Ukuzingisa Kukhokelela Kwinkqubela
NGOKUBALISWA NGUJOSÉ MAGLOVSKY
Xa ipolisa landixhakamfula ngengalo, ndakhangela ubawo. Phofu ke, ndandingazi ukuba wayesele esiwe kwisikhululo samapolisa. Xa ndafikayo apho, amapolisa azihlutha zonke iimpapasho zethu, kuquka iiBhayibhile zethu, aza azifumba emgangathweni. Akubona oku, ubawo wabuza: “Ngaba neeBhayibhile nizibeka emgangathweni?” Umphathi wamapolisa wacela uxolo, wandula ke wacholachola iiBhayibhile wazibeka etafileni.
KWENZEKA ntoni kuthi kweso sikhululo samapolisa? Sasenze ntoni? Ngaba sasihlala kwilizwe elingakholelwayo kuThixo elilawulwa ngamapolisa, nto leyo eyenza ukuba kwaneeBhayibhile zihluthwe kuthi? Ukuze ndiphendule le mibuzo, kuya kufuneka sibuyele emva phayaa ngowe-1925, ngaphambi kokuba ndizalwe.
Ngaloo nyaka ubawo, uEstefano Maglovsky, nomama, uJuliana, bayishiya indawo eyayisakuba yiYugoslavia baza bafudukela eBrazil, bahlala eSão Paulo. Nangona uBawo wayengumProtestanti yaye uMama engumKatolika, unqulo aluzange lubahlule. Enyanisweni, kwiminyaka elishumi kamva kwenzeka okuthile okwabamanyanisayo ngokonqulo. Umfumbesi kaBawo waphathela ubawo incwadana enemibala-bala yesiHungarian eyayixubusha ngemeko yabafi. Yena wayifumana loo ncwadi njengesipho, waza wacela uBawo ukuba ayifunde aze amphe uluvo lwakhe ngoko ikuquletheyo, ngokukodwa inxalenye eyayithetha ‘ngesihogo.’ UBawo wachitha ubusuku bonke eyifunda yaye eyiphindaphinda le ncwadana, yaye kusuku olulandelayo, xa umalume weza kufuna uluvo lwakhe, uBawo eqinisekile wavakalisa oku: “Nantsi inyaniso!”
Iziqalo Ezincinane
Ekubeni le mpapasho yayiyeyamaNgqina kaYehova, bobabini bawafuna ukuze bafunde okungakumbi ngeenkolelo neemfundiso zawo. Xa bade badibana nawo ekugqibeleni, amalungu aliqela entsapho yakowethu aqalisa ukuba neengxubusho zeBhayibhile namaNgqina. Kwangaloo nyaka we-1935, kwaqaliswa isifundo seBhayibhile esithe rhoqo ngesiHungarian, kukho umlinganiselo wabantu abasibhozo abezayo, yaye ukususela ngoko saye sanesifundo seBhayibhile esithe rhoqo ekhaya.
Emva kweminyaka emibini efundisisa iBhayibhile, uBawo wabhaptizwa ngowe-1937 waza waliNgqina likaYehova elinenzondelelo, enesabelo kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu yaye kwakhona ekhonza njengesicaka esimiselweyo nomqhubi wesifundo. Wafak’ isandla ekusekweni kwebandla lokuqala eSão Paulo, kwicandelo leVila Mariana. Kamva eli bandla lafuduselwa kumbindi wesixeko laza laziwa NjengeBandla laseCentral. Kwiminyaka elishumi kamva kwasekwa ibandla lesibini, kummandla waseYpiranga, ibe uBawo wamiselwa njengesicaka sebandla apho. Ngowe-1954 kwasekwa ibandla lesithathu, kwicandelo leMoinho Velho, apho wathi kwakhona wakhonza kwanjengesicaka sebandla.
Kungekudala emva kokuba eli qela lizinze kakuhle, waqalisa ukunceda iqela elikufuphi eSão Bernardo do Campo. Ngenxa yentsikelelo kaYehova kwimigudu yala maqela mancinane amaNgqina ebudeni beminyaka emininzi, ulwando belulukhulu, nto leyo eyenze ngowe-1994 kwakho abavakalisi abangaphezu kwama-70 000 kumabandla angama-760 kwimimandla engqonge iSão Paulo. Okubuhlungu kukuba, uBawo akalubonanga olu lwando. Wafa ngowe-1958 eneminyaka engama-57 ubudala.
Ukuzabalazela Ukulandela Umzekelo KaBawo
Olona phawu lukaBawo lubalaseleyo, njengokuba enjalo namanye amaKristu aqolileyo, yayikukubuka kwakhe iindwendwe. (Bona eye-3 kaYohane 1, 5-8.) Ngenxa yoko, saba nelungelo lokutyelelwa nguAntonio Andrade nomkakhe nonyana wakhe, abeza eBrazil bevela eUnited States kunye noMzalwana noDade uYuille ngowe-1936. Kwakhona ezinye iindwendwe ezazisekhaya yayingabaphumelele kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, uHarry Black noDillard Leathco, ababengabavangeli basemazweni bokuqala ukwabelwa eBrazil ngowe-1945. Abanye abaninzi bafika emva kwabo. Aba bazalwana noodade babesoloko bengumthombo wokhuthazo kuye wonke ubani kwintsapho yakowethu. Kuba ndikuqonda oku nangenxa yokufuna ukuba kungenelwe intsapho yakowethu, ndiye ndazabalazela ukuxelisa umzekelo kabawo ngokuphathelele uphawu lwamaKristu lokubuka iindwendwe.
Nangona ndandineminyaka nje esithoba ubudala xa uBawo wafunda inyaniso ngowe-1935, njengonyana wamazibulo, ndaqalisa ukuhamba naye xa esiya kwimisebenzi yobuthixo. Sonke sasihamba naye ukuya ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani emi kwikomkhulu lamaNgqina eSão Paulo e-Eça de Queiroz Street, Number 141. Ngenxa yemfundiso noqeqesho uBawo awandinika lona, ndaba nomnqweno onamandla wokukhonza uYehova, ibe ngowe-1940, ndazahlulela kuYehova, ndikufuzisela oku ngokuntywiliselwa emanzini kuMlambo iTietê ongcolileyo ngoku, oqukuqela kumbindi weSão Paulo.
Kungekudala ndafunda oko kuthethwa kukuba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo othe rhoqo, ndityala yaye ndinkcenkceshela isigidimi senyaniso kwabanye ndibaqhubela nezifundo zeBhayibhile zamakhaya. Ngoku, njengokuba ndibona amawaka amaNgqina kaYehova azahluleleyo eBrazil, ndiziva ndinovuyo olunzulu lokwazi ukuba ndasetyenziswa nguYe ekuncedeni amaninzi kuwo ayazi inyaniso okanye enze nzulu uxabiso lwawo ngayo.
Phakathi kwabo ndabancedayo yayinguJoaquim Melo, endadibana naye kubulungiseleli bendlu ngendlu. Ndandincokola namanye amadoda amathathu awayephulaphule kodwa engenamdla ungako. Ndandula ke ndaphawula ityendyana lomfana elasithelelayo laza laphulaphula ngenyameko. Ekuboneni umdla walo, ndaphethulela ingqalelo yam kulo, ndaza emva kokunikela ubungqina obuhle, ndalimemela kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Alizange lize kwesi sifundo, kodwa leza kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo laza emva koko labakho rhoqo kwiintlanganiso. Lenza inkqubela entle, labhaptizwa, laza kangangeminyaka eliqela lakhonza njengomlungiseleli ohambahambayo, liphelekwa ngumkalo.
Kwandula ke kwakho uArnaldo Orsi, endadibana naye kwindawo endandisebenza kuyo. Ndandisoloko ndinikela ubungqina komnye umntu endandisebenza naye kodwa ndaphawula igatyana lomfana elalineendevu elalisoloko liphulaphule, ngoko ndaqalisa ukuthetha ngokungqalileyo nalo. Laliphuma kwintsapho ezinikeleyo yamaKatolika kodwa labuza imibuzo emininzi ngezinto ezifana nokutshaya, ukubukela iifilimu ezibonisa amanyala nokuqeqeshelwa ubuchule bejudo bokulwela ukuzikhusela. Ndalibonisa oko kuthethwa yiBhayibhile, yaye okwandivuyisayo endandingakulindelanga kukuba, kusuku olulandelayo landimema ukuba ndize kulibukela njengoko lalisaphula inqawa yalo nesixhobo sokulumeka icuba ndawonye nomnqamlezo walo, latshabalalisa neefilimu zalo ezibonisa amanyala laza lacheba neendevu zalo. Kwixesha nje elifutshane lalisele lingomnye umntu! Kwakhona layeka ukuziqeqeshela ijudo laza lacela ukufundisisa iBhayibhile kunye nam imihla ngemihla. Phezu kwako nje ukuchaswa ngumfazi walo noyise, lenza inkqubela entle ngokomoya ngokuncedwa ngabazalwana ababehlala kufuphi nalo. Kwixesha nje elifutshane, labhaptizwa yaye namhlanje likhonza njengomdala webandla. Umfazi walo nabantwana balo nabo bayamkela inyaniso.
Ukuba Nesabelo Kwinkonzo YoBukumkani
Xa ndandimalunga neminyaka eli-14 ubudala, ndaqalisa ukusebenza kwinkampani yezibhengezo, apho ndathi ndafunda indlela yokubhala imiqondiso. Oku kwangqineka kuluncedo kakhulu, yaye kangangeminyaka eliqela yayindim kuphela umzalwana eSão Paulo owayesetyenziswa ekubhaleni iiplacard nokuxhoma izibhengezo zeentetho zesidlangalala nezeendibano zamaNgqina kaYehova kwimiqondiso engasezindleleni. Phantse iminyaka engama-30, ndaba nelungelo lokukhonza njengomveleli weSebe Lemiqondiso lendibano. Ndandisoloko ndiligcina ikhefu lam ukuze ndisebenze ezindibanweni, ndandide ndilale kwiholo yendibano ukuze ndibhale imiqondiso kuselithuba.
Kwakhona ndaba nethuba lokusebenza ngenqwelo-mafutha yoMbutho enesandisi-lizwi, eyayintsha ngokupheleleyo ngelo xesha. Sasibeka iimpapasho zethu zeBhayibhile kwitafilana, yaye njengoko le nqwelo-mafutha inesandisi-lizwi isasaza isigidimi esirekhodiweyo, sasithetha nabantu ababesiza bephuma ezindlwini zabo ukuza kubona oko kuqhubekayo. Enye indlela esasiyisebenzisa ekusasazeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani yayiyigramafoni ephathwayo, ibe ndisenawo amacwecwe awayesetyenziswa ekuhambiseni iimpapasho zoMbutho. Ngenxa yoko kwakuhanjiswa uncwadi lweBhayibhile oluninzi.
Ngezo mini iCawa yamaKatolika yayinemingcelele emide kwizitrato zaseSão Paulo, ngokufuthi kukho amadoda ahamba phambili evula indlela. Ngenye iCawa, mna noBawo sasihambisa IMboniselo noVukani! esitratweni xa kwavela umngcelele omde. UBawo, wayethwele umnqwazi njengoko yayingumkhwa wakhe lowo. Enye yala madoda ayekhokela loo mngcelele yakhwaza yathi: “Thula loo mnqwazi! Akuboni ukuba kuza umngcelele?” Xa uBawo engazange awothule umnqwazi wakhe, kweza amadoda angakumbi, esityhalela ecaleni esayamisa efestileni yevenkile yaye esenza isiphithiphithi. Oku kwatsala ingqalelo yelinye ipolisa, elathi leza kubona oko kuqhubekayo. Enye yala madoda yalibamba ngengalo, ifuna ukuthetha nalo. “Susa isandla sakho kwiyunifom yam!” latsho eli polisa, libetha isandla sale ndoda. Landula ke labuza oko kwakusenzeka. Le ndoda yacacisa ukuba uBawo akakhange awothule umnqwazi wakhe ngoxa kusiza umngcelele, yongezelela isithi: “Mna ndingumpostile ongumRoma Katolika.” Impendulo eyayingalindelekanga yaba yile: “Kanene uthi ungumRoma? Hamba ke ubuyele eRoma! KuseBrazil apha.” Landula ke laphethukela kuthi, labuza oku: “Ngubani oqale walapha?” Xa uBawo waphendulayo wathi sithi, eli polisa lawagxotha la madoda laza lathi masiqhubeke nomsebenzi wethu. Lema ecaleni kwethu de wonke umngcelele wadlula—yaye uBawo akazange awothule umnqwazi wakhe!
Iziganeko ezinjengezi zazinqabile. Kodwa xa zazisenzeka, kwakukhuthaza ukwazi ukuba kwakukho abantu abakholelwa ekuphathweni ngokusesikweni kwabantu abaligcudwana nababengayicengi iCawa yamaKatolika.
Ngesinye isihlandlo, ndadibana nokwishumi elivisayo owabonakalisa umdla waza wandicela ukuba ndibuye kwiveki elandelayo. Ekubuyeni kwam wandamkela ngobubele waza wandicela ukuba ndingene ngaphakathi. Hayi indlela endamangaliswa ngayo kukuzifumanisa ndingqongwe liqela lolutsha elalihlekisa yaye lizama ukundenza ndicaphuke! Le meko yaya isiba mbi, yaye ndavakalelwa kukuba kungekudala liza kundihlasela. Ndaxelela lowo wayendingenise ngaphakathi ukuba ukuba kwenzeka nantoni na kum, uya kubekek’ ityala ngokupheleleyo ibe intsapho yakowethu yayisazi apho ndikhoyo. Ndabacela ukuba bandiyeke ndihambe, yaye bavuma. Noko ke, ngaphambi kokuba ndihambe, ndathi ukuba nabani na kubo wayefuna ukuthetha nam eyedwa, ndiya kufumaneka. Kamva, ndeva ukuba yayiliqela elalinenzondelelo yempambano, abahlobo bomfundisi wasekuhlaleni owathi wababizela kule ntlanganiso. Ndavuyiswa kukuphuncula ezandleni zabo.
Kambe ke, ekuqaleni, inkqubela eBrazil yayicotha, yayiphantse ingabonakali. Sasikwinqanaba lokuqala ‘lokutyala,’ sinexesha elincinane ‘lokuhlakula’ ‘nelokuvuna’ iziqhamo zokubulaleka kwethu. Sasisoloko sikhumbula oko kwabhalwa ngumpostile uPawulos wathi: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo. Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo.” (1 Korinte 3:6, 7) Ekufikeni kwababini bokuqala abaphumelele eGiliyadi ngowe-1945, savakalelwa kukuba lalifikile ixesha lolwando ekudala lulindelwe.
Ukujamelana Nenkcaso Ngenkalipho
Phofu ke, ulwando lwalungayi kubakho ngaphandle kwenkcaso, ngokukodwa emva kokuqalisa kweMfazwe yeHlabathi II eYurophu. Kwakukho intshutshiso eqatha ngenxa yokuba abantu ngokubanzi nabanye abasemagunyeni babengakuqondi ukuba ngoondilele kwethu. Ngesinye isihlandlo, ngowe-1940, ngoxa sasikumsebenzi wasesitratweni siphethe iiplacard kumbindi weSão Paulo, elinye ipolisa landivela ngasemva, laqhawula iiplacard, laza landitsala ngengalo lindisa kwisikhululo samapolisa. Ndabhekabheka ndikhangela ubawo, kodwa wayengasabonakali ndawo. Ndandingazi ukuba, yena nabanye abazalwana noodade abaliqela, kuquka uMzalwan’ uYuille, owayevelela umsebenzi eBrazil, babesele besiwe kwisikhululo samapolisa. Njengoko kuboniswe kwisiqendu sokuqala, ndaphinda ndadibana noBawo apho.
Ekubeni ndandisemncinane, ndandingenakuvalelwa yaye kungekudala ndasiwa ekhaya lipolisa laza landishiya kumama. Kwangaloo ngokuhlwa noodade bakhululwa. Kamva amapolisa agqiba ekubeni abakhulule bonke abazalwana, ababemalunga neshumi, ngaphandle kukaMzalwan’ uYuille. Noko ke, aba bazalwana bazingisa besithi: “Simele sikhululwe sonke okanye kungakhululwa namnye.” Amapolisa am’ entla, ngoko bonke bachitha ubusuku kunye kwigumbi elibandayo kumgangatho wesamente. Kusuku olulandelayo bonke bakhululwa ngaphandle kwemiqathango. Abazalwana babebanjwa izihlandlo eziliqela ngenxa yokunikela ubungqina ngeeplacard. Imiqondiso yayisazisa ngentetho yesidlangalala kunye nencwadana eyayinomxholo othi Fascism or Freedom, yaye abathile kwabasemagunyeni babecinga ukuba sasixhasa ubuFasi, nto leyo eyathi ngokuzenzekelayo yakhokelela ekuqondweni phosakeleyo.
Kwakhona ukunyanzeliswa kwenkonzo yasemkhosini kwabangela iingxaki kubazalwana abaselula. Ngowe-1948, ndandingowokuqala eBrazil ukuphoswa ngaphaya kwezitshixo ngenxa yalo mbandela. Abasemagunyeni babengazi ukuba bandenze ntoni na. Ndathunyelwa kwisikhululo somkhosi eCaçapava ndaza ndanikwa umsebenzi wokutyala nowokunyamekela imifuno esitiyeni ndawonye nokucoca igumbi elalisetyenziswa ngabasemagunyeni xa bedlala umdlalo weesabile. Ndandisiba namathuba amaninzi okunikela ubungqina nokuhambisa iimpapasho kula madoda. Igosa eliphetheyo laba lelokuqala ukwamkela umbhalo wencwadi yoMbutho ethi Children. Kamva, ndade ndanikwa nesabelo sokufundisa ngonqulo kumajoni amalunga nama-30 okanye angama-40 awayengakwazi ukwenza imithambo aza avalelwa egumbini. Ekugqibeleni, emva kweenyanga ezimalunga neshumi entolongweni, ityala lam lavavanywa ndaza ndakhululwa. Ndiziva ndinombulelo kuYehova, owandinika amandla okujamelana nezisongelo, ukuphathwa ngendelelo nokwenziwa intlekisa endaye ndakufumana kwamanye ala madoda.
Umncedi Othembekileyo Nonyanisekileyo
NgoJuni 2, 1951, ndatshata noBarbara, ibe ukususela ngoko ubeliqabane elinyanisekileyo nelithembekileyo ekufundiseni abantwana bethu nasekubakhuliseleni “ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.” (Efese 6:4) Kubantwana bethu abahlanu, abane kubo bakhonza uYehova ngovuyo kwizigxina ezahlukahlukeneyo. Ithemba lethu lelokuba, baya kuqhubeka kunye nathi bezingisa enyanisweni baze bafak’ isandla kwinkqubela yentlangano nasemsebenzini owenziwayo. Amalungu entsapho akule foto ilapha onke ngabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo ngaphandle koyena mntwana mncinana ofunquliweyo. Abane ngabadala yaye ababini kubo bakwangoovulindlela abathe ngxi, bebonisa ubunyaniso beMizekeliso 17:6: “Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana; isihombo soonyana ngooyise.”
Ngoku, kwiminyaka engama-68 ubudala, impilo yam ayisentlanga kwaphela. Ngowe-1991, ndenziwa utyando lokulungiswa kwemithambo emithathu yegazi ngenxa yokungahambi kakuhle kwegazi (triple bypass) yaye kamva notyando oluyiangioplasty. Noko ke, kuyandivuyisa ukukwazi ukuqhubeka ndikhonza njengomveleli owongamelayo kwibandla laseSão Bernardo do Campo, ndilandela emanyathelweni kabawo, owayephakathi kwabokuqala ekuqaliseni umsebenzi apha. Ngokwenene isizukulwana sethu sikhethekile, ekubeni sinesabelo kwilungelo elikhethekileyo lokuvakalisa ukumiselwa koBukumkani bukaYehova obungoMesiya. Ngoko singaze siwalibale amazwi kaPawulos aya kuTimoti: “Ke wena . . . umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho.”—2 Timoti 4:5.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Abazali bam, uEstefano noJuliana Maglovsky
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UJosé noBarbara kunye namalungu entsapho yabo yabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo