Sithenjiswa Ubomi Obulunge Ngakumbi
NGABA ubungathanda ukukhululeka kwiingxaki ezenza ubomi bube nzima? Ngaba ufuna ukuphila kwihlabathi elinobomi obumnandi njengobo bukumfanekiso okwiphepha lokuqala nelokugqibela leli phephancwadi? Wuqwalasele kakuhle lo mfanekiso. Abantu banentabalala yokutya. Baya kukunandipha ngokwenene oko kutya kumnandi. Bonke abantu bonwabile. Abantu beentlanga ezahlukahlukeneyo bahlelisene ngoxolo. Kwanezilwanyana ziseluxolweni! Akukho bani ulwayo. Akukho bani ulihlwempu. Akukho bani ugulayo. Kukho ummandla othandekayo, imithi emihle namanzi angcwengileyo nacocekileyo. Enjani yona ukuba ntle imeko-bume!
Ngaba lo mhlaba uya kuze ube njalo? Ewe, uya kuba yiparadisi. (Luka 23:43) UThixo, owadala umhlaba, unenjongo yokuba abantu banandiphe ubomi obulunge ngakumbi kumhlaba oyiparadisi. Yaye nawe unokuba lapho!
Ubunokukhetha Obuphi Ubomi?
Iya kwahluka ngantoni iParadisi yasemhlabeni ezayo kwihlabathi esiphila kulo ngoku? Namhlanje, abantu abangaphezu kwewaka lesigidi balala bengatyanga mihla le. Kodwa kwiParadisi anenjongo yokuyizisa emhlabeni uThixo, bonke abantu baya kuba nentabalala yokutya. IBhayibhile ithembisa oku: “UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo . . . isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho.” (Isaya 25:6) Ukutya akusayi kunqongophala, kuba iBhayibhile ithi: “Kubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.”—INdumiso 72:16.
Namhlanje, abantu abaninzi bahlala ematyotyombeni nasemabobosini, okanye batsala nzima ukuhlawula irente. Abanye abanamakhaya yaye balala ezitratweni. Ngokutsho kweWorld Health Organization, ehlabathini lonke kukho abantwana abangenamakhaya abamalunga ne-100 lezigidi. Kodwa kwiParadisi ezayo, bonke abantu baya kuba namakhaya angawabo. ILizwi likaThixo lithi: “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo.”—Isaya 65:21.
Abaninzi basebenza kwiindawo abangazithandiyo. Ngokufuthi basebenza nzima ixesha elide kodwa bafumana imivuzo emincinane. Malunga nomntu omnye kwabahlanu ehlabathini uphila ngomvuzo ongaphantsi kwe-R1 800 ngonyaka. Noko ke, kwiParadisi ezayo, abantu baya kuwunandipha umsebenzi wabo yaye baya kusibona isiqhamo sawo. UThixo uthembisa oku: “Badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam. Abayi kuzixhamla ngokulambathayo.”—Isaya 65:22, 23.
Ngoku ukugula nezifo zikho kuyo yonke indawo. Abaninzi baziimfama. Bambi zizithulu. Abanye abakwazi kuhamba. Kodwa eParadisi, abantu baya kukhululeka kukugula nakwizifo. UYehova uthi: “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” (Isaya 33:24) Ngokuphathelele abo sele beneziphene, idinga elifudumeza intliziyo lithi: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”—Isaya 35:5, 6.
Kweli xesha langoku, kukho ukubandezeleka neentlungu, usizi nokufa. Kodwa kwiParadisi esemhlabeni, zonke ezi zinto aziyi kubakho. Ewe, nokufa kuya kuphela! IBhayibhile ithi: “UThixo abe nabo . . . Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:3, 4.
Ngoko, kuyabonakala ukuba iParadisi esemhlabeni ethenjiswe nguYehova iya kuluzisela ubomi obulunge ngakumbi uluntu. Kodwa sinokuqiniseka njani ukuba iya kufika? Iya kufika nini, yaye njani? Ufanele wenze ntoni ukuze ube lapho?