INdibano “Yabadumisi Abanovuyo”—Ngaba Uya Kubakho Kuyo?
UVUYO! Ngaba elo gama livakala lingaqhelekanga, kweli xesha lizaliswe ziinkathazo? Ngokuqinisekileyo amaphephandaba akaniki zizathu zininzi zokuvuya. Iimfazwe zobuhlanga, indlala egqubayo, ukungaqeshwa, ungcoliso oluyingozi, ukuxengaxenga kwemeko yezobupolitika, ulwaphulo-mthetho—ezi asizozinto ezinokuzalisa intliziyo ngovuyo, akunjalo na?
Abantu abaninzi namhlanje baxhakamfula naluphi na uyolo abanokulufumana ebomini. Kodwa kuthekani ngovuyo? Uvuyo luye lwachazwa njengokuba “kwimo yokonwaba; ukugcoba.” Ababaninzi kangako abaye banandipha uvuyo lokwenene, yaye xa beba nalo, lusoloko lulolokomzuzwana kakhulu.
Kanti, ikhangele phambili kumhla wethu, iBhayibhile yaxela oku kusengaphambili: ‘Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya. Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo.’ (Isaya 65:13, 14) Kunokwenzeka njani oko?
Ukuze ufumane impendulo, siyakumema ukuba ubekho kwenye yeendibano zesithili zamaNgqina kaYehova eziza kuqhutywa ngowe-1995. Umxholo wezi ndibano uthi “Abadumisi Abanovuyo,” kwaye akukho ntlawulo yakungena ifunwayo. Ucwangciso lwale ndibano yeentsuku ezintathu luya kuba neentetho, imiboniso, iingxubusho kuquka nokunye okungakumbi okusekelwe eBhayibhileni. Kulo lonke ucwangciso, umxholo wovuyo uya kubalaseliswa.
Ezi ndibano ziza kuqala eUnited States ngoJuni kwaye ziya kuqhubeka kwizixeko jikelele ehlabathini de kube sebutsheni bowe-1996. Kusenokuba, iza kubakho enye ekufuphi kuwe. Kutheni ungabuzi amaNgqina kaYehova ahlala kummandla okuwo? Sikumema ngokufudumeleyo ukuba ubelapho.