Isihlwele Esikhulu Esinikela Inkonzo Engcwele
“Banikela kuye inkonzo engcwele imini nobusuku etempileni yakhe.”—ISITYHILELO 7:15, NW.
1. Liliphi inyathelo elibalulekileyo ekuqondeni izinto zokomoya elafikelelwa ngowe-1935?
NGOMEYI 31, 1935, bavuya kakhulu ababekho kwindibano yamaNgqina kaYehova eWashington, D.C. Apho, okwesihlandlo sokuqala, indimbane enkulu (okanye, isihlwele esikhulu) ekwiSityhilelo 7:9 yachazwa ngokucacileyo ngokuvisisana nayo yonke iBhayibhile nangokuvumelana neziganeko ezazisele zisenzeka.
2. Yintoni eyabonisa ukuba abangakumbi babeqonda ukuba uThixo akababizelanga kubomi basezulwini?
2 Malunga neeveki ezintandathu ngaphambilana, kwisikhumbuzo seSidlo seNkosi Sangokuhlwa emabandleni amaNgqina kaYehova, abantu abali-10 681 kwabo babekho (malunga nomntu omnye kwabathandathu) babengathabathanga kwisonka newayini eziyimifuziselo, yaye abangama-3 688 kwaba babengabavakalisi abakhutheleyo boBukumkani bukaThixo. Kutheni bengazange bathabathe kwimifuziselo? Kwakungenxa yokuba ngokusekelwe koko babekufunde eBhayibhileni, baqonda ukuba uThixo wayengababizelanga kubomi basezulwini kodwa babenokuba nesabelo kumalungiselelo kaYehova othando ngenye indlela. Ngoko kuloo ndibano, xa isithethi senza esi sicelo: “Ngaba abo banethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade bangaphakama,” kwenzeka ntoni? Kwaphakama amawaka, baza abo babekho batsho ngentswahla yezandla.
3. Kutheni ukuchazwa kwesihlwele esikhulu kwabukhuthaza ngamandla ubulungiseleli basentsimini, ibe amaNgqina avakalelwa njani ngoku?
3 Oko abo babekho kuloo ndibano babekufundile kwabakhuthaza ngamandla ukuba baqhubeke nobulungiseleli babo. Baqonda ukuba ngoku, ngaphambi kokuphela kwale nkqubo indala, asingomawaka ambalwa nje kuphela kodwa yindimbane enkulu yabantu eyayiza kunikwa ithuba lokungena kwilungiselelo likaYehova lokusindisa ubomi, ukuze iphile ngonaphakade emhlabeni oyiparadisi. Esinjani sona ukuvuyisa isigidimi esadluliselwa kubathandi benyaniso apho! AmaNgqina kaYehova aqonda ukuba kwakukho umsebenzi omkhulu owawumele wenziwe—umsebenzi ovuyisayo. Kwiminyaka kamva, uJohn Booth, owaba lilungu leQumrhu Elilawulayo, wakhumbula oku: “Loo ndibano yasishiya sinezizathu ezininzi zokuvuya.”
4. (a) Eneneni isihlwele esikhulu siye sahlanganiswa ukusa kuwuphi umkhamo ukususela ngowe-1935? (b) Abo besihlwele esikhulu babunikela njani ubungqina bokuba banokholo oluphilileyo?
4 Ebudeni beminyaka eyalandelayo, inani lamaNgqina kaYehova landa ngokuphawulekayo. Phezu kwako nje ukutshutshiswa kwawo ngokukrakra ngokufuthi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, inani lawo laphindeka phantse kathathu kungaphelanga neminyaka elishumi. Ibe abavakalisi abangama-56 153 ababenikela ubungqina ekuhleni ngowe-1935 banda, ngowe-1994, bangabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwezi-4 900 000 kumazwe angaphezu kwama-230. Inkoliso yaba ikhangele phambili ngolangazelelo ekubeni phakathi kwabo uYehova akholiswayo ngabo aya kubanika ubomi emfezekweni kumhlaba oyiparadisi. Xa bethelekiswa nomhlambi omncinane, basisihlwele esikhulu ngokwenene. Abangobantu abathi bayakholwa baze bangalubonakalisi olo kholo. (Yakobi 1:22; 2:14-17) Bonke babelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngaba ungomnye weso sihlwele sonwabileyo? Ukuba liNgqina elikhutheleyo luphawu olubalulekileyo, kodwa kubandakanyeke okungakumbi.
“Simi Phambi Kwetrone”
5. Sibonisa ntoni isibakala sokuba isihlwele esikhulu “simi phambi kwetrone”?
5 Kumbono owanikwa umpostile uYohane, wasibona “simi phambi kwetrone naphambi kweMvana.” (ISityhilelo 7:9) Ukuma kwaso phambi kwetrone kaThixo, okuthethwa ngako apha, kubonisa ukuba silwamkela ngokupheleleyo ulongamo lukaYehova. Oku kuquka lukhulu. Ngokomzekelo: (1) Siyalivuma ilungelo likaYehova lokugqibela abakhonzi bakhe ngokulungileyo nokubi. (Genesis 2:16, 17; Isaya 5:20, 21) (2) Siyamphulaphula uYehova njengokuba ethetha naso ngeLizwi lakhe. (Duteronomi 6:1-3; 2 Petros 1:19-21) (3) Siyakuqonda ukubaluleka kokuzithoba kwabo uYehova abaphathise umsebenzi wokuvelela. (1 Korinte 11:3; Efese 5:22, 23; 6:1-3; Hebhere 13:17) (4) Nangona singafezekanga, ngokunyaniseka sizabalazela ukusabela kulwalathiso lobuthixo, kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela, ngokusuka entliziyweni. (IMizekeliso 3:1; Yakobi 3:17, 18) Siphambi kwetrone ukuze sinikele inkonzo engcwele kuYehova, esimhlonela nesimthanda ngokunzulu. Kwimeko yesi sihlwele sikhulu, ‘ukuma’ kwaso phambi kwetrone kubonisa ukuba sinenkoliseko yaLowo uhleli etroneni. (Thelekisa ISityhilelo 6:16, 17.) Inkoliseko esiyifumene njani?
“Bethiwe Wambu Ngeengubo Ezinde Ezimhlophe”
6. (a) Kuthetha ukuthini ukuthi isihlwele esikhulu ‘sithiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe’? (b) Isihlwele esikhulu sikufumana njani ukuba ngamalungisa phambi koYehova? (c) Ukuba nokholo kwigazi likaKristu elaphalalayo kubuchaphazela ukusa kuwuphi umkhamo ubomi besihlwele esikhulu?
6 Ingcaciso yompostile uYohane yoko wakubonayo ithi amalungu esihlwele esikhulu ‘athiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe.’ Ezo ngubo zinde zimhlophe zifuzisela ukuma kwawo okucocekileyo nokuba ngamalungisa emehlweni kaYehova. Bakufumana njani ukuma okunjalo? Sele siphawulile ukuba embonweni kaYohane babemi “phambi kweMvana.” UYesu Kristu bamgqala ‘njengeMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.’ (Yohane 1:29) UYohane weva omnye wamadoda amakhulu, embonweni, owayekho etroneni kaThixo ecacisa: “Bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo.” (ISityhilelo 7:14, 15) Ngokufuziselayo, bahlambe iingubo zabo ngokukholwa kwigazi likaYesu elihlangulayo. Abayivumi engqondweni nje kuphela imfundiso yeBhayibhile ngentlawulelo. Ukuyixabisa kuchaphazela uhlobo lwabantu abalulo ngaphakathi; ngaloo ndlela, bakholwa “ngentliziyo.” (Roma 10:9, 10) Oku kuyichaphazela ngokunzulu indlela ababuphila ngayo ubomi babo. Ngokholo, bazahlulela kuYehova ngokusekelwe kwidini likaKristu, bafuzisele oko kuzahlulela ngokuntywiliselwa emanzini, ngokwenene baphile ngokuvisisana nozahlulelo lwabo, baze ngaloo ndlela babe nolwalamano olukholekileyo noThixo. Elinjani ukuba lihle ilungelo—elimele lilondolozwe ngenyameko!—2 Korinte 5:14, 15.
7, 8. Intlangano kaYehova isincede njani isihlwele esikhulu sagcina iingubo zaso zingadyobhekanga?
7 Ngenkxalabo enothando ngentlalo-ntle yabo kanaphakade, intlangano kaYehova ngokuphindaphindiweyo iye yalathisela ingqalelo yethu kwisimo sengqondo nehambo enokungcolisa, okanye idyobhe, iingubo ezifanisa ubani ukuze, nangona ubani esitsho, eneneni angayifanelekeli ingcaciso yesiprofeto esikwiSityhilelo 7:9, 10. (1 Petros 1:15, 16) Ibethelela oko kwakupapashwe ngaphambilana, ngowe-1941 nasemva koko, ngokuphindaphindiweyo iThe Watchtower yabonisa ukuba kwakungayi kufaneleka ngokwenene ukushumayela kwabanye uze, xa ungekho senkonzweni, ubandakanyeke kwihambo enjengokuhenyuza okanye ukukrexeza. (1 Tesalonika 4:3; Hebhere 13:4) Ngowe-1947 kwabethelelwa ukuba imigaqo kaYehova ngemitshato yamaKristu isebenza kumazwe onke; kungakhathaliseki ukuba ziintoni ezivunyelwa ngamasiko asekuhlaleni, abo babeqhubeka benesithembu babengenakuba ngamaNgqina kaYehova.—Mateyu 19:4-6; Tito 1:5, 6.
8 Ngowe-1973, amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke aboniswa ukuba onke amele akuphephe ukuba nayo nantoni na yokwenza nezenzo ezingcolisayo, ezinjengokusebenzisa kakubi icuba, kungakhathaliseki ukuba aphi na—kungekuphela nje kwiHolo yoBukumkani okanye kwinkonzo yasentsimini kodwa nakumsebenzi wempangelo okanye xa ekwenye indawo efihlakeleyo engabonwa ngabantu. (2 Korinte 7:1) Ngowe-1987 kwiindibano zesithili zamaNgqina kaYehova, ulutsha olungamaKristu lwalulekwa ngamandla kusithiwa ukuze lulondoloze ukuma okucocekileyo phambi koThixo, lumele lukulumkele ukuphila ubomi obumbaxa. (INdumiso 26:1, 4) Ngokuphindaphindiweyo, IMboniselo iye yalumkisa ngeenkalo ezahlukahlukeneyo zomoya wehlabathi ngenxa yokuba “unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo” luquka ukuba ubani azigcine “engenabala kulo ihlabathi.”—Yakobi 1:27.
9. Ngoobani abaya kuma ngenkoliseko phambi kwetrone kaThixo emva kwembandezelo enkulu?
9 Ngabo banokholo olubashukumisela ukuba baphile ngendlela eya kubagcina becocekile ngokomoya nangokuziphatha abaya kuqhubeka ‘bemi phambi kwetrone’ njengabakhonzi bakaThixo abakholekileyo emva kwembandezelo enkulu ezayo. Aba ngabantu abangapheleli nje ngokuqala ukuphila njengamaKristu kodwa abaqhubekayo besenjenjalo.—Efese 4:24.
“Benamasundu Ezandleni Zabo”
10. Yintoni intsingiselo yamasebe amasundu uYohane awawabona ezandleni zesihlwele esikhulu?
10 Phakathi kweenkalo ezibalaseleyo zesihlwele esikhulu, njengokuba sabonwa ngumpostile uYohane, yileyo yokuba wasibona ‘sinamasundu ezandleni zaso.’ Yintoni intsingiselo yoko? Ngokungathandabuzekiyo loo masundu akhumbuza uYohane ngomthendeleko wamaYuda weminquba, owona mthendeleko uvuyisayo kweyayisenziwa ngamaHebhere ngonyaka, owawuqhutywa emva kwesivuno sasehlotyeni. Ngokuvisisana noMthetho, amagqabi esundu, kunye namasebe eminye imithi, ayesetyenziselwa ukwenza iminquba ekwakuza kuhlalwa kuyo ebudeni balo mthendeleko. (Levitikus 23:39, 40; Nehemiya 8:14-18) Kwakukwawangawangiswa ngawo ngabanquli etempileni xa kuculwa iHallel (INdumiso 113-118). Ukuwangawangiswa kwamasebe esundu sisihlwele esikhulu ngokungathandabuzekiyo kwakhumbuza uYohane nangesihlandlo uYesu awayengena eYerusalem ekhwele iesile ngoxa isihlwele sabanquli abavuyayo sasiwangawangisa ngamasebe esundu sidanduluka sisithi: “Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli!” (Yohane 12:12, 13) Ngoko ukuwangawangisa amasebe esundu kubonisa ukuba isihlwele esikhulu ngovuyo sikhahlela uBukumkani bukaYehova noKumkani wakhe othanjisiweyo.
11. Kutheni abakhonzi bakaThixo bevuyiswa ngokwenene kukukhonza uYehova?
11 Nangoku isihlwele esikhulu sibonakalisa umoya onjalo wovuyo njengokuba sikhonza uYehova. Oku akuthethi ukuba asifikelwa ziinzima okanye asifumani zintlungu okanye zingqaqambo. Kodwa ulwaneliseko olufumaneka ngokukhonza nokukholisa uYehova lusinceda sihlangabezane nezo zinto. Ngaloo ndlela, omnye umvangeli wasemazweni owayekhonze nomyeni wakhe kangangeminyaka engama-45 eGuatemala wachaza iimeko ezingaphucukanga zalapho, umsebenzi onzima neendlela zokuhamba eziyingozi ababejamelana nazo mihla le njengokuba besiya kwiilali zamaIndiya nesigidimi soBukumkani. Waqukumbela ngokuthi: “Eli lelona xesha sasonwabe ngalo kubomi bethu bonke.” Nangona wayeneengxaki zokwaluphala nokugula, phakathi kwezinto zokugqibela awazibhala kwincwadi yakhe yeziganeko zemihla ngemihla kwakukho la mazwi: “Bebumnandi obu bomi, bunomvuzo ngokwenene.” Emhlabeni wonke, amaNgqina kaYehova avakalelwa ngendlela efanayo ngobulungiseleli bawo.
“Inkonzo Engcwele Imini Nobusuku”
12. Enoba kusemini okanye kusebusuku, yintoni uYehova ayibonayo apha emhlabeni?
12 Aba banquli bavuyayo banikela kuYehova “inkonzo engcwele imini nobusuku etempileni yakhe.” (ISityhilelo 7:15, NW) Emhlabeni wonke, izigidi zinesabelo kule nkonzo ingcwele. Xa kusebusuku kwamanye amazwe ibe abantu belele apho, kwamanye amazwe ilanga liphumile yaye amaNgqina axakekile enikela ubungqina. Njengoko umhlaba ujikeleza, ngamaxesha onke, imini nobusuku, bavuma iindumiso zikaYehova. (INdumiso 86:9) Kodwa inkonzo yemini nobusuku ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo 7:15 ibhekisela kakhulu kuleyo yenziwa ngumntu ngamnye.
13. IZibhalo zikubonisa njani oko kuthethwa kukukhonza “imini nobusuku”?
13 Abantu ababumba isihlwele esikhulu banikela inkonzo engcwele imini nobusuku. Ngaba oku kuthetha ukuba yonke into abayenzayo igqalwa njengenkonzo engcwele? Liyinyaniso elokuba nokuba benza ntoni na, bazama ukuyenza ngendlela ezukisa uYehova. (1 Korinte 10:31; Kolose 3:23) Noko ke, “inkonzo engcwele” isebenza kuphela koko kubandakanya ukunqula kukabani uThixo ngokuthe ngqo. Ukwenza okuthile “imini nobusuku” kuthetha umgudu othe rhoqo nongaguqukiyo kwanonyanisekileyo.—Thelekisa uYoshuwa 1:8; Luka 2:37; IZenzo 20:31; 2 Tesalonika 3:8.
14. Yintoni eya kwenza inkonzo yethu yobuqu yasentsimini iyifanelekele ingcaciso yenkonzo ‘yemini nobusuku’?
14 Njengokuba bekhonza kwiintendelezo zasemhlabeni zetempile kaYehova enkulu yokomoya, abo babumba isihlwele esikhulu bazabalazela ukuba nesabelo rhoqo nangendlela engaguqukiyo kubulungiseleli basentsimini. Abaninzi bazibekele usukelo lokuba nenxaxheba ethile kubulungiseleli basentsimini veki nganye. Abanye bazibhokoxa njengoovulindlela abathe ngxi okanye abangabancedani. Ngokufuthi aba bayaxakeka benikela ubungqina ezitratweni nasezivenkileni kwakusasa. Ukuze ancede abanomdla, amaNgqina athile aqhuba izifundo zeBhayibhile ebusuku. Anikela ubungqina xa esiya kuthenga, eseluhambeni, ebudeni bexesha lesidlo sasemini nangomnxeba.
15. Ngaphandle kobulungiseleli basentsimi, yintoni equkwa yinkonzo yethu engcwele?
15 Ukuba nesabelo kwiintlanganiso zebandla kukwayinxalenye yenkonzo yethu engcwele; kunjalo nangomsebenzi obandakanyekileyo ekwakheni nasekunyamekeleni iindawo zokuhlanganisana zamaKristu. Kuqukwa nemigudu eyenziwayo yokukhuthaza nokunceda abazalwana noodade abangamaKristu, ngokomoya nangezinto eziphathekayo, ukuze bahlale bephila enkonzweni kaYehova. Oku kuquka umsebenzi weeKomiti zethu Zokunxibelelana Nezibhedlele. Yonke imisebenzi eyahlukahlukeneyo yenkonzo yaseBheteli, kwanenkonzo yokuzinikela ezindibanweni zethu, konke oku kuyinkonzo engcwele. Ngokwenene, xa ubomi bethu busekelwe kulwalamano lwethu noYehova, buzaliswa yinkonzo engcwele. Njengokuba isibhalo sisitsho, abantu bakaYehova banikela “inkonzo engcwele imini nobusuku,” ibe ukwenjenjalo kubavuyisa kakhulu.—IZenzo 20:35; 1 Timoti 1:11.
“Siphuma Kuzo Zonke Iintlanga, Nezizwe, Nabantu Neelwimi”
16. Isihlwele singqineka njani “siphuma kuzo zonke iintlanga”?
16 Abo besihlwele esikhulu, baphuma kuzo zonke iintlanga. UThixo akamkhethi wabuso bamntu, yaye ilungiselelo lentlawulelo elenziwa ngoYesu Kristu lanele ukuze bangenelwe bonke. Xa isihlwele esikhulu sachazwa okokuqala ngokweZibhalo ngowe-1935, amaNgqina kaYehova ayesebenza ngenkuthalo kumazwe ali-115. Ngeminyaka yee-1990, umsebenzi wokufuna abantu abafana nezimvu ubufikelele kumazwe aliphinda ngaphezu kwezihlandlo ezibini elo nani.—Marko 13:10.
17. Kwenziwa ntoni ukuze kuncedwe abantu bazo zonke ‘izizwe, nabantu, neelwimi’ baqukwe kwisihlwele esikhulu?
17 Kwiphulo lokufuna abo banokuba ngamalungu esihlwele esikhulu, amaNgqina kaYehova aye anikela ingqalelo kungekuphela nje kwiintlanga kodwa nakwizizwe nabantu namaqela athetha iilwimi ezahlukahlukeneyo akwezo ntlanga. Ukuze afikelele aba bantu, amaNgqina apapasha uncwadi lweBhayibhile ngeelwimi ezingaphezu kwama-300. Oku kuquka ukuqeqesha nokugcina amaqela abaguquleli abafanelekayo, ukulungiselela iikhompyutha ezikwazi ukusebenza ngazo zonke ezi lwimi, kwanokushicilela. Kule minyaka mihlanu idlulileyo nje kuphela, kuye kongezelelwa iilwimi ezingama-36, ezithethwa ngabantu abamalunga nama-98 000 000. Ukongezelela, amaNgqina azabalazela ukubatyelela ngokobuqu aba bantu ukuze abancede baqonde iLizwi likaThixo.—Mateyu 28:19, 20.
‘Baphuma Embandezelweni Enkulu’
18. (a) Xa kuqhambuka imbandezelo enkulu, ngoobani abaya kulondolozwa? (b) Sisiphi isibhengezo esivuyisayo esiya kuvakaliswa ngoko?
18 Xa izithunywa zezulu zikhulula imimoya yentshabalalo ekubhekiselwa kuyo kwiSityhilelo 7:1, ‘asingobakhonzi boThixo wethu’ abathanjisiweyo kuphela abaya kunandipha ukukhuselwa nguYehova ngothando kodwa kwanesihlwele esikhulu esibatheleleyo kunqulo lokwenyaniso siya kukunandipha. Njengokuba umpostile uYohane waxelelwayo, abo besihlwele esikhulu baya ‘kuphuma embandezelweni enkulu’ njengabasindi. Hayi indlela abaya kudanduluka bebulela yaye bedumisa ngayo njengokuba besithi: “Usindiso kuye uThixo wethu, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana”! Yaye bonke abakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo emazulwini baya kongeza awabo amazwi besithi: “Amen, ukubongwa, nozuko, nobulumko, nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, makube kuye uThixo wethu, kuse emaphakadeni asemaphakadeni! Amen.”—ISityhilelo 7:10-14.
19. Nguwuphi umsebenzi ovuyisayo abasindileyo abaya kulangazelela ukuba nesabelo kuwo?
19 Hayi indlela elo eliya kuba lixesha lovuyo ngayo! Bonke abaphilayo baya kuba ngabakhonzi bokuphela koThixo oyinyaniso! Eyona nto iya kubavuyisa kakhulu bonke aba iya kuba kukukhonza uYehova. Kuya kwenziwa umsebenzi omninzi—umsebenzi ovuyisayo! Umhlaba uza kuguqulelwa ekubeni yiParadisi. Amawaka ezigidi zabafileyo aya kuvuswa aze afundiswe iindlela zikaYehova. Hayi indlela ekuya kuba lilungelo elivuyisayo ngayo ukuba nesabelo kuwo!
Ungagqabaza Uthini?
◻ Iziganeko zowe-1935 zabuchaphazela njani ubulungiseleli basentsimini bamaNgqina kaYehova?
◻ Sibonisa ntoni isibakala sokuba isihlwele esikhulu siboniswe “simi phambi kwetrone”?
◻ Uxabiso ngegazi leMvana lufanele lubuchaphazele njani ubomi bethu?
◻ Kubonisa ntoni ukuwangawangisa kwaso amasebe esundu?
◻ Isihlwele esikhulu siyinikela njani inkonzo engcwele imini nobusuku?
[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]
Inkonzo yabo engcwele ibonisa umgudu othe rhoqo, wenkuthalo, nowokunyaniseka