IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 8/1 iphe. 9-14
  • UYehova—UThixo Ofundisayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova—UThixo Ofundisayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UBawo, UMfundisi, INdoda
  • Iimfundiso Ezibalulekileyo ZikaYehova
  • Isihlwele Esikhulu Sabafundisiweyo
  • Indlela UYehova Afundisa Ngayo
  • Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi
    Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi
  • Ukuvisisana Okupheleleyo KweBhayibhile
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
  • Lowo Wangqinelwa Ngabo Bonke Abaprofeti
    Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
  • Ukuvuya Komfazi Oludlolo
    Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu, Umqulu II
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 8/1 iphe. 9-14

UYehova—UThixo Ofundisayo

‘Bonke baya kuba ngabafundiswa bakaThixo.’—YOHANE 6:45.

1. UYesu wenza ntoni ngoku eKapernahum?

UYESU KRISTU wayesandul’ ukwenza imimangaliso ibe ngoku ubonwa efundisa kwindlu yesikhungu yaseKapernahum, kufutshane noLwandle lwaseGalili. (Yohane 6:1-21, 59) Abaninzi bavakalisa ukungakholwa xa esithi: “Ndihle emazulwini.” Bekrokra bathi: “Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angathini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?” (Yohane 6:38, 42) Ebakhalimela, uYesu uthi: “Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.”—Yohane 6:44.

2. Sinasiphi isisekelo sokukholelwa kwidinga likaYesu ngovuko?

2 Elinjani ukumangalisa idinga—ukuvuswa ngomhla wokugqibela, xa uBukumkani bukaThixo bulawula! Sinokulikholelwa eli dinga ngenxa yokuba lixhaswa nguBawo, uYehova uThixo. (Yobhi 14:13-15; Isaya 26:19) Eneneni, uYehova, ofundisa ukuba abafi baya kuvuka, “ngoyena mfundisi ubalaseleyo kunabo bonke.” (Yobhi 36:22, Today’s English Version) Esalathisela ingqalelo kwiimfundiso zikaBawo, ngokulandelayo uYesu uthi: “Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo.”—Yohane 6:45.

3. Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa?

3 Ngokuqinisekileyo, bekuya kuba lilungelo ukuba phakathi kwabo umprofeti uIsaya wabhala ngabo wathi: “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova.” (Isaya 54:13) Ngaba sinokuba ngabo? Ngoobani abaye bafana nabantwana kuye baza bafumana iimfundiso zakhe? Ziziphi iimfundiso ezibalulekileyo zikaYehova esimele sizazi size senze ngokuvisisana nazo ukuze asisikelele? UYehova wayefundisa njani ngaphambili, yaye ngaba ufundisa ngendlela efanayo namhlanje? Le yimibuzo esiza kuyihlolisisa.

UBawo, UMfundisi, INdoda

4. Ngabaphi oonyana bakaYehova bokuqala abafundiswa nguye?

4 UYehova waba nguBawo noMfundisi okokuqala xa wadala uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uYesu ngaphambi kokuba abe ngumntu. Lo ubizwa ngokuba ‘nguLizwi’ ngenxa yokuba siSithethi esiyiNtloko sikaYehova. (Yohane 1:1, 14; 3:16) ULizwi wayekhonza ‘enaye [uYise], eyingcibi yomsebenzi,’ yaye wafunda kakuhle kwiimfundiso zikaYise. (IMizekeliso 8:22, 30) Eneneni, waba nguMmeli, okanye isixhobo, uBawo awadala ngaso zonke ezinye izinto, kuquka “oonyana bakaThixo” abangumoya. Hayi indlela abamele ukuba babekuvuyela ngayo ukufundiswa nguThixo! (Yobhi 1:6; 2:1; 38:7; Kolose 1:15-17) Kamva, kwadalwa umntu wokuqala, uAdam. Naye ‘wayengunyana kaThixo,’ ibe iBhayibhile ityhila ukuba uYehova wamfundisa.—Luka 3:38; Genesis 2:7, 16, 17.

5. Liliphi ilungelo elixabisekileyo uAdam awaphulukana nalo, sekunjalo ngoobani uYehova awabafundisayo, yaye ngoba?

5 Okulusizi kukuba, uAdam, ngokungathobeli kwakhe ngabom, waphulukana nelungelo lokuqhubeka engunyana kaThixo. Ngoko ke, inzala yakhe yayingenakuzibanga njengezalwe ingoonyana bakaThixo. Sekunjalo, uYehova wabafundisa abantu abangafezekanga ababefuna ukhokelo lwakhe. Ngokomzekelo, uNowa wangqineka “eyindoda elilungisa” eyathi ‘yahamba noThixo,’ ngoko ke uYehova wamfundisa uNowa. (Genesis 6:9, 6:13–7:5) Ngokuthobela kwakhe, uAbraham wazingqina ‘esisihlobo sikaThixo,’ yaye ngoko ke naye wafundiswa nguYehova.—Yakobi 2:23; Genesis 12:1-4; 15:1-8; 22:1, 2.

6. Ngoobani uYehova awabagqala ‘njengonyana’ wakhe, yaye wayengumfundisi onjani kubo?

6 Emva kwexesha elide, ebudeni bomhla kaMoses, uYehova wangena kulwalamano lomnqophiso nohlanga lwamaSirayeli. Ngenxa yoko, olo hlanga lwaba ngabantu bakhe abakhethiweyo yaye lwalugqalwa ‘njengonyana’ wakhe. UThixo wathi: “Unyana wam . . . nguSirayeli.” (Eksodus 4:22, 23; 19:3-6; Duteronomi 14:1, 2) Ngokusekelwe kolo lwalamano lomnqophiso, amaSirayeli ayenokuthi, njengoko umprofeti uIsaya wabhalayo: “Wena, Yehova, unguBawo.” (Isaya 63:16) UYehova wayamkela imbopheleleko yakhe njengobawo waza ngothando wabafundisa abantwana bakhe, amaSirayeli. (INdumiso 71:17; Isaya 48:17, 18) Eneneni, xa benza ngokungathembeki, ngenceba wababongoza wathi: “Buyani, nyana bangamaphamba.”—Yeremiya 3:14.

7. Luluphi ulwalamano uSirayeli awayenalo noYehova?

7 Ngenxa yolwalamano lomnqophiso noSirayeli, kwakhona ngokufuziselayo uYehova waba yiNdoda yolo hlanga, lwaza lwaba ngumfazi wakhe wokomfuziselo. Ngalo mfazi umprofeti uIsaya wabhala: “Indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.” (Isaya 54:5; Yeremiya 31:32) Nangona uYehova wayiphumeza ngokubekekileyo indima yakhe njengeNdoda, uhlanga lwamaSirayeli lwaba ngumfazi ongathembekanga. UYehova wathi: “Njengoko umfazi atshinizayo kuwabo, nitshinizile ngokunjalo kum, nina ndlu kaSirayeli.” (Yeremiya 3:20) UYehova wathi gqolo ebabongoza oonyana bomfazi wakhe ongathembekanga; waqhubeka ‘enguMyaleli wabo Ozukileyo.’—Isaya 30:20, NW; 2 Kronike 36:15.

8. Nangona uhlanga lwakwaSirayeli lwalahlwayo nguYehova, sekunjalo nguwuphi umfazi wokomfuziselo ekwakufanekiselwa yena asenaye?

8 Xa uSirayeli wamgatyayo waza wambulala uNyana Wakhe, uYesu Kristu, ekugqibeleni uThixo wamlahla. Ngoko uhlanga lwamaYuda lwalungasengomfazi wakhe wokomfuziselo, yaye wayengasenguye uYise noMfundisi woonyana balo abagwenxa. (Mateyu 23:37, 38) Noko ke, uSirayeli wayengumfazi wokomfuziselo kuphela. Umpostile uPawulos wacaphula uIsaya 54:1, othetha ngomfazi ‘oludlolo’ owahlukileyo kumfazi ‘onendoda,’ uhlanga lwamaSirayeli emvelo. UPawulos utyhila ukuba amaKristu athanjisiweyo ngabantwana bomfazi ‘oludlolo,’ ambiza ngokuba ‘yephezulu iYerusalem.’ Lo mfazi kwakufanekiselwa yena ubunjwa yintlangano kaThixo yasezulwini yezidalwa zomoya.—Galati 4:26, 27.

9. (a) Wayebhekisela kubani uYesu xa wathi ‘abantwana bakho baya kuba ngabafundiswa bakaYehova’? (b) Abantu baba ngabantwana bakaThixo bokomoya ngokusekelwe entwenini?

9 Ngaloo ndlela, kwindlu yesikhungu yaseKapernahum, xa uYesu wayecaphula isiprofeto sikaIsaya esithi: “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova,” wayethetha ngabo babeya kuba ‘ngabantwana bephezulu iYerusalem,’ intlangano kaThixo yasezulwini efana nomfazi. Ngokwamkela iimfundiso zommeli kaThixo owayevela ezulwini, uYesu Kristu, loo maYuda ayephulaphule ayenokuba ngabantwana bomfazi kaThixo wasezulwini owayefudula eludlolo baze babumbe “uhlanga olungcwele,” “amaSirayeli kaThixo” okomoya. (1 Petros 2:9, 10; Galati 6:16) Echaza ithuba elimangalisayo elavulwa nguYesu lokuba ngoonyana bakaThixo bokomoya, umpostile uYohane wabhala: “Weza kokwakhe, baza abakhe abamvuma. Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo bakholwayo kwigama lakhe.”—Yohane 1:11, 12.

Iimfundiso Ezibalulekileyo ZikaYehova

10. Ngoko nangoko emva kwemvukelo yase-Eden, uYehova wafundisa ntoni ngokuphathelele ‘imbewu,’ yaye yangqineka ingubani le Mbewu?

10 NjengoBawo onothando, uYehova uyabachazela abantwana bakhe iinjongo zakhe. Ngaloo ndlela, xa isithunywa sezulu esinemvukelo salukuhlela isibini sokuqala esingabantu ekubeni singathobeli, ngoko nangoko uYehova wasixelela ukuba wayeya kwenza ntoni ukuze azalisekise injongo yakhe yokwenza umhlaba ube yiparadisi. Wathi wayeya kumisa ubutshaba phakathi ‘kwenyoka yakudala,’ enguSathana uMtyholi, “nomfazi.” Wandula ke wachaza ukuba ‘imbewu’ yomfazi yayiya kumtyumza “intloko” uSathana, imbulale. (Genesis 3:1-6, 15; ISityhilelo 12:9; 20:9, 10) Njengoko sibonile, umfazi—kamva owachazwa ‘njengephezulu iYerusalem’—yintlangano kaThixo yasezulwini yezidalwa zomoya. Kodwa ngubani ‘imbewu’ yakhe? NguNyana kaThixo, uYesu Kristu, lowo wathunywa ephuma ezulwini nalowo ekugqibeleni uya kutshabalalisa uSathana.—Galati 4:4; Hebhere 2:14; 1 Yohane 3:8.

11, 12. UYehova wayicacisa ngakumbi njani le mfundiso yakhe ibalulekileyo iphathelele “imbewu”?

11 UYehova wayicacisa ngakumbi le mfundiso ibalulekileyo ‘ingembewu’ xa wathembisa uAbraham: “Ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu . . . Zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi.” (Genesis 22:17, 18) UYehova wasebenzisa umpostile uPawulos ukucacisa ukuba uYesu Kristu yiMbewu ka-Abraham ethenjisiweyo kodwa nabanye babeya kuba yinxalenye yaloo “mbewu.” UPawulos wabhala: “Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.”—Galati 3:16, 29.

12 Kwakhona uYehova watyhila ukuba uKristu, iMbewu, wayeya kuvela kumnombo kaYuda zize “zimlulamele izizwe.” (Genesis 49:10) Ngokuphathelele uKumkani uDavide wesizwe sakwaYuda, uYehova wathembisa: “Ndiyimise ngonaphakade imbewu yakhe, netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu. Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade, netrone yakhe njengelanga phambi kwam.” (INdumiso 89:3, 4, 29, 36) Xa isithunywa sezulu uGabriyeli savakalisa ukuzalwa kukaYesu, sachaza ukuba umntwana wayenguMlawuli omiselwe nguThixo, iMbewu kaDavide. UGabriyeli wathi: “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, . . . nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.”—Luka 1:32, 33; Isaya 9:6, 7; Daniyeli 7:13, 14.

13. Ukuze sisikelelwe nguYehova, simele sisabele njani kwimfundiso yakhe?

13 Ukuze sisikelelwe nguYehova, simele siyazi size senze ngokuvisisana nale mfundiso ibalulekileyo yoBukumkani bukaThixo. Simele sikholelwe ukuba uYesu wehla evela ezulwini, ukuba unguKumkani omiselweyo kaThixo—iMbewu yasebukhosini eya kuvelela ukubuyiselwa kweParadisi emhlabeni—yaye uya kuvusa abafileyo. (Luka 23:42, 43; Yohane 18:33-37) Xa uYesu wayethetha ngokuvusa abafileyo eKapernahum, kwakufanele kucace kumaYuda ukuba wayethetha inyaniso. Kaloku, kwiiveki ezimbalwa ngaphambi koko, mhlawumbi apho eKapernahum, wayevuse intombazana eneminyaka eli-12 ubudala yomphathi wendlu yesikhungu! (Luka 8:49-56) Ngokuqinisekileyo nathi sinezizathu ezivakalayo zokukholelwa nokwenza ngokuvisisana nemfundiso kaYehova enika ithemba ngokuphathelele uBukumkani bakhe!

14, 15. (a) UBukumkani bukaYehova bubaluleke kangakanani kuYesu? (b) Yintoni ekufuneka siyiqonde size sikwazi ukuyicacisa ngoBukumkani bukaYehova?

14 UYesu wachithela ubomi bakhe basemhlabeni ekufundiseni ngoBukumkani bukaYehova. Wabenza umxholo wobulungiseleli bakhe, yaye wade wafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele. (Mateyu 6:9, 10; Luka 4:43) AmaYuda okwemvelo ayenikwe ithuba lokuba ‘ngabantwana bobukumkani,’ kodwa ngenxa yokuswela ukholo, inkoliso yawo yaphoswa lelo lungelo. (Mateyu 8:12; 21:43) UYesu watyhila ukuba ‘ngumhlambi omncinane’ kuphela ofumana ilungelo lokuba “ngoonyana bobukumkani.” Aba “nyana” baba ‘ziindlalifa kunye noKristu’ kuBukumkani bakhe basezulwini.—Luka 12:32; Mateyu 13:38; Roma 8:14-17; Yakobi 2:5.

15 Zingaphi iindlalifa zobukumkani uKristu aya kuzithabathela ezulwini ukuze zilawule kunye naye phezu komhlaba? Ngokutsho kweBhayibhile, li-144 000 kuphela. (Yohane 14:2, 3; 2 Timoti 2:12; ISityhilelo 5:10; 14:1-3; 20:4) Kodwa uYesu wathi wayenazo “nezinye izimvu,” eziya kuba ngabalawulwa basemhlabeni bolo lawulo loBukumkani. Ezi ziya kunandipha impilo efezekileyo noxolo ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi. (Yohane 10:16; INdumiso 37:29; ISityhilelo 21:3, 4) Kufuneka siziqonde size sikwazi ukuzicacisa iimfundiso zikaYehova ezingoBukumkani.

16. Yiyiphi imfundiso ebalulekileyo kaYehova ekufuneka siyifunde size siyibonakalise?

16 Umpostile uPawulos wachaza enye imfundiso ebalulekileyo kaYehova. Wathi: “Nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane.” (1 Tesalonika 4:9) Ukuze sikholise uYehova, kufuneka sibonise uthando olunjalo. “UThixo uluthando,” itsho iBhayibhile, yaye simele sixelise umzekelo wakhe wokubonisa uthando. (1 Yohane 4:8; Efese 5:1, 2) Okulusizi kukuba, inkoliso yabantu isilele kalusizi ukufunda ukuthanda abanye abantu njengoko uThixo esifundisa ukuba senze. Kuthekani ngathi? Ngaba sisabele kule mfundiso kaYehova?

17. Sisimo sengqondo soobani esifanele sisixelise?

17 Kubalulekile ukuba sizamkele zonke iimfundiso zikaYehova. Kwanga isimo sethu sengqondo singafana neso sabadumisi beBhayibhile ababhala oku: “Ndazise iindlela zakho, Yehova, ndifundise umendo wakho. Ndinyathelise enyanisweni yakho, undifundise.” “Ndifundise imimiselo yakho. Ndifundise ndibe nemvo nokwazi okulungileyo, . . . Ndifundise amasiko akho.” (INdumiso 25:4, 5; 119:12, 66, 108) Ukuba unezimvo ezifanayo nezo zabadumisi, unokuba phakathi kwesihlwele esikhulu esifundiswa nguYehova.

Isihlwele Esikhulu Sabafundisiweyo

18. Yintoni umprofeti uIsaya awaxela kwangaphambili ukuba yayiya kwenzeka kwixesha lethu?

18 Umprofeti uIsaya wakuxela kwangaphambili oko kuya kwenzeka kwixesha lethu: “Kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba . . . Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe.” (Isaya 2:2, 3, akekeliswe sithi; Mika 4:2.) Ngoobani aba bantu bafundiswa nguYehova?

19. Ngoobani namhlanje abaqukiweyo phakathi kwabo bafundiswa nguYehova?

19 Baquka abanye abangengabo abo baya kulawula ezulwini noKristu. Njengoko kuphawuliwe ngaphambilana, uYesu wathi wayenazo “nezinye izimvu”—abalawulwa basemhlabeni boBukumkani—ukongezelela ‘kumhlambi omncinane’ weendlalifa zoBukumkani. (Yohane 10:16; Luka 12:32) “Isihlwele esikhulu,” esiya kusinda ‘kwimbandezelo enkulu,’ sikudidi lwezinye izimvu, yaye sinandipha ukuma okwamkelekileyo phambi koYehova ngenxa yokuba sinokholo kwigazi likaYesu elaphalalayo. (ISityhilelo 7:9, 14) Nangona ezinye izimvu zingaqukwa ngokungqalileyo ‘kubantwana’ ekuthethwa ngabo kuIsaya 54:13, zisikelelwe ngokufundiswa nguYehova. Ngenxa yoko, ngokufanelekileyo uThixo zimbiza ngokuthi “Bawo” ngenxa yokuba, eneneni, uya kuba nguYisemkhulu kuzo ngenxa ‘kaBawo Ongunaphakade,’ uYesu Kristu.—Mateyu 6:9; Isaya 9:6, NW.

Indlela UYehova Afundisa Ngayo

20. Ziziphi iindlela afundisa ngazo uYehova?

20 UYehova ufundisa ngeendlela ezininzi. Ngokomzekelo, ufundisa ngemisebenzi yakhe yendalo, engqinela ubukho bakhe nobulumko bakhe obukhulu. (Yobhi 12:7-9; INdumiso 19:1, 2; Roma 1:20) Ukongezelela, ufundisa ngokunxibelelana ngokuthe ngqo, njengokuba wenzayo xa wayefundisa uYesu ngaphambi kokuba abe ngumntu. Ngokufanayo, izihlandlo ezithathu ezibhaliweyo, wathetha ngokuthe ngqo nabantu abasemhlabeni esezulwini.—Mateyu 3:17; 17:5; Yohane 12:28.

21. Sisiphi isithunywa sezulu uYehova awasisebenzisa ngokukhethekileyo njengommeli wakhe, kodwa sazi njani ukuba nezinye zasetyenziswa?

21 Kwakhona uYehova usebenzisa abameli abazizithunywa zezulu ukuze afundise, kuquka iZibulo lakhe, “uLizwi.” (Yohane 1:1-3) Nangona uYehova wayenako ukuthetha ngokuthe ngqo nonyana wakhe ofezekileyo ongumntu, uAdam, emyezweni wase-Eden, kusenokwenzeka ukuba wasebenzisa uYesu owayephila ngaphambi kokuba abe ngumntu ukuthetha egameni Lakhe. (Genesis 2:16, 17) Kusenokwenzeka ukuba nguye “isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli” nawathi ngokuphathelele sona uYehova wayalela oku: “Uliphulaphule ilizwi laso.” (Eksodus 14:19; 23:20, 21) Ngokungathandabuzekiyo yayikwanguYesu ngaphambi kokuba abe ngumntu “umthetheli womkhosi kaYehova” owabonakala kuYoshuwa ukuze amomeleze. (Yoshuwa 5:14, 15) Kwakhona uYehova usebenzisa nezinye izithunywa zezulu ukuze adlulisele iimfundiso zakhe, njengezo wazisebenzisa ukudlulisela uMthetho wakhe kuMoses.—Eksodus 20:1; Galati 3:19; Hebhere 2:2, 3.

22. (a) Ngoobani emhlabeni uYehova aye wabasebenzisela ukufundisa? (b) Yiyiphi indlela eyintloko uYehova abafundisa ngayo abantu namhlanje?

22 Ukongezelela, uYehova uThixo usebenzisa abameli abangabantu ukufundisa. KwaSirayeli abazali babefanele bafundise abantwana babo; abaprofeti, ababingeleli, abathetheli nabaLevi babefundisa uhlanga uMthetho kaYehova. (Duteronomi 11:18-21; 1 Samuweli 12:20-25; 2 Kronike 17:7-9) UYesu wayesiSithethi sikaThixo esiphambili emhlabeni. (Hebhere 1:1, 2) Ngokufuthi uYesu wathi oko wayekufundisa koko wayekufunde kuYise, ngoko, enyanisweni, abo babemphulaphula babefundiswa nguYehova. (Yohane 7:16; 8:28; 12:49; 14:9, 10) UYehova wenze ukuba amazwi akhe abhalwe, yaye kulo mhla wethu ngokuyintloko abantu ubafundisa ngezi Zibhalo ziphefumlelweyo.—Roma 15:4; 2 Timoti 3:16.

23. Yiyiphi imibuzo eza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?

23 Siphila kumaxesha abalulekileyo, ekubeni iZibhalo zithembisa ukuba ‘ekupheleni kwemihla [esiphila kuyo] izizwe ezininzi ziya kuyalelwa iindlela zikaYehova.’ (Isaya 2:2, 3, akekeliswe sithi.) Ifumaneka njani le miyalelo? Simele senze ntoni ukuze singenelwe, size sibe nesabelo, kwinkqubo yokufundisa ezukileyo kaYehova eqhubekayo ngoku? Kwinqaku elilandelayo siza kuqwalasela loo mibuzo.

Ubuya Kuphendula Uthini?

◻ UYehova waba nguye njani uBawo, uMfundisi neNdoda?

◻ UYehova ufundisa ntoni ngokuphathelele ‘imbewu’?

◻ Yiyiphi imfundiso ebalulekileyo kaThixo esifanele siyithobele?

◻ Ufundisa njani uYehova?

[Umfanekiso okwiphepha 10]

Ukuvusa intombi kaYayiro kwanikela isizathu sokukholelwa kwidinga likaYesu lovuko

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share