Liyintoni Ikamva Lezimvu Neebhokhwe?
“Abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni.”—MATEYU 25:32.
1, 2. Kutheni sifanele sibe nomdla kumzekeliso wezimvu neebhokhwe?
NGOKUQINISEKILEYO uYesu Kristu wayengoyena Mfundisi ubalaseleyo emhlabeni. (Yohane 7:46) Enye yeendlela zakhe zokufundisa yayikukusebenzisa imizekeliso. (Mateyu 13:34, 35) Le mizekeliso yayilula kodwa inamandla ekudluliseleni iinyaniso ezinzulu zokomoya nezingeziprofeto.
2 Kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, uYesu wathetha ngexesha laxa eya kuba kwisikhundla esikhethekileyo: “Xa athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, . . .” (Mateyu 25:31) Sifanele sibe nomdla koku kuba ngumzekeliso uYesu awayiqukumbela ngawo impendulo yakhe yombuzo othi: “Uya kuba yini na umqondiso [“wobukho bakho,” NW], nowokupheliswa kwephakade eli?” (Mateyu 24:3) Kodwa kuthetha ntoni oku kuthi?
3. Ngaphambilana kwintetho yakhe, uYesu wathi kuya kwenzeka ntoni kwaoko emveni kokuqalisa kwembandezelo enkulu?
3 UYesu wachaza iziganeko eziphawulekayo eziya kwenzeka “kwaoko ke, emveni” kokuqhambuka kwembandezelo enkulu, ziganeko ezo esizilindeleyo. Wathi wawuya kwandula ke ukubonakala “umqondiso woNyana woMntu.” Oku kuya kuzichaphazela ngokunzulu “zonke izizwe zomhlaba” eziya kuthi “zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.” UNyana womntu uya kuphelekwa ‘zizithunywa zakhe.’ (Mateyu 24:21, 29-31)a Kuthekani ngomzekeliso wezimvu neebhokhwe? IiBhayibhile zanamhlanje ziwubeka kwisahluko 25, kodwa uyinxalenye yempendulo kaYesu, unikela iinkcukacha ezingakumbi ngokuza kwakhe enobuqaqawuli aze anikele ingqalelo ekugwebeni kwakhe “zonke iintlanga.”—Mateyu 25:32.
Abalinganiswa Kulo Mzekeliso
4. Kuthiwani ngoYesu ekuqaleni komzekeliso wezimvu neebhokhwe, yaye ngoobani abanye abakhankanywayo?
4 UYesu uwuqalisa lo mzekeliso ngokuthi: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu.” Umele ukuba uyazi ukuba ngubani “uNyana woMntu.” Ababhali beencwadi zeVangeli ngokufuthi elo gama balibhekisela kuYesu. NoYesu wenjenjalo, ngokungathandabuzekiyo ecinga ngombono kaDaniyeli ‘wonjengonyana womntu’ oweza kuNyangelemihla ukuze afumane “igunya, nobuhandiba, nobukumkani.” (Daniyeli 7:13, 14; Mateyu 26:63, 64; Marko 14:61, 62) Ngoxa uYesu engoyena ubalaseleyo kulo mzekeliso, akayedwa. Ngaphambilana kule ntetho, njengokuba kucatshulwe kuMateyu 24:30, 31, wathi xa uNyana womntu ‘esiza enamandla, nobuqaqawuli obukhulu,’ izithunywa zakhe ziya kuba nendima ebalulekileyo. Ngokufanayo, umzekeliso wezimvu neebhokhwe ubonisa izithunywa zikunye noYesu xa ‘ehlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe’ ukuze agwebe. (Thelekisa uMateyu 16:27.) Kodwa lo Mgwebi nezithunywa zakhe basezulwini, ngoko ngaba kunjalo nangabantu ekuxutyushwa ngabo kulo mzekeliso?
5. Sinokubazi njani “abazalwana” bakaYesu?
5 Ukuphos’ iliso nje kulo mzekeliso kusibonisa amaqela amathathu ekufuneka siwazi. Ukongezelela kwizimvu neebhokhwe, uNyana womntu wongezelela iqela lesithathu ekubalulekileyo ukuba silazi ukuze sizazi izimvu neebhokhwe. Eli qela lesithathu uYesu ulibiza ngokuba ngabazalwana bakhe bokomoya. (Mateyu 25:40, 45) Limele ukuba lelabanquli bokwenyaniso, kuba uYesu wathi: “Osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo . . . , yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.” (Mateyu 12:50; Yohane 20:17) Ngokuvisisana nale ngongoma, uPawulos wabhala ngamaKristu ayinxalenye ‘yembewu ka-Abraham’ nangoonyana bakaThixo. Wawabiza ngokuba ‘ngabazalwana’ bakaYesu kunye ‘namabelana ngobizo lwasemazulwini.’—Hebhere 2:9–3:1; Galati 3:26, 29.
6. Ngoobani “abona bancinane” kubazalwana bakaYesu?
6 Kutheni uYesu wakhankanya “abona bancinane” babazalwana bakhe? Loo mazwi aphinda oko abapostile bamva ekuthetha ngaphambilana. Xa wayechaza umahluko phakathi koYohane uMbhaptizi, owafa ngaphambi koYesu yaye ngenxa yoko onethemba lasemhlabeni, nabo bafumana ubomi ezulwini, uYesu wathi: “Akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.” (Mateyu 11:11) Bambi abaya ezulwini basenokuba bebebalasele ebandleni, njengabapostile, abanye bengabalaselanga kangako, kodwa bonke bangabazalwana bakaYesu bokomoya. (Luka 16:10; 1 Korinte 15:9; Efese 3:8; Hebhere 8:11) Ngaloo ndlela, kwanokuba abanye babebonakala bengabalulekanga emhlabeni, babengabazalwana bakhe yaye babefanele baphathwe ngolo hlobo.
Ngoobani Izimvu Neebhokhwe?
7, 8. Wathini uYesu ngezimvu, ngoko sinokugqiba kwelithini ngazo?
7 Ngokuphathelele ukugwetywa kwezimvu siyafunda: “Uya kuthi ke [uYesu] kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina kwasekusekweni kwehlabathi; kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini; ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum. Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza? Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa? Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe? Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.” (Akekeliswe sithi.)—Mateyu 25:34-40.
8 Ngokucacileyo, izimvu ezigwetywa njengezifanelwe kukuba kwesokunene sembeko nenkoliseko kaYesu zimela udidi lwabantu. (Efese 1:20; Hebhere 1:3) Benza ntoni yaye nini? UYesu uthi ngobubele, ngentlonelo nangesisa bamnika ukudla, bamseza baza bamambesa, bemnceda xa wayegula okanye esentolongweni. Xa izimvu zisithi azizange zikwenze kuYesu ngokobuqu oku, ubonisa ukuba zabaxhasa abazalwana bakhe bokomoya, intsalela yamaKristu athanjisiweyo, ngoko ngaloo ngqiqo zakwenza kuye.
9. Kutheni lo mzekeliso ungasebenzi ebudeni beWaka Leminyaka?
9 Lo mzekeliso awusebenzi ebudeni beWaka Leminyaka, kuba abathanjiswa abayi kuba bengabantu abalambayo, banxanwe, bagule, okanye bavalelwe entolongweni ngelo xesha. Noko ke, kwabaninzi babo ziye zenzeka ezo zinto ebudeni bokuphela kwale nkqubo yezinto. Kususela oko uSathana waphoswa phantsi emhlabeni, intsalela uye wayenza amaxhoba akhethekileyo okukhuphela umsindo wakhe, eyenza igculelwe, ithuthunjiswe ize ibulawe.—ISityhilelo 12:17.
10, 11. (a) Kutheni kungekho ngqiqweni ukukholelwa ukuba izimvu ziquka wonk’ ubani owenza isenzo sobubele kubazalwana bakaYesu? (b) Ngokufanelekileyo zimela bani izimvu?
10 Ngaba uYesu uthi wonk’ ubani owenza isenzwana esithile sobubele komnye wabazalwana bakhe, njengokubapha iqhekeza lesonka okanye igilasi yamanzi, uyafaneleka njengomnye wezi zimvu? Liyinyaniso elokuba ukwenza ububele obunjalo kusenokubonisa ububele bobuntu, kodwa eneneni, kubonakala ngathi kubandakanyeke okungakumbi kwizimvu ezikulo mzekeliso. Ngokomzekelo, kungangenkankulu ukuba uYesu abe wayebhekisela kubantu abangakholelwayo kuThixo okanye kubefundisi abenza isenzo sobubele komnye wabazalwana bakhe. Ngokuchasene noko, kabini uYesu wabiza izimvu ngokuthi “amalungisa.” (Mateyu 25:37, 46) Ngoko izimvu zimele ukuba ngabo bathe kangangethuba elithile banceda—baxhasa ngenkuthalo—abazalwana bakaKristu baza babonakalisa ukholo ukusa kumkhamo wokuba bafumane ukuma njengamalungisa phambi koThixo.
11 Ukutyhubela iinkulungwane, abaninzi abanjengoAbraham baye banandipha ukugqalwa njengamalungisa. (Yakobi 2:21-23) UNowa, uAbraham, nabanye abathembekileyo babalwa phakathi ‘kwezinye izimvu’ eziya kudla ilifa ubomi eParadisi ngaphantsi koBukumkani bukaThixo. Kumaxesha akutshanje izigidi ezingakumbi ziye zalwamkela unqulo lokwenyaniso njengezinye izimvu yaye ‘zingumhlambi omnye’ nabathanjiswa. (Yohane 10:16; ISityhilelo 7:9) Aba banamathemba asemhlabeni babagqala abazalwana bakaYesu njengabameli boBukumkani yaye ngoko ke babancedile—ngokoqobo nangokomoya. UYesu ukubala njengokwenziwe kuye oko ezinye izimvu zikwenzela abazalwana bakhe abasemhlabeni. Abanjalo abaphilayo xa efika ukuze agwebe iintlanga baya kugwetyelwa njengezimvu.
12. Kutheni izimvu zinokubuza ukuba zamenzela ububele njani uYesu?
12 Ukuba ezinye izimvu ngoku zishumayela iindaba ezilungileyo nabathanjiswa yaye ziyabanceda, kutheni zibuza oku: “Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?” (Mateyu 25:37) Kusenokubakho izizathu eziliqela. Lo ngumzekeliso. Ngawo, uYesu ubonisa inkxalabo enzulu anayo ngabazalwana bakhe bokomoya; uvakalelwa kunye nabo, ubandezeleka kunye nabo. Ngaphambilana uYesu wayethe: “Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.” (Mateyu 10:40) Kulo mzekeliso, uYesu uwuhambisela phambili lo mgaqo, ebonisa ukuba oko kwenziwa (okulungileyo okanye okubi) kubazalwana bakhe kufikelela nasezulwini; kufana nokuba kwenziwa kuye ezulwini. Kwakhona, apha uYesu ubethelela imilinganiselo kaYehova yokugweba, ecacisa ukuba umgwebo kaThixo, enokuba ngowenkoliseko okanye ngowokutshatyalaliswa, ufanelekile yaye usesikweni. Iibhokhwe azinakuzithethelela ngelithi, ‘Ukuba nje, sasikubone ngokoqobo.’
13. Kutheni abo bafana neebhokhwe benokuthi “Nkosi” kuYesu?
13 Xa siqonda ukuba lo mgwebo oboniswe kulo mzekeliso unini, sicacelwa ngakumbi kukuba ngoobani na iibhokhwe. Uzaliseka xa “ubonakala . . . umqondiso woNyana woMntu ezulwini, zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza . . . enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.” (Mateyu 24:29, 30, akekeliswe sithi.) Abo basinde kwimbandezelo yeBhabhiloni Enkulu abaye babaphatha ngenkohlakalo abazalwana boKumkani ngoku basenokuthi bambize uMgwebi ngokuthi “Nkosi,” bezama ukusindisa ubomi babo.—Mateyu 7:22, 23; thelekisa ISityhilelo 6:15-17.
14. UYesu uya kuzigweba ngokusekelwe kwintoni izimvu neebhokhwe?
14 Noko ke, umgwebo kaYesu awuyi kusekelwa kwizibongozo ezilusizi zabantu abebefudula bengabahambi becawa, abo bangakholelwayo kuThixo, okanye abanye. (2 Tesalonika 1:8) Kunoko, lo mgwebi uya kuhlola isimo sentliziyo nendlela abantu abaye benza ngayo ngaphambili nakomnye ‘waba bazalwana bakhe bangabona bancinane.’ Kuyavunywa ukuba inani lamaKristu athanjisiweyo aseleyo emhlabeni liyancipha. Noko ke, logama nje abathanjiswa, abayila ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo,’ besaqhubeka benikela ukudla kokomoya nolwalathiso, abo basenokuba zizimvu banethuba lokwenza okulungileyo kudidi lomkhonzi, kanye njengokuba ‘isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu’ senzile.—ISityhilelo 7:9, 14.
15. (a) Abaninzi bazibonakalise befana neebhokhwe njani? (b) Kutheni sifanele sikuphephe ukuthi umntu othile yimvu okanye yibhokhwe?
15 Abazalwana bakaKristu nezigidi zezinye izimvu ezimanyene nabo njengomhlambi omnye baye baphathwa njani? Abantu abaninzi basenokuba ababahlaselanga ngokobuqu aba bameli bakaKristu, kodwa kwangaxeshanye ababaphathanga ngothando abantu bakhe. Bekhetha ihlabathi elingendawo, abantu abafana neebhokhwe abasamkeli isigidimi soBukumkani, enoba basiva ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga. (1 Yohane 2:15-17) Kambe ke, ekugqibeleni, nguYesu omiselwe ukuba agwebe. Asikokwethu ukugqiba ngokuba ngoobani izimvu ibe ngoobani iibhokhwe.—Marko 2:8; Luka 5:22; Yohane 2:24, 25; Roma 14:10-12; 1 Korinte 4:5.
Liyintoni Ikamva Leqela Ngalinye?
16, 17. Liya kuba yintoni ikamva lezimvu?
16 UYesu wayichaza indlela aya kuzigweba ngayo izimvu: “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” Esinjani sona ukufudumala isimemo—“Yizani”! Kwintoni? Kubomi obungunaphakade, njengokuba wavakalisayo xa wayeshwankathela: “Amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.”—Mateyu 25:34, 46.
17 Kumzekeliso weetalente, uYesu wabonisa oko kufunekayo kwabo baya kulawula naye ezulwini, kodwa kulo mzekeliso ubonisa oko kufunekayo kubalawulwa boBukumkani. (Mateyu 25:14-23) Ngokucacileyo, ngenxa yokuxhasa kwazo ngentliziyo iphela abazalwana bakaYesu, izimvu zizuza njengelifa indawo kummandla wasemhlabeni woBukumkani bakhe. Ziya kunandipha ubomi kumhlaba oyiparadisi—ithemba uThixo awalilungiselela zona “kwasekusekweni kwehlabathi” labantu abanokukhululwa.—Luka 11:50, 51.
18, 19. (a) UYesu uya kuzigweba njani iibhokhwe? (b) Kutheni sinokuqiniseka ukuba iibhokhwe aziyi kuthuthunjelwa ngonaphakade?
18 Hayi indlela owahluke ngayo umgwebo odluliselwa kwiibhokhwe! “Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe. Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela. Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela? Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.”—Mateyu 25:41-45.
19 Abafundi beBhayibhile bayazi ukuba oku akunakuba kuthetha ukuba imiphefumlo engafiyo yabantu abafana neebhokhwe iya kuthuthunjelwa emlilweni ongunaphakade. Akunjalo, kuba abantu bayimiphefumlo; abananto kuthiwa ngumphefumlo ongafiyo. (Genesis 2:7; INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4) Ngokugwebela iibhokhwe “emlilweni ongunaphakade,” lo Mgwebi uthetha ukutshatyalaliswa kungabikho themba ngekamva, nto leyo eya kuba sisiphelo sikanaphakade sikaMtyholi needemon zakhe. (ISityhilelo 20:10, 14) Ngenxa yoko, uMgwebi kaYehova uwisa izigwebo ezingafaniyo. Kwizimvu uthi, “Yizani”; aze kwiibhokhwe athi, “Mkani kum.” Izimvu ziya kuzuza njengelifa ‘ubomi obungunaphakade.’ Iibhokhwe ziya kufumana ‘ubetho olungunaphakade.’—Mateyu 25:46.b
Kuthetha Ntoni Oku Kuthi?
20, 21. (a) AmaKristu amele enze wuphi umsebenzi obalulekileyo? (b) Kukuphi ukwahlula okuqhubekayo ngoku? (c) Iya kuba njani imeko yabantu xa umzekeliso wezimvu neebhokhwe uqalisa ukuzaliseka?
20 Abapostile abane abayivayo impendulo kaYesu ngomqondiso wobukho bakhe nokupheliswa kwale nkqubo kwakukuninzi ababefanele bakuqwalasele. Kwakuza kufuneka bahlale bephaphile yaye belindile. (Mateyu 24:42) Kwakhona kwakufuneka benze umsebenzi wokunikela ubungqina okhankanywe kuMarko 13:10. AmaNgqina kaYehova azibhokoxa ngamandla kuloo msebenzi namhlanje.
21 Noko ke, le ndlela intsha yokuqonda umzekeliso wezimvu neebhokhwe ithetha ntoni kuthi? Kaloku, abantu sele beqalisile ukuthabatha amacala. Abanye ‘bakwindlela ephangaleleyo esa entshabalalweni,’ ngoxa abanye bezama ukuhlala ‘kwindlela ecutheneyo esa ebomini.’ (Mateyu 7:13, 14) Kodwa ixesha uYesu aya kuvakalisa umgwebo wokugqibela ngalo kwizimvu nakwiibhokhwe eliboniswe kulo mzekeliso liseza. Xa uNyana womntu esiza njengoMgwebi, uya kugqiba ngokuba amaKristu okwenyaniso amaninzi—eneneni “isihlwele esikhulu” sezimvu ezizahluleleyo—aya kufanelekela ukusinda kwinxalenye yokugqibela ‘yembandezelo enkulu’ angene kwihlabathi elitsha. Elo themba ngoku lifanele libe ngumthombo wovuyo. (ISityhilelo 7:9, 14) Kwelinye icala, abantu abaninzi abaphuma kuzo “zonke iintlanga” baya kuba bezingqine befana neebhokhwe ezineenkani. Baya “kumka . . . baye elubethweni olungunaphakade.” Emhlabeni kuya kutsho kuthi qabu unoQolomba efile nje!
22, 23. Ekubeni lo mzekeliso useza kuzaliseka, kutheni umsebenzi wethu wokushumayela namhlanje ubalulekile?
22 Nangona umgwebo ochazwe kulo mzekeliso usondele, kwanangoku kukho into ebalulekileyo eyenzekayo. Thina maKristu sibandakanyeke kumsebenzi osindisa ubomi wokuvakalisa isigidimi esibangela ukwahlukana phakathi kwabantu. (Mateyu 10:32-39) UPawulos wabhala: “Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa. Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?” (Roma 10:13, 14) Ubulungiseleli bethu basesidlangalaleni bufikelela abantu kumazwe angaphezu kwama-230 ngegama likaThixo nesigidimi sakhe sosindiso. Abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo basakhokela kulo msebenzi. Malunga nezigidi ezihlanu zezinye izimvu ngoku zibathelele. Abantu emhlabeni wonke bayasabela kwisigidimi esivakaliswa ngabazalwana bakaYesu.
23 Abaninzi badibana nesigidimi sethu njengoko sishumayela kwindlu ngendlu okanye ngokungacwangciswanga. Abanye basenokuva ngamaNgqina kaYehova nangesigidimi sethu ngeendlela esingazaziyo. Xa lifika ixa lomgwebo, uYesu uya kuligweba ngokwasiphi isizinzi ibutho labantu neentsapho? Asazi, yaye akuyi kusinceda nokucingela. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 7:14.) Ngoku abaninzi bazenza abangevayo, bagculele, okanye babatshutshise ngokuphandle abantu bakaThixo. Ngenxa yoko, eli lixesha elibalulekileyo; abanjalo basenokuba bazenza babe ngabo uYesu aya kubagweba njengeebhokhwe.—Mateyu 10:22; Yohane 15:20; 16:2, 3; Roma 2:5, 6.
24. (a) Kutheni kubalulekile ukuba abantu basabele kakuhle ekushumayeleni kwethu? (b) Wena ngokobuqu esi sifundo sikuncede wanasiphi isimo sengqondo ngobulungiseleli bakho?
24 Noko ke, okuvuyisayo kukuba abaninzi basabela kakuhle, bafundisise iLizwi likaThixo, baze babe ngamaNgqina kaYehova. Bambi ngoku ababonakala befana neebhokhwe basenokuguquka baze bafane nezimvu. Ingongoma ikukuba abo basabelayo baze ngenkuthalo baxhase intsalela yabazalwana bakaKristu ngoku banikela ubungqina obuya kubenza bamiswe ngakwesokunene sikaYesu xa, kungekudala, ehlala phantsi etroneni yakhe ukuze agwebe. Aba bayasikelelwa yaye baya kuqhubeka besikelelwa. Ngaloo ndlela, lo mzekeliso ufanele usikhuthazele ekubeni sisebenze ngenzondelelo ngakumbi kubulungiseleli bamaKristu. Ngaphambi kokuba sishiywe lixesha, sifuna ukwenza konke okusemandleni ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani size ngaloo ndlela sinike abanye ithuba lokusabela. Ngoko nguYesu oya kuwisa isigwebo, enoba sesokutshatyalaliswa okanye sesenkoliseko.—Mateyu 25:46.
[Imibhalo esemazantsi]
b IEl Evangelio de Mateo iphawula oku: “Ubomi obungunaphakade bubomi obuqinisekileyo; isichasi sabo kukohlwaywa okuqinisekileyo. Isichazi sesiGrike esithi aionios ngokuyintloko asibonisi ubude bexesha, kodwa ubunjani. Isohlwayo esiqinisekileyo kukufa ngonaphakade.”—Unjingalwazi odla umhlala-phantsi uJuan Mateos (Pontifical Biblical Institute, Rome) noNjingalwazi Fernando Camacho (Theological Center, Seville), Madrid, Speyin, 1981.
Uyakhumbula Na?
◻ Ziziphi izinto ezifanayo kuMateyu 24:29-31 noMateyu 25:31-33 ezibonisa ukuba umzekeliso wezimvu neebhokhwe uya kuzaliseka kwixesha elizayo, yaye liya kuba nini?
◻ Ngoobani “abona bancinane” kubazalwana bakaYesu?
◻ Indlela uYesu alisebenzisa ngayo igama elithi “amalungisa” isinceda njani siqonde ukuba aba bamela bani yaye abameli bani?
◻ Nangona lo mzekeliso uya kuzaliseka kwixesha elizayo, kutheni ukushumayela kwethu ngoku kubaluleke yaye kungxamiseke kangaka?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 24]
PHAWULA IZINTO EZIFANAYO
Mateyu 24:29-31 Mateyu 25:31-33
Emva kokuqalisa kwembandezelo enkulu, UNyana womntu uyafika
uNyana womntu uyeza
Uza enobuqaqawuli obukhulu Ufika enobuqaqawuli ahlale
etroneni yobuqaqawuli
Ukunye nezithunywa Ufika nezithunywa
Zonke izizwe zomhlaba ziyambona Kuhlanganiswa zonke
iintlanga; ekugqibeleni
iibhokhwe ziyagwetywa
(imbandezelo enkulu
iyaphela)
[Inkcazelo]
Garo Nalbandian