Uxabisekile Emehlweni KaThixo!
“Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba.”—YEREMIYA 31:3.
1. Isimo sengqondo sikaYesu ngabantu abaqhelekileyo bomhla wakhe sasahluke njani kwesabaFarisi?
BABENOKUYIBONA emehlweni akhe. Lo mntu, uYesu, wayengafani kwaphela neenkokeli zabo zonqulo; wayenenkathalo. Wasikwa yimfesane ngaba bantu kuba ‘babetyhafile, bechithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.’ (Mateyu 9:36) Iinkokeli zabo zonqulo zazimele ukuba ngabalusi abanothando abamela uThixo onothando nonenceba. Kunoko, zazibajongela phantsi abantu abaqhelekileyo njengomndilili nje—nabantu abaqalekisiweyo!a (Yohane 7:47-49; thelekisa uHezekile 34:4.) Ngokucacileyo, imbono enjalo ukugqwetheka, engaxhaswayo zizibhalo yayahluke gqitha kwindlela uYehova abajonga ngayo abantu bakhe. Wayeluxelele oku uhlanga lwakhe, amaSirayeli: “Ndikuthandile ngothando olungunaphakade.”—Yeremiya 31:3.
2. Amaqabane kaYobhi amathathu azama njani ukumeyisela ekubeni wayengaxabisekanga emehlweni kaThixo?
2 Phofu ke, abaFarisi babengengabokuqala ukuzama ukweyisela izimvu zikaYehova ezithandekayo ekubeni azixabisekanga. Khawucinge ngemeko kaYobhi. KuYehova wayelilungisa yaye egqibelele, kodwa “abathuthuzeli” abathathu bazama ukuthi uYobhi wayengumwexuki oziphethe kakubi nongendawo owayeya kufa kungasali nempunde emva kwakhe. Babemi ngelithi uThixo wayengayi kuxabisa nabuphi na ubulungisa uYobhi awayenokubenza, ngenxa yokuba uThixo wayengathembi kwanezithunywa zakhe ibe izulu ngokwalo elijonga njengelingacocekanga!—Yobhi 1:8; 4:18; 15:15, 16; 18:17-19; 22:3.
3. Namhlanje uSathana usebenzisa ziphi iindlela ukweyisela abantu ekubeni abaxabisekanga yaye abathandeki?
3 Namhlanje, uSathana usasebenzisa la ‘maqhinga’ okuzama ukweyisela abantu ekubeni abathandwa yaye abaxabisekanga. (Efese 6:11) Liyinyaniso elokuba ngokufuthi abantu ubahenda ngokusebenzisa ukuzingca nekratshi labo. (2 Korinte 11:3) Kodwa uyakuthanda nokuphelisa ukuzihlonela kwabo babuthathaka. Oku kunjalo ngokukodwa kule “mihla yokugqibela” inomngcipheko. Namhlanje abaninzi bakhulela kwiintsapho ekungekho ‘bubele’ kuzo; mihla le abaninzi bamele bahlangabezane nabantu abazizibhoja, abazingcayo nabaneenkani. (2 Timoti 3:1-5) Ukuphathwa kakubi, ubuhlanga, intiyo, okanye ukuxhatshazwa iminyaka emininzi kusenokwenzeka ukuba kweyisele abanjalo ekubeni abaxabisekanga yaye abathandeki. Enye indoda yabhala: “Andiziva ndithanda mntu okanye kukho ondithandayo. Ndikufumanisa kunzima ukukholelwa ukuba uThixo unento ayikhathaleleyo ngam.”
4, 5. (a) Kutheni ingcamango yokungaxabiseki komntu ichasene neZibhalo? (b) Nguwuphi omnye umphumo oyingozi wokukholelwa ukuba yonke imigudu yethu ayixabisekanga kwaphela?
4 Ingcamango yokuba umntu akaxabisekanga ichasene ngokupheleleyo nenyaniso yeLizwi likaThixo, imfundiso yentlawulelo. (Yohane 3:16) Ukuba uThixo wahlawula elingako ukuphakama ixabiso—ubomi obuxabisekileyo boNyana wakhe—ukuze asithengele ithuba lokuphila ngonaphakade, ngokuqinisekileyo umele ukuba uyasithanda; ngokuqinisekileyo simele ukuba sixabisekile emehlweni Akhe!
5 Ngaphezu koko, hayi indlela ebekuya kudimaza ngayo ukuvakalelwa kukuba asimkholisi uThixo, ibe yonke imigudu yethu ayixabisekanga kwaphela! (Thelekisa IMizekeliso 24:10.) Ngenxa yale mbono igqwethekileyo, kwanokhuthazo olufanelekileyo, olwenzelwe ukusinceda siphucule inkonzo yethu kuThixo apho kunokwenzeka, kwabanye lusenokuvakala ngathi kukugwetywa. Lusenokubonakala lubethelela oko seyisekileyo kuko, ukuba nantoni na esiyenzayo ayanele.
6. Liliphi elona yeza linokusinceda kwiingcinga ezingakhiyo ngeziqu zethu?
6 Ukuba uphawula ukuba uneemvakalelo ezingakhiyo ngolo hlobo, ungalahl’ ithemba. Uninzi lwethu luye luzigxeke ngokungekho ngqiqweni ngamathuba athile. Yaye khumbula, iLizwi likaThixo lenzelwe “ukululeka” ‘nokuwisa iinqaba.’ (2 Timoti 3:16; 2 Korinte 10:4) Umpostile uYohane wabhala: “Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe. Ngokuba ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke.” (1 Yohane 3:19, 20) Ngoko, masiqwalasele iindlela ezintathu iBhayibhile esifundisa ukuba sixabisekile kuYehova ngazo.
UYehova Uyakuxabisa
7. UYesu wawafundisa njani onke amaKristu ngokuxabiseka kwawo emehlweni kaThixo?
7 Okokuqala, ngokungqalileyo iBhayibhile isifundisa ukuba ngamnye kuthi uxabisekile emehlweni kaThixo. UYesu wathi: “Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo. Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke; musani ukoyika ngoko, nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.” (Luka 12:6, 7) Ngaloo mihla, ungqatyana wayeyeyona ntaka inexabiso elincinane kwezazithengiswa njengokutya, sekunjalo akukho namnye kubo owayengabonwa nguMdali wakhe. Nantsi ke into engumahluko ophawulekayo: Xa kuthethwa ngabantu—abaxabiseke ngakumbi gqitha—uThixo wazi zonke iinkcukacha. Ngokungathi kwaneenwele ezi zeentloko zethu zazibalwe nganye nganye!
8. Kutheni kusengqiqweni ukucinga ukuba uYehova unokuzibala iinwele zeentloko zethu?
8 Ngaba iinwele zibaliwe? Ukuba urhanela ukuba le nkalo yomzekeliso kaYesu ayikho ngqiqweni, qwalasela oku: UThixo ubakhumbula ngokupheleleyo abakhonzi bakhe abathembekileyo kangangokuba uyakwazi ukubavusa—abadale kwakhona benjengokuba babenjalo, kuquka nemizila yabo yemfuza entsonkothileyo kwanayo yonke inkumbulo namava ekwathabatha iminyaka emininzi ukuba bawafumane. Ukubala iinwele zethu (ezimalunga ne-100 000 kwintloko eqhelekileyo) bekuya kuba kukupuca ngokwentelekiso!—Luka 20:37, 38.
Ubona Ntoni UYehova Kuthi?
9. (a) Ziziphi ezinye zeempawu uYehova azixabisayo? (b) Kutheni ucinga ukuba ezo mpawu zixabisekile kuye?
9 Okwesibini, iBhayibhile isifundisa oko uYehova akuxabisayo kuthi. Ngamafutshane, uvuyiswa ziimpawu zethu ezintle nayimigudu yethu. UKumkani uDavide wamxelela oku unyana wakhe uSolomon: “UYehova uyazigxoka [“uyazigocagoca,” NW] zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu.” (1 Kronike 28:9) Njengokuba uThixo egocagoca amawaka ezigidi zeentliziyo zabantu kweli hlabathi linogonyamelo nelizaliswe yintiyo, hayi indlela amele ukuba uvuya ngayo xa efumana intliziyo ethanda uxolo, inyaniso nobulungisa! (Thelekisa uYohane 1:47; 1 Petros 3:4.) Kwenzeka ntoni xa uThixo efumana intliziyo ephuphuma uthando ngaye, efuna ukufunda ngaye ize yabelane nabanye ngolo lwazi? KuMalaki 3:16, uYehova usixelela ukuba uyabaphulaphula abo bathetha elowo nowabo ngaye ibe unayo ‘nencwadi yokukhumbuza’ yabo bonke “abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.” Iimpawu ezinjalo zixabisekile kuye!
10, 11. (a) Bambi basenokuzama njani ukubusingela phantsi ubungqina bokuba uYehova uyazixabisa iimpawu zabo ezintle? (b) Umzekelo ka-Abhiya ubonisa njani ukuba uYehova uyazixabisa iimpawu ezintle nokuba zibonakala ngomlinganiselo ongakanani na?
10 Noko ke, intliziyo ezigwebayo isenokubuxhathisa ubungqina obunjalo bokuba sixabisekile emehlweni kaThixo. Isenokuqhubeka isixelela oku, ‘Kodwa baninzi gqitha abanye abayimizekelo ngakumbi kunam ngezo mpawu. Hayi indlela amele ukuba uphoxeka ngayo uYehova xa endithelekisa nabo!’ UYehova akathelekisi, engenguye nongqwabalala, onemigaqo engaguqukiyo. (Galati 6:4) Usebenzisa ubuchule obukhulu xa efunda iintliziyo, ibe uyazixabisa iimpawu ezintle nokuba zibonakala ngomlinganiselo ongakanani na.
11 Ngokomzekelo, xa uYehova wayalela ukuba bonke ubukumkani obuwexukileyo bukaKumkani uYarobheham babuza kugwetywa, butshayelwe ‘njengelindle,’ wayalela ukuba ibe ngunyana wokumkani omnye kuphela, uAbhiya, owayeya kungcwatywa ngokufanelekileyo. Ngoba? “Kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli.” (1 Kumkani 14:10, 13) Ngaba oku kwakuthetha ukuba uAbhiya wayengumnquli kaYehova othembekileyo? Kusenokwenzeka ukuba kwakungenjalo, kuba wafa njengayo yonke intsapho yakowabo engendawo. (Duteronomi 24:16) Sekunjalo, uYehova wayixabisa “into elungileyo” awayeyibone entliziyweni ka-Abhiya waza wenza ngokuvisisana noko. IMatthew Henry’s Commentary on the Whole Bible iphawula oku: “Ukuba kukho kulunga kuthile okukhoyo, kuya kufunyanwa: UThixo okufunayo, uyakubona, nokuba kungakuncinane kangakanani na, yaye uyakholiswa kuko.” Yaye ungalibali ukuba xa uThixo efumana kwanomlinganiselo omncinane wophawu olulungileyo kuwe, unokulukhulisa logama nje wena uzabalazela ukumkhonza ngokuthembeka.
12, 13. (a) INdumiso 139:3 ibonisa njani ukuba uYehova uyayixabisa imigudu yethu? (b) Kunokutshiwo ngayiphi ingqiqo ukuba uYehova uyayihluza imisebenzi yethu?
12 UYehova uyixabisa ngendlela efanayo imigudu yethu. KwiNdumiso 139:1-3, sifunda oku: “Yehova, undigocagocile, wandazi. Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; uyaziqonda izicamango zam nakude. Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela [“ukulinganisile,” NW]; uqhelene neendlela zam zonke.” Ngoko uYehova ukwazi konke esikwenzayo. Kodwa akapheleli ngokukwazi nje. NgesiHebhere ibinzana elithi “uqhelene neendlela zam zonke” likwanokuba nentsingiselo yokuba “zibubuncwane kuwe zonke iindlela zam” okanye “uyazixabisa zonke iindlela zam.” (Thelekisa uMateyu 6:19, 20, NW.) Noko ke, uYehova unokuzixabisa njani iindlela zethu ekubeni singafezekanga yaye sisona kangaka?
13 Kubangela umdla ukuba, ngokutsho kwabanye abaphengululi, xa uDavide wabhala ukuba uYehova ‘wayekulinganisile’ ukuhamba kwakhe nokulala kwakhe, ngokoqobo isiHebhere sasithetha “ukuhluza” okanye “ukwela.” Enye incwadi yeembekiselo yaphawula oku: “Kuthetha . . . ukwela wonke umququ, uze ushiye zonke iinkozo—ukugcina konke okuxabisekileyo. Ngoko apha kuthetha ukuba uThixo, ngokungathi kunjalo, wayemhluzile. . . . Wasasaza wonke umququ, okanye konke okwakungaxabisekanga, waza wabona ukuba kwakukho ntoni na eyeyokwenene nebambekayo.” Intliziyo ezigwebayo isenokuhluza oko sikwenzayo ngendlela eyahlukileyo, isigxeke ngokungenalusini ngeemposiso zexesha elidlulileyo ize ikutyeshele oko sikuphumezayo njengokungento. Kodwa uYehova uyazixolela izono zethu ukuba siguquka ngokunyanisekileyo size sizabalazele ukungaziphindi iimpazamo zethu. (INdumiso 103:10-14; IZenzo 3:19) Uyahluza aze ayikhumbule imisebenzi yethu elungileyo. Eneneni, uyikhumbula ngonaphakade logama nje sisahleli sithembekile kuye. Ubeya kukugqala njengentswela-bulungisa ukuyilibala, ibe akaze abe nentswela-bulungisa!—Hebhere 6:10.
14. Yintoni ebonisa ukuba uYehova uyawuxabisa umsebenzi wethu kubulungiseleli bobuKristu?
14 Yiyiphi eminye yemisebenzi elungileyo uThixo ayixabisayo? Phantse konke esikwenzayo sixelisa uNyana wakhe, uYesu Kristu. (1 Petros 2:21) Ngoko, ngokuqinisekileyo omnye umsebenzi obaluleke kunene kukusasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. KumaRoma 10:15, sifunda oku: “Hayi, ukuba zintle [“ukubukeka,” NW] kwazo iinyawo . . . zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo.” Ngoxa ngokuqhelekileyo sisenokungacingi ngeenyawo zethu eziphantsi ‘njengezibukekayo,’ igama elasetyenziswa nguPawulos apha liyafana nelo lasetyenziswa kwinguqulelo yeSeptuagint yesiGrike ukuchaza uRebheka, uRakeli, noYosefu—bobathathu ababephawuleka ngobuhle babo. (Genesis 26:7; 29:17; 39:6) Ngoko ukuzibhokoxa kwethu enkonzweni yoThixo wethu, uYehova, kuhle kakhulu yaye kuxabisekile emehlweni akhe.—Mateyu 24:14; 28:19, 20.
15, 16. Kutheni uYehova eluxabisa unyamezelo lwethu, ibe amazwi kaKumkani uDavide kwiNdumiso 56:8 asibalaselisa njani esi sibakala?
15 Olunye uphawu uThixo aluxabisayo lunyamezelo lwethu. (Mateyu 24:13) Khumbula, uSathana ufuna ukuba umshiye uYehova. Suku ngalunye ohlala unyanisekile ngalo kuYehova lolunye usuku oncede ekunikeleni impendulo ngalo kungcikivo lukaSathana. (IMizekeliso 27:11) Maxa wambi ukunyamezela akuyondlwan’ iyanetha. Iingxaki zempilo, iinzima zezoqoqoqsho, uxinezeleko lweemvakalelo, neminye imiqobo isenokwenza ukuba suku ngalunye oludlulayo lube luvavanyo. Ukunyamezela phezu kwazo nje iimvavanyo ezinjalo kuxabiseke ngokwenene kuYehova. Kungenxa yoko uKumkani uDavide wacela uYehova ukuba agcine iinyembezi zakhe “entsubeni” yokomfuziselo, waza eqinisekile wabuza ukuba, “Azisencwadini yakho na?” (INdumiso 56:8) Ewe, uYehova uyazixabisa ibe uyazikhumbula zonke iinyembezi nokubandezeleka esikunyamezelayo xa sigcina ukunyaniseka kwethu kuye. Nazo zixabisekile emehlweni akhe.
16 Ngenxa yeempawu zethu ezintle nemigudu yethu, hayi indlela ekucace ngayo ukuba kuninzi uYehova akuxabisayo kuye ngamnye wethu! Kungakhathaliseki ukuba ihlabathi likaSathana lisiphethe njani, uYehova usigqala njengabaxabisekileyo nanjengenxalenye ‘yezinto ezinqwenelekayo zeentlanga.’—Hagayi 2:7.
Oko UYehova Akwenzileyo Ukubonisa Uthando Lwakhe
17. Kutheni idini likaKristu lentlawulelo lifanele liseyisele ekubeni uYehova noYesu basithanda njengabantu ngabanye?
17 Okwesithathu, kuninzi uYehova akwenzayo ukungqina uthando lwakhe ngathi. Ngokuqinisekileyo, idini likaKristu lentlawulelo yeyona mpendulo inamandla kubuxoki bukaSathana bokuba asixabisekanga yaye asithandeki. Singaze silibale ukuba ukufa okungcungcuthekisayo kukaYesu emthini wentuthumbo kwanokubandezeleka okukhulu uYehova awakunyamezelayo njengoko wayebukele uNyana wakhe amthandayo esifa bubungqina bokuba uyasithanda. Ngaphezu koko, olo thando lusebenza kuye ngamnye wethu. Leyo yindlela umpostile uPawulos awalubona ngayo, kuba wabhala: ‘UNyana kaThixo, wandithanda, wazinikela ngenxa yam.’—Galati 2:20.
18. UYehova usitsalela kuKristu ngayiphi ingqiqo?
18 UYehova ungqine uthando lwakhe ngathi ngokusinceda njengabantu ngabanye ukuba sisebenzise iingenelo zedini likaKristu. KuYohane 6:44 uYesu wathi: “Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale.” Ngomsebenzi wokushumayela, ofikelela kuye ngamnye wethu, nangomoya wakhe oyingcwele, uYehova amsebenzisayo ukusinceda siqonde size sisebenzise iinyaniso zokomoya phezu kwako nje ukusikelwa kwethu umda nokungafezeki, uYehova ngokobuqu usitsalela kuNyana wakhe nakwithemba lobomi obungunaphakade. Ngoko ke uYehova unokuthetha ngathi la mazwi awawathetha ngoSirayeli: “Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolulele inceba.”—Yeremiya 31:3.
19. Kutheni ilungelo lomthandazo lifanele liseyisele ekubeni uYehova usithanda ngokobuqu?
19 Noko ke, mhlawumbi kungelungelo lomthandazo esithe salubona ngeyona ndlela isenyongweni uthando lukaYehova. Umema ngamnye kuthi ukuba ‘athandaze angayeki.’ (1 Tesalonika 5:17) Uyaphulaphula! Ukwabizwa ngokuba ‘unguMphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Esi isikhundla akasinikelanga nakuwuphi na omnye umntu, nakuNyana wakhe. Khawufan’ ucinge: UMdali wendalo iphela usibongoza ukuba sisondele kuye ngomthandazo, ngokukhululeka. Izikhungo zakho zisenokude zishukumisele uYehova ukuba enze oko mhlawumbi ebengayi kukwenza.—Hebhere 4:16; Yakobi 5:16; bona uIsaya 38:1-16.
20. Kutheni ukusithanda kukaThixo kungesosingxengxezo sokuzigqala njengababaluleke kakhulu okanye sokuzigwagwisa?
20 Akukho mKristu ulungeleleneyo ebeya kujonga obo bungqina bothando noxabiso lukaThixo njengesingxengxezo sokuzigqala njengobaluleke ngaphezu kokuba enjalo. UPawulos wabhala: “Ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo.” (Roma 12:3) Ngoko ngoxa sonwabe kubushushu bothando loBawo wethu wasezulwini, masiphile engqondweni size sikhumbule ukuba ububele obunothando bukaThixo abusifanele.—Thelekisa uLuka 17:10.
21. Bubuphi ubuxoki bukaSathana esifanele sihlale sibuxhathisa, ibe yiyiphi inyaniso kaThixo ekufuneka sihlale sicingisisa ngayo?
21 Ngamnye wethu makenze okusemandleni akhe ukuxhathisa zonke iingcamango uSathana azikhuthazayo kweli hlabathi lidala nelifayo. Oko kuquka ukuchasa ingcamango yokuba asixabisekanga yaye asithandwa. Ukuba ubomi kule nkqubo bukufundise ukuzijonga njengomqobo ongenakuqatyelwa naluthando lukaThixo olukhulu, okanye imisebenzi yakho emihle mincinane kakhulu ukuba ingabonwa nangamehlo akhe abona zonke izinto, okanye izono zakho zikhulu kangangokuba nokufa koNyana wakhe oxabisekileyo akunakuzigubungela, ufundiswe ubuxoki. Bugatye ubuxoki obunjalo ngentiyo ebufaneleyo! Ngamaxesha onke masihlale sikhumbula amazwi aphefumlelweyo ompostile uPawulos akumaRoma 8:38, 39: “Ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Eneneni, amahlwempu babewabiza ngegama lendelelo elithi “ʽam-ha·ʼaʹrets,” okanye “abantu bomhlaba.” Ngokutsho komnye umphengululi, abaFarisi babefundisa ukuba akunakuwanika imbopheleleko yokunyamekela izinto zakho ezixabisekileyo, ungenakuthemba nobungqina bawo, ungenako nokuwamkela njengeendwendwe okanye uwandwendwele, yaye ungenako nokuthenga kuwo. Iinkokeli zonqulo zazisithi ukwendisela intombi kabani komnye waba bantu kwakufana nokuyilahlela phambi kwerhamncwa ibotshwe iinyawo nezandla.
Ucinga Ntoni?
◻ Kutheni uSathana ezama ukuseyisela ekubeni asixabisekanga yaye asithandwa?
◻ UYesu wasifundisa njani ukuba uYehova uxabisa ngamnye kuthi?
◻ Sazi njani ukuba iimpawu zethu ezintle zixabisekile kuYehova?
◻ Sinokuqiniseka njani ukuba uYehova uyayixabisa imigudu yethu?
◻ UYehova ukungqine njani ukusithanda kwakhe njengabantu ngabanye?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UYehova uyababona ibe uyabakhumbula bonke abo bacinga ngegama lakhe