Ngaba Ukhe Wakhuthaza Nabani Na Mvanje?
UELENA wayeneminyaka eli-17 kuphela ubudala xa oogqirha bafumanisa ukuba wayenomhlaza kwilungu lesibeleko elisisiyilelo-maqanda. Unina, uMari, kwakufuneka ajamelane nokubandezeleka kokubona uElena ekwiintlungu eziqhenkqethayo.
Ekugqibeleni, uElena wasiwa kwisibhedlele esiseMadrid, eSpeyin, esikumgama oziikhilomitha ezili-1 900 ukusuka kowabo kwiiCanary Islands. EMadrid iqela loogqirha lalikulungele ukwenza utyando ngaphandle kwegazi. (IZenzo 15:28, 29) Kodwa kungekudala emva kokuba utyando luqalisiwe, kwacaca mhlophe ukuba imeko kaElena yayingenakuncedakala. Lo mhlaza wawusele utyhutyhe umzimba wonke, yaye aba gqirha botyando babengenakumnceda. UElena wafa emva kweentsuku ezisibhozo efikile eMadrid.
UMari wayengazi kujongana neso silingo soyikekayo eyedwa. Ngezabo iindleko, abadala ababini abangamaKristu bampheleka nonyana wakhe wamazibulo ukuya eMadrid yaye bahlala apho de uElena wafa. UMari ucacisa athi: “Bandinceda ndamelana nalo mvandedwa owawungaphakathi kum. Andisoze ndilulibale ukhuthazo abalunikelayo kum. Inkxaso yabo yokomoya noncedo lwabo olusebenzisekayo lwalungenakulinganiswa nanto. Enyanisweni ‘babeyindawo yokuzimela umoya.’”—Isaya 32:1, 2.
UYehova uyakholiswa kukuba abalusi abanothando njengaba benyamekela izimvu zakhe ngothantamiso olungaka. (IMizekeliso 19:17; 1 Petros 5:2-4) Phofu ke, ukunikel’ ukhuthazo akulolungelo labadala nje kuphela. Onke amaKristu ayahlanganisana ukuze afumane ulwalathiso lokomoya nokuze ‘akhuthazane.’ (Hebhere 10:24, 25, NW) Ukhuthazo yinxalenye ebalulekileyo yonxulumano lwamaKristu.
Lubandakanya Ntoni Ukhuthazo?
Kanye njengokuba intyatyambo entle ibuna xa ivinjwa amanzi, ngoko umntu ngamnye—kwintsapho nasebandleni—unokuba buthathaka ngenxa yokungabikho kokhuthazo. Kwelinye icala, ukhuthazo olufike ngexesha elililo lunokubomeleza abo bajamelene nezilingo, lukhuthaze abadandathekileyo, yaye luhlaziye abo bakhonza uThixo ngokunyaniseka.
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukhuthazo” liquka ingcamango yokuthuthuzela, ukuvuselela, nokuxolisa. Ngoko ke, ukhuthazo alupheleliselwanga ekuxeleleni omnye ukuba uqhuba kakuhle. Kwakhona lunokubandakanya ukunikela uncedo ngokoqobo noncedo lokomoya.
Enyanisweni, igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukhuthazo” ngokoqobo lithetha “ukuba secaleni kukabani.” Ukuhamba kunye nabazalwana noodade bokomoya kusinceda sinikele inkxaso ngokukhawuleza ukuba omnye wabo uphelelwa ngamandla okanye uyakhubeka. (INtshumayeli 4:9, 10) Okubangel’ umdla kukuba, abantu bakaYehova ‘bamkhonza ngaxhatha linye.’ (Zefaniya 3:9) Yaye umpostile uPawulos wabiza umKristu othile ngokuthi ‘sisinxulumani senyaniso.’ (Filipi 4:3) Ukusebenza kunye phantsi konxulumano olufanayo ngokukhonza ngaxhatha linye kwenza umthwalo ube lula, ingakumbi ngabo bangomelelanga ngokomoya.—Thelekisa uMateyu 11:29.
Banikela Ukhuthazo
Ekubeni ukhuthazo lubaluleke gqitha, makhe siqwalasele imizekelo yalo ethile engokweZibhalo. Xa umprofeti kaThixo uMoses wayesondela esiphelweni sobomi bakhe, uYehova wabela uYoshuwa ukuba abe yinkokeli yamaSirayeli. Esi yayingesosabelo silula, njengoko noMoses wayesazi kakuhle. (Numeri 11:14, 15) Ngenxa yoko, uYehova waxelela uMoses ukuba ‘awisele uYoshuwa umthetho, amomeleze, amkhaliphise.’—Duteronomi 3:28.
Ngexesha labagwebi bakwaSirayeli, intombi kaYifeta ngentumekelelo yavumelana nesibhambathiso sikayise ngokuncama ukuba nentsapho ukuze ikhonze kwingcwele kaYehova. Ngaba ukuzincama kwayo akuzange kunikelwe ngqalelo? Akunjalo, kuba ABagwebi 11:40 bathi: “Imihla kamihla, iintombi zakwaSirayeli ziye ziyibonge intombi kaYifeta umGiliyadi, imihla emine ngomnyaka.” Amatyelelo anjalo amele ukuba ayekhuthaza kakhulu kwintombi ezinikeleyo kaYifeta.
Maxa wambi ukunikela ukhuthazo kufuna inkalipho. Ebudeni bohambo lokuqala lompostile uPawulos lobuvangeli basemazweni, waqubisana nenkcaso eyoyikekayo kwizixeko eziliqela zaseAsia Minor. Wakhutshelwa ngaphandle kwa-Antiyokwe, wasinda cebetshu kwintshutshiso eIkoniyo, waza waxulutywa ngamatye eListra bamshiya beba ufile. Noko ke, kungekudala emva koko, uPawulos namadlelane akhe babuyela kwakwezi zixeko, “besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni; besithi, simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo.” (IZenzo 14:21, 22) UPawulos wayekulungele ukubeka ubomi bakhe esichengeni ukuze akhuthaze aba bafundi batsha.
Sekunjalo, abafundi abatsha asikuphela kwamaKristu afuna ukhuthazo. Kwiminyaka kamva uPawulos wajamelana nohambo olunzima oluya eRoma, apho wayeza kuya ematyaleni. Njengoko wayesondela apho wayesiya khona, umele ukuba noko wayetyhafile. Kodwa xa wafika kumgama ongama-74 eekhilomitha emzantsi-mpuma welaseRoma, wahlaziyeka. Kwakutheni? Kuba abazalwana abasuka eRoma beza kumhlangabeza kwindawo yeNtengiso yaseApiyoforo naseTritabherne. “Athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.” (IZenzo 28:15) Kwizihlandlo ezifanayo, ubukho nje bethu bunokuba lukhuthazo kakhulu kubantu esikhonza nabo.
Sebenzisa Amathuba Unikele Ukhuthazo
Eneneni, maninzi amathuba okunikela ukhuthazo. Ngaba intliziyo yakho yayichukumisekile yintetho entle yomfundi eyanikelwa ngumzalwana okanye ngudade kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? Ngaba kuyakuvuyisa ukubakho kwabakwishumi elivisayo abomeleleyo ngokomoya ebandleni? Ngaba uyachukumiseka lunyamezelo lwabalupheleyo? Ngaba wayixabisa indlela ayisebenzisa ngayo iBhayibhile omnye woovulindlela kubulungiseleli bendlu ngendlu? Ngoko ncoma, uthethe okuthile okukhuthazayo.
Ukhuthazo lunendima enkulu kwintsapho ngokufanayo nasebandleni. Lunokunceda abazali bakhulise abantwana babo “ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.” (Efese 6:4) Ukuxelela umntwana ukuba uqhube kakuhle, yaye uchaze isizathu, kunokumkhuthaza gqitha! Ebudeni beminyaka yeshumi elivisayo, xa abaselula bejamelana nezilingo ezininzi neengcinezelo, ukhuthazo oluthe rhoqo lubalulekile.
Ukungabikho kokhuthazo ebudeni bobuntwana kunokwenzakalisa ngenene. Namhlanje uMichael, umdala ongumKristu, unobuhlobo, kodwa uthi: “Utata akazange andincome nangantoni na endiyenzileyo. Ngoko ndakhula ndizazi ndingungantweni. . . . Nangona ngoku ndineminyaka engama-50 ubudala, ndisakuxabisa ukuqinisekiswa ngabahlobo bam ukuba ndiwenza kakuhle umsebenzi wam njengomdala. . . . Amava am andifundise indlela okubaluleke ngayo ukunikela ukhuthazo kwabanye, yaye ngoku ndenza umgudu wokulunikela.”
Ngubani Ofuna Ukhuthazo?
AmaKristu angabadala asebenza nzima alufanele ukhuthazo. UPawulos wabhala: “Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo.” (1 Tesalonika 5:12, 13) Kulula ukuwujongela phantsi umsebenzi wabadala. Kodwa amazwi oxabiso olunyanisekileyo nokhuthazo anokwenza umthwalo wabo ubonakale ukhaphukhaphu ngakumbi.
Abo phakathi kwethu banyamezela iimeko ezinzima nabo bayalufuna ukhuthazo. Isiluleko seBhayibhile sithi: “Bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo.” (1 Tesalonika 5:14) Abazali ababodwa, abahlolokazi, abakwishumi elivisayo, abalupheleyo, nabaneziphene baphakathi kwabo banokuziva bedandathekile okanye bebuthathaka ngokomoya ngamaxesha athile.
UMaría ngumfazi ongumKristu owathi ngequbuliso wazifumana elahliwe yindoda yakhe. Wathi: “NjengoYobhi, maxa wambi ndandifuna ukufa. [Yobhi 14:13] Sekunjalo andizange ndinikezele, ngenxa yokhuthazo endaluzuzayo. Abadala ababini, endandibazi kakuhle, bachitha iiyure ezininzi bendinceda ndibone ukuxabiseka kokuqhubeka nenkonzo yexesha elizeleyo. Kwakhona oodade ababini abanolwazelelelo bandithuthuzela, bephulaphule ngenyameko njengoko ndandizityand’ igila. Ngokusebenzisa iBhayibhile, bandinceda ndazibona izinto ngendlela azibona ngayo uYehova. Andazi ukuba siyifunde amaxesha amangaphi INdumiso 55:22, kodwa ndiyazi ukuba ngokusebenzisa esi sibhalo, ngokuthe ngcembe ndabuyela kwimeko yam yangaphambili nokulungelelana ngokomoya nangokweemvakalelo. Konke oku kwenzeka kwiminyaka eli-12 eyadlulayo, yaye kuyandivuyisa ukuthi ndiye ndaqhubeka kwinkonzo yexesha elizeleyo de kube ngoku. Ubomi bam buyanelisa yaye ndonwabile phezu kwayo nje intlungu engokweemvakalelo ngamaxesha athile. Ndeyisekile kukuba ukhuthazo ebudeni bamaxesha anje lunokwenza umahluko omkhulu kubomi bomntu.”
Bambi bafuna ukhuthazo kuba baye benza iimpazamo yaye ngoku batsala nzima bezama ukuzilungisa. Mhlawumbi baye bazuza isohlwayo sothando. (IMizekeliso 27:6) Abadala abaye banikela isohlwayo banokukuphaphela ukuncoma xa bebona ukuba isiluleko esingokweZibhalo siyasetyenziswa. Amazwi abo okhuthazo anokuba neengenelo ezimbini—ukuqinisekisa uthando lwabo ngalowo uphambukayo ukuze angabi “buhlungu ngokugqithiseleyo” nokumkhumbuza ngeengenelo zokusebenzisa eso siluleko.—2 Korinte 2:7, 8.
Umdala othile wenza impazamo enzulu waza waphulukana nelungelo lakhe lokuvelela ebandleni. Uthi: “Xa kwenziwa isaziso ngokuphathelele ukushenxiswa kwam njengomdala, ndacinga ukuba abazalwana baya kuziva bengonwabanga bubukho bam. Noko ke, abadala basigcina isizathu soku siyimfihlo ngokungqongqo yaye beza kundikhuthaza. Ngokukwanjalo lonke ibandla labonakalisa uthando nobudlelane, nto leyo ngokuqinisekileyo yandikhuthaza ukuba ndichache ngokomoya.”
Yiba Lukhuthazo
Kubomi bethu obuxakekileyo, kulula ukulutyeshela ukhuthazo. Kodwa enjani yona indlela olunokuba luncedo ngayo! Ukuze unikele ukhuthazo oluphumelelayo, kufuneka ukhumbule izinto ezimbini. Okokuqala, cinga ngoko uza kukuthetha, ukuze ukhuthazo lwakho lungqale. Okwesibini, wajonge amathuba okubonana nomntu ofanelwe kukunconywa okanye ofuna ukwakhiwa.
Okukhona ukwenza ngakumbi oku, kokukhona uya konwaba ngakumbi. Ngapha koko, uYesu usiqinisekisa ukuba: “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” (IZenzo 20:35) Ngokukhuthaza abanye, nawe uya kuzikhuthaza. Kutheni ungakwenzi usukelo lwakho ukunikela ukhuthazo komnye umntu yonke imihla?