Imibuzo Evela Kubafundi
Ngokutsho kwamaGalati 6:8, “lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.” Nguwuphi lo “Moya” kuthethwa ngawo, kwaye ngaloo ndlela sinokubuvuna njani ubomi?
Igama lesiHebhere nelesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uMoya” lineentsingiselo ezahlukahlukeneyo, ezinjengezi: (1) amandla kaThixo asebenzayo, (2) amandla obomi asebantwini okanye kwizilwanyana, (3) amandla omntu aphembelela ingqondo, kunye (4) nomntu womoya, okanye isithunywa sezulu. Eyokuqala kwezi ntsingiselo—amandla kaThixo asebenzayo—yileyo siyifumana kumaGalati 6:8.
Ukuze ufumane inkcazelo, khawuqwalasele amaGalati 3:2, apho lisetyenziswe okokuqala eli gama lithi “uMoya” kwincwadi yamaGalati. UPawulos wabuza amaKristu esithi: “Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na?” Wandula ke, kumaGalati 3:5, wanxulumanisa lo “Moya” nokwenziwa kwemisebenzi yamandla. Ngoko “uMoya” awayebhekisela kuwo yayingumoya oyingcwele, amandla kaThixo asebenzayo nangabonakaliyo.
Kamva, kumaGalati 5:16, uPawulos wathelekisa umoya nenyama. Sifunda oku: “Ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.” Ngokuthi “inkanuko yenyama” wayethetha inyama yomntu enesono. Ngaloo ndlela, kumaGalati 5:19-23, wadwelisa “imisebenzi yenyama” ngokuchasene ‘nesoMoya isiqhamo.’
Ngoko, kumaGalati 6:8, umntu ‘ohlwayelela eyakhe inyama’ umele ukuba ngulowo uzivumela alawulwe ziinkanuko zomntu ezinesono, esenza “imisebenzi yenyama.” Usenokufumana imiphumo eyonakalisayo yehambo enjalo, kwaye ukuba akaguquki, ngokuqinisekileyo akayi kubuzuza ubomi phantsi koBukumkani bukaThixo.—1 Korinte 6:9, 10.
NjengamaKristu azinikeleyo simele sibe nomnqweno ‘wokuhlwayelela umoya kaThixo.’ Oko kuquka ukuphila ngendlela evumela umoya oyingcwele ukuba usebenze ngokukhululekileyo ebomini bethu, usinceda sibonakalise isiqhamo sawo. Simele sikukhumbule oko xa sisenza isigqibo ngoko simele sikufunde okanye ngeenkqubo zikamabonwakude esimele sizibukele. Sihlwayelela umoya xa sinikela ingqalelo kwiintlanganiso zebandla size sizame ukusebenzisa isiluleko sabadala abamiselwe ngumoya.—IZenzo 20:28.
Okubangel’ umdla kukuba, amaGalati 6:8 agqibela ngesiqinisekiso sokuba xa sihlwayela ngokuvisisana nomoya oyingcwele, siya kufanelekela ‘ukuvuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.’ Ewe, ngokusekelwe kwintlawulelo kaKristu, uThixo uya kusinika ubomi obungenasiphelo ngokusebenza komoya oyingcwele.—Mateyu 19:29; 25:46; Yohane 3:14-16; Roma 2:6, 7; Efese 1:7.