Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Imisebenzi Emihle Ezukisa UYehova
KWINTSHUMAYELO yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Makukhanye ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle base uzuko kuYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:16) Ngokufanayo, amaKristu okwenyaniso namhlanje enza ‘imisebenzi emihle’ ezukisa uYehova.
Yiyiphi le misebenzi mihle? Iquka ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, kodwa nehambo yethu engumzekelo iyinxalenye ebalulekileyo. Ngokufuthi yihambo yethu entle eqala ukutsalela abantu kwibandla lamaKristu. La mava alandelayo abonisa indlela amaNgqina kaYehova aseMartinique ‘akukhanyisa ngayo ukukhanya kwawo phambi kwabantu.’
◻ Ngoxa wayeshumayela kwindlu ngendlu, omnye wamaNgqina kaYehova watyelela ibhinqa elingumKatolika. Eli bhinqa belihlalisana nendoda kangangeminyaka engama-25. Laliqhelene neemfundiso zamaNgqina kaYehova, ekubeni lalifumene incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni kwiminyaka emalunga nesixhenxe ngaphambili.a Eli bhinqa laxelela iNgqina oku: “Kukho iinkonzo ezininzi gqitha. Andazi ukuba mandikholelwe bani na kwesi siphithiphithi.” Eli Ngqina lacacisa ukuba inyaniso yayinokufumaneka eBhayibhileni kuphela nokuba ukuze liyifumane, lalimele lifundisise iZibhalo ngenyameko lize lithandazele umoya nokhokelo lukaThixo.
Kangangexesha elithile, nangona lalinomdla ekufundisiseni iBhayibhile, eli bhinqa lala izihlandlo eziliqela xa lalimenywa ukuba libekho kwiintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Kwakutheni? Lalineentloni ngokugqithiseleyo. Noko ke, emva kokufumana isimemo seSikhumbuzo sokufa kukaKristu, lazoyisa iintloni zalo laza laya.
Eyona nto yalichukumisa kakhulu apho luthando olwalukho kwiHolo yoBukumkani. Lalingazange lifumane ubuhlobo bokwenyaniso obunjalo kwicawa yalo! Emva kwaloo ntlanganiso laqalisa ukuya kuzo zonke iintlanganiso ezaziqhutywa ngamaNgqina asekuhlaleni, ibe kungekudala latshata naloo ndoda lalihlalisana nayo. Ngoku lililungu elibhaptiziweyo lebandla.
◻ Imisebenzi emihle yelinye iNgqina yaba nemiphumo elungileyo. Lalikwisikhundla esiphezulu kwiofisi ethile. Emva kokuba kuqeshwe indoda ethile eyayivela kwisiqithi seRéunion, abanye abasebenzi baqalisa ukuhlekisa ngobufutshane bayo. Yaba lilifa lentsini. Ngokwahlukileyo koko, eli Ngqina lalisoloko linobubele yaye linentlonelo kule ndoda. Kungekudala yalibuza isizathu sokuba lahluke.
Eli Ngqina lacacisa ukuba intlonelo elinayo yayibangelwa yimigaqo yeBhayibhile elaliyifunde kumaNgqina kaYehova. Kwakhona layibonisa oko iZibhalo zikutshoyo ngeenjongo zikaThixo nangethemba lehlabathi elitsha. Le ndoda yasamkela isifundo seBhayibhile, yaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, yaza yatshata nebhinqa eyayihlalisana nalo.
Ekugqibeleni yabuyela eRéunion. Ngaphambili, yayingavisisani nezalamane zayo, ngokukodwa intsapho yomfazi wayo. Kodwa ngoku zazichukumiseke gqitha yihambo yayo entle yobuKristu. Le ndoda yabhaptizwa yaye sithetha nje isisicaka solungiselelo. Amalungu entsapho aliqela, kuquka umfazi namantombazana ayo amabini, nabo bakhonza kwibandla lamaKristu njengabavakalisi beendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.