Kungekudala, Akuyi Kubakho Mntu Ulihlwempu!
“MUSANI ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke abantu.” (Luka 2:10) La mazwi akhuthazayo aviwa ngabalusi abakhwankqisiweyo kufuphi neBhetelehem ngobusuku bokuzalwa kukaYesu. Ngokuvisisana neso sigidimi, uYesu wagxininisa kakhulu ‘kwiindaba ezilungileyo’ ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni. Namhlanje, ekubeni sixhomekeke kakhulu kwimali ukuze sinyamekele iimfuno zethu, zinokusinceda njani iindaba ezilungileyo ezingoYesu?
UYesu Kristu wavakalisa “iindaba ezilungileyo kumahlwempu.” (Luka 4:18) Ngokutsho kukaMateyu 9:35, “Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani.” Isigidimi sakhe sasilukhuthazo ngokukodwa kwabahlwempuzekileyo. “Akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.” (Mateyu 9:36) Liyinyaniso elokuba uYesu wathi, “Amahlwempu la nihleli ninawo,” kodwa la mazwi akafanele asenze sigqibe kwelokuba akukho themba ngabasweleyo. (Yohane 12:8) Logama nje isekho le nkqubo ingendawo, baya kuhlala bekho abantu abangamahlwempu, enoba wobe uyintoni na unobangela wemeko yabo. ILizwi likaThixo alisityesheli isibakala sokuba ubuhlwempu bukho, kodwa aligxininisi kwiinkalo ezimbi. Kunoko, linika amahlwempu uncedo lokuhlangabezana namaxhala obomi.
Uncedo Kwabangamahlwempu
Kuphawuleka ukuba, kuye kwathiwa: “Awukho umthwalo onokuba nzima ngaphezu komthwalo wokwazi ukuba akukho bani ukhathalayo okanye uqondayo.” Sekunjalo, phezu kwako nje ukuba inkoliso yabantu ingenamfesane, zisekho iindaba ezilungileyo kwabangamahlwempu—ezale mihla nezexa elizayo.
Okulusizi kukuba abaninzi abanamdla kangako ekuncedeni amahlwempu. Ngokutsho kweThe World Book Encyclopedia, bambi bakholelwa kwelokuba “abantu ebuthweni bazabalazela ukuphumelela yaye . . . abakumgangatho ongasentla baba negunya yaye babe zizityebi.” Abo bayikholelwayo le ngcamango, ekuthiwa bubusoshiyali bukaDarwin, basenokuwagqala amahlwempu njengabantu abangamavila okanye abadlala ngemali. Ukanti, abasebenzi basemaphandleni, amagoduka nabanye, phezu kwako nje ukuba bengahlawulwa kakuhle, ngokufuthi basebenza okwamakhoboka ukuze bondle iintsapho zabo.
Kumazwe amaninzi ubuhlwempu buqheleke kakhulu. Ngenxa yoko, amahlwempu—inkoliso yabemi—akenziwa azive engento yanto. Sekunjalo, kumazwe anjalo kukho abantu abaphila ubomi obutofotofo phakathi kwabangamahlwempu. Kukho amakhaya atofotofo namahle kufutshane naloo matyotyombe axineneyo nangekho mpilweni. Abantu abafumana imivuzo ephezulu baqhuba iinqwelo-mafutha zabo ezixabiso likhulu kwizitrato eziphithizela abantu abahlwempuzekileyo nabangaphangeliyo. Kumazwe anjalo amahlwempu ayayibona indlela elusizi ngayo imeko yawo. IThe World Book Encyclopedia ithi, eneneni, “amahlwempu akathwaxwa kukungondleki, zizindlu ezingekho mgangathweni nokunganyanyekelwa kwempilo kakuhle nje kuphela, kodwa akwathwaxwa lixhala elingapheliyo ngemeko yawo. Ekubeni engakwazi ukufumana imisebenzi ephucukileyo aze ayigcine, siphela sonke isidima sawo nokuzihlonela.” Ngoko, abanye abahlwempuzeke kakhulu bahlangabezana njani nemeko yabo? Zidibana njani iindaba ezilungileyo ezingoYesu nokunyamezela?
Okokuqala, khumbula ukuba imikhwa engeyoyabulumko isenokubenza qatha ngakumbi ubuhlwempu. Khawucinge ngale mizekelo. UValdecir uyavuma ukuba ngoxa umfazi nabantwana bakhe abancinane babelamba, imali wayeyichitha ukuze aqhubeke nokuziphatha okubi. Uthi: “Nangona ndandiphangela, ndandisoloko ndingenamali kodwa ngalo lonke ixesha ndandinamatikiti e-lottery ahlukahlukeneyo epokothweni yam.” Ngenxa yokuba uMilton wayesela yaye etshaya ngokugqithiseleyo, waphulukana neshishini elalinabasebenzi abangama-23. Uthi: “Ndandilala esitratweni, ndingenakugoduka, yaye intsapho yam yayitsala nzima kakhulu ngenxa yam.”
NoJoão wayewuchithela kwimikhwa emibi umvuzo wakhe. “Ndandingalali ekhaya kangangeentsuku. Umvuzo wam wawunganeli ukuxhasa imikhwa yam emibi nokwanelisa abo ndandithandana nabo. Umfazi wam akazange akwazi ukuyinyamezela le meko waza wafuna ukuba sahlukane.” Ukongezelela kwiingxaki zakhe zemali nezomtshato, kwakukho nezinye. Uthi: “Ndandingavisisani nezizalwana nabamelwane bam, yaye ndineengxaki ngokukodwa emsebenzini. Ngenxa yoko, ndandiphelelwa kaninzi ngumsebenzi.” UJúlio wayelikhoboka leziyobisi. Noko ke, uyachaza: “Ekubeni umvuzo wam wawungaze wanele ukuxhasa umkhwa weziyobisi endandinawo, ndaqalisa ukusebenza njengomthengisi weziyobisi ukuze ndingazithengi iziyobisi.”
Ekubeni wayekhulele kwintsapho ehlwempuzekileyo enabantwana abasibhozo, uJosé wayefuna ukuba nezinto. Eqiqa ngelokuba izinto zazisele zimbi kakade, ekunye nolunye ulutsha waqalisa ukukhuthuza abantu. Ephelelelwe lithemba, omnye oselula waba lilungu leqela leenjubaqa ekuthiwa ziiHeadbanger. Uyachaza: “Ekubeni inkoliso yethu yayihlupheka gqitha, sasifumana ulwaneliseko oluthile ekuqhekezeni izinto nasekuhlaseleni abantu.”
Ukanti, namhlanje la madoda neentsapho zawo akasathwaxwa bubuhlwempu obungathethekiyo okanye yinzondo nentiyo. Akasengobantu bangenakuzinceda okanye abangenathemba. Kutheni? Kungenxa yokuba afundisise iindaba ezilungileyo ezazishunyayelwa nguYesu. Asebenzisa isiluleko seBhayibhile aza anxulumana nabantu abacinga njengawo kumabandla amaNgqina kaYehova. Yaye afunda izinto ezibaluleke kakhulu ngokuphathelele ubutyebi nobuhlwempu.
Uncedo Lokuhlangabezana Nobuhlwempu
Okokuqala, afunda ukuba ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, imiphumo emibi yobuhlwempu inokuncitshiswa. IBhayibhile iyakugweba ukuziphatha okubi, ubunxila, ukungcakaza nokusetyenziswa kakubi kweziyobisi. (1 Korinte 6:9, 10) Izinto ezinjalo zidla imali eninzi gqitha. Zinokuyenza ihlwempu indoda esisityebi, ize ihlwempuzeke ngakumbi elihlwempu. Ukwahlukana nale mikhwa mibi neminye efana nayo kwenza lukhulu ekuphuculeni imeko yezoqoqosho yentsapho.
Okwesibini, afumanisa ukuba kukho izinto ezibaluleke ngakumbi ebomini kunobutyebi. La mazwi aphefumlelweyo anikela imbono elungeleleneyo: “Ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo.” (INtshumayeli 7:12) Ewe, imali iyafuneka. Kodwa ubulumko obusekelwe eBhayibhileni nolwazi ngeenjongo zikaThixo buluncedo ngakumbi. Eneneni, kongenabulumko, ukuba nemali eninzi gqitha kunokuba ngumthwalo njengokuba nencinane gqitha. Omnye umbhali weBhayibhile ngobulumko wathandaza wathi: “Musa ukundinika ubuhlwempu nobutyebi; ndihlafunise isonka endisimiselweyo; hleze ndihluthe, ndikhanyele, ndithi, Ngubani na uYehova? Hleze ndihlwempuzeke, ndibe, ndilicukuceze igama likaThixo wam.”—IMizekeliso 30:8, 9.
Okwesithathu, afumanisa ukuba, ukuba umntu uphila ngokuvisisana neendaba ezilungileyo ezazishunyayelwa nguYesu, akuyomfuneko ukuba azive elahlwe kwesinomhlwa. Iindaba ezilungileyo zinento yokwenza noBukumkani bukaThixo. Esi sigidimi sibizwa ngokuba ‘ziindaba ezilungileyo zobukumkani,’ yaye kumhla wethu sishunyayelwa kwelimiweyo liphela. (Mateyu 24:14) UYesu wasixelela ukuba siya kuxhaswa ukuba sikholosa ngobo Bukumkani. Wathi: “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) UThixo akathembisi iinqwelo-mafutha zodidi okanye izindlu ezinobuqheleqhele. UYesu wayethetha ngezinto eziyimfuneko ebomini, izinto ezinjengokutya nempahla. (Mateyu 6:31) Kodwa namhlanje izigidi zinokuvuma ukuba idinga likaYesu linokuthenjwa. Umntu, kwanolihlwempu gqitha, akalahlwanga kwesinomhlwa ukuba ubeka uBukumkani kwindawo yokuqala.
Okwesine, afumanisa ukuba umntu obeka uBukumkani bukaThixo kwindawo yokuqala akacatshukiswa ziingxaki zezoqoqosho. Ewe, umntu olihlwempu kufuneka asebenze nzima. Kodwa ukuba ukhonza uThixo, unelungelo lokuba nolwalamano noMdali wakhe, ethi iBhayibhile ngaye: “Azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana; akabusithelisanga ubuso bakhe kuye; ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.” (INdumiso 22:24) Ukongezelela, umntu olihlwempu unokuthile okumnceda ahlangabezane neengxaki zobomi. Unandipha ubuqabane obuhle namaKristu akhonza nawo yaye uyakwazi ukuthanda kukaYehova yaye unentembelo kuko. Izinto ezifana nezi “zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi.”—INdumiso 19:10.
Ekugqibeleni, Ubuhlwempu Abusekho!
Ekugqibeleni, abantu abathobela iindaba ezilungileyo bafunda ukuba uYehova uThixo unenjongo yokuyicombulula ngokupheleleyo ingxaki yobuhlwempu ngoBukumkani bakhe. IBhayibhile iyathembisa: “Aliyi kuhlala lilityalwa ihlwempu, ithemba leentsizana aliyi kudaka ngonaphakade.” (INdumiso 9:18) UBukumkani ngurhulumente wokwenene, omiselweyo emazulwini nekumiselwe uYesu Kristu njengomLawuli wabo. Kungekudala, obo Bukumkani buya kubathabathela indawo oorhulumente abangabantu ekulawuleni imicimbi yabantu. (Daniyeli 2:44) Emva koko, njengoKumkani omiselweyo, uYesu ‘uya kubenzela inceba abasweleyo nabangamahlwempu; asindise imiphefumlo yamahlwempu; akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; linqabile emehlweni akhe igazi lawo.’—INdumiso 72:13, 14.
Ekhangele phambili kwelo xesha, uMika 4:3, 4 uthi: “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.” Kuthethwa ngabani apha? Kaloku, kuthethwa ngabo bonke abazithoba kuBukumkani bukaThixo. Obo Bukumkani buya kuzicombulula zonke iingxaki ezithwaxa uluntu—kwanengxaki yokugula nokufa. “Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke.” (Isaya 25:8; 33:24) Hayi indlela eliya kwahluka ngayo elo hlabathi! Yaye khumbula, sinokuwakholelwa la madinga kuba aphefumlelwe nguThixo. Uthi: “Abantu [“bam,” NW] baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba.”—Isaya 32:18.
Ukukholosa ngoBukumkani bukaThixo kuyakoyisa ukungazihloneli ngokufuthi okubangelwa bubuhlwempu. UmKristu olihlwempu uyazi ukuba emehlweni kaThixo ubaluleke njengomKristu osisityebi. UThixo ubathanda bobabini ngokulinganayo, yaye bobabini banethemba elifanayo. Bobabini bakhangele phambili ngolangazelelo kwixesha xa, phantsi koBukumkani bukaThixo, ubuhlwempu buya kube buyinto yezolo. Hayi indlela eliya kuzuka ngayo elo xesha! Ekugqibeleni, akuyi kubakho mntu ulihlwempu!
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Kutheni uchitha ubuncwane ekungcakazeni, ekutshayeni, ekuseleni ngokugqithiseleyo, ekusebenziseni kakubi iziyobisi okanye kubomi bokuziphatha okubi?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UYehova uThixo uya kuzicombulula iingxaki zokuhlwempuzeka kwabantu ngoBukumkani bakhe