Kwandiswa IQumrhu Elilawulayo
NGENJONGO yokwandisa amalungu eQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, ukususela ngoJulayi 1, 1994, kuye kongezelelwa ilungu elitsha kubadala abali-11 abakhonzayo ngoku. Eli lungu litsha nguGerrit Lösch.
NgoNovemba 1, 1961, uMzalwan’ uLösch wangenela inkonzo yexesha elizeleyo, yaye waphumelela kwiklasi yama-41 kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Ukususela ngowe-1963 de kwangowe-1976 wakhonza eOstriya njengomveleli wesiphaluka nowesithili. Ngowe-1967 watshata, waza emva koko yena nenkosikazi yakhe, uMerete, bakhonza iminyaka eli-14 njengamalungu entsapho yaseBheteli yaseOstriya eVienna. Kwiminyaka emine edluleyo baye batshintshelwa kwikomkhulu loMbutho eBrooklyn, eNew York, apho uMzalwan’ uLösch aye wakhonza kwiiOfisi zeQumrhu Elilawulayo waza wancedisa nakwiKomiti Yenkonzo. Ngamava anawo ahlukahlukeneyo ngentsimi yaseYurophu nolwazi analo ngesiJamani, isiNgesi, isiRomania nesiTaliyane, uya kuba negalelo elixabisekileyo kumsebenzi weQumrhu Elilawulayo.