Ngaba Ulixhoba Lekhethe?
YINTONI olufana ngayo ugonyamelo lobuzwe, ubuhlanga, ucalucalulo, ukwahlulwahlulwa kwabantu nokutshatyalaliswa kohlanga oluthile? Zonke zibangelwa lutyekelo lwabantu olwandileyo—ikhethe!
Yintoni ikhethe? Enye intyilalwazi ilichaza ngokuthi “yimbono ozakhela yona ngaphandle kokuzinika ixesha okanye ukuba nenyameko ukuze ufikelele kwisigwebo esifanelekileyo.” Njengabantu abangafezekanga, sinotyekelo lokuba nekhethe ukusa kumlinganiselo othile. Mhlawumbi unokuzikhumbula izihlandlo oye wenza ngazo izigqibo ngaphandle kokuzifumana zonke izibakala. IBhayibhile ibonisa umahluko phakathi kolo tyekelo lwekhethe nendlela uYehova uThixo agweba ngayo. Ithi: “Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.
Ikhethe Linokubangela Intlungu
Ngokuqinisekileyo wonke ubani ngaxa lithile uye wadlelw’ indlala ngumntu othile. (Thelekisa INtshumayeli 7:21, 22.) Ngokuqhelekileyo, sonke singamaxhoba ekhethe. Noko ke, xa zikhutshwa ngokukhawuleza, iingcamango zekhethe zisenokungabangeli ntlungu ingako okanye ingabikho kwaukubakho. Kukukhuthaza iingcamango ezilolo hlobo okubangela ingxaki. Kunokusihendela ekubeni sikholelwe ubuxoki. Ngokomzekelo, beqhutywa likhethe, abanye abantu bakholelwa ngokwenene ukuba umntu unokubawa, abe livila, abe sisidenge, okanye abe nekratshi kuba nje engowonqulo, isizwe okanye uhlanga oluthile.
Kwiimeko ezininzi oko kudlelw’ indlala kubangela impatho engekho sikweni, ukuxhatshazwa, okanye ukugonyamelwa kwabanye. Izigidi zabantu ziye zafa ngenxa yokubulawa kwabantu, ukutshatyalaliswa kweentlanga, ukubulalana kwezizwe nezinye iindidi zekhethe eligqithisileyo.
Emhlabeni wonke, oorhulumente baye balwa nekhethe ngokumisela umthetho welungelo elingenakuhluthwa mntu lenkululeko, ukunqabiseka nokulingana. Ukuba ufunda umgaqo-siseko okanye uludwe lwemithetho ebalulekileyo yelizwe lakho, ngokuqinisekileyo uya kufumana isiqendu okanye isolotya elenzelwe ukukhusela amalungelo abo bonke abemi, kungakhathaliseki ukuba bangabaluphi na uhlanga, isini, okanye unqulo. Sekunjalo, ikhethe nocalucalulo ziyagquba ehlabathini lonke.
Ngaba ulixhoba lekhethe? Ngaba kwakha kwathiwa uyabawa, ulivila, usisidenge okanye unekratshi ngenxa nje yohlanga olulo, ubudala, isini, ubuzwe okanye iinkolelo zakho zonqulo? Ngaba akuwanikwa amathuba okufumana imfundo efanelekileyo, umsebenzi, indlu neenkonzo zasekuhlaleni ngenxa yekhethe? Ukuba kunjalo, unokuhlangabezana njani nale meko?
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Ukukhuthaza ikhethe kubangela intiyo yobuhlanga
[Inkcazelo]
Nina Berman/Sipa Press