Amalungelo Abaguli Ahlonelwa
‘Ayikho indlela endingalwenza ngayo olu qhaqho ngaphandle kwegazi. Ukuba ufuna ukwenziwa utyando, kuza kufuneka uvumelane nendlela endinyanga ngayo. Kungenjalo, kuza kufuneka uzifumanele omnye ugqirha.’
AMAZWI alo gqirha akazange alugungqise ukholo lukaCheng Sae Joo, omnye wamaNgqina kaYehova ohlala eThailand. Emva kokuxilongwa kwaza kwafumaniseka ukuba unemeningioma, uhlobo oluthile lwethumba lobuchopho, uCheng wayelufuna ngamandla uqhaqho. Kodwa wayezimisele ukuthobela umthetho weBhayibhile othi: ‘Nikhwebuke egazini.’—IZenzo 15:28, 29.
UCheng waya kwezinye izibhedlele ezibini, ekhetha ukuba anyangwe kwilizwe lakhe ukuba kunokwenzeka. Okwamdanisayo kukuba noogqirha balapho abazange bavume ukwenza uqhaqho ngaphandle kwegazi. Ekugqibeleni, uCheng wadityaniswa neNeurological Institute of the Tokyo Women’s Medical College liSebe Lenkcazelo Yezibhedlele (HIS [Hospital Information Services]) laseThailand. Eso sibhedlele sasinyange abantu abangaphezu kwama-200 ababenethumba ebuchotsheni sisebenzisa inkqubo yotyando yokufaka imitha enamandla ngomatshini, enye yeenkqubo ezintsha zonyango lwemitha.
Kwenziwa amalungiselelo okuba uCheng ahlale namaNgqina aseJapan awayehlala kufutshane neso sibhedlele. Iqela lawo lamhlangabeza kwisikhululo seenqwelo-moya, kuquka amaNgqina kaYehova amabini athetha ulwimi lwaseThailand kunye nommeli weHIS. Emva kokuxilongwa kangangeveki, uCheng walaliswa kweso sibhedlele apho wathi wanyangwa ngenkqubo yotyando yokufaka imitha enamandla ngomatshini. Oko kwathabatha ixesha elingangeyure kuphela. Akuba ephumile esibhedlele ngosuku olulandelayo, uCheng wabuyela eThailand ngosuku olulandela olo.
UCheng wathi: “Andizange ndicinge ukuba kunganikelwa uncedo olungaka ngeli lungiselelo. Ndachukumiseka ngokwenene luthando olwabonakaliswayo kunye nentsebenziswano eyayiphakathi kwamaqela abandakanyekileyo.”
Linikela ingxelo ngolu daba, iphephandaba laseJapan iMainichi Shimbun lagqabaza lisithi: “Ukuza kuthi ga ngoku, izizathu ezisekelwe kunqulo zokungavumi ukutofelwa igazi ziye zabalaseliswa. Noko ke, ukutofelwa igazi kuye kwanemiphumo emibi enjengoGawulayo, ukuba sesichengeni sokufumana izifo zeentsholongwane ezinjenge-hepatitis C nokungamkelwa kwezinto ezithile ngumzimba. Ngenxa yesi sizathu kukho abaguli abangalufuniyo utofelo-gazi kungakhathaliseki ukuba zithini na iinkolelo zonqulo lwabo.”
Eli phephandaba lahlabela mgama lathi: “Abaguli abaninzi abangavumanga ukutofelwa igazi baye banyanzelwa ukuba baye kwezinye izibhedlele, kodwa kukho imfuneko yeenguqu kumaziko ezonyango ngokuphathelele ukuhlonelwa kokhetho lomguli. Kufuneka isivumelwano esicacileyo (umguli afumane ingcaciso epheleleyo yoko kubandakanyekileyo andule ukuluvuma unyango), yaye kukwanjalo nangotofelo-gazi. Kufanele kuqondwe ukuba le asiyombambano ebandakanya unqulo oluthile kuphela.”
NjengoCheng Sae Joo, abaninzi abakhetha ukunyangwa ngaphandle kwegazi kufuneka baye kwezinye izibhedlele. Sekunjalo, bayayixabisa imigudu yoogqirha abakulungeleyo ukuhlonela amalungelo abaguli.
ISebe Lenkcazelo Yezibhedlele lasekwa ngamaNgqina kaYehova kumasebe eWatch Tower Society ukuze lakhe intsebenziswano noogqirha abahlonela iinkolelo zawo. Ehlabathini jikelele, iHIS yakha ulwalamano oluphumelelayo nezibhedlele, oogqirha, abasebenzi abanyamekela impilo, amagqwetha nabagwebi.