yezinto, babe sele belungelelene ukuze baqalise ubomi kwihlabathi elitsha. Bandule ke, ngendlela elungeleleneyo ngaphantsi kolwalathiso lukaYehova, baqalise ukwakha iParadisi yomhlaba wonke. Kwakhona baya kuba bekulungele kakuhle ukufundisa ngokweenkcukacha amawaka ezigidi abanye abantu abaya kuvuswa ekufeni oko kufunwa nguThixo ukuze bafumane ubomi.—Isaya 11:9; 54:13; IZenzo 24:15; ISityhilelo 20:12, 13.
Balungelelene Kodwa Bonwabile
12, 13. Kutheni sinokuthi uYehova ufuna abantu bakhe bonwabe?
12 Ngoxa uYehova engumsebenzi nomlungelelanisi obalaseleyo, akanguye ongenamfesane, ongqwabalala ngokugqithisileyo okanye ongenabuhlobo. Kunoko, unguMntu onobubele, nowonwabe kakhulu oluxhalabeleyo ulonwabo lwethu. ‘Unikhathalele,’ itsho njalo eyoku-1 kaPetros 5:7. Inkathalo yakhe nomnqweno wakhe wokuba abakhonzi bakhe bonwabe sinokuwubona koko sele ekwenzele abantu. Ngokomzekelo, xa uThixo wadala indoda nomfazi abafezekileyo, wababeka kwiparadisi yolonwabo. (Genesis 1:26-31; 2:8, 9) Wabanika konke okwakufuneka ukuze bonwabe kakhulu. Kodwa balahlekelwa kuko konke oku ngenxa yokuvukela. Ngenxa yesono sabo, sazuza ilifa ukungafezeki nokufa.—Roma 3:23; 5:12.
13 Nangona ngoku singafezekanga, thina bantu sinokonwatyiswa koko uThixo akwenzileyo. Zininzi izinto ezisonwabisayo—iintaba ezinobungangamsha; amachibi, imilambo, iilwandlekazi nonxweme lolwandle oluhle; iintyatyambo ezimibalabala nezinevumba elimyoli nolunye uhlaza oluziintlobo ngeentlobo; intabalala yokutya okunencasa; ukutshona kwelanga okutsho ngobuhle obungadikiyo; isibhakabhaka esizaliswe ziinkwenkwezi esikunandiphayo ukuzibukela ebusuku; izidalwa ezizizilwanyana eziziintlobo ngeentlobo namathole azo athanda ukudlala; umculo ochukumisayo; umsebenzi obangel’ umdla noluncedo; abahlobo abalungileyo. Kucacile ukuba Lowo walungiselela izinto ezinjalo ngumntu owonwabileyo okunandiphayo ukonwabisa abanye.
14. Luluphi ulungelelwano uYehova alufunayo kuthi xa simxelisa?
14 Ngaloo ndlela, uYehova akafuni abantu abalungeleleneyo nabasebenza ngokunempumelelo nje kuphela. Ukwafuna abakhonzi bakhe bonwabe, kanye njengokuba naye onwabile. Akafuni bazixhalabise ngokugqithiseleyo ngokulungelelanisa izinto kangangokuba bangonwabi. Abakhonzi bakaThixo bamele balungelelanise ubuchule babo bokulungelelanisa izinto ngolonwabo, njengokuba naye esenza, kuba apho kukho umoya wakhe oyingcwele onamandla, kubakho uvuyo. Eneneni, amaGalati 5:22 abonisa ukuba isiqhamo sesibini somoya oyingcwele kaThixo osebenza kubantu bakhe ‘luvuyo.’
Uthando Lubangela Ulonwabo
15. Kutheni uthando lubaluleke kangaka kulonwabo lwethu?
15 Kubangela umdla ukuphawula ukuba iBhayibhile ithi: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8, 16) Akukho ndawo ethi: “UThixo ululungelelwano.” Uthando lolona phawu lukaThixo luphambili, ibe lumele luxeliswe ngabakhonzi bakhe. Kungenxa yoko isiqhamo sokuqala somoya kaThixo kwezidweliswe kumaGalati 5:22 ‘iluthando,’ kuze kulandele “uvuyo.” Uthando lubangela uvuyo. Xa sixelisa uthando lukaYehova kwiinkqubano zethu nabanye, kulandela ulonwabo, kuba abantu abanothando ngabantu abonwabileyo.
16. UYesu wakubonisa njani ukubaluleka kothando?
16 Ukubaluleka kokuxelisa uthando lukaThixo kubalaseliswa kwiimfundiso zikaYesu. Wathi: “Ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.” (Yohane 8:28) Ngokukhethekileyo, wayefundiswe ntoni uYesu awathi, yena, wayifundisa abanye? Yayikukuba eyona mithetho mibini mikhulu kukuthanda uThixo nokuthanda ummelwane. (Mateyu 22:36-39) UYesu wabonisa umzekelo wothando olunjalo. Wathi: “Ndiyamthanda uBawo,” waza oko wakungqina ngokwenza ukuthanda kukaThixo de kwasa ekufeni. Yaye uthando lwakhe ngabantu walubonisa ngokubafela. Umpostile uPawulos waxelela amaKristu ase-Efese oku: ‘UKristu wanithanda, wazinikela ngenxa yenu.’ (Yohane 14:31; Efese 5:2) Ngaloo ndlela, uYesu wabaxelela oku abalandeli bakhe: “Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina.”—Yohane 15:12, 13.
17. UPawulos wabonisa njani ukuba kubalulekile ukubonakalisa uthando kwabanye?
17 UPawulos wavakalisa indlela olubaluleke ngayo olu thando lobuthixo ngokuthi: “Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu; uthando ke ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo. Ndingafanelana ndinabo nobuprofeto, ndizazi iimfihlelo zonke, ndinako konke ukwazi; ndingafanelana ndinalo lonke ukholo, ngokokude ndisuse iintaba, uthando ke ndingenalo, andinto yanto. Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho. . . . Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.”—1 Korinte 13:1-3, 13.
18. Yintoni esinokuyilindela kuYehova eyongezelela kulonwabo lwethu?
18 Xa sixelisa uthando lukaYehova, sinokuqiniseka ukuba uyasithanda, kwanaxa sisenza iimpazamo, kuba ‘nguThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso.’ (Eksodus 34:6) Ukuba siguquka ngokunyanisekileyo xa sisenza iimpazamo, uThixo akagcini ingxelo yezi kodwa ngothando uyasixolela. (INdumiso 103:1-3) Ewe, “iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.” (Yakobi 5:11) Ukwazi oku kunegalelo kulonwabo lwethu.
Ulonwabo Olulinganiselweyo Ngoku
19, 20. (a) Kutheni singenakonwaba ngokupheleleyo ngoku? (b) IBhayibhile ibonisa njani ukuba sinokonwaba ngomlinganiselo othile kweli xesha?
19 Noko ke, ngaba sinako ukonwaba namhlanje, ekubeni siphila kwimihla yokugqibela yeli hlabathi likaSathana lizaliswe lulwaphulo-mthetho, linogonyamelo nokuziphatha kakubi, apho sijamelana nokugula nokufa? Kakade ke, asinakulindela ukuba ngoku sonwabe ngomlinganiselo esiya konwaba ngawo kwihlabathi likaThixo elitsha, elixelwa kwangaphambili eLizwini lakhe: “Ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni. Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo.”—Isaya 65:17, 18.
20 Okwangoku abakhonzi bakaThixo banokuba nolonwabo olulinganiselweyo ngenxa yokuba bekwazi ukuthanda kwakhe ibe benolwazi oluchanileyo ngeentsikelelo ezimangalisayo eziza kubakho kungekudala kwihlabathi lakhe elitsha eliyiparadisi. (Yohane 17:3; ISityhilelo 21:4) Kungenxa yoko iBhayibhile inokuthi: “Yehova wemikhosi, hayi, uyolo lomntu okholose ngawe,” “Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova, abahamba ngeendlela zakhe,” “Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.” (INdumiso 84:12; 128:1; Mateyu 5:5) Ngaloo ndlela, phezu kwazo nje iimeko ezinzima esimele sijamelane nazo ngoku, sinokonwaba ngomlinganiselo ophawulekayo noko. Kwanaxa sisehlelwa zizinto ezimbi, asimele sibe buhlungu njengabo bangamaziyo uYehova nabangenalo ithemba lobomi obungunaphakade.—1 Tesalonika 4:13.
21. Ukuzincama kunegalelo njani kulonwabo lwabakhonzi bakaYehova?
21 Enye into eyonwabisa abakhonzi bakaYehova kukuba bachitha ixesha, amandla nobuncwane babo befundisa abanye iinyaniso zeBhayibhile, ngokukodwa abantu ‘abagcumayo, nabancwinayo ngenxa yamasikizi’ enziwa kweli hlabathi likaSathana. (Hezekile 9:4) IBhayibhile ithi: “Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu! Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula. UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile. Kuya kuthiwa unoyolo yena ehlabathini.” (INdumiso 41:1, 2) Njengokuba uYesu watshoyo, “ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.”—IZenzo 20:35.
22. (a) Ngokuphathelele ulonwabo, thelekisa abakhonzi bakaThixo nabo bangamkhonziyo. (b) Kungasiphi isizathu esikhethekileyo esinokulindela ukonwaba?
22 Ngoko nangona abakhonzi bakaThixo bengenakulindela ukonwaba ngokupheleleyo kweli xesha langoku, banokufumana ulonwabo olungananditshwayo ngabo bangamkhonziyo uThixo. UYehova uthi: “Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.” (Isaya 65:14) Kwakhona, abo bakhonza uThixo banesizathu esikhethekileyo sokonwaba ngoku—banomoya wakhe oyingcwele “awamnika abo bamvayo yena uThixo.” (IZenzo 5:32) Yaye khumbula, apho kukho umoya kaThixo, loba lapho nolonwabo.—Galati 5:22.
23. Kwisifundo sethu esilandelayo siza kuqwalasela ntoni?
23 Kwintlangano yabakhonzi bakaThixo namhlanje, indima enkulu ifezwa ‘ngamadoda amakhulu,’ abadala, abakhokelayo emabandleni, besongezelela kulonwabo lwabantu bakaYehova. (Tito 1:5) Aba bafanele bazijonge njani iimbopheleleko zabo nolwalamano lwabo nabazalwana noodade babo bokomoya? Inqaku lethu elilandelayo liza kuxubusha ngoku.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Indalo ingqina njani ukuba uYehova ulungelelene?
◻ UYehova uye wabalungelelanisa njani abakhonzi bakhe ngaphambili nangoku?
◻ Luluphi ulungelelwano uYehova alufunayo kuthi?
◻ Uthando lubaluleke njani kulonwabo lwethu?
◻ Luhlobo olunjani lolonwabo esinokululindela kulo mhla wethu?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
Top: Courtesy of ROE/Anglo-Australian Observatory, photograph by David Malin