Ukukhanya Kwabo Akuzange Kucime
KUMAXESHA okubhalwa kweBhayibhile kwakukho amaNgqina athembekileyo kaYehova awahlangabezana neenzima nezinto ezidodobalisayo. Ajamelana nenkcaso nokusilela okucacileyo. Sekunjalo, akazange ayekelele ngenxa yokudimazeka. Eneneni, ukukhanya kwawo akuzange kucime.
Ngokomzekelo, umprofeti uYeremiya wanikwa uthumo lokuba ngumprofeti kaThixo kuhlanga oluwexukileyo lwakwaYuda. Wavakalisa isilumkiso esasingokutshatyalaliswa kweYerusalem. (Yeremiya 1:11-19) Ngokomphumo, uYeremiya waba neengxwabangxwaba ezininzi nabantu belizwe lakowabo, ababemjonga njengomntu owayevakalisa intlekele eyayingasokuze yenzeke.
Umbingeleli uPashure, umveleli owayekhokela endlwini kaThixo, wakha wabetha uYeremiya ngenxa yoko wayekuprofetile waza wamvalela esitokisini. Ngenxa yale meko idodobalisayo, uYeremiya wathi: “Ndaba yintlekisa yonke imini; bonke bephela bayandigculela. Ngokuba ndithi ndakuthetha, ndikhale, ndidanduluke, ndithi, Lugonyamelo nobhuqo; ngokuba ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.” Lo mprofeti wayedimazeke kangangokuba wada wathi: “Andisayi kumkhankanya [uYehova], andisayi kuthetha egameni lakhe.”—Yeremiya 20:1, 2, 7-9.
Noko ke, uYeremiya akazange anikezele koko kudimazeka. Ethetha ‘ngelizwi likaYehova,’ wavakalisa oku: “Kusuke entliziyweni yam kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.” (Yeremiya 20:8, 9) Eshukunyiswe ngamandla ukuba avakalise izibhengezo zikaThixo, uYeremiya womelezwa ngumoya oyingcwele waza waluzalisekisa uthumo lwakhe.
Umpostile uPawulos naye wayenezizathu ezininzi zokudimazeka ukuba nje wayenokunikezela. Wanyamezela iintlekele zendalo, ukwaphukelwa yinqanawa, intshutshiso nokubethwa. Ukongezelela, ‘wayewaxhalele amabandla kaThixo.’ (2 Korinte 11:23-28) Ewe, kwakufuneka uPawulos ahlangabezane neengxaki imihla ngemihla, exhalabele amabandla amatsha awayefake isandla ekuwasekeni. Ukongezelela, wayengafezekanga yaye kufanele alwe ‘noviko enyameni’ ekunokwenzeka ukuba yayikukungaboni kakuhle. (2 Korinte 12:7; Roma 7:15; Galati 4:15) Bambi babede bamdle izithende uPawulos, yaye oko kwakufikelela ezindlebeni zakhe.—2 Korinte 10:10.
Noko ke, uPawulos akazange avumele ukudimazeka kumongamele. Wayengengomntu unamandla angaphaya kwawemvelo. (2 Korinte 11:29, 30) Yintoni eyagcina ‘umlilo ongaphakathi’ kuye uvutha? Enye yazo kukuba, wayenezinxulumani ezazimxhasa, ezinye zazo zimpheleka ukuya eRoma apho wayeseluvalelweni endlwini. (IZenzo 28:14-16) Isizathu sesibini sikukuba, lo mpostile wayeyijonga ngendlela elungeleleneyo imeko yakhe. Yayingabo bamtshutshisayo ababenetyala, ingenguye uPawulos. Ngasekupheleni kobomi bakhe basemhlabeni, wabugqala ngendlela eyakhayo ubulungiseleli bakhe waza wathi: “Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa.”—2 Timoti 4:8.
Ngaphezu kwako konke, uPawulos wayesondela rhoqo kuYehova uThixo ngomthandazo, yaye ‘iNkosi yamnceda, yamomeleza.’ (2 Timoti 4:17) UPawulos wathi: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu.” (Filipu 4:13) Unxibelelwano noThixo kunye namaKristu ayekhonza nawo, kunye nokubugqala ngendlela eyakhayo ubulungiseleli bakhe, zamnceda uPawulos ukuze aqhubeke nenkonzo kaYehova.
UThixo waphefumlela uPawulos ukuba abhale athi: “Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.” (Galati 6:7-9) Sovuna ntoni? Ubomi obungunaphakade. Ngoko ke, yiba njengoYeremiya, uPawulos, namanye amangqina athembekileyo kaYehova akhankanywe kwiZibhalo. Ewe, yiba njengabo, yaye unganikezeli kudimazeko. Musa ukuvumela ukukhanya kwakho kucime.—Thelekisa uMateyu 5:14-16.
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
UPawulos noYeremiya abazange bakuvumele ukukhanya kwabo kucime