Ninganikezeli!
“Ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla [masinganikezeli, NW]; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.”—GALATI 6:9.
1, 2. (a) Ingonyama izingela ngaziphi iindlela? (b) Ngoobani ngokukhethekileyo uMtyholi anomdla wokubaqwenga?
INGONYAMA izingela ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Maxa wambi iwalalela kwiindawo asela kuzo amaxhoba ayo okanye kwiindlela ahamba kuzo rhoqo. Kodwa, incwadi ethi Portraits in the Wild ithi, maxa wambi ingonyama “isebenzisa amathuba avelayo—ngokomzekelo, ukuqubula inkonyana yeqwarhashe ilele.”
2 Umpostile uPetros wathi: “Ummangaleli [wethu], uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo.” (1 Petros 5:8) Esazi ukuba ixesha lakhe eliseleyo lincinane, uSathana uzisa ingcinezelo engakumbi ebantwini ukuze abathintele bangamkhonzi uYehova. Noko ke, le “ngonyama egqumayo” inomdla ngokukhethekileyo ekuqwengeni abakhonzi bakaYehova. (ISityhilelo 12:12, 17) Iindlela azingela ngazo ziyafana nezo zisetyenziswa yingonyama yokoqobo. Njani?
3, 4. (a) Ziziphi iindlela uSathana azisebenzisayo ukuze aqwenge abakhonzi bakaYehova? (b) Ngenxa yokuba la ‘ingamaxesha anomngcipheko ekunzima ukuhlangabezana nawo,’ yiyiphi imibuzo ephakamayo?
3 Maxa wambi uSathana uzama ukulalela—intshutshiso okanye ingcinezelo eyenzelwe ukwaphula ingqibelelo yethu ukuze siyeke ukukhonza uYehova. (2 Timoti 3:12) Kodwa, njengengonyama, maxa wambi uMtyholi usebenzisa amathuba avelayo. Uyalinda de sityhafe okanye sidinwe, aze azame ukusebenzisa elo xesha laxa sidimazekile ukuze asenze sinikezele. Asimele sibe zizisulu zakhe!
4 Ukanti, siphila kwelona xesha linzima kwimbali yabantu. Kula “maxesha anomngcipheko [ekunzima ukuhlangabezana nawo, NW]” maxa wambi abaninzi bethu baziva bedimazekile yaye bexinezelekile. (2 Timoti 3:1) Ngoko, sinokukuphepha njani ukudinwa kangangokuba sibe zizisulu zikaMtyholi? Sinokusithobela njani isiluleko esiphefumlelweyo sompostile uPawulos esithi: “Ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla [masinganikezeli, NW]; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi”?—Galati 6:9.
Xa Abanye Besidanisa
5. Yintoni eyabangela uDavide adinwe, kodwa yintoni angazange ayenze?
5 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kwanabona bakhonzi bakaYehova bathembekileyo babesenokuba babeziva bexinezelekile. Umdumisi uDavide wabhala: “Ndidiniwe kukugcuma kwam; ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam. Lonakele kukukhathazeka iliso lam.” Kwakutheni ukuze uDavide avakalelwe ngaloo ndlela? Wacacisa: “Ngenxa yababandezeli bam bonke.” Izinto ezibuhlungu ezazisenziwa ngabanye zayenza buhlungu intliziyo kaDavide kangangokuba wayengakwazi ukuzibamba iinyembezi. Sekunjalo, uDavide akazange amlahle uYehova ngenxa yoko abanye abantu babekwenza kuye.—INdumiso 6:6-9.
6. (a) Amazwi nezenzo zabanye zinokusichaphazela njani? (b) Abanye bazenza amaxhoba asisisulu kaMtyholi njani?
6 Ngokufanayo, amazwi nezenzo zabanye zisenokusibangela sidinwe yaye sibe nentliziyo ebuhlungu ngokungathethekiyo. IMizekeliso 12:18 ithi: “Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele.” Xa lowo uphololozayo engumzalwana okanye udade ongumKristu, ‘amanxeba elo krele’ anokuba nzulu. Utyekelo lwabantu lunokuba kukucaphuka, mhlawumbi babe nenzondo. Oku kuba njalo ngokukodwa ukuba sivakalelwa kukuba asiphathwanga ngobubele okanye ngokusesikweni. Sisenokukufumanisa kunzima ukuthetha nalowo usonileyo, okanye sisenokumphepha ngabom. Bexinezeleke yinzondo, bambi baye banikezela baza bayeka ukuza kwiintlanganiso zamaKristu. Okulusizi kukuba, ngokwenjenjalo ‘bamkhwelele indawo uMtyholi’ ukuze abafumane bezizisulu.—Efese 4:27.
7. (a) Sinokukuphepha njani ukungena emgibeni kaMtyholi xa abanye besidanisa okanye besenza buhlungu? (b) Kutheni singafanele sifukame inzondo?
7 Sinokukuphepha njani ukungena emgibeni kaMtyholi xa abanye besidanisa okanye besenza buhlungu? Simele sizame ukungafukami inzondo. Kunoko, thabatha inyathelo lokuqala lokwenza uxolo okanye lungisa loo mcimbi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. (Efese 4:26) EyabaseKolose 3:13 iyasibongoza: “Nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani.” Kufaneleke ngokwenene ukuba sixolele xa lowo usonileyo eyivuma imposiso yakhe yaye ecela uxolo ngokunyanisekileyo. (Thelekisa INdumiso 32:3-5 neMizekeliso 28:13.) Noko ke, kuyasinceda ukuhlala sikhumbula ukuba ukuxolela akuthethi ukuzibetha ngoyaba okanye ukuzenza zibonakale zingenamsebenzi iimposiso ezenziwe ngabanye. Ukuxolela kubandakanya ukuyeka ukuba nenzondo. Ukufukama inzondo ngumthwalo onzima. Kunokuhlala kusezingqondweni zethu, kusibangele singonwabi. Kunokude kuchaphazele nempilo yethu. Ngokwahlukileyo koko, ukuxolela, xa kufanelekile, kuyingenelo kuthi. Ngamana nathi, njengoDavide, singangaze sinikezele size simlahle uYehova ngenxa yoko abanye abantu bakuthethileyo okanye basenze kona!
Xa Sineentsilelo
8. (a) Kutheni abanye beziva benetyala ngokukodwa ngamanye amaxesha? (b) Yiyiphi ingozi ekhoyo xa sigutyungelwe kukuziva sinetyala kangangokuba sinikezele?
8 UYakobi 3:2 uthi: “Siyakhubeka kaninzi sonke.” Xa oko kusenzeka, kuyinto yokwemvelo ukuziva sinetyala. (INdumiso 38:3-8) Iimvakalelo zokuba netyala zinokuba namandla ngokukodwa ukuba silwa nobuthathaka benyama okanye ukuwela kumkhwa othile ngamathuba athile.a Omnye umKristu owayejamelene nomzamo onjalo wacacisa: “Ndandingenamdla wokuqhubeka ndiphila, ngenxa yokuba ndandingazi nokuba ndenze isono esingaxolelekiyo kusini na. Ndandivakalelwa kukuba ndandingenasizathu sokuzibhokoxa enkonzweni kaYehova ngenxa yokuba kwakungasekho nto inokundinceda kakade.” Xa sigutyungelwa kukuziva sinetyala kangangokuba sinikezele, sivulela uMtyholi ithuba—yaye usenokulixhakamfula ngokukhawuleza! (2 Korinte 2:5-7, 11) Into efunekayo yimbono elungelelene ngakumbi ngokuziva unetyala.
9. Kutheni sifanele sibe nentembelo kwinceba kaThixo?
9 Xa sonile kufanelekile ukuziva sinetyala. Noko ke, maxa wambi ukuziva unetyala akupheli ngenxa yokuba umKristu uvakalelwa kukuba akanakuze ayifanelekele inceba kaThixo. Sekunjalo, ngobubele iBhayibhile iyasiqinisekisa: “Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” (1 Yohane 1:9) Ngaba sikho isizathu esivakalayo sokukholelwa ukuba uThixo akayi kukwenza oko kwimeko yethu? Khumbula ukuba eLizwini lakhe, uYehova uthi “ukulungele ukuxolela.” (INdumiso 86:5, NW; INd 130:3, 4) Ekubeni engenakuxoka, uya kwenza njengoko iLizwi lakhe lithembisa, ukuba nje siza kuye ngentliziyo eguqukileyo.—Tito 1:2.
10. Sisiphi isiqinisekiso esikhuthazayo IMboniselo yangaphambili eyasipapashayo ngokulwa nobuthathaka benyama?
10 Ufanele wenze ntoni ukuba ulwa nobuthathaka uze uwele kubo kwakhona? Musa ukunikezela! Ukuwela kubo kwakhona akuthethi ukuba ibe lilize inkqubela obusele uyenzile. Inkupho (yesiNgesi) kaFebruwari 15, 1954, yalo lindixesha yanikela esi siqinisekiso sikhuthazayo: “Izihlandlo ezininzi sisenokuzifumana sikhubeka size siwele kumkhwa othile ombi oyindlela ebesifudula siphila ngayo owendele nzulu kunokuba besicinga. . . . Ungalahli ithemba. Musa ukugqiba kwelokuba wenze isono esingaxolelekiyo. Leyo yindlela uSathana angathanda ukuba ucinge ngayo. Isibakala sokuba ubuhlungu yaye unomsindo ngenxa yoko ukwenzileyo bubungqina bokuba izinto azimbi kangako. Ungaze udinwe kukuguqukela kuThixo ngokuthobeka nangokunyaniseka, ucele ukuxolelwa nokuhlanjululwa noncedo lwakhe. Yiya kuye njengomntwana esiya kuyise xa esenkathazweni, kungakhathaliseki ukuba uye kangaphi na ngobuthathaka obunye, yaye ngemfesane uYehova uya kukunceda ngenxa yobabalo lwakhe yaye, ukuba unyanisekile, uya kukunika isazela esicocekileyo.”
Xa Sivakalelwa Kukuba Asenzi Okwaneleyo
11. (a) Sifanele sivakalelwe njani ngokuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani? (b) Ziziphi iimvakalelo ezingokuba nesabelo kubulungiseleli amanye amaKristu alwa nazo?
11 Umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani unendima ebalulekileyo kubomi bomKristu, yaye ukuba nesabelo kuwo kuyavuyisa. (INdumiso 40:8) Noko ke, wambi amaKristu aziva enetyala ngokungakwazi ukwenza okungakumbi kubulungiseleli. Ukuziva sinetyala okunjalo kunokude kuluphelise uvuyo lwethu kuze kusibangele sinikezele, sicinga ukuba uYehova uvakalelwa kukuba asize senze okwaneleyo. Khawuqwalasele iimvakalelo abanye abazamana nazo.
Omnye udade ongumKristu oncedisana nomyeni wakhe ukukhulisa abantwana abathathu wabhala: “Ngaba uyayazi indlela ubuhlwempu obulichitha ngayo ixesha? Ndifanele ndilondoloze nanini na ndinako. Oku kuthetha ukuchitha ixesha ndikhangela kwiivenkile ezithengisa impahla esetyenzisiweyo, kwiindawo ezinentengiso yamaxabiso aphantsi okuphelisa impahla, okanye ndithunga iimpahla. Kwakhona ndichitha iyure okanye ezimbini veki nganye kumatikiti [okuthenga ukutya ngesaphulelo]—ndiwasika, ndiwazalisa ndize ndinanise ngawo. Maxa wambi ndiziva ndinetyala gqitha xa ndisenza ezi zinto, ndicinga ukuba elo xesha bendifanele ndilichithele enkonzweni yasentsimini.”
Omnye udade onabantwana abane nomyeni ongakholwayo wathi: “Bendicinga ukuba ndimele ukuba andimthandi ngokwenene uYehova. Ngoko bendikufumanisa kunzima ukukhonza uYehova. Bendizama ngamandla ngokwenene, kodwa ndingade ndivakalelwe kukuba kwanele. Kaloku, bendingaziva ndifaneleka, ngoko bendingayiboni indlela uYehova anokuyamkela ngayo inkonzo yam.”
Omnye umKristu ekwafuneka ayeke kwinkonzo yexesha elizeleyo wathi: “Ndandingakwazi ukuyinyamezela ingcamango yokuba ndandisilela kuzinikelo lwam lokukhonza uYehova ixesha elizeleyo. Akuyazi indlela endandidane ngayo! Ndisakhala unanamhlanje xa ndikhumbula oku.”
12. Kutheni amanye amaKristu eziva enetyala kakhulu ngokungakwazi ukwenza okungakumbi kubulungiseleli?
12 Kuyinto yokwemvelo ukufuna ukukhonza uYehova ngokuzeleyo kangangoko ubani anako. (INdumiso 86:12) Noko ke, kutheni abanye beziva benetyala kakhulu ngokungakwazi ukwenza okungakumbi? Kwabanye, kubonakala kuhlobene nemvakalelo abanayo yokungaziva bexabisekile, mhlawumbi ebangelwa ngamava amabi abaye banawo ebomini. Kwezinye iimeko, ukuziva unetyala ngokungafanelekanga kusenokubangelwa yimbono engekho ngqiqweni yoko uYehova akulindeleyo kuthi. Omnye umKristu wathi: “Bendivakalelwa kukuba kungekabikho buhlungu, awukenzi ngokwaneleyo.” Ngenxa yoko, wayezibekela imilinganiselo engaphezulu lee kunaye—aze azive enetyala ngakumbi xa engakwazi ukuyifikelela.
13. UYehova ulindele ntoni kuthi?
13 Ulindele ntoni uYehova kuthi? Ngamafutshane, uYehova ulindele ukuba simkhonze ngomphefumlo uphela, senze oko iimeko zethu zisivumelayo ukuba sikwenze. (Kolose 3:23) Noko ke, kusenokubakho umahluko omkhulu phakathi koko singathanda ukukwenza noko ngokusengqiqweni sinako ukukwenza. Sisenokusikelwa umda zizinto ezifana nobudala, impilo, umxhino, okanye iimbopheleleko zentsapho. Sekunjalo, xa sisenza konke esinokukwenza, sinokuqiniseka ukuba inkonzo yethu kuYehova yeyomphefumlo uphela—asiyeyomphefumlo uphela ngaphezulu okanye ngaphantsi kwaleyo yomntu impilo neemeko zakhe zimvumelayo ukuba abe kubulungiseleli bexesha elizeleyo.—Mateyu 13:18-23.
14. Unokwenza ntoni ukuba ufuna uncedo lokuqonda oko unokukulindela ngokusengqiqweni kwisiqu sakho?
14 Ngoko ke, unokugqiba njani ngoko ngokusengqiqweni unokukulindela kwisiqu sakho? Usenokufuna ukuwuxubusha nomhlobo ongumKristu omthembileyo noqolileyo lo mbandela, mhlawumbi umdala okanye udade onamava, okwaziyo oko unokukwenza, izinto osikelwe umda kuzo neembopheleleko zakho zentsapho. (IMizekeliso 15:22) Khumbula ukuba emehlweni kaThixo ukuxabiseka kwakho njengomntu akulinganiswa ngokuba wenza okungakanani enkonzweni yasentsimini. Bonke abakhonzi bakaYehova baxabisekile kuye. (Hagayi 2:7; Malaki 3:16, 17) Oko ukwenzayo kumsebenzi wokushumayela kusenokuba ngakumbi okanye ngaphantsi koko abanye bakwenzayo, kodwa ukuba nje ukwenza ngamandla akho ephela, uYehova uyakholiswa kuko, yaye akukho mfuneko yokuziva unetyala.—Galati 6:4.
Xa Kufuneka Senze Okukhulu
15. Kufunwa okukhulu ngaziphi iindlela kubadala bebandla?
15 UYesu wathi: “Bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo.” (Luka 12:48) Ngokuqinisekileyo “kufunwa okukhulu” kwabo bakhonza njengabadala bebandla. NjengoPawulos basebenza ngamandla ngenxa yebandla. (2 Korinte 12:15) Bafanele balungiselele iintetho, benze amatyelelo okwalusa, basingathe amatyala—phezu kwako konke oko bangazityesheli iintsapho zabo. (1 Timoti 3:4, 5) Kwakhona bambi abadala baxakekile bencedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani, bakhonza kwiiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele yaye basebenza ngokuzithandela ezindibanweni. La madoda asebenza nzima nazahluleleyo anokukuphepha njani ukudinwa zezi mbopheleleko zinzima kangaka?
16. (a) Sisiphi isicombululo esisebenzisekayo uYitro awasinikela kuMoses? (b) Luluphi uphawu oluya kunceda umdala abele abanye iimbopheleleko ezifanelekileyo?
16 Xa uMoses, indoda ethozamileyo nethobekileyo, wayesebenza ngamandla enyamekela iingxaki zabanye, umkhwe wakhe, uYitro, wanikela isicombululo esisebenzisekayo: dlulisela ezinye iimbopheleleko kwamanye amadoda afanelekayo. (Eksodus 18:17-26; Numeri 12:3) IMizekeliso 11:2 ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.” Ukuthozama kuthetha ukukuqonda uze ukwamkele ukusikelwa kwakho umda. Umntu othozamileyo akabi mathidala ukwabela abanye imisebenzi, yaye akoyiki ukuba ngandlel’ ithile uya kulahlekelwa ligunya lakhe ukuba wabelana namanye amadoda afanelekayo ngeembopheleleko.b (Numeri 11:16, 17, 26-29) Kunoko, ulangazelela ukuwanceda enze inkqubela.—1 Timoti 4:15.
17. (a) Amalungu ebandla anokuwenza njani ube lula umthwalo wabadala? (b) Bazincama ngaziphi iindlela abafazi babadala, yaye sinokubabonisa njani ukuba asikuthabathi lula oku?
17 Amalungu ebandla anokwenza lukhulu ukwenza umthwalo wabadala ube lula. Beqonda ukuba abadala baneentsapho zabo abamele bazinyamekele, abanye abayi kufuna abadala babenzele izinto ezininzi okanye banikele ingqalelo ngokungekho ngqiqweni kubo. Yaye abayi kukuthabatha lula ukuzincama kwabafazi babadala xa ngokungazingci bevumela abayeni babo bachithe ixesha kwimicimbi yebandla. Omnye umama wabantwana abathathu onomyeni okhonza njengomdala wacacisa: “Into endingakhe ndiyikhalazele ngumthwalo owongezelelekileyo endiwuthwala ngokuzithandela ekhayeni ukuze umyeni wam akwazi ukukhonza njengomdala. Ndiyazi ukuba uYehova uyisikelela ngokwenene intsapho yethu ngenxa yenkonzo yakhe, yaye andinamona ngexesha namandla awachithayo. Sekunjalo, ngokusengqiqweni, ngokufuthi ndifanele ndisebenze ngakumbi ndicoca iyadi yaye ibe ndim obaqeqesha ngakumbi abantwana bethu ngenxa yokuba umyeni wam uxakekile.” Okulusizi kukuba, lo dade wafumanisa ukuba abanye, kunokuxabisa umsebenzi owongezelelekileyo awenzayo, babethetha amazwi angabonisi lwazelelelo anjengokuthi, “Kutheni ungengovulindlela nje?” (IMizekeliso 12:18) Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukubancoma abanye ngoko bakwenzayo kunokubagxeka ngoko bangakwaziyo ukukwenza!—IMizekeliso 16:24; 25:11.
Ngenxa Yokuba Isiphelo Asikafiki
18, 19. (a) Kutheni ngoku singafanele siyeke ukubaleka kugqatso lobomi obungunaphakade? (b) Liliphi icebiso elifike ngexesha umpostile uPawulos awalinika amaKristu aseYerusalem?
18 Xa imbaleki isazi ukuba isondele esiphelweni sogqatso olude, ayinikezeli. Kusenokwenzeka ukuba umzimba wayo unyamezele wafikelela kwiqondo lokugqibela—udiniwe, unesifuthufuthu, yaye uphelelwe ngamanzi—kodwa ayinakuyeka sele ikufutshane kangako nesiphelo. Ngokufanayo, njengamaKristu sikugqatso lokufumana umvuzo wobomi, yaye sikufutshane gqitha entanjeni. Ngoku asiloxesha lokuyeka ukubaleka!—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 9:24; Filipi 2:16; 3:13, 14.
19 AmaKristu ngenkulungwane yokuqala ayejamelene nemeko efanayo. Malunga nowama-61 C.E., umpostile uPawulos wabhalela amaKristu aseYerusalem. Ixesha laliphela—‘isizukulwana’ esingendawo, inkqubo yezinto yamaYuda awexukileyo, yayisele iza ‘kudlula.’ AmaKristu aseYerusalem ayefanele aphaphe yaye athembeke ngokukhethekileyo; kwakuza kufuneka asabe kweso sixeko xa esibona sirhangqwe yimikhosi. (Luka 21:20-24, 32) Ngoko ke, lafika ngexesha elifanelekileyo icebiso likaPawulos elithi: “Ningadinwa, ingatyhafi imiphefumlo yenu.” (Hebhere 12:3) Apha umpostile uPawulos wasebenzisa izenzi ezibini ezicacileyo: “ningadinwa” (kaʹmno) nesithi ‘ningatyhafi’ (e·klyʹo·mai). Ngokutsho komnye umphengululi weBhayibhile, la magama esiGrike “ayesetyenziswa nguAristotle kwiimbaleki eziphumlayo zize ziwe isiduli emva kokuba zidlulile entanjeni. Abafundi [bencwadi kaPawulos] babeseselugqatsweni. Abamele banikezele ngaphambi kwexesha. Abamele bazivumele bawe isiduli baze banikezele ngenxa yokudinwa. Kwakhona kuboniswa imfuneko yokunyamezela naxa ujamelene nobunzima.”
20. Kutheni icebiso likaPawulos lifike ngexesha kuthi namhlanje?
20 Hayi indlela icebiso likaPawulos elifike ngexesha elifanelekileyo ngayo kuthi namhlanje! Ngenxa yengcinezelo eqhubeka isanda, kusenokubakho amaxesha okuba sizive sifana nembaleki ediniweyo egevezela amadolo. Kodwa ekubeni sesisondele kangaka entanjeni, asimele sinikezele! (2 Kronike 29:11, NW) Oko koko uTshaba lwethu, ‘ingonyama egqumayo,’ olufuna sikwenze. Okuvuyisayo kukuba uYehova wenze amalungiselelo okunika “otyhafileyo amandla.” (Isaya 40:29) Ukuba la malungiselelo ayintoni yaye sinokuwasebenzisa njani kuza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokomzekelo, abanye banokutsaliswa nzima luphawu olwendeleyo kubuntu babo, njengomsindo okhawulezayo, okanye ukoyisa ingxaki yokuphulula amaphambili.—Bona uVukani!, kaJuni 8, 1988, iphepha 11-13; Meyi 8, 1982, iphepha 15-19, opapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania; nethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, iphepha 198-211, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
b Bona inqaku elithi “Badala—Yabelani Abanye Imisebenzi!” kwinkupho kaOktobha 15, 1992, yeMboniselo, iphepha 20-3.
Ithini Impendulo Yakho?
◻ Sinokukuphepha njani ukunikezela xa abanye besidanisa okanye besenza buhlungu?
◻ Yiyiphi imbono elungeleleneyo ngokuziva sinetyala eya kusinceda singanikezeli?
◻ UYehova ulindele ntoni kuthi?
◻ Ukuthozama kunokubanceda njani abadala bebandla baphephe ukudinwa?
◻ Kutheni icebiso likaPawulos kumaHebhere 12:3 lifike ngexesha namhlanje?