Ukumanyana Kwintambo Egqibeleleyo Yothando
“Manyanani ngemvisiswano eluthandweni.”—KOLOSE 2:2, NW.
1, 2. Yiyiphi impembelelo eyahlukanisayo ekhoyo ngokukodwa namhlanje?
PHULAPHULA! Ilizwi elikhulu lihlokoma emazulwini lisithi: “Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” (ISityhilelo 12:12) Nyaka ngamnye odlulayo, eso sigidimi siya sisiba sisisongelo esoyikeka ngakumbi kubemi bomhlaba.
2 Utshaba olukhulu lukaYehova kudala lusaziwa ngokuba ngumchasi (uSathana) nomhlebi (uMtyholi). Kodwa lo mkhohlisi ngoku unenye indima engendawo—unguthixo onomsindo! Kutheni? Kungenxa yokuba walahlelwa ngaphandle kwamazulu nguMikayeli nezithunywa zakhe kwimfazwe eyaqalisa emazulwini ngowe-1914. (ISityhilelo 12:7-9) UMtyholi uyazi ukuba unexesha elincinane kuphela lokungqina ucelomngeni lwakhe lokuba unokubakhukulisa bonke abantu bayeke ukunqula uThixo. (Yobhi 1:11; 2:4, 5) Ekubeni bengenamahlathi akuzimela, yena needemon zakhe bafana nebubu leenyosi elinomsindo elikhuphela ingqumbo yalo kwizihlwele zoluntu olungazolanga.—Isaya 57:20.
3. Ube yintoni umphumo wokuthotywa kukaSathana kumhla wethu?
3 Ezi zinto, zenzeka zingabonwa ngabantu, zicacisa isizathu sokuba ngoku imilinganiselo yokuziphatha iwohloka phakathi koluntu. Zikwacacisa isizathu semigudu yonxunguphalo yabantu yokungciba ukuba ziintlaba-zahlukane kweentlanga ezingakwaziyo tu kwaphela ukuhlala ngemvisiswano. Amaqela ezizwe ahlaselana ngenkohlakalo, ebangela izigidi zabantu zisale zingenamakhaya ezinye zingabangcuchalazi. Akumangalisi ukuba ukuchas’ umthetho kusanda ngomlinganiselo ongazange ubonwe ngaphambili! Njengoko uYesu waxela kwangaphambili, ‘luyaphola uthando lwabantu abaninzi.’ Naphi na apho ukhangela khona, uluntu lwanamhlanje olungazolanga alunamvisiswano yaye alunaluthando.—Mateyu 24:12.
4. Kutheni abantu bakaThixo besengozini ngokukhethekileyo?
4 Ngenxa yemeko elikuyo ihlabathi, umthandazo uYesu awawenzela abafundi bakhe unentsingiselo enzulu ngakumbi: “Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo [“kongendawo,” NW]. Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” (Yohane 17:15, 16) Namhlanje, “ongendawo” ukhuphela umsindo wakhe ngokukodwa kwabo “bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu”. (ISityhilelo 12:17) Ukuba uYehova ebengawagcinanga ngenyameko nangothando, amaNgqina akhe athembekileyo ebeya kutshayelwa kuthi tu. Ubomi bethu buxhomekeke ekusebenziseni onke amalungiselelo uThixo awenzela ukukhuseleka nentlalo-ntle yethu. Oko kubandakanya ukuba sizibhokoxe ngokuvisisana nokusebenza kwamandla Akhe ngoKristu, njengokuba umpostile wabongozayo kwabaseKolose 1:29.
5, 6. Umpostile uPawulos wayevakalelwa njani ngamaKristu aseKolose, yaye kutheni umxholo wonyaka we-1995 ufanelekile?
5 Nangona kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayengazange ababone ngokoqobo, wayebathanda abazalwana bakhe baseKolose. Wabaxelela oku: “Akwaba beningayiqonda indlela endinixhalabele ngokunzulu ngayo.” (Kolose 2:1, The New Testament in Modern English, nguJ. B. Phillips) Ekubeni abalandeli bakaYesu bengeyonxalenye yehlabathi, “ongendawo” uya kuhlala ezama ukuluqhawula umanyano lwabazalwana ngokuhlwayela umoya wehlabathi phakathi kwabo. Iindaba uEpafra aweza nazo evela eKolose zabonisa ukuba oku kwakusenzeka ngomkhamo othile.
6 Enye yezinto eziphambili ezazixhalabise uPawulos ngabazalwana bakhe abangamaKristu yayinokushwankathelwa ngala mazwi: “Manyanani ngemvisiswano eluthandweni.” Amazwi akhe anentsingiselo ekhethekileyo namhlanje, kweli hlabathi lizaliswe kukungamanyani nokungabi naluthando. Ukuba silinikela ingqalelo eli cebiso likaPawulos, uYehova uya kusinyamekela. Kwakhona siya kufumana amandla omoya wakhe kubomi bethu, asincede sixhathise iingcinezelo zehlabathi. Hayi indlela esisesobulumko ngayo esi siluleko! Ngenxa yoko, eyabaseKolose 2:2 iza kuba ngumxholo wethu wonyaka we-1995.
7. Yimvisiswano enjani efanele ibekho phakathi kwamaKristu okwenyaniso?
7 Kwincwadi yangaphambilana kwabaseKorinte, lo mpostile wasebenzisa umzimba womntu njengomzekeliso. Wabhala ukuba kwakufanele “kungabikho kwahlukahlukana” ebandleni lamaKristu athanjisiweyo kodwa “kubekho ukunyamekelana kwamalungu.” (1 Korinte 12:12, 24, 25) Onjani wona ukubalasela umzekeliso! Ilungu lethu ngalinye lixhomekeke kwelinye, ngalinye linamathele emzimbeni wethu. Kukwanjalo nangomanyano lwabazalwana lomhlaba wonke, olubunjwe ngabathanjiswa nezigidi ezinethemba lokuphila kumhlaba oyiparadisi. Asimele sizahlukanise emzimbeni wamanye amaKristu ukuze sizimele geqe! Umoya kaThixo osebenza ngoKristu Yesu, siwufumana ngakumbi ngokumanyana nabazalwana bethu.
Imvisiswano Ehambisana Nolwazi
8, 9. (a) Yintoni ebalulekileyo ukuze sibe negalelo kwimvisiswano ebandleni? (b) Ulufumene njani ulwazi ngoKristu?
8 Enye yeengongoma eziphambili zikaPawulos yayikukuba imvisiswano yamaKristu inxulumene nolwazi, ngokukodwa oluphathelele uKristu. UPawulos wabhala ukuba amaKristu afanele ‘amanyane ngemvisiswano eluthandweni esingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, esingise ekwazini imfihlelo engcwele kaThixo, oko kukuthi, uKristu.’ (Kolose 2:2, NW) Sifumene ulwazi—izibakala—kususela oko saqalisayo ukufundisisa iLizwi likaThixo. Njengenye indlela yokuzuza ukuqonda indlela inkoliso yezi zibakala ezinokuthanani ngayo nenjongo kaThixo, siqonda indima ebalulekileyo kaYesu. “Ekufihlwe [ngenyameko, NW] kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi.”—Kolose 2:3.
9 Ngaba uvakalelwa ngaloo ndlela ngoYesu nendima yakhe kwinjongo kaThixo? Abaninzi kwiNgqobhoko bayakhawuleza ukuthetha ngoYesu, besithi bamamkele yaye basindisiwe. Kodwa ngaba bayamazi ngokwenene? Akunjalo, kuba inkoliso yabo ikholelwa kwimfundiso kaBathathu Emnye engekhoyo ezibhalweni. Akupheleli nje ngokwazi inyaniso ngale nkalo kodwa kusenokwenzeka ukuba unolwazi olubanzi ngoko uYesu wakuthethayo nawakwenzayo. Izigidi ziye zancedwa koku lufundisiso olunzulu zisebenzisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Sekunjalo kufuneka siqhubeke silwenza nzulu ulwazi lwethu ngoYesu neendlela zakhe.
10. Sinokulufumana ngayiphi indlela ulwazi olufihlakeleyo?
10 Amazwi athi “bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi” ‘bufihlwe ngenyameko’ kuYesu akathethi ukuba ulwazi olunjalo asinako ukulufumana. Kunoko, kufana nomgodi ovulekileyo. Akuyomfuneko ukuba sizingele kummandla omkhulu singazi ukuba siqalise phi na ukumba. Sele sisazi—ulwazi lokwenene luqalisa ngoko iBhayibhile ikutyhilayo ngoYesu Kristu. Njengokuba sisiya siyiqonda ngokuzele ngakumbi indima kaYesu ekuzalisekeni kwenjongo kaYehova, sifumana ubutyebi bobulumko bokwenene nolwazi oluchanileyo. Ngoko esikufunayo kukumba nzulu ngakumbi, sikhuphe amatye anqabileyo okanye izinto ezixabisekileyo ezingakumbi ezikhoyo kulo mthombo sele sisimba kuwo.—IMizekeliso 2:1-5.
11. Sinokulwandisa njani ulwazi nobulumko bethu ngokucamngca ngoYesu? (Zekelisa ngokuhlamba kukaYesu iinyawo zabafundi bakhe, okanye usebenzise eminye imizekelo.)
11 Ngokomzekelo, sisenokuba siyazi ukuba uYesu wahlamba iinyawo zabapostile bakhe. (Yohane 13:1-20) Kodwa, ngaba siye sacamngca ngesifundo awayesifundisa nesimo sengqondo awasibonakalisayo? Ngokwenjenjalo, sisenokufumana ubutyebi bobulumko obusinceda—ewe, obusishukumisela ekubeni—siguqule indlela esiqhubana ngayo nomzalwana okanye udade onobuntu ekudala busicaphukisa. Okanye xa sinikwa isabelo esingasithandi ncam, sisenokusabela ngokwahlukileyo xa sifumene eyona ntsingiselo kaYohane 13:14, 15. Ulwazi nobulumko zisichaphazela ngolo hlobo. Usenokuba yintoni umphumo kwabanye njengoko sivisisanisa ubomi bethu ngokusondele ngakumbi nolwazi olungakumbi lukaKristu? Mhlawumbi umhlambi uya ‘kumanyana ngemvisiswano eluthandweni’ ngakumbi.a
Ukuphazamiseka Kunokuyonakalisa Imvisiswano
12. Sifanele silumkele luphi ulwazi?
12 Ukuba ulwazi oluchanileyo lwenza kube lula ukuba ‘simanyane ngemvisiswano eluthandweni,’ uba yintoni umphumo woko ‘kubizwa ngokuba kukwazi kuxokwa’? Kwenzeka okuchasene noko—impikiswano, ukungavisisani nokumka elukholweni. Ngoko simele silumkele oko kubizwa ngokuba kukwazi kuxokwa, njengokuba uPawulos walumkisa uTimoti. (1 Timoti 6:20, 21) Kwakhona uPawulos wabhala: “Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo. Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu.”—Kolose 2:4, 8.
13, 14. (a) Kutheni abazalwana baseKolose babesengozini ngokuphathelele ulwazi? (b) Kutheni bambi namhlanje besenokuvakalelwa kukuba abekho sengozini efanayo?
13 AmaKristu aseKolose ayengqongwe yimpembelelo embi eneneni eyayikoko kubizwa ngokuba kukwazi kuxokwa. Abantu abaninzi eKolose nakwiindawo ezikufutshane babezixabisa gqitha iintanda-bulumko zamaGrike. Kwakukho nabo babeguqulela abantu ebuYudeni befuna amaKristu agcine uMthetho kaMoses, njengemihla yemithendeleko nezinto ezidliwayo nezingadliwayo. (Kolose 2:11, 16, 17) UPawulos wayengekho nxamnye nokuba abazalwana bakhe bazuze ulwazi lokwenyaniso, kodwa kwakufuneka balumkele ukuba kungabikho bani ubathimbayo, esebenzisa intetho egudileyo ukuze abeyisele ekubeni babe nembono yabantu ngobomi nangezenzo zabo. Unokuqonda ukuba xa abathile ebandleni bevumela ukucinga nezigqibo abazenzayo zilawulwe ziingcamango ezingekho zibhalweni nesimo sengqondo esinjalo ngobomi, oko kuya kuphazamisa imvisiswano nothando olukhoyo phakathi kwamalungu ebandla.
14 Usenokucinga ngolu hlobo, ‘Kakade, ndiyayibona ingozi abaseKolose ababejamelene nayo, kodwa andikho sengozini yokuphenjelelwa ziimfundiso zamaGrike, ezinjengokungafi komphefumlo okanye uthixo ongubathathu emnye; yaye andiboni nangozi yakuhendwa ziiholide zobuhedeni zonqulo lobuxoki endiphumileyo kulo.’ Kuhle oko. Kuyinto entle ukuqiniseka ngokubaluleka kwenyaniso esisiseko esiyityhilelwe ngoYesu nefumaneka eZibhalweni. Noko ke, ngaba akunakwenzeka ukuba sibe sisengozini kwezinye iintanda-bulumko okanye kwiimbono ezithile zabantu ezixhaphakileyo namhlanje?
15, 16. Yiyiphi imbono ngobomi esenokuyichaphazela indlela umKristu acinga ngayo?
15 Esinye isimo sengqondo esinjalo kudala sikho: “Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.” (2 Petros 3:4) Olo luvo lusenokuvakaliswa ngamanye amazwi, kodwa imbono isafana. Ngokomzekelo, wumbi usenokuqiqa ngelithi, ‘Ukuqala kwam ukufunda inyaniso kumashumi adlulayo eminyaka, isiphelo “sasisemnyango.” Kodwa asikafiki nanamhlanje, yaye ngubani owaziyo ukuba siya kufika nini?’ Kakade, akukho mntu waziyo ukuba isiphelo siya kufika nini. Kodwa, phawula imbono uYesu awabongoza ukuba sibe nayo: “Hlalani nijongile, hlalani niphaphile, kuba anazi ukuba linini na ixesha elimisiweyo.”—Marko 13:32, 33, NW.
16 Hayi indlela ebekuya kuba yingozi ngayo ukuba nembono yokuba, ekubeni singazi ukuba siya kufika nini isiphelo, sifanele sicebe “ukubunandipha” ngokupheleleyo ubomi! Eso simo sengqondo sinokubonakaliswa ngokuqiqa ngelithi, ‘Kaloku ndimele ndithabathe amanyathelo aya kuvumela ukuba mna (okanye abantwana bam) ndibe nomsebenzi ohloniphekileyo onomvuzo oncumisayo noya kundibangela ndinandiphe ubomi obutofotofo. Kakade ke, ndiya kubakho kwiintlanganiso zamaKristu ndize ndibe nesabelo kumsebenzi wokushumayela, kodwa akukho sizathu sokuba ndizibhokoxe okanye ndizincame kakhulu.’—Mateyu 24:38-42.
17, 18. Yiyiphi imbono uYesu nabapostile abasibongoza ukuba sibe nayo?
17 Noko ke, alinakukhanyelwa elokuba uYesu nabapostile bakhe bancomela ukuba siphile sinemvo yongxamiseko ngokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, sizibhokoxe yaye sikulungele ukuzincama. UPawulos wabhala: “Nditsho ke, bazalwana, ukuthi, ixesha lifinyele, ukuze kwelisaseleyo bathi nabo banabafazi, babe njengabangenabo; . . . bathi abathengayo, babe njengabangenanto; bathi abasebenzayo ngeli hlabathi, babe njengabangalixhamliyo; kuba ukumila kweli hlabathi kuyadlula.”—1 Korinte 7:29-31; Luka 13:23, 24; Filipi 3:13-15; Kolose 1:29; 1 Timoti 4:10; 2 Timoti 2:4; ISityhilelo 22:20.
18 Kunokuba acebise ukuba usukelo lwethu lube kukuzenzela ubomi obutofotofo, uPawulos ngaphantsi kokuphefumlelwa wabhala: “Sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto. Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto. . . . Wuzame umzamo omhle wokholo; bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa nokubizelwa kubo, waza waluvuma uvumo oluhle emehlweni amangqina amaninzi.”—1 Timoti 6:7-12.
19. Lichaphazeleka njani ibandla xa abo bakulo besamkela imbono uYesu awayikhuthazayo ngobomi?
19 Xa ibandla libunjwa ngamaKristu anenzondelelo azabalazela ‘ukuvuma uvumo oluhle,’ ngokuzenzekelayo kubakho imvisiswano. Akasivumeli esi simo sengqondo sithi, ‘Unezinto ezininzi ezilungileyo ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali.’ (Luka 12:19) Kunoko, amanyene kumgudu ofanayo, elungele ukuzincama ukuze abe nesabelo kangangoko kulo msebenzi ungayi kuphinda wenziwe.—Thelekisa eyabaseFilipi 1:27, 28.
Ukulumkela Iintetho Ezigudileyo
20. Yiyiphi enye inkalo amaKristu asenokulahlekiswa kuyo?
20 Kambe ke, zikho nezinye iindlela anokuthi ngazo amaKristu ‘alukuhlwe ngentetho egudileyo’ okanye ukulukuhla okungento yanto okuphazamisana ‘nokumanyana ngemvisiswano eluthandweni.’ Iofisi yeWatch Tower Society eJamani ibhale yenjenje: “Enye imeko iye yakhokelela kwimpikiswano, abavakalisi kuquka nabadala bethabatha icala kwiindlela zonyango ezisetyenziswa ngomnye umzalwana.” Bongezelela besithi: “Ngenxa yokuba kusetyenziswa iindlela ezahlukahlukeneyo ezininzi yaye nabantu abagulayo bebaninzi, le yinkalo evusa impikiswano kakhulu yaye, ukuba iindlela zonyango zinento yokwenza nokusebenzelana nemimoya, kusenokuvela ingozi.”—Efese 6:12.
21. UmKristu unokulahlekelwa njani yimbono echanileyo namhlanje?
21 AmaKristu afuna ukuhlala ephilile yaye eyimiqabaqaba ukuze akwazi ukunqula uThixo. Sekunjalo, kule nkqubo siyaluphala yaye siyagula ngenxa yokungafezeki. Kunokugxininisa kwimicimbi yezempilo, kufuneka sinikele ingqalelo kwisicombululo sokwenene, kuthi nakwabanye. (1 Timoti 4:16) Eso sicombululo sisekelwe kuKristu, kanye njengokuba isiluleko sikaPawulos kwabaseKolose sasisekelwe kuye. Kodwa khumbula, uPawulos wabonisa ukuba bambi basenokuza ‘neentetho ezigudileyo’ basuse ingqalelo yethu kuKristu, mhlawumbi basikhukulisele kwiindlela zokuxilonga, unyango, okanye ukudla.—Kolose 2:2-4.
22. Yiyiphi imbono elungeleleneyo esifanele sibe nayo ngeendlela ezininzi zokuxilonga nezonyango?
22 Emhlabeni wonke abantu baxhinxwa ngeentengiso nangeziqinisekiso zazo zonke iintlobo zonyango nezokuxilonga. Ezinye zazo zisetyenziswa yaye zamkeleke ngokubanzi; ezinye zigxekwa okanye zirhanelwa ngokubanzi.b Mntu ngamnye umele azigqibele ngoko aya kukwenza ngempilo yakhe. Kodwa abo bamkela isiluleko sikaPawulos kwabaseKolose 2:4, 8 baya kukhuseleka ekukhohlisweni ‘ziintetho ezigudileyo’ okanye ‘ukulukuhla okungento yanto’ okukhukulise abaninzi abathi, ngenxa yokungabi nalo ithemba loBukumkani, balufune nasengceni uncedo. Kwanokuba umKristu uqinisekile ukuba unyango oluthile lumlungele, akafanele alukhuthaze kubuzalwana bamaKristu, kuba oku kunokuba ngumbandela weengxubusho neempikiswano ezininzi. Ngaloo ndlela unokubonisa ukuba ukuhlonela kakhulu ukubaluleka kwemvisiswano ebandleni.
23. Kutheni sinezizathu ezikhethekileyo zokuvuya?
23 UPawulos wabethelela ukuba imvisiswano yamaKristu ngundoqo wovuyo lokwenene. Ngomhla wakhe ngokuqinisekileyo amabandla ayembalwa kunanamhlanje. Sekunjalo wabhalela abaseKolose wathi: “Nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona ulungelelwano lwenu, nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKristu.” (Kolose 2:5; bona kwaneyabaseKolose 3:14.) Thina sinezizathu ezingakumbi zokuvuya! Sisenokubona ubungqina bokwenene bemvisiswano, ulungelelwano nokuzimaseka kokholo kwelethu ibandla, okubonisa imeko yabantu bakaThixo emhlabeni wonke. Ngoko kweli xeshana liseleyo lale nkqubo ikhoyo, ngamnye wethu makazimisele ‘ukumanyana ngemvisiswano eluthandweni.’
[Imibhalo esemazantsi]
a Nangona izinto ezisenokwenzeka zininzi, kule mizekelo ilandelayo, bona oko wena ngokobuqu unokukufunda ngoYesu okunokuba negalelo kwimvisiswano yebandla okulo: Mateyu 12:1-8; Luka 2:51, 52; 9:51-55; 10:20; Hebhere 10:5-9.
b Bona IMboniselo kaJuni 15, 1983, iphepha 22-31.
Ngaba Uphawulile?
◻ Uthini umxholo wonyaka we-1995 wamaNgqina kaYehova?
◻ Kutheni kwakufuneka amaKristu aseKolose amanyane ngemvisiswano eluthandweni, yaye kutheni kufuneka nathi senze njalo namhlanje?
◻ Yiyiphi imbono eyingozi ngobomi amaKristu ekufuneka ayilumkele ngokukodwa namhlanje?
◻ Kutheni amaKristu efanele akuphaphele ukulahlekiswa ziintetho ezigudileyo ngempilo neendlela zonyango?
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Ngaba indlela oliceba ngayo ikamva isekelwe kubukho bukaYesu?