Ookhokho Bethu Baya Kufumana Ubomi Obutsha
NGABA iLizwi likaThixo, iBhayibhile, lifundisa ukuba kungokwemvelo ukuba wonke umntu aqhubeke ephila kummandla welemimoya emva kokuba efile? Hayi, akunjalo. IBhayibhile inikela ithemba elimangalisayo lobomi emva kokufa, kodwa kungekhona ngendlela abacinga ngayo abaninzi.
Cinga ngoko ikutshoyo iBhayibhile ngokhokho wethu wokuqala, uAdam. UYehova wambumba “ngothuli lwasemhlabeni.” (Genesis 2:7) UAdam wayenethuba lokuphila ngonaphakade onwabile emhlabeni. (Genesis 2:16, 17) Noko ke, wavukela uMdali wakhe onothando, yaye umphumo waba kukufa.
Waya phi uAdam akufa? UThixo wathi kuye: ‘Uya kubuyela emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.’—Genesis 3:19.
Wayephi uAdam ngaphambi kokuba uYehova ambumbe ngothuli? Wayengekho. Wayengaphili. Ngoko xa uYehova wathi uAdam wayeya ‘kubuyela emhlabeni,’ umele ukuba wayethetha ukuba kwakhona uAdam wayengazi kuphila, kanye njengothuli. UAdam akazange ‘adlulele’ ekubeni ngumsunguli wehlabathi leminyanya. Akazange adlulele kubomi obumyoli ezulwini okanye ekuthuthunjisweni ngonaphakade kwindawo yentuthumbo. Ekuphela kwenguqulelo awayenzayo yayikukusuka ekuphileni ase ekufeni, asuke kwimeko yokubakho aye kweyokungabikho.
Kuthekani ngoluntu luphela? Ngaba nenzala ka-Adam iyayeka ukuphila yakufa? IBhayibhile iyaphendula: “Zonke [abantu nezilwanyana] ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo zinto zibuyela eluthulini.”—INtshumayeli 3:19, 20.
Imeko Yabafi
Ewe, abafi abaphili, abakwazi kuva, ukubona, ukuthetha, okanye ukucinga. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho . . . Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo.” Kwakhona iBhayibhile ithi: “Akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo [ingcwaba], apho uya khona wena.”—INtshumayeli 9:5, 6, 10.
Ngoko ke, ngokutsho kweLizwi likaThixo, ngoxa abantu bephila, bayazi ngokufa. Noko ke, xa besifa, abazi nto. Abemi ecaleni kwesidumbu sabo, bebukele oko kwenziwa kuso. Ekupheleni kobomi akukho luyolo okanye zintlungu, kungekho luvuyo nalusizi. Abo bafileyo abazi nto ngokuphathelele ukuhamba kwexesha. Bakwimeko yokungabikho zingqondweni edlula nobona bakha banzulu ubuthongo.
UYobhi, umkhonzi kaThixo kumaxesha amandulo, wayesazi ukuba abantu babengaqhubeki bephila emva kokufa. Kwakhona wayeqonda ukuba ngaphandle kokungenelela kukaThixo, kwakungayi kubakho themba lokubuyela ebomini kwakhona. UYobhi wathi: “Umfo ufa angquleke; umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke? Ulala phantsi ke, angavuki.” (Yobhi 14:10, 12) Ngokuqinisekileyo uYobhi wayengalindelanga ukuba ekufeni kwakhe wayeya kuba kunye nookhokho bakhe kwelemimoya.
Ithemba Lovuko
Ekubeni abaphilayo besifa, uYobhi waphakamisa umbuzo obalulekileyo xa waqhubeka ebuza esithi: “Ukuba uthe umfo wafa, wophila na?” Waphendula ngokwakhe uYobhi wathi: “Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi [ixesha engcwabeni], bendinga ndingalinda, kude kufike ukukhululwa kwam. Ubungabizayo ke [Yehova], ndisabele mna, uwulangazele umsebenzi wezandla zakho.”—Yobhi 14:14, 15.
Ngamanye amazwi, nangona uYobhi wayengazi kubakho, uThixo wayengayi kumlibala. UYobhi wayekholelwa kwelokuba kwakuya kufika ixesha xa uYehova uThixo eya ‘kumbiza’ abuyele ebomini ngovuko.
UYesu Kristu, uNyana kaThixo, wabonisa ukuba ithemba awayenalo uYobhi kuvuko lalisengqiqweni. UYesu walingqina elokuba abafi banako ukuvuswa. Njani? Ngokuvusa abafileyo! Wayengekho ngexesha likaYobhi ukuze amvuse, kodwa ngoxa wayesemhlabeni uYesu wamvusa unyana womhlolokazi wesixeko saseNayin. Kwakhona uYesu wavusela ebomini intombi eyayineminyaka eli-12 ubudala yendoda egama linguYayiro. Yaye wavusa nomhlobo wakhe uLazaro, owayefile kangangeentsuku ezine.—Luka 7:11-15; 8:41, 42, 49-56; Yohane 11:38-44.
Ukongezelela ekwenzeni le mimangaliso, uYesu wathetha ngovuko olukhulu lwexa elizayo. Wathi: “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke.” (Yohane 5:28, 29) Kamva, nompostile uPawulos, owasetyenziswa nguYehova ukuvusa omnye umfana, wabonisa ukukholelwa kuvuko lwexa elizayo. Wathi: “Ndinethemba kuThixo . . . ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.”—IZenzo 20:7-12; 24:15.
Ezi Zibhalo zithetha ngovuko lwexa elizayo azibhekiseli kubomi obuqhubekayo kwelemimoya. Zalatha kwixesha laxa izigidi zabafileyo ziya kubuyela ebomini kanye apha emhlabeni zinemizimba yokoqobo. Aba bavusiweyo abayi kuba ngabantu abangabukhumbuliyo ubomi babo bangaphambili emhlabeni. Abayi kuzalwa ngokutsha njengeentsana. Kunoko, baya kuba ngabayaa bantu babengabo xa bafayo, beneenkumbulo nobuntu obufanayo. Baya kuyikhumbula inkangeleko yabo yaye nabanye baya kwenjenjalo. Olunjani lona uvuyo oluya kubakho njengoko aba bantu besiba kunye nabahlobo neentsapho zabo kwakhona! Yaye hayi indlela ekuya kuvuyisa ngayo ukubona ookhokho bethu!
Ukuvuselwa Kubomi Basezulwini
Ngaba uYesu akazange athi abanye babeya kuya ezulwini? Ewe, watsho. Ngengokuhlwa engaphambi kokubulawa kwakhe, wathi: “Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; . . . Ndiyemka ndiya kunilungisela indawo; ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.” (Yohane 14:2, 3) UYesu wayethetha nabapostile bakhe abathembekileyo, kodwa amazwi akhe akathethi ukuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini.
UYesu wabonisa ukuba abo bavuselwa ezulwini bamele bafikelele iimfuneko ezingaphezu kokuphila ubomi obulungileyo kuphela. Enye into efunekayo kukuba nolwazi oluchanileyo ngoYehova neenjongo zakhe. (Yohane 17:3) Ezinye izinto ezifunekayo kukuba nokholo kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu nokuthobela uThixo. (Yohane 3:16; 1 Yohane 5:3) Enye into ekwayimfuneko ‘kukuzalwa ngokutsha’ njengomKristu obhaptiziweyo ozelwe ngomoya oyingcwele kaThixo. (Yohane 1:12, 13; 3:3-6) Imfuneko engakumbi yobomi basezulwini kukunyamezela njengokuba uYesu wenzayo, ezingqina ethembekile kuThixo ukusa ekufeni.—Luka 22:29; ISityhilelo 2:10.
Sikho isizathu sokuba kubekho iimfuneko eziphakame ngolo hlobo. Abo bavuselwa ezulwini banomsebenzi obalulekileyo ekufuneka bawenze. UYehova wayesazi ukuba oorhulumente abangabantu babengenakuze bayisingathe ngokuphumelelayo imicimbi yasemhlabeni. Ngoko walungiselela urhulumente wasezulwini, okanye uBukumkani, obabuya kulawula uluntu. (Mateyu 6:9, 10) UYesu wayeya kuba nguKumkani wobo Bukumkani. (Daniyeli 7:13, 14) Bambi abakhethwe emhlabeni baza bavuselwa ezulwini babeya kulawula naye. IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba aba bavusiweyo babeya kuba ‘ngookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu; balawule njengookumkani phezu komhlaba.’—ISityhilelo 5:10.
Ngaba baninzi abantu ababeya kuzifikelela iimfuneko zokuvuselwa ezulwini? Akunjalo. Nakuba ingabekeki tyala ngenxa yoko, inkoliso yabalele ukufa emangcwabeni ayifaneleki. Abaninzi babenethuba elincinane okanye bengenalo kwaphela lokufunda inyaniso ngoYehova nangeenjongo zakhe. Baphila baza bafa bengenalwazi kwaphela ngoYesu Kristu okanye ngoBukumkani bukaThixo.
UYesu wababiza ngokuba ‘ngumhlambi omncinane’ abo babeya kuya ezulwini. (Luka 12:32) Kamva kwatyhilwa ukuba inani labo ‘bathengwe emhlabeni’ ukuba balawule noKristu ezulwini laliya kuba li-144 000. (ISityhilelo 14:1-3; 20:6) Ngoxa i-144 000 ilinani elikhulu ngokwaneleyo ukuzalisa “iindawo zokuhlala” awathetha ngazo uYesu, lincinane xa lithelekiswa namawaka ezigidi zabantu abayinzala ka-Adam.—Yohane 14:2.
Iziganeko Ngaphambi Kovuko Lwasemhlabeni
Makhe senze impinda yoko siye sakuxubusha ukuza kuthi ga ngoku. Ngokutsho kweBhayibhile, abo bafayo abanabomi ekufeni de bavuswe nguYehova uThixo. Bambi bavuselwa kubomi basezulwini, apho baya kulawula noYesu Kristu kurhulumente obuBukumkani. Inkoliso yabantu iya kuvuselwa emhlabeni, ukuze ibe ngabalawulwa bobo Bukumkani.
Ngokuyinxenye ngovuko lwasemhlabeni, uYehova uya kuzalisekisa injongo yakhe ngomhlaba. UYehova wawudala ‘ukuba umiwe.’ (Isaya 45:18) Wawumele ube likhaya lomntu ngonaphakade. Ngenxa yoko, umdumisi wavuma: “Amazulu ngamazulu kaYehova, ihlabathi ulinike oonyana babantu.”—INdumiso 115:16.
Ngaphambi kokuqalisa kovuko lwasemhlabeni, kumele kwenzeke iinguqu ezinkulu. Mhlawumbi uya kuvuma ukuba kwakungeyonjongo kaThixo ukuba umhlaba uzaliswe yimfazwe, lungcoliso, lulwaphulo-mthetho nogonyamelo. Ezi ngxaki zibangelwa ngabantu abangamhloneliyo uThixo nemithetho yakhe yobulungisa. Ngoko ke, uBukumkani bukaThixo buya “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba”—inyathelo elikhulu lokuzisa ukuthanda kukaThixo emhlabeni. (ISityhilelo 11:18) UBukumkani buya kutshabalalisa bonke abantu abangendawo, bushiya amalungisa ukuba aphile emhlabeni ngonaphakade.—INdumiso 37:9, 29.
IParadisi Emhlabeni
Abo bavuselwa kumhlaba ocociweyo baya kuba ngabantu abanobulali, abakhathalayo nabenza okulungileyo. (Thelekisa uMateyu 5:5.) Phantsi kokuvelelwa ngothando buBukumkani bukaThixo, baya kuphila ngokonwaba benqabisekile. IBhayibhile isinika lo mbono umangalisayo woko kuya kwesamela ngoko: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:4.
Ewe, umhlaba uya kuguqulelwa kwiparadisi. (Luka 23:43) Khawucinge nje ukuba kuya kuthetha ntoni oko! Izibhedlele namakhaya abalupheleyo aya kuphelelwa lixesha. EParadisi, abo ngoku balupheleyo baya komelela baze babe sempilweni kwakhona. (Yobhi 33:25; Isaya 35:5, 6) Akusayi kubakho mizi yabangcwabi, amangcwaba namatye ezikhumbuzo. NgoBukumkani bakhe, uYehova uya “kuginya ukufa kuphele.” (Isaya 25:8) Ngokuqinisekileyo iintsikelelo ezinjalo zinokuthetha ukuba siya kufumana ubomi obutsha nookhokho bethu.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Abo bavuselwe emhlabeni baya kuba ngabalawulwa boBukumkani