Imfundo—Yisebenzisele Ukudumisa UYehova
“Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena.”—YOHANE 7:18.
1. Inkqubo yemfundo yaqalisa nini yaye njani?
IMFUNDO yaqala kwakudaladala. Le nkqubo yokufundisa yaqalisa emva nje kokuba uYehova uThixo, uMfundisi noMyaleli Omkhulu, edale uNyana wakhe wamazibulo. (Isaya 30:20; Kolose 1:15) Lo Nyana wayenokufunda kuMfundisi Omkhulu ngokwakhe! Ebudeni beminyaka engamawakawaka yonxulumano olusenyongweni noYise, loo Nyana—owaziwa njengoYesu Kristu—wafumana imfundo engenakuthelekiswa nanto kwiimpawu, imisebenzi neenjongo zikaYehova uThixo. Kamva, njengomntu emhlabeni, uYesu wayenokuthi: “Andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.” (Akekeliswe sithi.)—Yohane 8:28.
2-4. (a) Ngokutsho kukaYohane isahluko 7, ziziphi iimeko ezazikho ngoxa uYesu wayekuMthendeleko Weminquba ngowama-32 C.E.? (b) Kwakutheni ukuze amaYuda amangaliswe bubuchule bukaYesu bokufundisa?
2 UYesu wayisebenzisa njani imfundo awayeyifumene? Kwiminyaka emithathu enesiqingatha yobulungiseleli bakhe basemhlabeni, ngenzondelelo wabelana nabanye ngoko wayekufundile. Noko ke, oku wayekwenza enenjongo ebalulekileyo. Yaye yayiyintoni loo njongo? Makhe sihlolisise amazwi kaYesu akuYohane isahluko 7, xa wayechaza imvelaphi nenjongo yemfundiso yakhe.
3 Cinga ngezinto ezazisenzeka apho. Kwakusekwindla ngowama-32 C.E., malunga neminyaka emithathu emva kokubhaptizwa kukaYesu. AmaYuda ayehlanganisene eYerusalem ukuze abhiyozele uMthendeleko Weminquba. Ebudeni beentsuku zokuqala zaloo mthendeleko, uYesu wayengundaba-mlonyeni. Xa umthendeleko wawuphakathi, uYesu waya etempileni waza waqalisa ukufundisa. (Yohane 7:2, 10-14) Njengesiqhelo, wazingqina enguMfundisi omkhulu.—Mateyu 13:54; Luka 4:22.
4 Indinyana 15 kuYohane isahluko 7 indi 15 ithi: “Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje?” Ngaba uyasiqonda isizathu sokuba amangaliseke? UYesu akazange aye kwizikolo zoorabhi, ngoko wayengafundanga—ngokutsho kwawo! Ukanti, uYesu wayezityhila aze azifunde ngokulula iindinyana zeMibhalo Engcwele. (Luka 4:16-21) Ewe, lo mchweli waseGalili wada wawafundisa ngoMthetho kaMoses! (Yohane 7:19-23) Wayekwenza njani oku?
5, 6. (a) UYesu wawuchaza njani umthombo wemfundiso yakhe? (b) UYesu wayisebenzisa njani imfundo yakhe?
5 UYesu wachaza, njengoko sifunda kwindinyana 16 neye-17: “Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na.” Babefuna ukwazi umntu owayefundise uYesu, yaye wabaxelela ngokuphandle ukuba imfundo yakhe wayeyifumene kuThixo!—Yohane 12:49; 14:10.
6 UYesu wayisebenzisa njani imfundo yakhe? Njengoko kubhaliwe kuYohane 7:18, uYesu wathi: “Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye.” (Akekeliswe sithi.) Hayi indlela ekukuhle ngayo ukuba uYesu wasebenzisa imfundo yakhe ukuzukisa uYehova, “Lowo ugqibeleleyo ngolwazi”!—Yobhi 37:16, NW.
7, 8. (a) Ifanele isetyenziswe njani imfundo? (b) Ziziphi iinjongo ezine zemfundo elungeleleneyo?
7 Ngaloo ndlela sifunda isifundo esibalulekileyo kuYesu—imfundo ifanele isetyenziselwe, kungekhona ukuzizukisa, kodwa ukudumisa uYehova. Ayikho enye indlela ebhetele yokusebenzisa imfundo. Ngoko, unokuyisebenzisa njani imfundo ukudumisa uYehova?
8 Ukufundisa kuthetha “ukuqeqesha ngokuyalela okucwangcisiweyo nokuqheliselwa [ingakumbi] komsebenzi okanye ubugcisa obuthile ngaphantsi kweliso lomqeqeshi.” Ngoku makhe siqwalasele iinjongo zibe ne zemfundo elungeleleneyo nendlela nganye kwezi enokusetyenziswa ngayo ekudumiseni uYehova. Imfundo elungeleleneyo ifanele isincede (1) silese kakuhle, (2) sibhale ngokucacileyo, (3) sikhule ngokwengqondo nangokuziphatha, yaye (4) sizuze uqeqesho olusebenzisekayo kubomi bemihla ngemihla.
Ukufunda Ukulesa Kakuhle
9. Kutheni kubalulekile ukukwazi ukulesa kakuhle?
9 Ekuqaleni kukhankanywe ukufunda ukulesa kakuhle. Kutheni kubaluleke kangaka ukulesa kakuhle? IThe World Book Encyclopedia iyachaza: “Ukulesa . . . kuyinto esisiseko ekufundeni yaye kuyenye yezona zinto zibalulekileyo kubomi bemihla ngemihla. . . . Abantu abakwaziyo ukulesa kakuhle banegalelo ekuyileni ibutho elinempumelelo nemveliso. Kwangaxeshanye, banamava amaninzi nobomi obanelisa ngakumbi.”
10. Ukulesa iLizwi likaThixo kusinceda njani sibe namava amaninzi nobomi obanelisa ngakumbi?
10 Ukuba ukulesa nje kukodwa kunokusinceda sibe “namava amaninzi nobomi obanelisa ngakumbi,” ukulesa iLizwi likaThixo kumele kusincede ngakumbi! Oko kulesa kwenza iingqondo neentliziyo zethu zifumane iingcinga neenjongo zikaYehova, yaye ukuziqonda kakuhle ezo zinto kwenza ubomi bethu bube nenjongo. Ukongezelela, amaHebhere 4:12 athi, ‘ilizwi likaThixo liphilile, yaye liyasebenza.’ Xa silesa iLizwi likaThixo yaye sicamngca ngalo, sisondela ngakumbi kuMbhali walo, yaye sishukunyiselwa ukuba senze iinguqulelo ebomini bethu ukuze simkholise ngakumbi. (Galati 5:22, 23; Efese 4:22-24) Kwakhona sishukunyiselwa ukuba sabelane nabanye ngeenyaniso ezixabisekileyo esizifundayo. Konke oku kudumisa uMfundisi Omkhulu, uYehova uThixo. Ngokuqinisekileyo ayikho enye indlela ebhetele yokusebenzisa ubuchule bethu bokulesa!
11. Yintoni efanele iqukwe kucwangciso olulungeleleneyo lofundisiso lobuqu?
11 Enoba siselula okanye sibadala, sikhuthazwa ukuba sifunde ukulesa kakuhle, kuba ukulesa kuyinxalenye ebalulekileyo kubomi bethu njengamaKristu. Ukongezelela ekuleseni iLizwi likaThixo rhoqo, ucwangciso olulungeleleneyo lofundisiso lobuqu beluya kuquka ukuhlolisisa isibhalo seBhayibhile kwincwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla, ukufundisisa IMboniselo noVukani!, nokulungiselela iintlanganiso zamaKristu. Yaye kuthekani ngobulungiseleli bamaKristu? Ngokucacileyo, ukushumayela ekuhleni, ukubuyela kubantu abanomdla, nokuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya kufuna ubuchule bokulesa kakuhle.
Ukufunda Ukubhala Ngokucacileyo
12. (a) Kutheni kubalulekile ukufunda ukubhala ngokucacileyo? (b) Ngawaphi awona mazwi abalaseleyo kwawakha abhalwa?
12 Injongo yesibini kukuba imfundo elungeleleneyo ifanele isincede sifunde ukubhala ngokucacileyo. Ukubhala akwaneli nje ukudlulisela amazwi neengcamango zethu kodwa kuyazilondoloza. Kwiinkulungwane ezininzi ezadlulayo, amadoda amalunga nama-40 angamaYuda abhala kwimizi yokwenza amaphepha okanye kwizintsu amazwi awathi ayila iZibhalo eziphefumlelweyo. (2 Timoti 3:16) Ngokuqinisekileyo la ngawona mazwi abalaseleyo kwawakha abhalwa! Ngokungathandabuzekiyo uYehova wakhokela ekubhalweni nasekukhutshelweni kwaloo mazwi angcwele ukutyhubela iinkulungwane, ukuze afikelele kuthi esenokuthenjwa. Ngaba asinambulelo kuYehova ngokwenza ukuba amazwi akhe abhalwe, kunokuthembela ekubeni adluliselwe ngomlomo?—Thelekisa iEksodus 34:27, 28.
13. Yintoni ebonisa ukuba amaSirayeli ayekwazi ukubhala?
13 Mandulo, ngabantu abakhethekileyo kuphela, abanjengababhali baseMesopotami naseYiputa, ababefundile. Ngokwahluke ngokupheleleyo kwezinye iintlanga, kwaSirayeli bonke abantu babekhuthazwa ukuba bafunde. Umyalelo okwiDuteronomi 6:8, 9 awayemele amaSirayeli awubhale emigubasini yezindlu zawo, nakuba ayeya kwenjenjalo ngokufuziselayo, ubonisa ukuba ayekwazi ukubhala. Beselula, abantwana babefundiswa ukubhala. Abanye abaphengululi bacinga ukuba iKhalenda yaseGezere, engomnye weyona mizekelo midala yemibhalo yamandulo yesiHebhere, yabhalwa ngumntwana wesikolo ezama ukubethelela izinto engqondweni.
14, 15. Ziziphi ezinye iindlela ezingumzekelo neziyingenelo zokusebenzisa ubuchule bethu bokubhala?
14 Kodwa sinokubusebenzisa njani ubuchule bokubhala ngendlela eyakhayo neyingenelo? Ngokuqinisekileyo ngokubhala amanqaku kwiintlanganiso zamaKristu, ezindibanweni ezincinane nakwezinkulu. Ileta, enoba ibhalwe ‘yamfutshane,’ inokumkhuthaza ubani ogulayo okanye inokudlulisa umbulelo kumzalwana okanye udade wokomoya oye wabonakalisa ububele okanye ubuhlobo kuthi. (1 Petros 5:12) Ukuba uthile ebandleni ufelwe ngumntu amthandayo, ‘sinokumkhuthaza’ ngokumbhalela ileta emfutshane okanye ikhadi. (1 Tesalonika 5:14, TE) Udade ongumKristu owaphulukana nonina ngenxa yomhlaza wachaza: “Omnye umhlobo wam wandibhalela ileta emnandi. Kwandinceda kakhulu oko kuba ndandinokuyifunda izihlandlo ngezihlandlo.”
15 Indlela ebalaseleyo yokusebenzisa ubuchule bokubhala kukudumisa uYehova ngokubhala ileta unikela ubungqina ngoBukumkani. Maxa wambi kusenokufuneka unxibelelelane nabantu abasandul’ ukuba nomdla abahlala kwimimandla ekwanti. Ukugula kusenokwenza kube nzima okwexeshana ukuba uye kwindlu ngendlu. Mhlawumbi ileta inokuthetha oko ngokuqhelekileyo ubuya kukuthetha ngokwakho.
16, 17. (a) Ngawaphi amava abonisa ukubaluleka kokunikela ubungqina boBukumkani ngokubhala ileta? (b) Ngaba unamava afanayo onokuwabalisa?
16 Khawucinge ngala mava. Kwiminyaka emininzi eyadlulayo elinye iNgqina labhala ileta linikela ubungqina ngoBukumkani kumhlolokazi owawuchazwe kwiphephandaba lasekuhlaleni umphanga wendoda yakhe. Eli Ngqina alizange lifumane mpendulo. Noko ke, ngoNovemba 1994, ngaphezu kweminyaka engama-21 kamva, eli Ngqina lafumana ileta evela kwintombazana yalaa mhlolokazi. Le ntombazana yabhala:
17 “NgoAprili 1973, wabhalela umama umthuthuzela ngokufa kukatata. Ndandineminyaka esithoba ubudala ngoko. Umama wayifundisisa iBhayibhile, kodwa kude kube ngoku akakabi nguye umkhonzi kaYehova. Noko ke, ukufundisisa kwakhe kwakhokelela ekubeni ndifumane inyaniso. Ngowe-1988, ndaqalisa isifundo sam seBhayibhile—kwiminyaka eli-15 emva kokufumana ileta yakho. NgoMatshi 9, 1990, ndabhaptizwa. Ndibamba ngazibini ngeleta owayibhalayo kwiminyaka emininzi eyadlulayo yaye kundivuyisa kakhulu ukukuxelela ukuba, ngoncedo lukaYehova, imbewu owayihlwayelayo yakhula. Umama wayipha mna laa leta yakho, yaye ndingakuvuyela kakhulu ukukwazi. Ndiyathemba ukuba uza kuyifumana le leta.” Ileta yale ntombazana, eyayinekhelingi nenombolo yayo yefoni, yafika kwelo Ngqina lalibhale kwiminyaka emininzi ngaphambili. Khawuthelekelele indlela elothuka ngayo eli bhinqa liselula lakutsalelwa umnxeba leli Ngqina—elisabhala iileta ukuze labelane nabanye ngethemba loBukumkani!
Ukukhula Ngokwengqondo, Ngokuziphatha Nangokomoya
18. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abazali babeyidlulisela njani kubantwana babo imfundo engokwengqondo nengokokuziphatha?
18 Injongo yesithathu kukuba imfundo elungeleleneyo ifanele isincede sikhule ngokwasengqondweni nangokuziphatha. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile ukuqeqeshwa kweengqondo zabantwana nokubafundisa ukuziphatha kwakugqalwa njengomsebenzi oyintloko wabazali. Abantwana babengafundiswa ukulesa nokubhala kuphela kodwa, okubaluleke ngakumbi, babefundiswa uMthetho kaThixo, owawusebenza kuzo zonke iinkalo zobomi babo. Ngaloo ndlela, imfundo yayiquka imiyalelo engeembopheleleko zonqulo, imigaqo elawula umtshato, ulwalamano phakathi kwentsapho nokuziphatha okuhle ngokwesini, kunye neembopheleleko abanazo kwabanye abantu. Imfundo enjalo yayibanceda bakhule kungekuphela nje ngokwasengqondweni nangokuziphatha kodwa kwanangokomoya.—Duteronomi 6:4-9, 20, 21; 11:18-21.
19. Sinokuyifumana phi imfundo esinika eyona milinganiselo yokuziphatha esimele siphile ngayo nesinceda sikhule ngokomoya?
19 Kuthekani namhlanje? Imfundo yehlabathi efanelekileyo ibalulekile. Iyasinceda sikhule ngokwasengqondweni. Kodwa sinokuyifumana phi imfundo eya kusinika eyona milinganiselo yokuziphatha esimele siphile ngayo neya kusinceda sikhule ngokomoya? Kwibandla lamaKristu, sinocwangciso lwemfundo yobuthixo olungekhoyo naphi na emhlabeni. Ngofundisiso lwethu lobuqu lweBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni kwanangemfundo esiyifumana kwiintlanganiso zebandla, kwiindibano ezincinane nezinkulu, sinokuyifumana le mfundo ixabisekileyo nengapheliyo—imfundo yobuthixo—simahla! Isifundisa ntoni?
20. Imfundo yobuthixo isifundisa ntoni, yaye ngawuphi umphumo?
20 Xa siqalisa ukufundisisa iBhayibhile, sifunda iimfundiso ezisisiseko zeZibhalo, “iimfundiso zabaqalayo.” (Hebhere 6:1, TE) Xa siqhubeka siyifundisisa, sifumana ‘ukudla okuqinileyo’—ngamanye amazwi, sifumana iinyaniso ezinzulu ngakumbi. (Hebhere 5:14) Noko ke, ngaphezu koko, sifunda imigaqo yobuthixo esifundisa ukuphila ngendlela uThixo afuna siphile ngayo. Ngokomzekelo, sifunda ukuyiphepha imikhwa nezenzo ‘ezidyobha inyama’ nokuba siwahlonele amagunya nabanye abantu nezinto zabo. (2 Korinte 7:1; Tito 3:1, 2; Hebhere 13:4) Ngaphezu koko, siye siyiqonde indlela ekubaluleke ngayo ukunyaniseka nokukhuthala emsebenzini wethu nokubaluleka kokuphila ngokuvisisana nemiyalelo yeBhayibhile engokuziphatha okuhle ngokwesini. (1 Korinte 6:9, 10; Efese 4:28) Njengoko sisenza inkqubela ekusebenziseni le migaqo ebomini bethu, siyakhula ngokomoya, yaye ulwalamano lwethu noThixo luba nzulu ngakumbi. Ngaphezu koko, ihambo yethu yobuthixo isenza sibe ngabemi abalungileyo, kungakhathaliseki ukuba sihlala phi. Yaye oku kusenokushukumisela abanye bazukise uMthombo wemfundo yobuthixo—uYehova uThixo.—1 Petros 2:12.
Uqeqesho Olusebenzisekayo Kubomi Bemihla Ngemihla
21. Yiyiphi ingqeqesho esebenzisekayo eyayifunyanwa ngabantwana kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile?
21 Injongo yesine yemfundo elungeleleneyo kukunika umntu uqeqesho olusebenzisekayo olufunekayo kubomi bemihla ngemihla. Imfundiso yabazali kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile yayiquka uqeqesho olusebenzisekayo. Amantombazana ayefundiswa imisebenzi yasekhaya. Isahluko sokugqibela seMizekeliso sibonisa ukuba yayiquka izinto ezininzi ezahlukahlukeneyo. Ngoko, amantombazana ayekwazi ukusonta, ukuluka, nokupheka nokwenza eminye imisebenzi yekhaya eqhelekileyo, ukurhweba nokuthenga imihlaba. Ngokuqhelekileyo amakhwenkwe ayefundiswa umsebenzi kayise wokuziphilisa, enoba kukulima okanye ubugcisa obuthile. UYesu wafunda ukuchwela kuyise ongumondli, uYosefu; ngenxa yoko, wayengabizwa ngokuba ‘ngunyana womchweli’ kuphela, kodwa kwanangokuba ‘ngumchweli.’—Mateyu 13:55; Marko 6:3, thelekisa iTE.
22, 23. (a) Imfundo ifanele ibalungiselele ntoni abantwana? (b) Ifanele ibe yintoni intshukumisa yethu ekukhetheni imfundo eyongezelelekileyo xa oko kusenokubonakala kuyimfuneko?
22 Nanamhlanje, imfundo elungelelaniswe kakuhle iquka ukulungiselelwa ukunyamekela iimfuno zentsapho eziya kubakho ngenye imini. Amazwi ompostile uPawulos akweyoku-1 kaTimoti 5:8 abonisa ukuba ukulungiselela intsapho kabani kuyimbopheleleko engcwele. Wabhala: “Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.” Ngoko, imfundo ifanele ibalungiselele iimbopheleleko abaya kujamelana nazo ebomini abantwana yaye ibaxhobisele ukuba babe ngabantu abazibhokoxayo kwibutho loluntu.
23 Sifanele sifune ukuba nemfundo yehlabathi engakanani? Oku kunokwahluka ngokwamazwe. Kodwa ukuba iindawo zengqesho zifuna kongezelelwe uqeqesho olungakumbi kwimfundo efunekayo ngokwasemthethweni, kuxhomekeke kubazali ukubanika ukhokelo abantwana babo ngesigqibo abasenzayo ngemfundo okanye uqeqesho olungakumbi, behlolisisa iingenelo nelahleko eya kubangelwa zezo zifundo zongezelelekileyo. Noko ke, ifanele ibe yintoni intshukumisa yokuba ubani akhethe imfundo engakumbi xa oko kusenokubonakala kuyimfuneko? Ngokuqinisekileyo ayimele ibe bubutyebi, ukuzizukisa, okanye ukuziphakamisa. (IMizekeliso 15:25; 1 Timoti 6:17) Khumbula isifundo esisifumene kumzekelo kaYesu—imfundo ifanele isetyenziselwe ukudumisa uYehova. Ukuba sikhetha imfundo engakumbi, intshukumisa yethu ifanele ibe ngumnqweno wokuzixhasa ukuze simkhonze ngokuzele ngakumbi uYehova kangangoko kunokwenzeka kubulungiseleli bamaKristu.—Kolose 3:23, 24.
24. Sisiphi isifundo esisifunde kuYesu esingamele sisilibale?
24 Ngoko ke, masizimisele kwimigudu yethu yokufumana imfundo yehlabathi elungeleleneyo. Ngamana singayixhamla ngokuzeleyo inkqubo yemfundo yobuthixo eqhubekayo esiyilungiselelwa kwintlangano kaYehova. Yaye asimele nanini na sisilibale isifundo esibalulekileyo esisifunde kuYesu Kristu, esona sifundiswa sakha saphila emhlabeni—imfundo ifanele isetyenziselwe, kungekhona ukuzizukisa, kodwa ukudumisa oyena Mfundisi mkhulu kunabo bonke, uYehova uThixo!
Ithini Impendulo Yakho?
◻ UYesu wayisebenzisa njani imfundo yakhe?
◻ Kutheni kubalulekile ukufunda ukulesa kakuhle?
◻ Sinokubusebenzisa njani ubuchule bokubhala ukudumisa uYehova?
◻ Imfundo yobuthixo isinceda njani sikhule ngokuziphatha nangokomoya?
◻ Luluphi uqeqesho olusebenzisekayo olufanele luqukwe kwimfundo elungeleleneyo?
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
Uncedo Abanokulusebenzisa Abafundisi-ntsapho
KwiiNdibano Zesithili ‘Zabadumisi Abanovuyo’ ebeziqhubeka ebudeni bowe-1995/96, iWatch Tower Society yakhupha incwadana enemifanekiso entsha enomxholo othi AmaNgqina KaYehova Nemfundo. Le ncwadana inemifanekiso inamaphepha angama-32, ipapashwe ngokukhethekileyo kucingwa ngabafundisi-ntsapho. Ukuza kuthi ga ngoku iguqulelwe ngeelwimi ezingama-58.
Siyintoni isizathu sokupapashwa kwencwadana enemifanekiso yabafundisi-ntsapho? Sikukuze bancedwe baziqonde ngakumbi iinkolelo zabafundi abangabantwana bamaNgqina kaYehova. Iqulethe ntoni le ncwadana inemifanekiso? Ngendlela ecacileyo neyakhayo, ichaza iimbono zethu ngemibandela enjengemfundo eyongezelelekileyo, imihla yokuzalwa neKrismesi, nokukhahlelwa kwendwe. Le ncwadana inemifanekiso ikwaqinisekisa abafundisi-ntsapho ukuba sifuna abantwana bethu basixabise isikolo kwanokuba sizimisele ukusebenzisana nabafundisi-ntsapho, sibonakalisa umdla kwimfundo yabantwana bethu.
Inokusetyenziswa njani le ncwadana inemifanekiso ithi Imfundo? Ekubeni ilungiselelwe abafundisi-ntsapho, masabelane ngayo nabafundisi-ntsapho, iinqununu, namanye amagosa esikolo. Ngamana le ncwadana inemifanekiso ingabanceda bonke abo bafundisi-ntsapho ukuba baziqonde iimbono neenkolelo zethu nesizathu sokuba siye sifune ilungelo lokuba ngabahlukileyo maxa wambi. Abazali bakhuthazwa ukuba bayisebenzise le ncwadana inemifanekiso njengesiseko seengxubusho zobuqu nabafundisi babantwana babo.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Imfundo yayigqalwa njengebalulekileyo kuSirayeli wamandulo