Ukuzalisekisa Isibhambathiso Sakho Somtshato!
USUKU lomtshato lusuku lwemigcobo. Lukwasisihlandlo esibaluleke kakhulu. Umyeni nomtshakazi benza isithembiso esibalulekileyo esiya kuchaphazela ubomi babo bonke. Iindwendwe ezikhoyo kuloo mtshato zingamangqina kwesi sithembiso sibalulekileyo basenzayo, kodwa uYehova uThixo liNgqina eliyintloko.
IBhayibhile ayinikeli nkcukacha zithile okanye uhlobo olukhethekileyo lomsitho womtshato. Ukanti, ngenxa yokuba unemvelaphi yobuthixo, ngokuqhelekileyo umtshato wenziwa ngcwele ngezibhambathiso zomtshato ezenziwa ebudeni bomsitho wonqulo. Kangangeminyaka amaNgqina kaYehova ebesebenzisa esi sibhambathiso somtshato silandelayo: “Mna —— ndiyakuthabatha wena—— ukuba ube (ngumfazi/indoda) wam womtshato, ukuba ndikuthande ndize ndikunyamekele (Umtshakazi: yaye ndikuhlonele ngokunzulu) ngokuvisisana nomthetho ongokobuthixo obekelwe (abafazi/amadoda) angamaKristu kwiZibhalo Ezingcwele, lo gama siya kube siphila kunye emhlabeni ngokuvisisana nelungiselelo likaThixo lomtshato.”a
Into Omele Ucinge Ngayo
Ukuba ucinga ngokutshata, kuya kukunceda kakhulu ukucinga ngobunzulu nangentsingiselo yesi sibhambathiso ngaphambi kosuku lomtshato. USolomon wathi: “Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo.” (INtshumayeli 5:2) Kuthekani ukuba sele utshatile? Ngoko uya kungenelwa ngokucamngca ngokubaluleka kwesi sithembiso sinzulu owasenza phambi koYehova. Ngaba uyasizalisekisa? AmaKristu azithabatha nzulu izithembiso azenzayo. USolomon wahlabela mgama esithi: “Loo nto uyibhambathisileyo yizalise. Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi. Musa ukuwuvumela umlomo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungatsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka.”—INtshumayeli 5:4-6.
Ngokuqinisekileyo ukuhlolisisa ibinzana ngalinye lesibhambathiso somtshato kuya kukwenza usiqonde ngakumbi esi sithembiso sibalulekileyo.
“Mna—— ndiyakuthabatha wena”: La ngamazwi okuqala esi sibhambathiso. Abalaselisa ukuba uyayamkela imbopheleleko ngesigqibo osenzileyo sokutshata.
Ngaphantsi kwelungiselelo lobuKristu, iZibhalo azinyanzelisi namnye ukuba atshate. UYesu Kristu wahlala engatshatanga yaye wancomela ukungatshati kwabo ‘banako ukukuvulela ithuba.’ (Mateyu 19:10-12, NW) Kwelinye icala, inkoliso yabapostile bakaYesu yayingamadoda atshatileyo. (Luka 4:38; 1 Korinte 9:5) Kucacile ukuba isigqibo sokutshata sixhomekeke emntwini ngamnye. Akukho mntu unegunya elingokweZibhalo lokunyanzela omnye ukuba atshate.
Ngenxa yoko, yimbopheleleko yakho ukukhetha ukutshata. Mhlawumbi, uzikhethele lowo umtshatayo. Xa usenza isibhambathiso somtshato, usithi, ‘Ndiyakuthabatha——,’ loo mntu umthabatha okanye umamkela neempawu zakhe ezintle—kodwa kwaneziphako zakhe.
Emva kwexesha usenokuphawula iimpawu ezithile obungazazi kubuntu beqabane lakho. Maxa wambi uya kude uphoxeke. IBhayibhile ithi “bonile bonke, basilela eluzukweni lukaThixo.” (Roma 3:23) Ngoko kusenokufuneka wenze iinguqulelo ezithile ukuze uvisisane neqabane lakho. Oku kusenokuba nzima, yaye maxa wambi usenokuziva ufuna ukunikezela. Kodwa khumbula, isibhambathiso somtshato senziwa phambi koYehova. Unokukunceda uphumelele.
“Ukuba ube (ngumfazi/indoda) wam womtshato”: Kusuku lokuqala ngqa betshatile, xa uEva watshatiswa noAdam, uYehova uThixo wathi babemele “babe nyama-nye.” (Genesis 2:24; Mateyu 19:4-6) Ngaloo ndlela iqhina lomtshato lolona lwalamano lusenyongweni lunokubakho phakathi kwabantu ababini. Umtshato ukwenza ube nesalamane esitsha. Wamkela uthile ukuba abe ‘ngumfazi wakho womtshato’ okanye ‘indoda yakho yomtshato.’ Alukho ulwalamano olufana nomtshato. Izinto ezingenzi monakalo ungako kolunye uhlobo lolwalamano zinokubangela umonakalo omkhulu kwilungiselelo lomtshato.
Ngokomzekelo, cinga ngesiluleko seZibhalo esifumaneka kumaEfese 4:26. IBhayibhile ithi apho: “Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile.” Mhlawumbi ubungasoloko uzicombulula ngokukhawuleza iingxaki nezalamane okanye abahlobo bakho, njengoko ubumele wenjenjalo. Kodwa iqabane lakho lingoyena mntu usenyongweni kuwe kunaso nasiphi na isalamane okanye umhlobo. Ukungazicombululi ngokukhawuleza iimbambano neqabane lakho kusenokulubeka engozini ulwalamano lwenu olukhethekileyo.
Ngaba uyakuvumela ukungavisisani neqabane lakho kukhule de kubangele iingxaki neenkathazo ezingapheliyo? Ngaba ukungaqondani nezinto ezicaphukisayo ziqhubeka iintsuku eziliqela? Ukuze usizalisekise isibhambathiso sakho, xa kuvela ubunzima musa ukuluvumela ludlule usuku ungaxolelananga neqabane lakho. Oku kuthetha ukuxolela nokulibala kwanokuwavuma amatyala neempazamo zakho.—INdumiso 51:5; Luka 17:3, 4.
“Ukuba ndikuthande”: Umyeni wenza isibhambathiso ‘sokumthanda nokumnyamekela’ umtshakazi wakhe. Olu thando luquka uthando oluphakathi kwabantu besini esahlukileyo olusenokuba lwabenza badibana. Kodwa olo thando luphakathi kwabantu besini esahlukileyo alwanele. Uthando abhambathisa ukuba nalo umKristu ngeqabane lakhe lunzulu yaye lubanzi ngakumbi.
Ama-Efese 5:25 athi: “Nina madoda, bathandeni abafazi benu njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla.” Uthando lukaYesu ngebandla alunakuba luyafana nothando olubakho phakathi kwabantu besini esahlukileyo. Amabinzana asetyenziswe kwesi sibhalo athi “bathandeni” nelithi “walithandayo” avela kwigama elithi a·gaʹpe, elibhekisela kuthando olulawulwa yimigaqo. Apha iBhayibhile iyalela amadoda ukuba abonakalise uthando oluqhubekayo, olungaxengaxengiyo, noluhlala luhleli ngabafazi bawo.
Asingombandela wokuba nemvo yokuba “Ndiyakuthanda kuba nawe undithanda.” Indoda ibeka izilangazelelo zomfazi wayo kuqala kunezayo, yaye umfazi uyithanda ngendlela efanayo indoda yakhe. (Filipi 2:4) Ukuhlakulela uthando olunzulu ngeqabane lakho kuya kukunceda usizalisekise isibhambathiso sakho somtshato.
“Ndize ndikunyamekele”: Ngokutsho kwesinye isichazi-magama, ‘ukunyamekela’ kuthetha ‘ukuxabisa, ukuba nemvakalelo yothando okanye ukulubonakalisa.’ Umele ulubonakalise ngamazwi nangezenzo uthando lwakho! Umfazi ukufuna ngokukhethekileyo ukuba indoda yakhe ihlale ikubonakalisa ukuba iyamthanda. Indoda yakhe isenokuzinyamekela kakuhle iimfuno zakhe zokwenyama, kodwa oku akwanele. Kukho abafazi abanokutya okwaneleyo nekhaya elihle kodwa abangonwabanga konke konke ngenxa yokuba betyeshelwa okanye bengakhathalelwe ngamaqabane abo omtshato.
Kwelinye icala, umfazi owaziyo ukuba uyathandwa yaye ukhathalelwe unezizathu ezininzi zokonwaba. Kakade ke, oku kukwanjalo nangendoda. Iimbonakaliso zothando ezisuka entliziyweni zilwenza luvuthe ngakumbi uthando lokwenyaniso. KwiNgoma yazo iiNgoma, umalusi oseluthandweni uthi: “Azi kuhle ukuncokolisa kwakho, dade wethu mtshakazi! Azi kumnandi ukuncokolisa kwakho ngaphezu kwewayini, nevumba lamafutha akho ngaphezu kobulawu buphelele!”—INgoma yazo iiNgoma 4:10.
“Yaye ndikuhlonele ngokunzulu”: Ukutyhubela iinkulungwane, bekukho amadoda ebebaxhaphaza yaye ebathob’ isidima abafazi. Nanamhlanje, ngokutsho kwephephancwadi iWorld Health, “ukuphathwa ngogonyamelo kwabafazi kwenzeka kuwo onke amazwe nakuzo zonke iindidi zabantu. Kwiindawo ezininzi, ukubetha umfazi kugqalwa njengelungelo lendoda.” Inkoliso yamadoda isenokungabekwa tyala ngokwenza oko. Sekunjalo, kubonakala ukuba amadoda amaninzi ayasilela ukubonakalisa umdla wokwenene kwizinto ezixhalabisa abafazi. Ngenxa yoko, abafazi abaninzi baye banesimo sengqondo esingesihle ngamadoda. Abanye abafazi baye beviwa besithi, “Ndiyayithanda indoda yam, kodwa andikwazi nje kwaphela ukuyihlonela!”
Noko ke, uYehova uThixo, uyamxabisa umfazi ozamayo ukuyihlonela indoda yakhe—kwanokuba maxa wambi ayiyifezi iminqweno yakhe. Uyaqonda ukuba nguThixo oyinike esi sabelo okanye isikhundla. (1 Korinte 11:3; Efese 5:23) Ngaloo ndlela ukuyihlonela ngokunzulu indoda yakhe kuyinxalenye yonqulo nokuthobela kwakhe uYehova. UThixo akayigqali njengento engabalulekanga intobelo yabafazi aboyik’ uThixo.—Efese 5:33; 1 Petros 3:1-6; thelekisa amaHebhere 6:10.
Abantu abatshatileyo bamele bahlonelane, yaye bafanele bakusebenzele oko kunokuba bakulindele okanye bakufune ngenkani. Ngokomzekelo, amazwi aphoxayo okanye acaphukisayo akafanelekanga kwilungiselelo lomtshato. Ibingayi kuba kukubonakalisa uthando okanye intlonelo ukuthetha kakubi ngendoda okanye umfazi wakho. Akunasiqhamo sihle ukubhenca okanye ukuthetha ngeziphako zeqabane lakho kwabanye. Kwanaxa ehambisa nje incoko ubani unokubonakalisa ukungabi nantlonelo ngokunzulu xa esenza oku. Amazwi akumaEfese 4:29, 32 asebenza kumadoda nakubafazi. Apho iBhayibhile ithi: “Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo . . . Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu.”
‘Ngokuvisisana nomthetho ongokobuthixo obekwe kwiZibhalo Ezingcwele’: UThixo ufuna sinandiphe inkululeko yokuzikhethela neyokwenza izinto. Akasithwalisi uludwe lwemithetho enzima elawula ubomi bomtshato. Ukanti, ukuze kulungelwe thina unikela ukhokelo oluthile.
Namhlanje, kukho inkitha yeempapasho ezahlukahlukeneyo ezithetha ngomtshato, yaye abantu abaninzi baneentanda-bulumko zabo. Kodwa lumka! Kumbandela womtshato, inkoliso yenkcazelo ekhoyo ayivisisani neBhayibhile.
Kwakhona khumbula ukuba iimeko zezibini ezitshatileyo azifani. Ngandlel’ ithile, izibini ezitshatileyo zifana namahlwantsi ekhephu; xa ukude asenokubonakala efana, kodwa eneneni ngalinye lahlukile, alifani nawo onke amanye. Ubuntu bakho nobeqabane lakho abufani nobaso nasiphi na esinye isibini esitshatileyo ehlabathini. Ngoko musa ukuzamkela ngokukhawuleza iingcamango zabanye abantu. Ayikho inkcazelo esisiseko equlunqwe ngumntu enokusebenza kuyo yonke imitshato!
Ngokwahlukileyo koko, yonke imithetho yeBhayibhile ichanile yaye iyasebenza. Umpostile uPawulos wabhala: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka.” (2 Timoti 3:16; INdumiso 119:151) Ukuba ufunda iBhayibhile uze uzamkele iimfundiso zayo njengesikhokelo sobomi bakho bemihla ngemihla, uya kukwazi ukusizalisekisa isibhambathiso sakho somtshato.—INdumiso 119:105.
“Lo gama siya kuba siphila kunye emhlabeni”: Oku kwalatha kumanyano olungapheliyo. Umthetho kaThixo uthi “indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo.” (Genesis 2:24) UYehova ufuna nibe kunye. Mkhonzeni kunye uThixo. Nilifundisise kunye iLizwi lakhe. Nizibekele ixesha lokuhamba kunye, nihlale kunye, nitye kunye. Nibunandiphe kunye ubomi!
Ezinye izibini zenza umgudu wokubekela bucala ixesha lokuba zincokole mihla le. Kwanasemva kweminyaka emininzi zitshatile, olu manyano lubalulekile ukuze kubekho ulonwabo emtshatweni.
“Ngokuvisisana nelungiselelo likaThixo lomtshato”: Umtshato sisipho esivela kuYehova uThixo, owayila ilungiselelo lomtshato. (IMizekeliso 19:14) Ukusilela ukulandela ilungiselelo lakhe akuyi kusongela ulonwabo lomtshato wakho kuphela kodwa kwanolwalamano lwakho noMdali. Kwelinye icala, xa indoda nomfazi behlakulela ulwalamano oluhle noYehova, olubonakaliswa kukuthobela amalungiselelo akhe, baya kuba nolwalamano oluhle nabanye, yaye lubekho naphakathi kwabo.—IMizekeliso 16:7.
Ungaze ulibale ukuba uYehova liNgqina eliyintloko kwisibhambathiso sakho somtshato. Qhubeka usizalisekisa esi sithembiso sibalulekileyo, yaye umtshato wakho uya kubangela ukuba uYehova uThixo adunyiswe yaye azukiswe!
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwezinye iindawo kusenokufuneka kusetyenziswe uhlobo olwahlukileyo lwesi sibhambathiso kuthotyelwa imithetho yasekuhlaleni. (Mateyu 22:21) Noko ke, kwinkoliso yamazwe izibini ezingamaKristu zisebenzisa isibhambathiso esingasentla.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
Ngandlel’ ithile, izibini ezitshatileyo zifana namahlwantsi ekhephu. Xa ukude zonke zisenokubonakala zifana, kodwa eneneni isibini ngasinye sahluke gqitha
[Inkcazelo]
Snow Crystals/Dover