Zinikele Ekufundeni
“Ngoxa ndisiza, qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni, ekufundiseni.”—1 TIMOTI 4:13.
1. Sinokungenelwa njani ngokufunda iBhayibhile?
UYEHOVA UTHIXO ngokungummangaliso wenza ukuba uluntu lukwazi ukufunda nokubhala. Kwakhona uye wasilungiselela iLizwi lakhe, iBhayibhile, ukuze siqeqesheke kakuhle. (Isaya 30:20, 21) Ngokungathi kunjalo, ukulifunda kusenza ‘sihambe’ noosolusapho ababemoyika uThixo abanjengoAbraham, uIsake noYakobi. ‘Sinokubabona’ abafazi ababemoyika uThixo abanjengoSara, uRebheka nomMowabhikazi onyanisekileyo uRute. Ewe, ‘sinokumva’ uYesu Kristu enikela iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni. Lonke olu yolo nemfundiso ezukileyo ekwiZibhalo Ezingcwele sinokuyifumana ukuba siyakwazi ukufunda kakuhle.
2. Yintoni ebonisa ukuba uYesu nabapostile bakhe babekwazi ukufunda?
2 Ngokungathandabuzekiyo, indoda efezekileyo uYesu Kristu wayekwazi kakuhle ukufunda, yaye ngokuqinisekileyo wayezazi kakuhle iZibhalo zesiHebhere. Ngoko, xa wayehendwa nguMtyholi, ngokufuthi uYesu wayebhekisela kuzo esithi: “Kubhaliwe kwathiwa.” (Mateyu 4:4, 7, 10) Ngesinye isihlandlo kwindlu yesikhungu eNazarete, wafunda esidlangalaleni waza wabonisa ukuba loo nxalenye yesiprofeto sikaIsaya ithetha ngaye. (Luka 4:16-21) Kuthekani ngabapostile bakaYesu? Kwimibhalo yabo, ngokufuthi babecaphula kwiZibhalo zesiHebhere. Nangona abalawuli bamaYuda babemgqala uPetros noYohane njengabantu abangafundanga nabaqhelekileyo kuba babengafundiswanga kwizikolo zamaHebhere zemfundo ephakamileyo, iileta zabo eziphefumlelwe nguThixo zibonisa ngokucacileyo ukuba babekwazi kakuhle ukufunda nokubhala. (IZenzo 4:13) Kodwa ngaba ukukwazi ukufunda kubaluleke ngokwenene?
‘Unoyolo Lowo Ufunda Ngokuvakalayo’
3. Kutheni kubaluleke kangaka ukufunda iZibhalo neempapasho zamaKristu?
3 Ukuzondla nokulusebenzisa ulwazi oluchanileyo lweZibhalo kunokukhokelela kubomi obungunaphakade. (Yohane 17:3) Ngoko ke amaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba kubaluleke gqitha ukufunda nokufundisisa iZibhalo Ezingcwele neempapasho zamaKristu ezilungiselelwe nguThixo ngodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi lamaKristu athanjisiweyo. (Mateyu 24:45-47) Eneneni, ngokusebenzisa iimpapasho zeWatch Tower ezenziwe ngokukhethekileyo, amawaka aye afundiswa ukufunda yaye ngaloo ndlela aye afumana ulwazi olunik’ ubomi lweLizwi likaThixo.
4. (a) Kutheni ulonwabo lufumaneka ngokufunda, ukufundisisa nokusebenzisa iLizwi likaThixo? (b) Ngokuphathelele ukufunda, uPawulos wamxelela ntoni uTimoti?
4 Ulonwabo lufumaneka ngokufunda, ukufundisisa nokusebenzisa iLizwi likaThixo. Oku kunjalo kuba ngokwenza ezo zinto sikholisa yaye sihlonela uThixo, sifumana iintsikelelo zakhe yaye oko kuyasivuyisa. UYehova ufuna abakhonzi bakhe bonwabe. Ngoko, wayalela ababingeleli ukuba bawufunde uMthetho wakhe phambi kwabantu boSirayeli wamandulo. (Duteronomi 31:9-12) Xa uEzra owayengumkhupheli nabanye babewufunda uMthetho phambi kwabantu ababehlanganisene eYerusalem, babeyenza icace intsingiselo yawo, yaye oko kwakuphumela ‘kuvuyo olukhulu.’ (Nehemiya 8:6-8, 12) Umpostile ongumKristu uPawulos wamxelela oku uTimoti owayesebenza naye: “Ngoxa ndisiza, qhubeka uzibhokoxa kufundo lwasesidlangalaleni, ekubongozeni, ekufundiseni.” (1 Timoti 4:13) Enye inguqulelo ifundeka ngolu hlobo: “Zinikele kufundo lwasesidlangalaleni lweZibhalo.”—New International Version.
5. ISityhilelo 1:3 silunxibelelanisa njani ulonwabo nokufunda?
5 Isibakala sokuba ulonwabo lwethu luxhomekeke ekufundeni nasekusebenziseni iLizwi likaThixo sichazwa kwiSityhilelo 1:3. Apho sixelelwa oku: “Unoyolo lowo uwafunda ngokuvakalayo nabo bawevayo amazwi esi siprofeto, nabazigcinayo izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha elimisiweyo likufuphi.” Ewe, kufuneka siwafunde ngokuvakalayo size siweve amazwi kaThixo esiprofeto akwiSityhilelo nakuzo zonke iZibhalo. Umntu owonwabe ngokwenene ngulowo “unonelela umyalelo kaYehova; ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku.” Uba yintoni umphumo? “Konke akwenzayo kophumelela.” (INdumiso 1:1-3) Ngoko ke, ngenxa yezi zizathu, intlangano kaYehova ibongoza ngamnye wethu ukuba afunde yaye afundisise iLizwi lakhe xa eyedwa, njengentsapho kwanaxa ekunye nabazalwana.
Cinga Nzulu Yaye Ucamngce
6. UYoshuwa wayalelwa ukuba afunde ntoni, yaye oku kwakuyingenelo njani?
6 Unokungenelwa njani ngokufunda iLizwi likaThixo neempapasho zamaKristu? Mhlawumbi uya kukufumanisa kuyingenelo ukwenza oko kwakusenziwa nguYoshuwa, inkokeli yoSirayeli wamandulo eyayimoyika uThixo. Wayalelwa oku: “Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze [uyifunde usebeza, NW] imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.” (Yoshuwa 1:8) ‘Ukuyifunda usebeza’ kuthetha ukuzifundela la mazwi ngezwi eliphantsi. Oku kuya kukunceda uwakhumbule, kuba kubethelela engqondweni oko ukufundayo. UYoshuwa wayemele awufunde “imini nobusuku,” okanye rhoqo uMthetho kaThixo. Oko kwakuza kumenza aphumelele yaye abonakalise ubulumko xa ephumeza iimbopheleleko awayezinikwe nguThixo. Nawe unokuncedakala ngendlela efanayo ukuba ulifunda rhoqo iLizwi likaThixo.
7. Kutheni singafanele sizixhalabise ngobungakanani bexesha esilithabatha xa sifunda iLizwi likaThixo?
7 Xa ufunda iLizwi likaThixo, musa ukucinga ngexesha olithabathayo ngoxa ufunda. Ukuba ubucebe ukuchitha ixesha elithile ufunda iBhayibhile okanye enye impapasho yamaKristu, kusenokuba kuhle ukungangxami. Kubaluleke gqitha oku xa ufundisisa unenjongo yokukhumbula iingongoma ezibalulekileyo. Yaye xa ufunda, cinga nzulu. Wetyise amazwi ombhali weBhayibhile. Zibuze, ‘Uthetha ukuthini? Yintoni endifanele ndiyenze ngale nkcazelo?’
8. Kutheni kuyingenelo ukucamngca xa sifunda iZibhalo?
8 Zinike ixesha lokucamngca ngoxa ufunda iZibhalo Ezingcwele. Oku kuya kukunceda uwakhumbule amabali eBhayibhile yaye uyisebenzise imigaqo yeZibhalo. Ukucamngca ngeLizwi likaThixo uze ngaloo ndlela ubethelele iingongoma engqondweni yakho nako kuya kukwenza uthethe ngokusuka entliziyweni, ukwazi ukubaphendula kakuhle abantu ababuza ngokunyanisekileyo kunokuthetha into osenokuzisola ngokuyithetha kamva. Umzekeliso ophefumlelwe nguThixo uthi: “Intliziyo yelungisa iya kucamanga ukuphendula.”—IMizekeliso 15:28.
Nxulumanisa Iingongoma Ezintsha Nezindala
9, 10. Unokulutyebisa njani ufundisiso lwakho lweBhayibhile ngokunxulumanisa iingongoma zeZibhalo ezintsha nobusele uzazi?
9 Inkoliso yamaKristu imele ivume ukuba ngaxa lithile yayingenalwazi lungako ngoThixo, iLizwi lakhe neenjongo zakhe. Noko ke, namhlanje aba balungiseleli bangamaKristu, ukususela kwindalo nokuwela komntu esonweni, banokuyichaza injongo yedini likaKristu, banokukuchaza ukutshatyalaliswa kwale nkqubo yezinto ingendawo, yaye banokuyichaza indlela uluntu olunentobelo oluya kusikelelwa ngayo ngobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi. Ubukhulu becala oku kwenzeka kuba aba bakhonzi bakaYehova baye bazondla ‘ngolwazi olungoThixo’ ngokufundisisa iBhayibhile neempapasho zamaKristu. (IMizekeliso 2:1-5) Ngokuthe ngcembe baye banxulumanisa iingongoma ezintsha abazifundileyo nezindala abebesele beziqonda.
10 Ukunxulumanisa iingongoma ezintsha zeZibhalo nobusele uzazi kuyingenelo yaye kunomvuzo. (Isaya 48:17) Xa ufumana imithetho, imigaqo, kwaneengcamango zeBhayibhile ongaziqondiyo, zinxulumanise noko ukwaziyo ngoku. Loo nkcazelo yenze ivisisane noko ukufundileyo ‘ngesizekelo samazwi aphilileyo.’ (2 Timoti 1:13) Funa inkcazelo esenokukunceda womeleze ulwalamano lwakho noThixo, uphucule ubuntu bakho njengomKristu, okanye ikuncede wabelane ngeenyaniso zeBhayibhile nabanye.
11. Yintoni osenokuyenza xa ufunda indinyana yeBhayibhile ethetha ngehambo? Zekelisa.
11 Xa ufunda indinyana ethetha ngehambo eBhayibhileni, zama ukuqonda umgaqo obandakanyekileyo. Camngca ngawo, uze ugqibe ngoko ubunokukwenza phantsi kweemeko ezifanayo. Unyana kaYakobi uYosefu wakwala ngokuphindaphindiweyo ukuziphatha kakubi ngokwesini nomfazi kaPotifare, wambuza: “Ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?” (Genesis 39:7-9) Kweli bali lichukumisayo, ufumana umgaqo osisiseko—ukuziphatha okubi ngokwesini kusisono phambi koThixo. Lo mgaqo unokuwunxulumanisa nezinye iindinyana zeLizwi likaThixo ozaziyo, yaye oko kuya kukunceda uwukhumbule xa uhendelwa kwisono esinjalo.—1 Korinte 6:9-11.
Zenzele Umfanekiso Ngqondweni Weziganeko ZeZibhalo
12. Kutheni ufanele uzenzele umfanekiso ngqondweni wamabali eBhayibhile xa uwafunda?
12 Ukuze uzibethelele engqondweni iingongoma njengoko ufunda, zenzele umfanekiso ngqondweni woko kwenzekayo. Zenzele umfanekiso ngqondweni welo lizwe, amakhaya, abantu. Wave amazwi abo njengoko bethetha. Live ivumba lesonka esibhakwa eontini. Zibone ulapho nawe. Ngoko ufundisiso lwakho luya kuba mnandi, kuba usenokusibona isixeko sakudala, unyuke intaba ephakamileyo, ubone ubuhle bendalo, okanye unxulumane namadoda nabafazi bokholo.
13. Unokukuchaza njani oko kubhalwe kuBagwebi 7:19-22?
13 Masithi ufunda ABagwebi 7:19-22. Zenzele umfanekiso ngqondweni woko kwenzekayo. UmGwebi uGidiyon namadoda okulwa akwaSirayeli angamakhulu amathathu ami ngeendawo zawo ekupheleni kwenkampu yamaMidiyan. Kumalunga nentsimbi yeshumi ebusuku, ixesha lokuqala “komlindo ophakathi kobusuku.” Abalindi bakwaMidiyan basandul’ ukuqalisa ukusebenza, yaye kumnyama thsu kwinkampu yeentshaba ezileleyo zamaSirayeli. Khangela! UGidiyon namadoda akhe baphethe izigodlo. Banemiphanda yamanzi emikhulu egqume izibane abaziphethe ngezandla zabo zasekhohlo. Ngequbuliso, amaqela amathathu ayilwe ngamadoda alikhulu lilinye avuthela izigodlo, aqhekeze iingqayi, aphakamise izibane ezivuthayo, aze adanduluke esithi: “Ikrele likaYehova, likaGidiyon!” Ukhangela kuloo nkampu. Ubona amaMidiyan ebaleka yaye ebhomboloza! Njengoko amakhulu amathathu eqhubeka evuthela izigodlo zawo, uThixo wenza ukuba amaMidiyan abulalane ngamakrele awo. AmaMidiyan ayalwa, yaye uYehova wenze ukuba amaSirayeli oyise.
Ukufumana Izifundo Ezibalulekileyo
14. Isahluko 9 saBagwebi sinokusetyenziswa njani ukufundisa umntwana ngokubaluleka kokuthobeka?
14 Ngokufunda iLizwi likaThixo, sinokufunda izinto ezininzi. Ngokomzekelo, mhlawumbi ufuna ukufundisa abantwana bakho ngokubaluleka kokuthobeka. Ngoko, kunokuba lula ukubenza babe nomfanekiso ngqondweni baze bayiqonde intsingiselo yoko kwakuprofetiwe ngonyana kaGidiyon uYotam. Masifunde ukususela kuBagwebi 9:8. UYotam wathi: “Yaya imithi ukuya kuthambisa ukumkani ukuba abe phezu kwayo.” Umthi womnquma, umthi womkhiwane nowomdiliya ayizange ifune ukulawula. Kodwa umqunube ongabalulekanga wakuvuyela ukuba ngumlawuli. Emva kokubafundela eli bali abantwana bakho, usenokubachazela ukuba izityalo ezixabisekileyo zazimela abantu abafanelekayo ababengasifuni isikhundla sokuba ngukumkani phezu kwamanye amaSirayeli. Umqunube, owawusetyenziswa njengeenkuni kuphela, wawumela ubukumkani buka-Abhimeleki onekratshi, umbulali owayefuna ukulawula abanye kodwa wasuka wafa kuzaliseka isiprofeto sikaYotam. (ABagwebi, isahluko 9) Nguwuphi umntwana obeya kufuna ukufana nomqunube xa ekhulile?
15. Ukubaluleka kokunyaniseka kubalaseliswa njani kwincwadi kaRute?
15 Ukubaluleka kokunyaniseka kubekwa elubala kwincwadi yeBhayibhile kaRute. Mhlawumbi njengentsapho ninokubolekisana njengoko nilifunda ngokuvakalayo elo bali nizama ukuqonda intsingiselo yalo. Nibona umMowabhikazi uRute ekuhambo oluya eBhetelehem noninazala ongumhlolokazi, uNahomi, yaye uRute nimva esithi: “Abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam.” (Rute 1:16) URute okhutheleyo ubonwa ebhikica emva kwabavuni bentsimi kaBhohazi. Nimva emncoma, esithi: “Bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima.” (Rute 3:11) Kungadlulanga xesha lide, uBhohazi utshata noRute. Ngokuvisisana nelungiselelo lomtshato wongeno, ngoBhohazi uzalela “uNahomi” unyana. URute uba ngukhokhokazi kaDavide yaye ekugqibeleni nokaYesu Kristu. Ngaloo ndlela wafumana ‘umvuzo ozalisekileyo.’ Ngaphezu koko, abo balifundayo eli bali leZibhalo bafunda isifundo esibalulekileyo: Nyaniseka kuYehova, yaye uya kuvuzwa ngokutyebileyo.—Rute 2:12; 4:17-22; IMizekeliso 10:22; Mateyu 1:1, 5, 6.
16. Luluphi uvavanyo awajamelana nalo amaHebhere amathathu, yaye linokusinceda njani eli bali?
16 Ibali lamaHebhere ekuthiwa nguShadraki, uMeshaki noAbhede-nego linokusinceda sithembeke kuThixo phantsi kweemeko ezilingayo. Yiba nomfanekiso ngqondweni weso siganeko njengoko uDaniyeli isahluko 3 efundwa ngokuvakalayo. Isithixo esikhulu neside segolide simi kwithafa laseDura, apho kuhlanganisene amagosa aseBhabhiloni. Xa kukhala izixhobo zomculo, aqubuda phantsi aze anqule eso sithixo simiswe nguKumkani uNebhukadenetsare. Oko kukuthi, onke enjenjalo ngaphandle koShadraki, uMeshaki noAbhede-nego. Ngentlonelo, kodwa ngenkalipho, bayamxelela ukumkani ukuba abasayi kubakhonza oothixo bakhe baze basinqule eso sithixo segolide. La maHebhere mathathu aphoswa kwiziko elibaselwe ngeyona ndlela. Kodwa yintoni eyenzekayo? Xa ekhangela phakathi, ukumkani ubona amadoda amane, enye yawo ‘ifana nonyana woothixo.’ (Daniyeli 3:25) La maHebhere mathathu ayakhutshwa kwelo ziko, yaye uNebhukadenetsare uyamdumisa uThixo wawo. Siye sangenelwa ngokuzenzela umfanekiso ngqondweni weli bali. Yaye esinjani isifundo esisifumanayo ngokuphathelele ukuthembeka kuYehova xa sivavanywa!
Iingenelo Zokufunda IBhayibhile Njengentsapho
17. Ngamafutshane chaza ezinye zezinto eziyingenelo enokuzifunda intsapho yakho ngokufunda iBhayibhile kunye.
17 Intsapho yakho inokufumana iingenelo ezininzi ukuba nichitha ixesha rhoqo nifunda iBhayibhile kunye. Ukususela kwiGenesis, ninokuzenzela umfanekiso ngqondweni wexesha lokudala nize nibone ikhaya lokuqala lomntu eliyiParadisi. Ninokwabelana ngamava oosolusapho abathembekileyo neentsapho zabo nize nihambe namaSirayeli njengoko ewela uLwandle Olubomvu kwindlela eyomileyo. Ninokuyibona inkwenkwana engumalusi uDavide isoyisa ingxilimbela yomFilisti uGoliyati. Intsapho yakho inokuba nombono wokwakhiwa kwetempile kaYehova eYerusalem, ibone ukutshatyalaliswa kwayo yingxokolo yaseBhabhiloni, yaye iphinde iyibone isakhiwa ngaphantsi kweRhuluneli uZerubhabheli. Ndawonye nabalusi abathobekileyo kufutshane neBhetelehem, ninokuziva izigidimi zengelosi ezingokuzalwa kukaYesu. Ninokufumana iinkcukacha ngobhaptizo nobulungiseleli bakhe, nimbone encama ubomi bakhe njengentlawulelo, yaye ninokuthelela kuvuyo lokuvuswa kwakhe. Emva koko, ninokuhamba nompostile uPawulos nize nibone ukusekwa kwamabandla njengoko ubuKristu busanda. Ngokulandelayo, kwincwadi yeSityhilelo, intsapho yakho inokunandipha umbono ozukileyo wompostile uYohane wexesha elizayo, kuquka uLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka.
18, 19. Kunikelwe waphi amacebiso ngokuphathelele ukufunda iBhayibhile njengentsapho?
18 Ukuba niyifunda ngokuvakalayo iBhayibhile njengentsapho, yifundeni ngokucacileyo nangehlombe. Xa nifunda iinxalenye ezithile zeZibhalo, elinye ilungu lentsapho—mhlawumbi ubawo—lisenokulifunda lonke elo bali. Abanye banokudlala iindima zabantu abakwelo bali leBhayibhile, befunda iinxalenye zabo ngendlela efanelekileyo.
19 Njengoko nifunda iBhayibhile njengentsapho, ubuchule benu bokufunda busenokuphucuka. Mhlawumbi, ulwazi lwenu ngoThixo luya kwanda, yaye oku kufanele kunenze nisondele ngakumbi kuye. UAsafu wavuma esithi: “Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum, ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova, ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.” (INdumiso 73:28) Oku kuya kuyinceda intsapho yakho ukuba ifane noMoses, ‘owaqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo,’ oko kukuthi, uYehova uThixo.—Hebhere 11:27.
Ukufunda Nobulungiseleli BamaKristu
20, 21. Uthumo lwethu lokushumayela lunxibelelene njani nokukwazi ukufunda?
20 Umnqweno wethu wokunqula “Lowo ungabonakaliyo” ufanele usishukumisele ekubeni sizabalazele ukukwazi ukufunda. Ukufunda kakuhle kuyasinceda sinikele ubungqina ngokusuka kwiLizwi likaThixo. Ngokuqinisekileyo kuyasinceda senze umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uYesu awathuma abalandeli bakhe ukuba bawenze xa wathi: “Hambani . . . nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bagcine zonke izinto endiye ndaniyalela zona.” (Mateyu 28:19, 20; IZenzo 1:8) Ukunikela ubungqina ngumsebenzi oyintloko wabantu bakaYehova, yaye ukukwazi ukufunda kusenza sikwazi ukuwuphumeza.
21 Kufuneka umgudu ukuze ukwazi ukulifunda kakuhle uze ulifundise ngobuchule iLizwi likaThixo. (Efese 6:17) Ngoko, ‘yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Timoti 2:15) Lwandise ulwazi lwakho ngenyaniso yeZibhalo nobuchule bakho njengeNgqina likaYehova ngokuzinikela ekufundeni.
Zithini Iimpendulo Zakho?
◻ Luxhomekeke njani ulonwabo ekufundeni iLizwi likaThixo?
◻ Kutheni ufanele ucamngce ngoko ukufunda eBhayibhileni?
◻ Kutheni ufanele unxulumanise iingongoma yaye uzenzele imifanekiso-ngqondweni xa ufunda iZibhalo?
◻ Ziintoni esinokuzifunda ngokufunda iBhayibhile?
◻ Kutheni nifanele niyifunde ngokuvakalayo iBhayibhile njengentsapho, yaye ukufunda kunxibelelene njani nobulungiseleli bamaKristu?
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Xa nifunda iBhayibhile njengentsapho, zenzeleni imifanekiso ngqondweni yaloo mabali nize nicamngce ngentsingiselo yawo