Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba uThixo wayekhetha ubuso ngokunyula amadoda equmrhu elilawulayo lokuqala awayenemvelaphi efanayo yobuzwe nobuhlanga—onke ingamaYuda?
Ngokuqinisekileyo akunjalo. Bonke abo uYesu wababiza kuqala njengabafundi bakhe yayingamaYuda. Kwandula ke, ngePentekoste yowama-33 C.E., amaYuda namaguquka alukileyo aba ngawokuqala ukuthanjiswa ngomoya oyingcwele aza ngaloo ndlela afanelekela ukulawula noKristu ezulwini. AmaSamariya nabeeNtlanga abangalukanga baqukwa kamva. Ngenxa yoko, iyaqondakala into yokuba iqumrhu elilawulayo ngelo xesha lalibunjwe ngamaYuda, “abapostile namadoda amakhulu eYerusalem,” njengokuba kukhankanywe kwiZenzo 15:2. La yayingamadoda awayenolwazi olunzulu ngeZibhalo yaye eneminyaka yamava ekunqulo lokwenyaniso, kwaye ayenexesha elongezelelekileyo lokuba akhulele ekubeni ngabadala abangamaKristu abaqolileyo.—Thelekisa amaRoma 3:1, 2.
Ngexesha lentlanganiso yequmrhu elilawulayo echazwe kwiZenzo isahluko 15, abeeNtlanga abaninzi babengamaKristu. Aba babequka abantu baseAfrika, abaseYurophu nabantu bezinye iindawo. Sekunjalo, akukho ngxelo yokuba kukho abeeNtlanga abaqukwayo kwiqumrhu elilawulayo ukuze kwenziwe ubuKristu bube nomtsalane kwabangemaYuda. Ngoxa la maKristu abeeNtlanga ayesandul’ ukuguquka nawo ngokufanayo ayengamalungu ‘oSirayeli kaThixo,’ ayemele ahlonele ukuqola namava angakumbi amaKristu angamaYuda, njengabapostile, ababeyinxalenye yequmrhu elilawulayo ngelo xesha. (Galati 6:16) Phawula kwiZenzo 1:21, 22 indlela awayegqalwa ebaluleke ngayo loo mava.—Hebhere 2:3; 2 Petros 1:18; 1 Yohane 1:1-3.
Kangangeenkulungwane ezininzi uThixo wayeqhubene ngendlela ekhethekileyo nohlanga lwakwaSirayeli, hlanga olo uYesu awabakhetha kulo abapostile bakhe. Yayingeyompazamo okanye ukudlelw’ indlala into yokuba kwakungekho bapostile bavela kwindawo ngoku ebizwa ngokuba nguMzantsi Merika okanye eAfrika okanye kwiMpuma Ekude. Ethubeni amadoda namabhinqa akwezo ndawo ayeza kuba nethuba lokufumana amalungelo angaphezulu lee kunokuba ngumpostile emhlabeni, ukuba lilungu lequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala, okanye ukuba naso nasiphi na esinye isabelo phakathi kwabantu bakaThixo namhlanje.—Galati 3:27-29.
Omnye umpostile washukunyiselwa ukuba alitsolise elokuba “uThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Ewe, iingenelo zentlawulelo kaKristu ziyafumaneka kubo bonke, akukho mkhethe. Kwaye abantu abavela kuzo zonke izizwe neentlanga baya kuqukwa kuBukumkani basezulwini nakwisihlwele esikhulu esiya kuphila ngonaphakade emhlabeni.
Abantu abaninzi baba neemvakalelo ezibukhali ngemvelaphi yobuzwe, ulwimi, okanye uhlanga. Oku kucaciswa koko sikufunda kwiZenzo 6:1 ngembambano eyabangela ukukrokra phakathi kwamaKristu athetha isiGrike nalawo athetha isiHebhere. Sisenokuba sikhule naso okanye siye sasamkela isimo sengqondo sokuba neemvakalelo ezibukhali ngokugqith’ emgceni ngolwimi, ubuzwe, imvelaphi yobuhlanga, okanye isini. Ngenxa yokuba oku kunokwenzeka ngokwenene, senza kakuhle ukwenza umgudu wokuzimisela ukuvisisanisa iimvakalelo nezenzo zethu nembono kaThixo, ekukuba bonke abantu bayalingana emehlweni akhe, kungakhathaliseki ukuba injani na imbonakalo yabo yangaphandle. Xa uThixo wayevakalisa iimfaneleko zabadala nezicaka zolungiselelo, akazange ayikhankanye imvelaphi yobuzwe neyobuhlanga. Wanikela ingqalelo kwiimfaneleko zokomoya zabo babenokuzenza bafumanekele ukukhonza. Oko kunjalo ngabadala basekuhlaleni, abaveleli abahambahambayo, nabo basebenza kumasebe namhlanje, njengokuba kwakunjalo ngequmrhu elilawulayo ngenkulungwane yokuqala.