IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 8/15 iphe. 8-11
  • Ngaba Amathandabuzo AngoYesu Afanelekile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Amathandabuzo AngoYesu Afanelekile?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Awahlwayelwa Ngayo Amathandabuzo NgoYesu
  • Ubungqina Obuphelisa Amathandabuzo
  • Isizathu Sokuba Abanye Bayithandabuze Imimangaliso KaYesu
  • Ngaba Afanelekile Amathandabuzo Angovuko LukaYesu?
  • Kutheni Ithandatyuzwa Nje Indima UYesu Anayo Ngoku?
  • Imimangaliso—Ngaba Yenzeka Ngokwenene?
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
  • Imimangaliso KaYesu—Unokufunda Ntoni Kuyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Uvuko LukaYesu—Oko Lukuthethayo Kuthi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • UYesu Kristu—Imibuzo Yethu Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 8/15 iphe. 8-11

Ngaba Amathandabuzo AngoYesu Afanelekile?

NGABA ngenene uYesu waseNazarete wayenza imimangaliso? Ngaba wavuswa kwabafileyo, njengoko abafundi bakhe bavakalisayo? Ngaba wakha waphila ngenene? Kula maxesha ethu, abaninzi babonakala bengakwazi ukuyiphendula beqinisekile imibuzo enjalo. Kutheni kunjalo nje? Kungokuba bavumela amathandabuzo ngoYesu, ibe amathandabuzo ziimvakalelo zokungaqiniseki, enoba into ethile iyinyaniso okanye inokwenzeka. Kodwa ngaba iimvakalelo zokungaqiniseki ngokuphathelele uYesu zifanelekile? Makhe sibone.

Indlela Awahlwayelwa Ngayo Amathandabuzo NgoYesu

Abafundi bezakwalizwi abathile baseJamani basekupheleni kwenkulungwane ye-19 nasekuqaleni kweyama-20 bamchaza uYesu “njengomntu owayethelekelelwa yiCawa yamandulo.” Ukuchasa kwabo ukuba uYesu wayekhe wakho embalini kwakhokelela kwimpikiswano eyayiphakathi kwabaphengululi ekuqaleni kwale nkulungwane eyathi yafikelela ebantwini ngelo xesha nesenempembelelo nanamhlanje. Ngokomzekelo, uhlolisiso lwakutshanje eJamani lwabonisa ukuba isi-3 ekhulwini sabo kwadliwan’ indlebe nabo sasikholelwa ukuba uYesu “akazange aphile” nokuba “abapostile bamyila.” Ewe, imbewu yamathandabuzo angoYesu eyahlwayelwa ekuqaleni kwale nkulungwane nangoku isamkelwa ngabantu abathile.

Kutheni isigqibo sokuba uYesu “wayilwa” singafanelekanga nje? Umphengululi weBhayibhile uWolfgang Trilling ugqabaza esithi: “Impikiswano yokuba uYesu wayekhe waphila, ngamanye amazwi yokuba wayengumntu wasembalini okanye wasentsomini, yazinziswa. Le mbambano yaconjululwa ngophengululo, ubuncinane kangangokuba abantu abacingisisa ngokunzulu le ngxaki abasayijongi njengombandela ocingelwayo.” Sekunjalo, bambi basayithandabuza into yokuba uYesu wakha waphila. Ngenxa yoko, makhe siphande indlela ubani anokufumanisa ngayo ukuba uYesu ungumntu wasembalini nendlela anokushenxisa ngayo amanye amathandabuzo ngokuphathelele yena.

Ubungqina Obuphelisa Amathandabuzo

OkaTrilling uthi ukubulawa kukaYesu ngendlela ethob’ isidima njengesaphuli-mthetho esicekisekayo kunikela “obona bungqina beyisayo obunxamnye nabo bangakholelwayo ukuba uYesu wayengumntu wasembalini.” Ngoba? Ngenxa yokuba ukubulawa kwakhe “kwaphazamisa, kwada kwathintela, ukusasazeka konqulo olutsha phakathi kwamaYuda nabangengomaYuda.” (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 1:23.) Ukuba ukubulawa kukaYesu onguMesiya kwakulugculelo olunjalo kumaYuda nakwabeeNtlanga, ngokuqinisekileyo oko kwakungenakuba kuyilwe ngabapostile! Ukongezelela, ukufa kukaYesu kungqinwa kusisiganeko sembali kungekuphela nje kwiincwadi ezine zeVangeli kodwa nangumbhali ongumRoma uTacitus neTalmud yamaYuda.a

Ezinye zeziganeko ezenzeka ebudeni bobomi bukaYesu nazo zigqalwa njengobungqina bangaphakathi bokuthembeka kweencwadi zeVangeli, ngenxa yoko zisixelela kona ngaye. Ngokomzekelo, ngaba abalandeli bakaYesu babengayila ukuba wavela eNazarete, indawo ekubonakala ukuba yayingabalulekanga? Okanye ngaba kwakunokwenzeka ukuba bayile ukungcatshwa kwakhe nguYuda, isinxulumani esasithenjiwe? Ngaba kusengqiqweni ukucinga ukuba babenokuyila ibali elingoYesu eshiywa yinkoliso yabafundi bakhe ngendlela enjalo yobugwala? Ngokuqinisekileyo ayikho ngqiqweni into yokuba abafundi baziyila ngokwabo iinkcukacha ezithob’ isidima ngaloo ndlela baza bazivakalisa kulo lonke! Ukongezelela, ubuchule bokufundisa obabusetyenziswa nguYesu babahlukile. Uncwadi lwamaYuda lwenkulungwane yokuqala alunakuthelekiswa nemizekeliso yakhe. Ngubani lo ungaziwayo obenokuze “ayile” into esemagqabini njengeNtshumayelo yaseNtabeni? Bonke obu bungqina buqinisekisa ukuthembeka kweencwadi zeVangeli njengeengxelo zobomi bukaYesu.

Kukwakho nobungqina bangaphandle bokuba uYesu wayengumntu wasembalini. Iincwadi ezine zeVangeli zimchaza njengowayephila ubomi bokoqobo, obuneenkcukacha ezichanileyo, nobungokwembali. Iindawo, ezinjengeBhetelehem neGalili; abantu ngabanye namaqela abalaseleyo, njengoPontiyo Pilato nabaFarisi; kunye nezithethe zamaYuda namanye amasiko azizange zavela zayilwa nje. Zaziyinxalenye yobomi benkulungwane yokuqala, yaye ziye zaqinisekiswa yimithombo engeyoyaBhayibhile noko kufunyenwe ngabembi bezinto zakudala.

Ngaloo ndlela, kukho ubungqina obeyisayo, obangaphakathi nobangaphandle, bokuba uYesu ungumntu ongokwembali.

Noko ke, abantu abaninzi bayayithandabuza imimangaliso engaye. Eneneni, ngokutsho kohlolisiso olucatshulwe ngasentla, liqaqobana nje kuphela labantu abahamba icawa baseJamani elikholelwa ngenene ukuba imimangaliso kaYesu novuko lwakhe “zenzeka ngokwenene.” Ngaba amathandabuzo angemimangaliso novuko lukaYesu afanelekile?

Isizathu Sokuba Abanye Bayithandabuze Imimangaliso KaYesu

UMateyu 9:18-36 usinika ingxelo engoYesu ephilisa ngokungummangaliso abagulayo, evusa abafileyo yaye ekhupha iidemon. Unjingalwazi Hugo Staudinger, ongumbhali-mbali, ugqabaza esithi: “Akukholeleki tu kwaphela, ibe ngakwicala lembali kuyinto engenakwenzeka, ukuba ezi ngxelo zingaqhelekanga zibe zivela kwintelekelelo ecacileyo.” Ngoba? Ngenxa yokuba kubonakala ngathi iincwadi zokuqala zeVangeli zabhalwa ngexesha inkoliso yamangqina okuzibonela kule mimangaliso yayisaphila! Ukuqinisekiswa okongezelelekileyo kufumaneka kwinto yokuba, njengoko uStaudinger ehlabela mgama esitsho, abachasi abangamaYuda “abazange bayiphikise into yokuba uYesu wenza imisebenzi engaqhelekanga.” Nokuba sesibutyeshela bonke obunye ubungqina size sisekele isigqibo sethu kobu bungqina bangaphandle, sifumanisa ukuba ngokuqinisekileyo sifanele siyikholelwe imimangaliso kaYesu.—2 Timoti 3:16.

Nangona “uninzi lwabantu baseJamani lweyisekile ukuba uYesu waphilisa abantu abagulayo,” abaninzi bayawathandabuza amandla awayewasebenzisa ukuze aphilise. Ngokomzekelo, umfundi wezakwaLizwi owaziwayo waseJamani wayithetha ngokuphandle into yokuba ukuphilisa okwenziwa nguYesu kwakungumphumo wamandla enkqubo yokuphembelela abo babecinezelekile ngokwasengqondweni. Ngaba le yingcaciso esengqiqweni?

Khawucinge ngale mizekelo. UMarko 3:3-5 unikela ingxelo engoYesu ephilisa isandla esishwabeneyo sendoda ethile. Kodwa ngaba ukushwabana kwesandla kubangelwa kukucinezeleka ngokwasengqondweni? Ngokuqinisekileyo akunjalo. Ekugqibeleni, oku kuphilisa akunakunxulunyaniswa namandla enkqubo yokuphembelela. Ngoko yintoni eyenza uYesu akwazi ukwenza imimangaliso? Unjingalwazi uStaudinger uthi: “Ukuba akukho mithetho isebenza ngokupheleleyo, yaye ukuba ubani akamkhanyeli ngokupheleleyo uThixo, ngoko ke ubani akanakukuchasa ngokusisiseko ukuba uThixo, onamandla angaphezulu kwawomntu, unako ukwenza izinto ezingaqhelekanga.” Ewe, eneneni ngoncedo ‘lwamandla kaThixo,’ uYesu wabaphilisa ngokoqobo abo babegula. Ngaloo ndlela akukho sizathu sakuthandabuza ubunyaniso bemimangaliso yakhe.—Luka 9:43, TE; Mateyu 12:28.

Kunjengokuba iThe American Peoples Encyclopedia isithi, ukuba owona mmangaliso ubalaseleyo ngaphezu kwayo yonke—ukuvuswa kukaYesu—wenzeka, yonke eminye imimangaliso ebhalwe kwiincwadi zeVangeli “yayinokwenzeka.” Ngaba ngokwenene uYesu wavuswa kwabafileyo?

Ngaba Afanelekile Amathandabuzo Angovuko LukaYesu?

Kuqala khawuqwalasele isibakala sobungqina obunamandla obuxhasa ubunyaniso bovuko lukaYesu—ingcwaba lakhe elalingenanto. Isibakala sokuba ingcwaba likaYesu lafunyanwa lingenanto asizange siphikiswe zizinxulumani zakhe, kwanangabachasi bakhe. (Mateyu 28:11-15) Ubuxoki ngebabubhencwe ngokulula! Le ncwadi yeembekiselo ikhankanywe ngasentla iqukumbela ngokufanelekileyo isithi: “Ayikho ingcaciso ebambekayo yengcwaba elingenanto eye yanikelwa ngaphandle kwengxelo yeBhayibhile ethi, ‘Akakho apha; kuba uvukile’ (Mat. 28:6).”

Bambi baphikisa ngelithi, yayingabafundi bakaYesu kuphela ababevakalisa kuyo yonke indawo ukuba unguMesiya ovusiweyo. Kuyinyaniso oko. Kodwa ngaba ukuthembeka kwesigidimi sabo kwakungasekelwanga ngokuqinileyo kwisibakala esingokwembali, ngokukodwa ukufa nokuvuswa kukaYesu? Kunjalo kanye. Umpostile uPawulos wayelwazi olu nxibelelwano xa wabhala esithi: “Ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu. Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu.”—1 Korinte 15:14, 15; thelekisa uYohane 19:35; 21:24; Hebhere 2:3.

Ngenkulungwane yokuqala, babebaninzi abantu ababesaziwa nababenokunikela ubungqina ngokubonakala kukaYesu ngemva kokufa kwakhe. Phakathi kwabo ngabapostile abali-12 noPawulos, kunye namanye amangqina okuzibonela angaphezu kwama-500.b (1 Korinte 15:6) Kwakhona khumbula isizathu sokuba uMatiya afanelekele ukungena ezihlangwini zompostile owayenganyanisekanga uYuda. IZenzo 1:21-23 zinikela ingxelo yokuba uMatiya wayenokunikela ubungqina ngokuvuswa kukaYesu nangezinye iziganeko eziphathelele Yena. Ukuba ubomi nokuvuswa kukaYesu bekuyintsomi, olo phawu awayefanele abe nalo ukuze amiselwe ngokuqinisekileyo lwalungenakuba nanjongo tu kwaphela.

Ngenxa yokuba ayemaninzi gqitha amangqina okuzibonela awayenokunikela ubungqina ngobomi, imimangaliso, ukufa nokuvuka kukaYesu, ubuKristu basasazeka ngokukhawuleza kubo bonke uBukhosi baseRoma, phezu kwayo nje le miqobo ichazwe ngasentla. Abalandeli bakhe babekulungele ukunyamezela ubunzima, intshutshiso kwanokufa ukuze baluvakalise kulo lonke uvuko neenyaniso ezisisiseko ezisekelwe kulo. Ziphi iinyaniso? Ezokuba uvuko lwakhe lwenzeka kuphela ngenxa yamandla kaThixo. Yaye kwakutheni ukuze uYehova uThixo avuse uYesu kwabafileyo? Impendulo yaloo mbuzo ibonisa umntu anguye uYesu ngokwembali.

Ngomhla wePentekoste, umpostile uPetros ngokukhululekileyo wavakalisa oku kumaYuda amangalisiweyo eYerusalem: “UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke. Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina. Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe, Yathi iNkosi eNkosini yam, hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo [emthini wentuthumbo, NW] nina.” (IZenzo 2:32-36) Ewe, uYehova uThixo wamenza “iNkosi noKristu” uYesu waseNazarete. Ngaba amathandabuzo angendima yakhe kule nxalenye yenjongo kaThixo afanelekile?

Kutheni Ithandatyuzwa Nje Indima UYesu Anayo Ngoku?

Anokupheliswa njani onke amathandabuzo angoYesu nendima ayifezayo? Ngesibakala sokuba ngokucacileyo wayengumprofeti wenyaniso. Waxela kwangaphambili ngeemfazwe, iindlala, iinyikima, ulwaphulo-mthetho nokuphela kothando esikubonayo namhlanje. Ukongezelela, waxela kwangaphambili ukuba: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:3-14) Ukuzaliseka kwezi ziprofeto kungqina ukuba uYesu unguKristu ovusiweyo, olawula ngokungabonakaliyo ‘phakathi kweentshaba zakhe,’ yaye kungentsuku zatywala uya kuthabatha ukhokelo kwihlabathi elitsha likaThixo.—INdumiso 110:1, 2; Daniyeli 2:44; ISityhilelo 21:1-5.

Ngoku kunanini na ngaphambili, uluntu lufuna ngokungxamisekileyo uMsindisi onobulumko obungaphaya kobomntu. Kutheni simele sithandabuze ukuba uYesu ungoyena ukhethwe ngokufanelekileyo ukuze asindise uluntu? UYohane, owayelingqina lokuzibonela lemimangaliso echukumisayo novuko lukaYesu, wathi: “Sibonile thina, siyangqina, ukuba uYise umthumile uNyana wakhe ukuba nguMsindisi wehlabathi.” (1 Yohane 4:14; thelekisa uYohane 4:42.) Ekubeni singenaso isizathu esibambekayo sokuthandabuza ubukho, imimangaliso, ukufa, nokuvuswa kukaYesu, asinasizathu sakuthandabuza ukuba uye wabekwa etroneni nguYehova uThixo njengoKumkani ongokwasemthethweni kwisandla Sakhe sokunene. Ngaphandle kwamathandabuzo, uYesu waseNazarete unguKumkani woBukumkani bukaThixo ‘noMsindisi wehlabathi.’—Mateyu 6:10.

[Imibhalo esemazantsi]

a Iimbekiselo eziphikisanayo ezingoYesu kwiTalmud zamkelwa njengezichanileyo ngabaphengululi abathile kuphela. Kwelinye icala, iimbekiselo ezingoYesu ezenziwa nguTacitus, uSuetonius, uPliny Omncinane, ubuncinane nenye eyenziwa nguFlavius Josephus, zamkelwa ngokubanzi njengobungqina obungokwembali bobukho bukaYesu.

b Ngesinye isihlandlo, uYesu ovusiweyo watya intlanzi nabafundi bakhe, okubonisa ukuba ukubonakala kwakhe kwakungenguwo nje umbono, njengoko abanye besitsho namhlanje.—Luka 24:36-43.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share