Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukushumayela Ngexesha Leziphithiphithi
UMPOSTILE uPawulos waxela kwangaphambili ukuba “ngemihla yokugqibela [kwakuya] kufika amaxesha anomngcipheko.” (2 Timoti 3:1) Hayi indlela angqineke echane ngayo loo mazwi! Kangangethuba elide abantu base-El Salvador kuMbindi Merika bebephila kwezi meko zibuhlungu. Ngaphezu kweshumi leminyaka, elo lizwe beligutyungelwe yimfazwe yamakhaya ezise usizi nokufa kumawaka amaninzi. Le mfazwe iphelile ngoku, kodwa usizi lusekho. Ulwaphulo-mthetho luye lwanda ngamandla emva kwemfazwe. Kutshanje omnye umsasazi kamabonwakude wasekuhlaleni uye wathi: “Ngoku izixholoxholo nokuphanga sisonka sethu semihla ngemihla.”
AmaNgqina kaYehova akagonywanga ukuze angachatshazelwa lolu lwaphulo-mthetho lwandileyo. Abaqhekezi baye baqhekeza iiHolo zoBukumkani ezininzi baza beba izixhobo zesandisi-lizwi. Kwizihlandlo ezininzi amahlokondiba olutsha oluxhobileyo aye ahlasela kwiiHolo zoBukumkani ngoxa iintlanganiso zamaKristu ziqhubeka, esiba imali, iiwotshi, nezinye izinto ezixabisekileyo kwabo bezileyo. Ngoxa eqhubeka nemisebenzi yawo yosuku, uninzi lwamaNgqina luye lwada lwabulawa ngabaphangi.
Phezu kwayo nje le miqobo, amaNgqina kaYehova ase-El Salvador ayaqhubeka ezibhokoxa ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Akwenza oku ethobela umyalelo ogunyazisayo weZibhalo othi: “Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Basebaninzi kweli lizwe abalangazelela ithemba loBukumkani elinikelwa yiBhayibhile, ibe amaNgqina azabalazela ukufikelela ngamnye kubo. Ubungqina obungacwangciswanga bungqineka buyindlela esebenzisekayo yokushumayela.
Ngoxa lifumana unyango lwezamayeza esibhedlele, elinye iNgqina lasebenzisa onke amathuba lithetha nabanye abaguli ngamadinga kaThixo ngekamva, njengoko efumaneka eBhayibhileni. Omnye umguli owayegula kakhulu wakhalaza kalusizi esithi: “Kungekudala ndiza kufa!” Kodwa imbono edakumbileyo yalo mguli ayizange ilidimaze eli Ngqina ekubeni labelane naye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kunoko, layifundela ngokuvakalayo le ndoda kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, eli Ngqina lasishiya isibhedlele, licinga kalusizi ukuba le ndoda ilele ekhukweni lokufa.
Kwiminyaka emine kamva eli Ngqina kwafuneka lifumane unyango lwezamayeza kwesinye isibhedlele. Ngoxa lalilapho, mguli uthile wasondela kulo waza wathi: “Ngaba usandikhumbula?” Yayiyilaa ndoda lalidibene nayo kwiminyaka emine eyadlulayo, nekwakulindeleke ukuba ingafa! Onjani wona ummangaliso ovuyisayo xa le ndoda yamanga yaza yongezelela isithi: “Ngoku nam ndingomnye wamaNgqina kaYehova!” Le ndoda yalamkela ithemba leBhayibhile ngekamva, yafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaza yahlulela ubomi bayo kuYehova. YayingeloNgqina nje kuphela kodwa yayibe nesabelo kubulungiseleli bexesha elizeleyo njengovulindlela othe ngxi kangangethuba elinokuba yiminyaka emibini.
Kule meko, imbewu yenyaniso eyayihlwayelwe kungacwangciswanga yafikelela kwintliziyo enentsabelo. Eli lungelo lokunceda abantu ukuba bazi inyaniso liyawakhuthaza amaKristu okwenyaniso ukuba aqhubeke nomsebenzi wokushumayela phezu kwawo nje la “maxesha anomngcipheko.”